Isahluko Seshumi Elinesithathu
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
1. Chaza imeko yokomoya yabantu bakaThixo bomnqophiso ngemihla kaIsaya.
NGEMIHLA kaIsaya, abantu bakaThixo bomnqophiso babekwimeko embi ngokomoya. Kwanasebudeni bokulawula kookumkani abathembekileyo, abanjengoUziya noYotham, kwakusekho abantu abaninzi ababenqula kwiindawo eziphakamileyo. (2 Kumkani 15:1-4, 34, 35; 2 Kronike 26:1, 4) Ngexesha lokuqalisa kukaHezekiya ukulawula njengokumkani, kwafuneka ashenxise izinto ezinokuthanani nokunqulwa kukaBhahali kwelo lizwe. (2 Kronike 31:1) Kungako nje uYehova wabongoza abantu bakhe ukuba babuyele kuye waza wabalumkisa ngesohlwayo ababeza kusifumana!
2, 3. Luluphi ukhuthazo uYehova alunikelayo kwabo banqwenela ukumkhonza phezu kwako nje ukungathembeki okwandileyo?
2 Phofu ke, asingabo bonke ababevukela ngokupheleleyo. UYehova wayenabaprofeti abathembekileyo, yaye amele ukuba akho amaYuda athile abaphulaphulayo. Bona ke abo uYehova wayebaphathele amazwi athuthuzelayo. Emva kokuchaza ngokuphanziswa okukhulu kukaYuda ebudeni bokuhlaselwa yiAsiriya, umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba abhale enye yezona ngxelo zimnandi kuyo yonke iBhayibhile, inkcazelo engeentsikelelo eziza kubakho phantsi kolawulo lukaMesiya.a Ezinye iinkalo zezi ntsikelelo zazaliseka kancinane ngethuba lokubuya kwamaYuda ekuthinjweni eBhabhiloni. Kodwa xa sisonke esi siprofeto sizaliseka ubukhulu becala namhlanje. Enyanisweni, uIsaya namanye amaYuda athembekileyo exesha lakhe abaqhubekanga bephila ukuze bazibone ezi ntsikelelo. Kodwa bakhangela phambili kuzo ngokholo yaye baza kukubona ukuzaliseka kwamazwi kaIsaya bakuba bevusiwe.—Hebhere 11:35.
3 Abantu bakaYehova banamhlanje nabo bayalufuna ukhuthazo. Bebonke nje, bajamelene nocelomngeni lokuwohloka ngokukhawuleza kwemilinganiselo yokuziphatha ehlabathini, ukuchaswa ngogonyamelo kwesigidimi soBukumkani, kwanobuthathaka babo bobuqu. Ngoko amazwi abangel’ imincili kaIsaya aphathelele uMesiya nolawulo lwakhe anokubomeleza aze abancede abantu bakaThixo ukuba bahlangabezane nolu celomngeni.
UMesiya—Inkokeli Efanelekayo
4, 5. Waprofeta wathini uIsaya ngokuphathelele ukuza kukaMesiya, yaye kubonakala ukuba uMateyu wawasebenzisa njani amazwi kaIsaya?
4 Kwiinkulungwane ngaphambi kwexesha likaIsaya, abanye ababhali beBhayibhile abangamaHebhere balatha ekuzeni kukaMesiya, iNkokeli yokwenene, uYehova awayeza kuyithumela kwaSirayeli. (Genesis 49:10; Duteronomi 18:18; INdumiso 118:22, 26) Ngoku ngoIsaya, uYehova wongezelela iinkcukacha ezingakumbi. UIsaya ubhala athi: “Kumele kuphume isetyana esiphunzini sikaYese; yaye ihlumelo eliphuma ezingcanjini zakhe liya kuba nesiqhamo.” (Isaya 11:1; thelekisa INdumiso 132:11.) Igama elithi “isetyana” nelithi “ihlumelo” abonisa ukuba uMesiya uya kuba ngowomnombo kaYese ngonyana wakhe uDavide, owathanjiswa ngeoli njengokumkani kaSirayeli. (1 Samuweli 16:13; Yeremiya 23:5; ISityhilelo 22:16) Ekufikeni kukaMesiya wokwenyaniso, eli “hlumelo,” lendlu kaDavide, liya kuvelisa isiqhamo esihle.
