Isaya
31 Baza kuthi shu abo bayokukhalela uncedo eYiputa,+
Abathembela ngamahashe,+
Abo bathembela ngeenqwelo zokulwa ngenxa yobuninzi bazo,
Nangamahashe emfazwe,* ngenxa yamandla awo,
Kodwa bengakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli,
Bengabalekelanga kuYehova.
2 Kodwa yena usisilumko, yaye uza kubazisela intlekele,
Akazukulitshintsha ilizwi lakhe.
Uza kulwa nendlu yabenzi-bubi
Kunye nabo babancedisayo.+
Xa uYehova esolula isandla sakhe
Nabani na owancedayo uza kuwa;
Bonke baza kuwa ngaxeshanye.
4 Kuba uYehova uthe kum:
“Kanye njengokuba ingonyama ibhavumela ixhoba, ingonyama enamandla,*
Xa iqela labalusi lidibene ukuze lilwe nayo,
Yaye ingawoyiki amazwi abo
Ingothuswa nayingxolo yabo,
Ngendlela efanayo, uYehova wemikhosi uza kuhla, alwe imfazwe
Ngenxa yeNtaba YeZiyon nangenxa yenduli yayo.
5 Njengentaka eyehla ngesantya, uYehova wemikhosi uza kuyikhusela iYerusalem.+
Uza kuyikhusela, aze ayisindise.
Uza kuyinceda, aze ayisindise.”
6 “Nina maSirayeli, buyelani kuLowo niye anamthobela, namdelela.+ 7 Kuba ngaloo mini, ngamnye uza kulahla oothixo bakhe besilivere abangento yanto, noothixo bakhe begolide abangenaxabiso, enandona ngokuzenzela bona ngezandla zenu.
8 Kwaye iza kuwa iAsiriya likrele, ikrele elingelolamntu;
Ikrele elingelolamntu, liza kuyitshabalalisa.+
Kwaye iza kubalekiswa likrele,
Nabafana bayo baza kukhotyokiswa.