Isahluko Samashumi Amabini Anesihlanu
UKumkani Neenkosana Zakhe
1, 2. Kungathiwani ngombhalo womSongo woLwandle Olufileyo kaIsaya?
NGASEKUPHELENI kweminyaka yee-1940, kwafunyanwa ingqokelela ephawulekayo yemisongo kwimiqolomba engakuLwandle Olufileyo, ePalestina. Yabizwa ngokuba yimiSongo yoLwandle Olufileyo yaye kukholelwa ukuba yabhalwa phakathi kowama-200 B.C.E. nowama-70 C.E. Owona waziwayo kuyo ngumsongo kaIsaya obhalwe ngesiHebhere kuthwathwa olomeleleyo. Lo msongo phantse ube uphelele, yaye umbhalo wawo wahluke kancinane kakhulu kulowo wemibhalo-ngqangi yombhalo weMasoretic owabhalwa kwiminyaka eli-1 000 kamva. Ngoko ke, lo msongo ububungqina bokuba umbhalo weBhayibhile ukhutshelwe ngokuchanileyo.
2 Into ephawulekayo ngalo mSongo woLwandle Olufileyo kukuba inxalenye yawo eyaziwa namhlanje njengoIsaya isahluko 32 inophawu olungu-“X” olubhalwe eludinini ngumbhali wawo. Asazi ukuba kwakutheni ukuze umbhali enze olo phawu, kodwa siyazi ukuba kukho into ethile ebaluleke ngayo le nxalenye yeBhayibhile Engcwele.
Ukulawula Ngobulungisa Nangokusesikweni
3. Luluphi ulawulo ekuprofetwe ngalo kwincwadi kaIsaya neyeSityhilelo?
3 UIsaya isahluko 32 uqala ngesiprofeto esichulumancisayo esizaliseka ngokuphawulekayo ngomhla wethu: “Khangela! Ukumkani uya kulawula ngobulungisa; zona iinkosana, ziya kulawula njengeenkosana zokusesikweni.” (Isaya 32:1) Ewe, “Khangela!” Esi sikhuzo sisikhumbuza isikhuzo esifanayo esifumaneka kwincwadi yokugqibela yesiprofeto yeBhayibhile, ethi: “Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’” (ISityhilelo 21:5) Zombini ezi ncwadi zeBhayibhile, ekaIsaya neyeSityhilelo, ezabhalwa kwisithuba esishiyana ngeminyaka engama-900, ziluchaza ngendlela efudumez’ intliziyo ulawulo olutsha—“izulu elitsha,” elibunjwa nguKumkani, uKristu Yesu, obekwe esihlalweni emazulwini ngowe-1914, nangabali-144 000 abalawula kunye naye ‘abathengwe phakathi koluntu’—kwakunye “nomhlaba omtsha,” olibutho elimanyeneyo labantu bomhlaba wonke.a (ISityhilelo 14:1-4; 21:1-4; Isaya 65:17-25) Lilonke eli lungiselelo libekho ngenxa yedini likaKristu lentlawulelo.
4. Liliphi iqela eliza kubumba umhlaba omtsha elikhoyo ngoku?
4 Emva kokubona embonweni ukutywinwa kokugqibela kwaba balawuli bangamadlelane bali-144 000, umpostile uYohane uthi: “Khangela! ndabona isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana.” Lilo eli iqela eliza kubumba umhlaba omtsha—isihlwele esikhulu ngoku esingamawakawaka, esiphakathi kwabaseleyo abambalwa, nabalupheleyo, be-144 000. Esi sihlwele sikhulu siza kusinda kwimbandezelo enkulu esondela ngokukhawuleza size eParadesi sithelelwe ngabathembekileyo abavusiweyo nabanye abazizigidi abaza kunikwa ithuba lokubonisa ukholo. Bonke abenjenjalo baza kusikelelwa ngobomi obungunaphakade.—ISityhilelo 7:4, 9-17.