5 Lo Mesiya othenjisiweyo nguYesu. Umbhali wevangeli uMateyu wayebhekisela kumazwi kaIsaya 11:1 xa wathi ukubizwa kukaYesu ngokuba “ngumNazarete” kwakuzalisekisa amazwi abaprofeti. Ngenxa yokuba wakhulela kwidolophu yaseNazarete, uYesu wayebizwa ngokuba ngumNazarete, gama elo ekubonakala ukuba lihlobene nelesiHebhere elisetyenziswe kuIsaya 11:1 ngokuthi “ihlumelo.”b—Mateyu 2:23, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo; Luka 2:39, 40.
6. Kwaprofetwa kwathiwani ngohlobo lomlawuli uMesiya aya kuba lulo?
6 UMesiya lo uza kuba luhlobo olunjani lomlawuli? Ngaba uza kuba njengomAsiriya okhohlakeleyo, nonenkani, otshabalalisa ubukhosi basentla bezizwe ezilishumi bakwaSirayeli? Akunjalo konke konke. UIsaya uthi ngoMesiya: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova.” (Isaya 11:2, 3a) UMesiya akathanjiswanga ngeoli, kodwa ngomoya oyingcwele kaThixo. Oku kwenzeka ekubhaptizweni kukaYesu, ngethuba uYohane uMbhaptizi ebona umoya oyingcwele kaThixo usihla phezu kukaYesu ukwimo yehobe. (Luka 3:22) Umoya kaYehova ‘wehla phezu’ kukaYesu, yaye ubungqina boku bubonakala kwizenzo zakhe zobulumko, ukuqonda, isiluleko, amandla kwanolwazi lwakhe. Ezinjani zona ukubalasela iimpawu zomlawuli!
7. Sisiphi isithembiso uYesu awasenzayo kubalandeli bakhe abathembekileyo?
7 Abalandeli bakaYesu nabo bangawufumana umoya oyingcwele. Kwenye yeentshumayelo zakhe, uYesu wathi: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Ngoko, asifanele nanini na sibe mathidala ukucela umoya oyingcwele kaThixo, okanye siyeke ukuhlakulela iziqhamo zawo ezihle—“uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.” (Galati 5:22, 23) UYehova uthembisa ukusiphendula isicelo sabalandeli bakaYesu ‘sobulumko baphezulu’ ukuze bubancede bahlangabezane ngokuphumelelayo nocelomngeni lobomi.—Yakobi 1:5; 3:17.
8. Kumvuyisa njani uYesu ukoyika kwakhe uYehova?
8 Kukuphi oku koyika uYehova uMesiya akubonisayo? Ngokuqinisekileyo, uYesu akankwantyiswa nguThixo, esoyika ukulahlwa nguye. Kunoko, uMesiya unoloyiko lwentlonelo ngoThixo, ebonisa intlonelo yothando kuye. Umntu owoyik’ uThixo usoloko enqwenela ukwenza “izinto ezikholekileyo kuye,” njengoko uYesu esenza. (Yohane 8:29) Ngamazwi nangomzekelo awumiselayo, uYesu ufundisa ukuba alukho uvuyo olungakumbi kunokuhamba imihla ngemihla ngokoyika uYehova.
UMgwebi Onobulungisa Nenceba
9. Nguwuphi umzekelo uYesu awumiselayo kwabo basebenza njengabagwebi ebandleni lobuKristu?
9 UIsaya uchaza kwangaphambili iimpawu ezingakumbi zikaMesiya, esithi: “Akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe.” (Isaya 11:3b) Ukuba kungafuneka uye enkundleni yamatyala, ubungekuvuyeli na ukuba nomgwebi onjalo? NjengoMgwebi walo lonke uluntu, uMesiya akawexulwa ziingxoxo zobuxoki, ubuqhinga basenkundleni, amarhe, okanye imiba engenamsebenzi, njengobutyebi. Uyakwazi ukuyibona inkohliso nokukhangela ngaphaya kwembonakalo entle yangaphandle, abone ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo,’ “umntu ozimeleyo.” (1 Petros 3:4, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Umzekelo obalaseleyo kaYesu ufanele ulandelwe ngabo bonke abasebenza njengabagwebi ebandleni lobuKristu.—1 Korinte 6:1-4.
