Isaya
2 Ngamnye uza kuba njengekhusi emoyeni,
Indawo yokuzifihla kwisiphango,
Njengemisinga yamanzi kwilizwe elomileyo,+
Njengomthunzi weliwakazi kwilizwe elomileyo.
3 Namehlo abantu ababonayo awasazukuvalwa,
Neendlebe zabantu abevayo ziza kumamelisisa.
4 Intliziyo yabantu abalambele ulwazi iza kuluphanda,
Nolwimi lwabathintithayo luthethe kakuhle nangokucacileyo.+
5 Akusayi kuthiwa isiyatha ngumntu onesidima,
Kungasayi kuthiwa indoda elimenemene ihloniphekile;
6 Kuba umntu ongenangqiqo uza kuthetha ukusa,
Intliziyo yakhe iza kucinga ububi,+
Ukuze akhuthaze uwexuko, ethetha izinto ezitenxileyo ngoYehova,
Emhambisa engatyanga olambileyo,
Emvimba into yokusela onxaniweyo.
7 Imenemene linamacebo amabi;+
Likhuthaza izinto ezibangela iintloni,
Ukuze lilenzakalise ngobuxoki ihlwempu,+
Enoba lingathetha into elungileyo.
8 Kodwa umntu onesidima wenza izinto ezinesidima,
Usoloko esenza imisebenzi enesidima.
9 “Bafazindini bazithembileyo, vukani, nimamele ilizwi lam!
Zintombindini zingakhathaliyo,+ yivuleleni indlebe into endiyithethayo!
10 Kancinci nje emva konyaka, nina ningakhathaliyo niza koyika,
Kuba liza kuphela ixesha lokuvuna iidiliya ningaqokelelanga kwasiqhamo.+
11 Ngcangcazelani bafazindini bazithembileyo!
Yoyikani nina bangakhathaliyo!
Khululani nibe ze,
Nibhinqe amalaphu okwenza iingxowa.+
12 Zibetheni izifuba, nenze isijwili
Ngenxa yento eyenzeke kumasimi aqhamileyo neentsimi zeediliya.
13 Kuba umhlaba wabantu bam uza kugcwala ameva namakhakakhaka;
Zonke izindlu ekwakuvuywa kuzo ziza kuhluma ameva,
Ngokuqinisekileyo aza kuhluma kwisixeko sokonwaba.+
IOfeli+ nenqaba yoonogada ziye zayintlango ngokupheleleyo,
Indawo ethandwa ziidonki zasendle,
Idlelo lemihlambi,+
15 De uThixo athulule umoya wakhe phezu kwethu,+
Nentlango ibe njengentsimi yeziqhamo,
Nentsimi yeziqhamo ibonwe njengehlathi.+
16 Ngelo xesha, okusesikweni kuza* kuba ngumhlali wasentlango,
Nobulungisa buza kuba ngummi kwintsimi yeziqhamo.+
17 Ubulungisa bokwenene buza kubonakala ngokubakho koxolo,+
Nesiqhamo sobulungisa bokwenene sibe kukuzola nokukhuseleka.+
18 Abantu bam baza kuhlala kwindawo enoxolo,
Kwiindawo ezikhuselekileyo neendawo zokuphumla ezizolileyo.+
19 Kodwa isichotho siza kulithi waca ihlathi,
Nesixeko sivuthuluke kuthi tu.