5-7. “Iinkosana” ezixelwe kwangaphambili zinayiphi indima emhlambini kaThixo?
5 Noko ke, logama lisekho ihlabathi lanamhlanje elizaliswe yintiyo, amalungu esihlwele esikhulu kufuneka ekhuselwe. Yaye oko kuyenziwa ubukhulu becala ‘ziinkosana ezilawula ngokusesikweni.’ Elinjani lona ukuzuka ilungiselelo! UIsaya uzichaza ngokubhekele phaya ezi “nkosana” kwisiprofeto sakhe esifudumez’ intliziyo, esithi: “Ngamnye uya kuba njengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, abe njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.”—Isaya 32:2.
6 Kanye ngoku ngeli xesha lokubandezeleka okusehlabathini lonke, ziyafuneka “iinkosana,” ewe, abadala abaza ‘kuwuvelela wonke umhlambi,’ bazinyamekele izimvu zikaYehova baze baziphathe ngokusesikweni ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova yobulungisa. (IZenzo 20:28) Ezo “nkosana” zimele zibe neemfaneleko ezichazwe kweyoku-1 kuTimoti 3:2-7 noTito 1:6-9.
7 Kwisiprofeto sakhe esiyintloko esichaza ‘ukupheliswa kwale nkqubo yezinto’ ezaliswe ziimbandezelo, uYesu wathi: “Qinisekani ukuba aninkwantyi.” (Mateyu 24:3-8) Kutheni abalandeli bakaYesu bengankwantyiswa ziimeko eziyingozi zehlabathi lanamhlanje? Esinye sezizathu sikukuba “iinkosana”—enoba zingabathanjisiweyo okanye “ezinye izimvu”—ziwukhusela ngokunyanisekileyo umhlambi. (Yohane 10:16) Zibanyamekela ngokungenaloyiko abazalwana noodade bazo, kwanaxa bejamelene neemeko ezihambis’ umzimba njengeemfazwe zezizwe nokutshatyalaliswa kohlanga. Kweli hlabathi lityhafileyo ngokomoya, ziyaqinisekisa ukuba imiphefumlo edandathekileyo iyahlaziywa ziinyaniso ezakhayo zeLizwi likaThixo, iBhayibhile.
8. UYehova uziqeqesha aze azisebenzise njani “iinkosana” ezingabezinye izimvu?
8 Ebudeni beminyaka engama-50 edluleyo, ziye zaqondwa ngokucacileyo ezi “nkosana.” “Iinkosana” ezingabezinye izimvu ziqeqeshwa njengodidi olusakhulayo ‘lwezikhulu’ ukuze emva kwembandezelo enkulu, abafanelekayo kuzo banyulelwe ukulawula ‘kwihlabathi elitsha.’ (Hezekile 44:2, 3; 2 Petros 3:13) Ngokunikela kwazo ulwalathiso nohlaziyeko lokomoya njengoko zikhokela emsebenzini woBukumkani, zizingqina ‘zinjengomthunzi wengxondorha enkulu,’ ngaloo ndlela ziwenza umhlambi unqule ngokukhululekileyo.b
9. Ziziphi iimeko ezibonisa ukuba “iinkosana” ziyafuneka namhlanje?
9 Kula maxesha okugqibela eengcinezelo zehlabathi elingendawo likaSathana, amaKristu azinikeleyo akufuna ngamandla ukukhuseleka okulolo hlobo. (2 Timoti 3:1-5, 13) Kukho impembelelo enamandla yeemfundiso zobuxoki neengcamango ezigqwethekileyo. Kugquba iimfazwe phakathi kweentlanga nokuhlaselwa ngokungqalileyo kwabanquli abanyanisekileyo bakaYehova uThixo. Kweli hlabathi lithwaxwa yimbalela yokomoya, amaKristu ayifuna ngamandla imithombo yamanzi asulungekileyo, inyaniso engangxengwanga yokuqabula unxano lwawo lokomoya. Okuvuyisayo kukuba, uYehova uthembise ukuba uKumkani wakhe olawulayo, uza kusebenzisa abantakwabo abathanjisiweyo kwakunye ‘neenkosana’ ezibancedisayo zabezinye izimvu, ukuba bakhuthaze baze balathise abadandathekileyo nabadimazekileyo kweli xesha lobunzima. Ngoko uYehova uza kuqinisekisa ukuba kulawula ubulungisa nokusesikweni.
