Eyokuqala KuTimoti
3 Ayinyani la mazwi athi: Ukuba umntu uzimisele ukuba ngumdala,*+ unqwenela umsebenzi omhle. 2 Umdala* ufanele angakhalazeleki, abe nomfazi omnye, angabaxi xa esenza izinto, abe nengqondo ephilileyo,+ abe nocwangco, athande iindwendwe,+ akwazi ukufundisa,+ 3 angabi lonxila,+ angabi ndlongondlongo,* kodwa abe bhetyebhetye,*+ angathandi ngxabano,+ angathandi mali,+ 4 abe ngumntu oyikhokela kakuhle intsapho yakhe, abe nabantwana abathobelayo nabazimiseleyo+ 5 (kuba, ukuba umntu wohlulwa kukukhokela* intsapho yakhe, angakwazi njani ke ukuhoya ibandla likaThixo?), 6 angabi ngumntu osanda kuguquka,+ kuba hleze akhukhumale likratshi aze afumane umgwebo ofanayo nokaMtyholi. 7 Ngaphezu koko, nabantu abangakholwayo bafanele bathethe kakuhle ngaye,+ ukuze angahlazeki aze arhintyelwe nguMtyholi.
8 Nezicaka zolungiselelo zifanele zizimisele, zingabi namaqhinga,* zingaseli iwayini eninzi, zinganyoluki,+ 9 zibambelele kwimfihlelo engcwele yokholo zinesazela esicocekileyo.+
10 Ngaphezu koko, mazihlolwe kuqala ukuba ziyafaneleka na, yaye ukuba azinakumangalelwa nganto, zingaba zizicaka zolungiselelo.+
11 Nabafazi bafanele bazimisele, bangangcolisi amagama abantu,+ bangabaxi xa besenza izinto, bathembeke kuyo yonke into.+
12 Isicaka solungiselelo sifanele sibe nomfazi omnye, siyikhokele kakuhle intsapho yaso, ingakumbi abantwana baso. 13 Kuba amadoda awenza kakuhle umsebenzi wawo azenzela igama elihle, atsho athethe ngokukhululekileyo xa ethetha ngokholo lwawo kuKristu Yesu.
14 Ndinethemba lokuba ndiza kukubona kungekudala, kodwa ndithe mandikubhalele ezi zinto, 15 ukuze ukuba ndiye ndalibaziseka, wazi ukuba ufanele uziphathe njani endlini kaThixo,+ ibandla loThixo ophilayo, elixhasa nelilwela inyaniso. 16 Ibaluleke kakhulu le mfihlelo ingcwele yokuzinikela kuThixo, ethi: ‘Wenziwa wabonakala enomzimba wenyama,+ uThixo wathi ulilungisa enomzimba womoya,+ wabonakala kwiingelosi,+ kwashunyayelwa ngaye ezintlangeni,+ bakholwa kuye abantu abasemhlabeni,+ wamkelwa ezulwini waza wazukiswa.’