10, 11. (a) UYesu ubalungisa njani abalandeli bakhe? (b) Nguwuphi umgwebo uYesu awuzisela abangendawo?
10 Iimpawu ezibalaseleyo zikaMesiya ziya kuzichaphazela njani izigwebo zakhe? UIsaya uyachaza, esithi: “Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa, abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba. Uya kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe; ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yakhe. Ubulungisa buya kuba libhanti lesinqe sakhe, nokuthembeka kube libhanti lesinqe sakhe.”—Isaya 11:4, 5.
11 Xa abalandeli bakhe kufuneka belungisiwe, uYesu ubalungisa ngeyona ndlela iyingenelo kubo—nto leyo engumzekelo osemagqabini kubadala abangamaKristu. Kanti ke, bona abo bathe gqolo besenza okungendawo bafanele balindele umgwebo oqatha. Ngethuba lokuyiphendulisa kukaThixo le nkqubo yezinto, uMesiya uya “kuwubetha umhlaba” ngelizwi lakhe elinegunya, akhuphe isigwebo sokutshatyalaliswa kwabo bonke abangendawo. (INdumiso 2:9; thelekisa ISityhilelo 19:15.) Ekugqibeleni, baya kube bengekho abantu abangendawo bokuphazamisa uxolo loluntu. (INdumiso 37:10, 11) Njengokuba uYesu ebhinqe ubulungisa nokuthembeka esinqeni sakhe, ngoko unawo amandla okukwenza oku.—INdumiso 45:3-7.
Ukutshintsha Kweemeko Emhlabeni
12. Kukuphi ukuxhalaba anokuba nako umYuda xa ecinga ngokubuya eBhabhiloni aye kwiLizwe Ledinga?
12 Khawube nombono womSirayeli osandul’ ukuva ngomyalelo kaKoreshi wokuba amaYuda abuyele eYerusalem aze aphinde akhe itempile. Ngaba uza kukushiya ukunqabiseka kwaseBhabhiloni aze athabathe uhambo olude olugodukayo? Njengokuba uSirayeli ebengekho iminyaka engama-70, umhlaba wakhe oshiywe elubala uye wahluma ukhula. Ngoku kudakasa iingcuka, amahlosi, iingonyama, neebhere kuloo mhlaba. Kukwakho namaphimpi. Loo maYuda abuyileyo kuza kufuneka efuyile ukuze aphile—imihlambi yeegusha neenkomo ukuze afumane ubisi, uboya, nenyama, kwaneenkabi zokulima. Ngaba le mfuyo yabo iza kuba zizisulu zamarhamncwa? Ngaba iintsana ziza kulunywa ziinyoka? Kuthekani ngengozi yokulalelwa endleleni?
13. (a) Yiyiphi imeko entle asichazela ngayo uIsaya? (b) Sazi njani ukuba uxolo aluchazayo uIsaya lubandakanya okungakumbi kunokukhuseleka nje kwizilwanyana zasendle?
13 UIsaya ngoku usichazela ngemeko entle uThixo aza kuyizisa elizweni. Uthi: “Ingcuka iya kuhlala ithutyana nenkunzi yemvana, ihlosi libuthe netakane, kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama entsha enesingci, nesilwanyana esondlekileyo; nenkwenkwana iziqhube ezo zinto. Kuya kudla imazi yenkomo nebhere; amathole azo abuthe ndawonye. Kwanengonyama iya kudla iindiza kanye njengenkunzi yenkomo. Umntwana owanyayo ngokuqinisekileyo uya kudlala emngxunyeni wephimpi; nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu. Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:6-9) Ngaba la mazwi akachukumis’ intliziyo? Phawula ukuba olu xolo luchazwa apha lubangelwa lulwazi ngoYehova. Ngoko, kubandakanyeke okungakumbi kunokukhuseleka nje kwizilwanyana zasendle. Ulwazi ngoYehova aluyi kutshintsha izilwanyana, kodwa luza kuphembelela abantu. Endleleni yawo egodukayo okanye ezweni lawo elibuyiselweyo akuyi kubakho mfuneko yokuba amaSirayeli oyike amarhamncwa okanye abantu abanjengamarhamncwa.—Ezra 8:21, 22; Isaya 35:8-10; 65:25.