Ukunikela Ingqalelo Ngamehlo, Ngeendlebe Nangeentliziyo
10. Ngawaphi amalungiselelo awenzileyo uYehova ukuze abantu bakhe ‘babone’ baze ‘beve’ izinto zokomoya?
10 Isihlwele esikhulu siye sasabela njani kwilungiselelo likaYehova lobuthixo? Isiprofeto sihlabela mgama sisithi: “Amehlo abo babonayo akayi kuvingcwa, neendlebe zabo bevayo ziya kunikela ingqalelo.” (Isaya 32:3) Ekuhambeni kweminyaka, uYehova uye wenza ilungiselelo lokuba kufundiswe kuze kuncedwe abakhonzi bakhe abaxabisekileyo ukuba baqole. ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nezinye iintlanganiso eziqhutywa kumabandla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke; iindibano zesithili nezezizwe ngezizwe; kwanokuqeqeshwa ngokukhethekileyo ‘kweenkosana’ ngendlela yokunyamekela umhlambi ngothando, konke oku kube negalelo ekwakheni ubuzalwana obumanyeneyo bezigidi ngezigidi emhlabeni wonke. Naphi na apho bakhoyo emhlabeni aba balusi, basoloko bekulangazelela ukuva nokwamkela naluphi na utshintsho kwindlela abaliqonda ngayo ilizwi lenyaniso. Benezazela eziqeqeshwe yiBhayibhile, basoloko bekulungele ukuva nokuthobela.—INdumiso 25:10.
11. Kutheni ngoku abantu bakaThixo bethetha ngentembelo, bengashwantshwathi nje into abangaqinisekanga ngayo?
11 Sandula esi siprofeto silumkise ngelithi: “Nentliziyo yabo bazizingxami iya kuqwalasela ulwazi, kwanolwimi lwabathintithayo luya kukhawuleza ukuthetha izinto ezicacileyo.” (Isaya 32:4) Makungabikho namnye ongxamayo ukugqiba ngoko kulungileyo nokuphosakeleyo. IBhayibhile ithi: “Uyambona na umntu ongxamayo ngamazwi akhe? Kukho ithemba ngakumbi kumntu osisiyatha kunaye.” (IMizekeliso 29:20; INtshumayeli 5:2) Ngaphambi kowe-1919, kwanabantu bakaYehova babedyojwe ziingcamango zeBhabhiloni. Kodwa ukususela ngaloo nyaka, uYehova ubenze baziqonda ngokucace ngakumbi iinjongo zakhe. Bazifumanise iinyaniso azityhilileyo, zingagqwagqwanga nje ngokungxama, kodwa zicingisiswe kakuhle, yaye ngoku bathetha ngento abayikholelwa ngokuqinisekileyo, bengashwantshwathi nje into abangaqinisekanga ngayo.
“Lowo Ungenangqiqo”
12. Ngoobani ‘abangenangqiqo’ namhlanje, yaye abanasisa ngayiphi ingqiqo?
12 Sandula ngoku isiprofeto sikaIsaya sithethe ngemeko eyahlukileyo, sisithi: “Lowo ungenangqiqo akasayi kuba sabizwa ngokuba unesisa; ke lona itshivela, akuyi kuthiwa lisisidwangube; ngenxa yokuba lowo ungenangqiqo uya kuthetha izinto zokungabi nangqiqo.” (Isaya 32:5, 6a) Ngubani “lowo ungenangqiqo”? Ngokungathi uyakugxininisa oku, uKumkani uDavide unikela impendulo kude kube kabini, esithi: “Lowo ungenangqiqo uthe entliziyweni yakhe: ‘Akakho uYehova.’ Benze ngokonakala, ziyacekiseka izenzo zabo. Akukho namnye owenza okulungileyo.” (INdumiso 14:1; 53:1) Kakade ke, abo bangakholelwayo kubukho bukaThixo bathi akakho uYehova. Eneneni, zikwanjalo “neenkcuba-buchopho” nabanye abaziphatha ngokungathi akukho Thixo, bekholelwa ukuba akukho mntu baza kuphendula kuye. Inyaniso ayikho kwabanjalo. Abanaso isisa ezintliziyweni zabo. Abayamkelanga intshumayelo yothando. Ngokungafaniyo namaKristu okwenene, bayakrikriza ukunceda abasweleyo nababandezelekileyo okanye bangabancedi kwaukubanceda.
13, 14. (a) Abawexuki banamhlanje bakusebenza njani okwenzakalisayo? (b) Yintoni abawexuki abazama ukuyivimba abo balambileyo nabanxaniweyo, kodwa ekugqibeleni uza kuba yintoni umphumo?
13 Abaninzi babo bangenangqiqo babathiyile abo bamela inyaniso kaThixo. “Nentliziyo yakhe iya kusebenza okwenzakalisayo, ukuze isebenze uwexuko nokuthetha into etenxileyo ngoYehova.” (Isaya 32:6b) Banjalo kanye abawexuki banamhlanje! Emazweni aliqela aseYurophu naseAsia, abawexuki baye bazimanya nabanye abachasi benyaniso, bexoka ngokuphandle kwabasemagunyeni, ngenjongo yokuba kuvalwe umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Babonakalisa isimo sengqondo ‘sekhoboka elinobubi,’ awaprofeta wathi ngalo uYesu: “Ukuba elo khoboka libi lingakhe lithi entliziyweni yalo, ‘Inkosi yam iyalibala,’ lize liqale ukubetha amakhoboka angamadlelane alo yaye lidle lize lisele namanxila aziwayo, inkosi yelo khoboka iya kuza ngemini elingayilindelanga nangelixa elingalaziyo, kwaye iya kulohlwaya ngokona kuqatha kakhulu ize ilabele nabahanahanisi. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo alo.”—Mateyu 24:48-51.
14 Okwangoku, lo mwexuki ubangela “umphefumlo wolambileyo uhambe ulambatha, yaye ubangela nonxaniweyo ahambe engenanto yokusela.” (Isaya 32:6c) Iintshaba zenyaniso zizama ukubavimba ukutya kokomoya abantu abalambele inyaniso, yaye zizama ukubathintela abanxaniweyo ukuba bangawaseli amanzi ahlaziyayo esigidimi soBukumkani. Kodwa ekugqibeleni umphumo uya kuba koko uYehova akuvakalisayo ebantwini bakhe ngomnye wabaprofeti bakhe, esithi: “Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.”—Yeremiya 1:19; Isaya 54:17.
15. Namhlanje, ngoobani ngokukhethekileyo ‘abangamatshivela,’ ingawaphi “amazwi obuxoki” abaye bawakhuthaza, yaye oko kube nawuphi umphumo?
15 Ukususela embindini wenkulungwane yama-20, ukuziphatha okubi kuye kwatsiba ilitye likaPhungela kumazwe eNgqobhoko. Ngoba? Esi siprofeto sichaza esinye sezizathu, sisithi: “Ke lona itshivela, izixhobo zalo zibi; lona lenze isigqibo ngezenzo zehambo evakalala, ukuze lonakalise abaxhwalekileyo ngamazwi obuxoki, kwanaxa lowo ulihlwempu ethetha oko kulungileyo.” (Isaya 32:7) Ukungqinela oku, abefundisi abaninzi baye bavumela uvula-zibhuqe ngokuphathelele isini ngaphambi komtshato, ukuhlalisana kwabangatshatanga nobufanasini—eneneni, “uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki.” (Efese 5:3) Ngaloo ndlela, ‘bayayonakalisa’ imihlambi yabo ngamazwi abo obuxoki.