14. Yiyiphi inzaliseko enkulu ngakumbi kaIsaya 11:6-9?
14 Noko ke, esi siprofeto sinenzaliseko enkulu ngakumbi. Ngowe-1914, uYesu, onguMesiya, wabekwa etroneni kwiNtaba yeZiyon yasezulwini. Ngowe-1919 abaseleyo ‘kuSirayeli kaThixo’ bakhululwa kubukhoboka baseBhabhiloni baza baba nesabelo ekubuyiselweni konqulo lokwenyaniso. (Galati 6:16) Oko kwahlahl’ indlela yenzaliseko yanamhlanje yesiprofeto sikaIsaya seParadesi. ‘Ulwazi oluchanileyo,’ ulwazi ngoYehova, luye lwaguqula ubuntu babantu. (Kolose 3:9, 10) Abantu ababekade benogonyamelo baye baba noxolo. (Roma 12:2; Efese 4:17-24) Kungokunje kukho izigidi zabantu ezenza iinguqulelo ezifanayo njengoko liqhubeka lisanda ngokukhawuleza inani lamaKristu anethemba lasemhlabeni aphenjelelwa sisiprofeto sikaIsaya. (INdumiso 37:29; Isaya 60:22) Ezi zigidi zabantu ziye zafunda ukukhangela phambili kwixesha laxa wonke umhlaba uya kubuyiselwa ekubeni yiparadesi enqabisekileyo neseluxolweni, ngokwenjongo kaThixo yantlandlolo.—Mateyu 6:9, 10; 2 Petros 3:13.
15. Ngaba ngokusengqiqweni sinokulindela ukuba amazwi kaIsaya azaliseke ngokoqobo kwihlabathi elitsha? Cacisa.
15 Kuloo Paradesi ibuyiselweyo, ngaba isiprofeto sikaIsaya siya kuzaliseka ngakumbi, mhlawumbi ngokoqobo? Kubonakala kusengqiqweni ukucinga njalo. Kanye njengoko senzayo kumaSirayeli abuyayo, nangoku esi siprofeto siyabaqinisekisa bonke abo baya kuphila phantsi kolawulo lukaMesiya, bona kunye nabantwana babo abayi koyikiswa nayintoni na—enoba ngumntu okanye sisilwanyana. Phantsi kolawulo loBukumkani lukaMesiya, bonke abemi bomhlaba baya kunandipha uxolo olufanayo nolo lwalunanditshwa nguAdam noEva e-Eden. Kambe ke, iZibhalo azinabi kangako ngendlela ababephila ngayo e-Eden—okanye ekuza kuphilwa ngayo eParadesi. Kodwa sinokuqiniseka ukuba phantsi kolawulo lobulumko nolothando loKumkani uYesu Kristu, zonke izinto ziza kuhamba ngocwangco.
Ukubuyiselwa Konqulo Olunyulu NgoMesiya
16. Yintoni eyema njengomqondiso wabantu bakaThixo ngowama-537 B.C.E.?
16 Unqulo olunyulu lwaqala ukuhlaselwa e-Eden xa uSathana waphumelelayo ukuphembelela uAdam noEva ukuba bangamthobeli uYehova. Unanamhlanje, uSathana usekulo eli phulo lokuzama ukutyekisa abaninzi kangangoko kunokwenzeka kuThixo. Kodwa uYehova akasayi kuze avumele ukuba unqulo olunyulu lubhangiswe emhlabeni. Igama lakhe libandakanyekile, yaye ubakhathalele abo bamkhonzayo. Kungako nje, ngoIsaya edlulisela esi sithembiso sibangel’ imincili: “Kuya kuthi ngaloo mini kubekho ingcambu kaYese eya kuma njengomqondiso kwizizwana. Kwaneentlanga ziya kuphethukela kuyo zibuze, nendawo yayo yokuphumla imele ibe luzuko.” (Isaya 11:10) Emva phayaa ngowama-537 B.C.E., isixeko saseYerusalem, eso uDavide wasenza saba likomkhulu lelizwe, sasingumqondiso wokubizwa kwentsalela ethembekileyo yamaYuda asasazekileyo ukuba ibuye ize iphinde yakhe itempile.
17. UYesu ‘wavela njani ukuze alawule iintlanga’ ngenkulungwane yokuqala nangomhla wethu?
17 Noko ke, esi siprofeto sinentsingiselo engakumbi kunoko. Njengoko sesibonile, salatha kulawulo lukaMesiya, okuphela kweNkokeli yokwenyaniso yabantu bazo zonke iintlanga. Umpostile uPawulos wacaphula uIsaya 11:10 ukubonisa ukuba abantu beentlanga babeya kuba nendawo kwibandla lobuKristu. Ecaphula inguqulelo yeSeptuagint yale ndinyana, wabhala wathi: “Aze uIsaya athi: ‘Kuya kubakho ingcambu kaYese, yaye kuya kuvela lowo uya kulawula iintlanga; iintlanga ziya kubeka ithemba lazo kuye.’” (Roma 15:12) Ukongezelela, esi siprofeto sidlulela nangaphaya koko—salatha kwixesha lomhla wethu laxa iintlanga ziya kubonisa uthando ngoYehova ngokuthi zixhase abantakwabo Mesiya abathanjisiweyo.—Isaya 61:5-9; Mateyu 25:31-40.
18. Ngomhla wethu, abantu bahlanganiselwe njani kuYesu?
18 “Loo mini” athetha ngayo uIsaya, kule mihla iqalise ngethuba lokubekwa kukaMesiya etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini ngowe-1914. (Luka 21:10; 2 Timoti 3:1-5; ISityhilelo 12:10) Ukususela ngoko, uYesu Kristu ube ngumqondiso ocacileyo, wokuhlanganisa uSirayeli wokomoya nabantu bazo zonke iintlanga abalangazelela urhulumente wobulungisa. Phantsi kolwalathiso lukaMesiya, iindaba ezilungileyo zoBukumkani ziye zadluliselwa kuzo zonke iintlanga, njengoko uYesu waxela kwangaphambili. (Mateyu 24:14, Marko 13:10) Ezi ndaba zilungileyo zibe nempembelelo enamandla. Zenze ukuba ‘isihlwele esikhulu, ekungekho mntu ukwaziyo ukusibala, esiphuma kuzo zonke iintlanga,’ sizithobe kuMesiya ngokuthi sithelele intsalela ethanjisiweyo kunqulo olunyulu. (ISityhilelo 7:9) Njengoko abaninzi abatsha beqhubeka bezimanya nentsalela ‘endlwini yomthandazo’ yokomoya kaYehova, luya lukhula ngokukhula uzuko ‘lwendawo yokuphumla’ kaMesiya, eyitempile enkulu kaThixo yokomoya.—Isaya 56:7; Hagayi 2:7.
Isizwe Esimanyeneyo Sikhonza UYehova
19. Ziziphi izihlandlo ezibini athe ngazo uYehova wahlanganisa intsalela yabantu bakhe ebisasazeke emhlabeni wonke?
19 Ngokulandelayo uIsaya ukhumbuza amaSirayeli ukuba uYehova wakha wawasindisa ngaphambili ngethuba lokucinezelwa kwawo lutshaba olunamandla. Loo ngxelo—yokukhulula kukaYehova amaSirayeli ekuthinjweni kwaseYiputa—iyawachulumancisa onke amaYuda athembekileyo. UIsaya ubhala athi: “Kuya kuthi ngaloo mini uYehova kwakhona anikele isandla sakhe, isihlandlo sesibini, ukuze azuze intsalela yabantu bakhe abaya kusala eAsiriya naseYiputa nasePatrosi nakwaKushe nakwaElam naseShinare naseHamati nakwiziqithi zolwandle. Kwaye ngokuqinisekileyo uya kuziphakamisela umqondiso iintlanga aze ahlanganise abasasazekileyo bakwaSirayeli; nabachithachithekileyo bakwaYuda uya kubaqokelela ndawonye kwiziphelo ezine zomhlaba.” (Isaya 11:11, 12) Ngokungathi uyibambe ngesandla, uYehova uza kuyikhokela intsalela ethembekileyo kaSirayeli noYuda ayikhuphe kwiintlanga esasazeke kuzo aze ayibuyisele ekhaya ikhuselekile. Oku kuye kwazaliseka kancinane ngowama-537 B.C.E. Kodwa kukwakho nenzaliseko enkulu nezuke ngakumbi! Ngowe-1914, uYehova wamphakamisa uYesu Kristu obekwe etroneni ‘njengomqondiso weentlanga.’ Ukususela ngowe-1919 intsalela ‘yoSirayeli kaThixo’ yaqalisa ukuthontelana ukuya kulo mqondiso, ilangazelela ukuba nesabelo kunqulo olunyulu phantsi koBukumkani bukaThixo. Olu hlanga lukhethekileyo lokomoya luphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.”—ISityhilelo 5:9.
20. Luluphi umanyano abaya kulunandipha abantu bakaThixo ekubuyeni kwabo eBhabhiloni?
20 Ngoku uIsaya uchaza ukumanyana kolu hlanga lubuyiselweyo. Ebhekisela kubukhosi basentla ngokuthi nguEfrayim nobukhosi basemzantsi ngokuthi nguYuda, uthi: “Nekhwele likaEfrayim limele limke, kwanabo babonakalisa ubutshaba kuYuda baya kunqunyulwa. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, noYuda engayi kubonakalisa butshaba kuEfrayim. Bamele baphaphazele egxalabeni lamaFilisti baye ngasentshona; xa bebonke baya kubaphanga oonyana baseMpuma. Baya kusa isandla sabo kuEdom noMowabhi, noonyana baka-Amoni baya kuba phantsi kwabo.” (Isaya 11:13, 14) Ekubuyeni kwamaYuda eBhabhiloni, akasayi kuqhubeka eziintlanga ezimbini ezahlukeneyo. Amalungu azo zonke izizwe zakwaSirayeli aya kubuyela ezweni lawo emanyene. (Ezra 6:17) Akasayi kuba nangqumbo okanye nabutshaba elinye kwelinye. Njengesizwe esimanyeneyo, aya kumelana ngokuphumelelayo neentshaba zawo eziwangqongileyo.
21. Umanyano lwabantu bakaThixo namhlanje lubalasele njani ngokwenene?
21 Okuchulumancisa nangakumbi kukumanyana ‘kukaSirayeli kaThixo.’ Izizwe ezili-12 zeentlanga zokomfuziselo zikaSirayeli wokomoya ziye kangangeminyaka ephantse ibe ngama-2 000 zanandipha umanyano olusekelwe ekuthandeni kwazo uThixo kunye nabazalwana noodade bazo bokomoya. (Kolose 3:14; ISityhilelo 7:4-8) Emhlabeni wonke namhlanje, abantu bakaYehova—amaSirayeli okomoya nabo banethemba lasemhlabeni—banandipha uxolo nomanyano phantsi kolawulo lukaMesiya, nto leyo engaziwayo kwiicawa zeNgqobhoko. AmaNgqina kaYehova ame ngokuqinileyo emanyene ngokomoya nxamnye nemigudu kaSathana yokuphazamisa unqulo lwawo. Aqhubeka njengesizwe esinye nothumo lukaYesu lokushumayela nokufundisa zonke iintlanga ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaMesiya.—Mateyu 28:19, 20.
Imiqobo Iya Koyiswa
22. UYehova uza ‘kulunqumla njani ulwimi lolwandle lwaseYiputa’ aze “alingise uMlambo ngesandla sakhe”?
22 Kukho imiqobo emininzi, eyokoqobo neyokomfuziselo, yokuthintela ukubuya kwamaSirayeli ekuthinjweni. Iza koyiswa njani? UIsaya uthi: “Ngokuqinisekileyo uYehova uya kulunqumla ulwimi lolwandle lwaseYiputa, aze alingise uMlambo ngesandla sakhe ekuvutheni komoya wakhe. Uya kuwubetha ube yimisinga esixhenxe, abenze abantu bahambe kuyo ngeembadada zabo.” (Isaya 11:15) NguYehova oza kushenxisa zonke izithintelo ekubuyeni kwabantu bakhe. Umqobo omkhulu njengolwimi loLwandle Olubomvu (olunjengeNyoba yeSuez), kwanomqobo ekungadlulwayo kuwo njengoMlambo omkhulu umEfrate uya koma, ngokungathi kunjalo, ngokokude umntu akwazi ukunqumla engazikhululanga iimbadada zakhe!
23. Uza kubakho ngayiphi ingqiqo “uhola wendlela ophuma eAsiriya”?
23 Ngomhla kaMoses, uYehova wamvulela indlela uSirayeli yokusaba eYiputa esiya kwiLizwe Ledinga. Uza kwenza okufanayo nangoku: “Kothi ke kubekho uhola wendlela ophuma eAsiriya ongowentsalela yabantu bakhe abaya kusala, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli ngemini yokunyuka kwawo ephuma ezweni laseYiputa.” (Isaya 11:16) UYehova uza kubakhokela aba bathinjwa babuyayo ngokungathi bahamba kuhola wendlela, ebasa ezweni labo. Abachasi baza kuzama ukubathintela, kodwa uThixo wabo, uYehova, uza kuba nabo. Ngokufanayo namhlanje, amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo ahlaselwa ngokuqatha, kodwa aqhubela phambili ngenkalipho! Aphumile kwiAsiriya yanamhlanje, elihlabathi likaSathana, kwaye anceda nabanye ukuba benjenjalo. Ayazi ukuba unqulo olunyulu luza kuphumelela luze lwande. Kuba aluxhaswa ngabantu, kodwa nguThixo.
Imincili Engapheliyo Yabalawulwa BakaMesiya!
24, 25. Ngawaphi amazwi endumiso nawombulelo abaya kudanduluka ngawo abantu bakaYehova?
24 Ezaliswe luvuyo, ngoku uIsaya uchaza imincili abanayo abantu bakaYehova ngenxa yokuzaliseka kwamazwi Akhe. Uthi: “Ngaloo mini ngokuqinisekileyo uya kuthi: ‘Ndiya kukubulela, Yehova, kuba nangona ubundiqumbele, umsindo wakho uye wabuya, waqala ukundithuthuzela.’” (Isaya 12:1) UYehova ubaqeqeshe ngokuqatha aba bantu bakhe banxaxhayo. Kodwa oko kuye kwayifeza injongo yokulungisa ulwalamano lwakhe kunye nolo hlanga neyokubuyisela unqulo olunyulu. UYehova uyabaqinisekisa aba bakhonzi bakhe bathembekileyo ukuba ekugqibeleni uza kubasindisa. Kungako nje bevakalisa uxabiso!
25 La maSirayeli abuyiselweyo athembele ngokupheleleyo kuYehova, kuba adanduluka athi: “‘Khangela! UThixo lusindiso lwam. Ndiya kukholosa ndize ndingankwantyi; kuba uYa uYehova ungamandla am nokomelela kwam, kwaye uye waba lusindiso lwam.’ Ngokuqinisekileyo niya kukha amanzi emithonjeni yosindiso ninemigcobo.” (Isaya 12:2, 3) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukomelela’ kwindinyana 2 likwathetha “indumiso” kwinguqulelo yeSeptuagint. Aba banquli badanduluka ngengoma yeendumiso yosindiso oluvela ‘kuYa uYehova.’ Njengoko esisifinyezo segama likaYehova, “uYa” usetyenziswa eBhayibhileni ukubonisa imvakalelo enzulu yendumiso nombulelo. Ukusebenzisa ibinzana elithi “uYa uYehova”—eliliphinda kabini igama likaThixo—kuyenza ibe nzulu nangakumbi le ndumiso isiwa kuThixo.
26. Ngoobani namhlanje abazisa iintlanga ngezenzo zikaThixo?
26 Abanquli bokwenene bakaYehova abakwazi kulugcina kubo uvuyo abanalo. UIsaya uxela kwangaphambili esithi: “Ngaloo mini ngokuqinisekileyo niya kuthi: ‘Bulelani kuYehova! Bizani egameni lakhe. Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu. Culelani uYehova uncuthu lwengoma, kuba wenze ngokugqwesileyo. Oku kwaziswa emhlabeni wonke.’” (Isaya 12:4, 5) Ukususela ngowe-1919, amaKristu athanjisiweyo—nathe kamva ancediswa ngamaqabane awo “ezinye izimvu”—aye ‘azivakalisa ngokubanzi iimbalasane zalowo wawabizayo ukuba aphume ebumnyameni angene ekukhanyeni kwakhe.’ ‘Asisizwe esinyuliweyo, uhlanga olungcwele’ olukhethelwe yona kanye le njongo. (Yohane 10:16; 1 Petros 2:9) Abathanjiswa bavakalisa ukuba igama elingcwele likaYehova libekwe phezulu kwaye banesabelo ekulaziseni emhlabeni wonke. Benza ukuba bonke abanquli bakaYehova balivuyele ilungiselelo lakhe lokubasindisa. Kunjengokuba kanye uIsaya edanduluka esithi: “Danduluka kabukhali uze umemelele ngovuyo, wena mmi ulibhinqa waseZiyon, kuba mkhulu phakathi kwakho Lowo Uyingcwele kaSirayeli”! (Isaya 12:6) Lowo Uyingcwele kaSirayeli nguYehova uThixo ngokwakhe.
Khangela Kwikamva Ngentembelo!
27. Yintoni amaKristu anentembelo yayo, ngoxa elindele ukuzaliseka kwethemba lawo?
27 Namhlanje izigidi ziye zathontelana ukuya kulowo ‘ungumqondiso wezizwana’—uYesu Kristu obekwe etroneni eBukumkanini bukaThixo. Ziyavuyiswa kukuba ngabalawulwa bobo Bukumkani yaye zikuvuyela kakhulu ukwazi kwazo uYehova uThixo noNyana wakhe. (Yohane 17:3) Zifumana ulonwabo olukhulu kumanyano lwazo lobuKristu yaye zizama ngamandla ukulondoloza uxolo oluluphawu lwabakhonzi bakaYehova bokwenyaniso. (Isaya 54:13) Njengoko zeyisekile kukuba uYa uYehova unguThixo ozizalisekisayo izithembiso zakhe, ziqinisekile ngethemba lazo kwaye kuziyolisa gqitha ukwabelana kwazo nabanye ngalo. Ngamana mkhonzi ngamnye kaYehova angaqhubeka esebenzisa onke amandla akhe ekukhonzeni uThixo nasekuncedeni abanye benze okufanayo. Kwanga sonke singawathabatha nzulu amazwi kaIsaya size siluvuyele usindiso oluza kubakho ngoMesiya kaYehova!
[Imibhalo esemazantsi]
a Igama elithi “Mesiya” lisuka kwelesiHebhere elithi ma·shiʹach, elithetha “uMthanjiswa.” NgesiGrike liguqulelwa ngokuthi Khri·stosʹ, okanye “Kristu.”—Mateyu 2:4, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
b Igama lesiHebhere elithetha “ihlumelo” lithi neʹtser, yaye elithetha “umNazarete” lithi Nots·riʹ.
[Imifanekiso ekwiphepha 158]
UMesiya ‘ulisetyana’ eliphuma kuYese, ngoKumkani uDavide
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 162]
[Umfanekiso okwiphepha 170]
UIsaya 12:4, 5, njengoko ebonakala kwimiSongo yoLwandle Olufileyo (Iindawo elivela kuzo igama likaThixo ziphawuliwe)