16. Yintoni eyenza amaKristu okwenene abe noyolo?
16 Ngokwahlukileyo koko, hayi indlela okuhlaziya ngayo ukuzaliseka kwamazwi alandelayo omprofeti! “Ngokubhekisele kulowo unesisa, wenze isigqibo ngezinto zesisa; yaye uya kumela izinto zesisa.” (Isaya 32:8) UYesu ngokwakhe wakhuthaza ukuba nesisa xa wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.” (Luka 6:38) Nompostile uPawulos walatha kwiintsikelelo ezifikela abo banesisa xa wathi: “Nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’” (IZenzo 20:35) AmaKristu okwenene afumana uyolo, kungekhona ngokuzuza ubutyebi bezinto eziphathekayo okanye udumo lwasekuhlaleni, kodwa ngokuba nesisa—ngendlela efanayo naleyo uThixo wawo, uYehova, abonisa ngayo isisa. (Mateyu 5:44, 45) Eyona nto iwazisela uyolo olukhulu kukwenza ukuthanda kukaThixo, ngokuthi azinikele ngesisa ekwaziseni abanye ‘ngeendaba ezilungileyo ezizukileyo zoThixo onoyolo.’—1 Timoti 1:11.
17. Ngoobani namhlanje abafana ‘neentombi ezingenanyameko’ abhekisela kuzo uIsaya?
17 Isiprofeto sikaIsaya siyaqhubeka sisithi: “Nina bafazi bahleli ngokukhululeka, vukani, liphulaphuleni ilizwi lam! Nina zintombi zingenanyameko, yibekeleni indlebe intetho yam! Kwisithuba sonyaka neentsuku ezithile nina bangenanyameko niya kuphazamiseka, ngenxa yokuba ukuvunwa kweediliya kuya kuphela kodwa akukho kubuthwa kwesiqhamo okuya kufika. Ngcangcazelani, nina bafazi bahleli ngokukhululeka! Phazamisekani, nina bangenanyameko!” (Isaya 32:9-11a) Isimo sengqondo saba bafazi sisenokusikhumbuza ngabo namhlanje bazibanga bekhonza uThixo kodwa bengenanzondelelo enkonzweni yakhe. Abanjalo bafumaneka kwiinkonzo ‘zeBhabhiloni Enkulu, unina wamahenyukazi.’ (ISityhilelo 17:5) Ngokomzekelo, amalungu eenkonzo zeNgqobhoko anjengokuba kanye uIsaya ebachaza aba “bafazi.” ‘Akhululekile,’ engawukhathalele umgwebo nokuphazamiseka okuza kuwafikela kungekudala.
18. Ngoobani abayalelwa ukuba ‘babhinqe amarhonya ezinqeni’ zabo, yaye ngoba?
18 Ngoko ke, nasi isimemo esibhekiswa kunqulo lobuxoki: “Khululani nize nizenze nibe ze, nibhinqe amarhonya ezinqeni. Zimbambazeleni nisenza isijwili ngenxa yamasimi anqwenelekayo, ngenxa yomdiliya othwala isiqhamo. Emhlabeni wabantu bam kuphuma ameva, amakhakakhaka, kuba akuzo zonke izindlu zemigcobo, ewe, idolophu enochulumanco olukhulu.” (Isaya 32:11b-13) Ibinzana elithi “Khululani nize nizenze nibe ze” alibonakali lithetha ukukhulula yonke impahla. Isithethe samandulo yayikukunxiba isambatho sangaphezulu phezu kwesangaphantsi. Isambatho sangaphezulu sasidla ngokuba sesofaniso. (2 Kumkani 10:22, 23; ISityhilelo 7:13, 14) Ngoko esi siprofeto siyalela amalungu eenkonzo zobuxoki ukuba akhulule izambatho zawo zangaphandle—ukuzifanisa kwawo kwenkwalambisa njengabakhonzi bakaThixo—aze endaweni yoko afake izambatho zamarhonya, ezifanekisela ukwenza isijwili ngenxa yomgwebo wawo osemnyango. (ISityhilelo 17:16) Asikho isiqhamo sobuthixo esifumanekayo kwiinkonzo zeNgqobhoko, ezizibanga ‘ziyidolophu kaThixo enochulumanco olukhulu,’ kwanakuwo onke amalungu obukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Iyonke nje inkqubo yazo ivelisa “ameva, amakhakakhaka” okungakhathali novula-zibhuqe.
19. Yiyiphi imeko ‘yeYerusalem’ ewexukileyo ayibhencayo uIsaya?
19 Le meko imfiliba ichaphazela yonke “iYerusalem” ewexukileyo: “Inqaba yokuhlala ilahliwe, isiphithiphithi sesixeko sishiyiwe; iOfeli nemboniselo ziya kuba yimihlaba engenanto, kangangexesha elingenammiselo ukugcoba kwamaqwarhashe, idlelo lemihlambi.” (Isaya 32:14) Ewe, kwaneOfeli iqukiwe. IOfeli ngummandla ophakamileyo weYerusalem oyindawo efanelekileyo yezokhuselo. Ukuthi iOfeli iba ngumhlaba ongenanto kuthetha ukuphanziswa ngokupheleleyo kweso sixeko. Amazwi kaIsaya abonisa ukuba “iYerusalem” ewexukileyo—iNgqobhoko—ayikuphaphelanga ukwenza ukuthanda kukaThixo. Iyinkqantosi ngokomoya, ingenayo kwaphela inyaniso nokusesikweni—ifana nqwa namarhamncwa asendle.
Umahluko Ozukileyo!
20. Kube nawuphi umphumo ukuthululwa komoya kaThixo phezu kwabantu bakhe?
20 Ngokulandelayo uIsaya unikela ithemba elifudumez’ intliziyo kwabo benza ukuthanda kukaYehova. Nakuphi na ukuphanziswa kwabantu bakaThixo kuya kuhlala “kude kuthululwe phezu kwethu umoya ovela phezulu, yaye intlango iya kuba libhoma, nebhoma libalwe njengehlathi lokwenene.” (Isaya 32:15) Okuvuyisayo kukuba, ukususela ngowe-1919, umoya kaYehova uye wathululwa ngamandla phezu kwabantu bakhe, wavuselela, ngokungathi kunjalo, ibhoma leziqhamo elingamaNgqina athanjisiweyo, eliye lalandelwa lihlathi elandayo labezinye izimvu. Intlangano yakhe iyaqhubeka ichuma yaye isanda emhlabeni namhlanje. Kwiparadesi ebuyiselweyo yokomoya, “ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamsha boThixo wethu,” bubonakala kubantu bakhe njengoko bevakalisa uBukumkani bakhe bomhlaba wonke obuzayo.—Isaya 35:1, 2.
21. Bufumaneka phi ubulungisa, ukuzola nonqabiseko namhlanje?
21 Ngoku, khawuphulaphule isithembiso esizukileyo sikaYehova: “Okusesikweni ngokuqinisekileyo kuya kuhlala entlango, nobulungisa buya kuhlala ebhomeni. Nomsebenzi wobulungisa bokwenyaniso umele ube luxolo; nenkonzo yobulungisa bokwenyaniso, ukuzola nonqabiseko ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isaya 32:16, 17) Hayi indlela oku okuyichaza kakuhle ngayo imeko yokomoya yabantu bakaYehova namhlanje! Ngokwahlukileyo kwinkoliso yoluntu, eyahlukaniswe yintiyo, ugonyamelo, nobuhlwempu obuqatha bokomoya, amaKristu okwenyaniso amanyene emhlabeni wonke, nangona ‘ephuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ Ahlala, asebenze, aze akhonze ngokuvisisana nobulungisa bukaThixo, ekwenza oko enentembelo yokuba ekugqibeleni, aza kunandipha uxolo nonqabiseko lokwenene ngonaphakade.—ISityhilelo 7:9, 17.
22. Yintoni umahluko phakathi kwemeko yabantu bakaThixo naleyo yabonqulo lobuxoki?
22 Kwiparadesi yokomoya, uIsaya 32:18 sele ezaliseka. Uthi: “Abantu bam baya kuhlala kwindawo yokuhlala enoxolo nakwiindawo zokuhlala zentembelo epheleleyo nakwiindawo zokuphumla ezingaphazamisekiyo.” Kodwa kuwo wona amaKristu enkwalambisa, “ngokuqinisekileyo kuya kuna isichotho ekuweni kwehlathi nasekuthotyweni kwesixeko kwimeko yokuthotywa.” (Isaya 32:19) Ewe, njengesichotho esitsho ngamandla, umgwebo kaYehova sele ulungele ukuntlitha isixeko senkwalambisa sonqulo lobuxoki, ulithobe ‘ihlathi’ elingabaxhasi baso, ulitshabalalise ngokupheleleyo!
23. Nguwuphi umsebenzi womhlaba wonke osondela esiphelweni sawo, yaye abo banesabelo kuwo bamele bagqalwe njani?
23 Le nxalenye yesiprofeto iqukumbela ngokuthi: “Ninoyolo nina nihlwayela imbewu ecaleni kwamanzi onke, nithumela amanqina enkunzi yenkomo nawe-esile.” (Isaya 32:20) Inkunzi yenkomo ne-esile zazingamaqegu awayesetyenziswa ngabantu bakaThixo bamandulo ekulimeni amasimi nasekuhlwayeleni imbewu. Namhlanje, abantu bakaYehova basebenzisa oomatshini bokushicilela, izixhobo ze-elektroniki, izakhiwo kwaneenkqubo zezothutho zale mihla, yaye ngaphezu kwako konke, asebenzisa intlangano emanyeneyo yobuthixo ukushicilela nokupapasha izigidi zeempapasho zeBhayibhile. Abasebenzi bokuzithandela basebenzisa ezi zixhobo ukuhlwayela imbewu yenyaniso yoBukumkani emhlabeni wonke, bekwenza oko ngokoqobo “ecaleni kwamanzi onke.” Kukho izigidi zamadoda namabhinqa oyik’ uThixo esele zivuniwe, yaye inkitha yabanye isaqhubeka izithelela. (ISityhilelo 14:15, 16) Ngokwenene bonke bamele bagqalwe ‘njengabanoyolo’!
[Imibhalo esemazantsi]
a “Ukumkani” ekuthethwe ngaye kuIsaya 32:1 usenokuba ekuqaleni wayebhekisela kuKumkani uHezekiya. Noko ke, inzaliseko eyintloko kaIsaya isahluko 32 inokuthanani noKumkani, uKristu Yesu.
b Bona IMboniselo, kaMatshi 1, 1999, iphepha 13-18, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Imifanekiso ekwiphepha 331]
KwimiSongo yoLwandle Olufileyo, uIsaya isahluko 32 uphawulwe ngo-“X”
[Imifanekiso ekwiphepha 333]
‘Nkosana’ nganye injengendawo yokuzimela umoya, neyokuzifihla emvuleni, ikwanjengamanzi entlango, nanjengomthunzi elangeni
[Umfanekiso okwiphepha 338]
UmKristu ufumana uyolo olukhulu ngokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo