Ukuhlangabezana Neengxaki Zokushumayela Kwindlu Ngendlu
“UThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.”—1 TES. 2:2.
1. Ziziphi iingxaki awajamelana nazo uYeremiya ibe wahlangabezana njani nazo?
UYEREMIYA wayeneemvakalelo njengathi. Xa uYehova wamxelela ukuba uza kumenza “umprofeti ezintlangeni,” wakhala ngelithi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Yabona, okunene andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” Nakuba kunjalo wathembela ngoYehova, waza wasamkela eso sabelo. (Yer. 1:4-10) UYeremiya wagqiba iminyaka engaphezu kwama-40 enyamezele ukungakhathalelwa, inkcaso, ukugculelwa kwanokubethwa. (Yer. 20:1, 2) Maxa wambi, wayekhe afune nokunikezela. Sekunjalo, waqhubeka evakalisa eso sigidimi sasingathandwa ngabantu abaninzi. Ngenxa yokomelezwa nguThixo, uYeremiya waphumeza umsebenzi awayengenakuwenza ngamandla akhe.—Funda uYeremiya 20:7-9.
2, 3. Abakhonzi bakaThixo namhlanje bajamelana njani neengxaki ezifana nezo zehlela uYeremiya?
2 Baninzi abakhonzi bakaThixo namhlanje abaye bavakalelwa njengoYeremiya. Xa babecinga ngokuya kushumayela kwindlu ngendlu, abanye bethu babeye bavakalelwe kukuba, abanakuze bakwazi ukuyenza loo nto. Kodwa, sathi sakuqonda ukuba nguYehova ofuna sivakalise iindaba ezilungileyo, lwaphela lonke olo loyiko saza saxakeka kukushumayela. Sekunjalo, uninzi lwethu luye lwajamelana neengxaki ezenze kangangethuba elithile, kwanzima ukuba siqhubeke sishumayela. Ayinakuphikwa into yokuba, akuyondlwan’ iyanetha ukuqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu nokuqhubeka sisenjenjalo de kuse ekupheleni.—Mat. 24:13.
3 Kuthekani ukuba sele unethuba uqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova yaye usiya kwintlanganiso zebandla kodwa usemathidala ukuqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu? Okanye kuthekani ukuba uliNgqina elibhaptiziweyo kodwa ukufumanisa kunzima ukushumayela kwindlu ngendlu, nakuba unamandla okwenjenjalo? Qiniseka ukuba abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo bayahlangabezana neengxaki zokushumayela kwindlu ngendlu. Nawe uYehova angakunceda ukwazi.
Ukomelezwa
4. Yintoni eyanceda umpostile uPawulos ukuba azithethe ngenkalipho iindaba ezilungileyo?
4 Ngokuqinisekileyo uyaqonda ukuba umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke awenziwa ngamandla okanye ubulumko bakhe nabani na, kodwa wenziwa ngomoya kaThixo. (Zek. 4:6) Kunjalo ke nangobulungiseleli bomKristu ngamnye. (2 Kor. 4:7) Cinga nje ngompostile uPawulos. Uthi xa ethetha ngexesha laxa yena nabanye abathunywa bevangeli baphathwa kakubi ngabachasi beendaba ezilungileyo: “Emva kokuba siqale ngokubandezeleka saza saphathwa ngokusa eFilipi, . . . uThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (1 Tes. 2:2; IZe. 16:22-24) Isenokungakholeleki into yokuba kwakukhe kwenzeke umshumayeli onenzondelelo njengoPawulos abe nengxaki xa kufuneka eshumayele. Kodwa njengathi sonke, uPawulos kwafuneka athembele ngoYehova ukuze akwazi ukuzithetha ngenkalipho iindaba ezilungileyo. (Funda eyabase-Efese 6:18-20.) Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaPawulos?
5. Yiyiphi enye indlela esinokomelezwa ngayo ukuze sishumayele?
5 Enye into esomelezela ukushumayela ngumthandazo. Uvulindlela othile wakha wathi: “Ndithandazela ukuba ndishumayele ngokuzithemba, ndifikelele iintliziyo zabantu ndize ndibunandiphe ubulungiseleli bam. Ngapha koko, lo ngumsebenzi kaYehova, asingowethu, ngoko ayikho into esinokuyenza ngaphandle koncedo lwakhe.” (1 Tes. 5:17) Sonke simele sithandaze rhoqo, sicela ukuncedwa ngumoya oyingcwele kaThixo ukuze sishumayele ngenkalipho.—Luka 11:9-13.
6, 7. (a) Nguwuphi umbono owanikwa uHezekile yaye wawuthetha ukuthini? (b) Umbono kaHezekile ubafundisa ntoni abakhonzi bakaThixo namhlanje?
6 Incwadi kaHezekile ityhila enye into enokusinceda sishumayele ngenkalipho. Embonweni uYehova wanika uHezekile umsongo obhalwe macala omabini “izimbonono nokudumzela nezijwili” waza wamyalela ukuba awutye, esithi: “Nyana womntu, ufanele usidlise isisu sakho, ukuze uzalise amathumbu akho ngalo mqulu ndikunika wona.” Wawuthetha ukuthini lo mbono? UHezekile kwakufuneka asiqonde kakuhle isigidimi ekwakumele asidlulisele ebantwini. Ngokungathi kunjalo, sasimele sibe yinxalenye yakhe size sibe sentliziyweni yakhe. Lo mprofeti uhlabela mgama athi: “Ndaza ndawudla, waba mnandi njengobusi emlonyeni wam.” Ukuvakalisa isigidimi esidlangalaleni kwakuluyolo—njengokungcamla ubusi—kuHezekile. Waziva ewongiwe ngokumela uYehova nokuphumeza isabelo asinikwe nguye, nakuba oko kwakuthetha ukuvakalisa isigidimi esiqatha kubantu ababengamphulaphuli.—Funda uHezekile 2:8–3:4, 7-9.
7 Abakhonzi bakaThixo namhlanje bafunda lukhulu kulo mbono. Nathi sinesigidimi esiqatha esimele sisidlulisele kubantu abangasoloko beyixabisa imigudu yethu. Ukuze siqhubeke sigqala ubulungiseleli bobuKristu njengewonga esilinikwe nguThixo, simele sizondle ngokomoya. Ukukha nje phezulu xa sifunda okanye ukufunda manqaphanqapha akuyi kusinceda siliqonde kakuhle iLizwi likaThixo. Yintoni onokuyenza ukuze ufundisise rhoqo uze ungenelwe kufundisiso lwakho lweBhayibhile? Ngaba unokucamngca rhoqo ngoko ukufundayo?—INdu. 1:2, 3.
Ukuqalisa Iingxubusho ZeBhayibhile
8. Yiyiphi indlela encede abanye abavakalisi boBukumkani baqalisa iingxubusho zeBhayibhile ngoxa beshumayela kwindlu ngendlu?
8 Eyona nto idla ngokuba nzima kubavakalisi abaninzi kukuqalisa incoko nomninimzi ibe oko kwenzeka ngokwenene kwiindawo ezininzi. Abanye abavakalisi bakhetha ukuthetha nabantu emnyango ngamazwi ambalwa babe sele behambisa iphecana, njengoko kubonisiwe kwibhokisi ekweli nqaku. Umxholo welo phecana okanye imifanekiso yalo emihle inokuyithimba ingqalelo yomninimzi, kuze oko kuncede umvakalisi akwazi ukuthi gqaba-gqaba ngento ayihambeleyo aze abuze umbuzo. Enye indlela esinokukwenza ngayo oku kukubonisa umninimzi amaphecana amathathu okanye amane awahlukahlukeneyo size simcele akhethe alifunayo. Kambe ke, usukelo lwethu asikokuhambisa nje amaphecana okanye ukuwashiya kuyo yonke indlu esingena kuyo kodwa sifuna ukuqalisa ngawo iingxubusho zeBhayibhile eziza kukhokelela ekuqhutyweni kwezifundo zeBhayibhile.
9. Kutheni kubalulekile nje ukulungiselela kakuhle?
9 Enoba uyiqala ngayiphi indlela incoko, ukulungiselela kakuhle kuya kukunceda uzole uze ube nehlombe njengoko ushumayela kwindlu ngendlu. Omnye uvulindlela wathi: “Ndonwaba ngakumbi xa ndilungiselele kakuhle. Oku kundenza ndifune ukuthetha.” Kanti omnye uvulindlela wathi: “Xa ndiye ndazifunda iimpapasho endiza kuzihambisa ebantwini ndiye ndithethe ngazo ngehlombe.” Nakuba kuluncedo ukucamngca ngoko siza kukuthetha, abanye baye bafumanisa ukuba kuyanceda ukuqhelisela iintshumayelo zabo ngokuvakalayo. Ukwenjenjalo kubanceda banike uYehova okona kulungileyo.—Kol. 3:23; 2 Tim. 2:15.
10. Yintoni enokwenziwa ukuze iintlanganiso zenkonzo yasentsimini zifundise zize zibe yingenelo?
10 Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ezilungiselelwe kakuhle zinegalelo elivakalayo kubuchule bethu bokushumayela kwindlu ngendlu. Ukuba itekisi yosuku ithetha ngokungqalileyo ngomsebenzi wokushumayela inokufundwa ize ixutyushwe ngokufutshane. Noko ke, umzalwana oqhuba le ntlanganiso yenkonzo yasentsimini umele abe nexesha elaneleyo lokuxubusha okanye enze umboniso wentshumayelo elula efanele intsimi yenu okanye axubushe ngenye inkcazelo enokusetyenziswa entsimini ngaloo mini. Oku kuya kunceda abavakalisi bakulungele ukunikela ubungqina ngendlela efikelela intliziyo. Xa belungiselela kakuhle kusengaphambili, abadala nabanye abaqhuba ezi ntlanganiso banokukwenza oku, ize intlanganiso yenkonzo yasentsimini iphele ngexesha elibekiweyo.—Roma 12:8.
Iingenelo Zokuphulaphula
11, 12. Ukuphulaphula ngomdla kunokusinceda njani sifikelele iintliziyo zabantu ngeendaba ezilungileyo? Yenza imizekelo.
11 Ukulungiselela kakuhle akwanelanga ukuba sifuna ukuqalisa iingxubusho zeBhayibhile nabantu size sibafikelele iintliziyo kodwa sikwamele sibe nomdla onyanisekileyo kubo. Enye indlela esiwubonisa ngayo loo mdla yindlela esibaphulaphula ngayo. Omnye umveleli ohambahambayo wathi: ‘Ukuba nomonde nokubaphulaphula kakuhle abantu kubenza baziphulaphule iindaba ezilungileyo yaye oko kubonisa ukuba ubakhathalele.’ Ukuphulaphula ngomdla kunokumenza akhululeke umninimzi, kanye njengokuba la mava alandelayo ebonisa.
12 Kwileta eyapapashwa kwiphephandaba iLe Progrès laseSaint-Étienne eFransi, elinye ibhinqa lachaza utyelelo lwabantu ababini abankqonkqoza emzini walo kancinane nje emva kwesithwakumbe sokusweleka kwentwazana yalo enyanga zintathu ubudala. Lathi: “Ndakhawuleza ndaqonda ukuba bangamaNgqina kaYehova. Ndandisele ndizixelele ukuba ndifuna ukubagxotha ngendlela nje echuliweyo, kodwa ndaba nomdla kwincwadana enemifanekiso ababeyihambisa. Yayithetha ngesizathu sokuvumela kukaThixo ukubandezeleka. Ngoko ndabavumela ukuba bangene, ndicinga ukuba ndiza kuphikisa oko bakuthethayo. . . . La maNgqina ahlala ngaphezu kweyure. Andiphulaphula ngomdla endingazange ndawubona yaye athi naxa sel’ ehamba ndeva ngathi kuthe xibilili kangangokuba ndavuma ukuba aphinde abuye.” (Roma 12:15) Ekuhambeni kwethuba, eli bhinqa lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Kuyabonakala ukuba, eyona nto layikhumbulayo ngolo tyelelo lokuqala, asizozinto zathethwa ngaba dade, kodwa yindlela abaliphulaphula ngayo.
13. Iintshumayelo zethu zeendaba ezilungileyo sinokuzenza njani zifanele abantu esishumayela kubo?
13 Eneneni, xa siphulaphula ngomdla senza abantu basixelele isizathu sokuba bufuneka uBukumkani. Oku kusinceda sikwazi ukubachazela ngeendaba ezilungileyo. Mhlawumbi uye wayiphawula into yokuba abantu abanemveliso kumsebenzi wokushumayela badla ngokuba nobuchule bokuphulaphula. (IMize. 20:5) Baba nomdla wokwenene kubantu abadibana nabo entsimini. Abaneli nje ukubhala phantsi amagama neeadresi zabo kodwa babhala nezinto abanomdla kuzo neemfuno zabo. Xa umntu ebuza ngomba othile, bayaphanda baze bakhawuleze babuyele kuye ukuze bamchazele ngoko bakufumanisileyo. Kanye njengompostile uPawulos, isigidimi sabo basenza sifanele iimeko zabantu abashumayela kubo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 9:19-23.) Ukuba nomdla onyaniseke ngolo hlobo kutsalela abantu kwiindaba ezilungileyo kuze kuyibonise ngendlela engathethekiyo ‘imfesane kaThixo wethu.’—Luka 1:78.
Hlala Unesimo Sengqondo Esihle
14. Sinokuzibonisa njani iimpawu zikaYehova njengoko sishumayela?
14 UYehova uye wabonisa ukuba uyasixabisa ngokusinika ilungelo lokuzikhethela. Nakuba enguThixo onguMongami, akanyanzeli namnye ukuba amkhonze kodwa kukuthanda kwakhe abantu okubatsalela kuye, yaye usikelela abo babonisa uxabiso ngamalungiselelo akhe amangalisayo. (Roma 2:4) Njengabalungiseleli bakhe, sifanele sikulungele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo ngendlela ezukisa uThixo wethu onenceba ngalo lonke ixesha sishumayela. (2 Kor. 5:20, 21; 6:3-6) Ngenxa yoko, kufuneka sihlale sinesimo sengqondo esihle ngabantu abakwintsimi yethu. Yintoni enokusinceda sihlangabezane nolu celomngeni?
15. (a) UYesu wabayalela ukuba benze ntoni abapostile bakhe xa bechaswa? (b) Yintoni enokusinceda sinikele ingqalelo ekufumaneni abafanelekayo?
15 UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bangaxhalabi ngokugqithiseleyo xa isigidimi abasithunyiweyo sichaswa kodwa banikele ingqalelo ekufumaneni abo bafanelekayo. (Funda uMateyu 10:11-15.) Xa sizibekela usukelo olungephi nesinokulufikelela siya kukwazi ukwenjenjalo. Omnye umzalwana uzifanisa nomntu ozingela ubuncwane obuthile. Usoloko esithi, “Ndihlala ndikhangele phambili ekubeni andinakufumana golide kusini na ngolo suku.” Kanti omnye umzalwana unosukelo “lokudibana nomntu onomdla veki nganye aze abuyele kuye kwiintsuku nje ezimbalwa ukuze avuselele umdla anawo.” Abanye abavakalisi bazabalazela ukuxubusha isibhalo nokuba sinye nomninimzi ukuba kunokwenzeka. Luluphi usukelo olufikelelekayo onokuzibekela lona wena?
16. Ziziphi izizathu esinazo zokuqhubeka sishumayela?
16 Ukuphumelela kwethu kubulungiseleli bendlu ngendlu akuxhomekekanga nje kuphela kwindlela abasabela ngayo abantu entsimini. Yinyaniso ukuba, umsebenzi wokushumayela unegalelo elibalulekileyo ekusindisweni kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo, kodwa zikho nezinye iinjongo oziphumezayo. Ubulungiseleli bamaKristu businika ithuba lokubonisa indlela esimthanda ngayo uYehova. (1 Yoh. 5:3) Businceda siphephe ukuba netyala legazi. (IZe. 20:26, 27) Bunceda abo bangamoyikiyo uThixo bazi ukuba “lifikile ilixa lokugweba kwakhe.” (ISityhi. 14:6, 7) Ngaphezu kwako konke, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kubangela ukuba igama likaYehova lizukiswe emhlabeni wonke. (INdu. 113:3) Ngenxa yoko, enoba abantu bayaphulaphula okanye akunjalo, simele siqhubeke sivakalisa isigidimi soBukumkani. Eneneni, uYehova uyayixabisa yonke imigudu esiyenzayo ukuze sivakalise iindaba ezilungileyo.—Roma 10:13-15.
17. Yintoni ekuya kunyanzeleka ukuba abantu bayiqonde kungekudala?
17 Nakuba bebaninzi namhlanje abangawuxabisiyo umsebenzi wokushumayela esiwenzayo, akusayi kuba kudala bawujonge ngenye indlela. (Mat. 24:37-39) UYehova waqinisekisa uHezekile ukuba xa kuzaliseka imigwebo awayeyivakalisa, indlu enemvukelo kaSirayeli ‘ngokuqinisekileyo yayiya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwayo.’ (Hez. 2:5) Ngokufanayo, xa uThixo ephumeza imigwebo yakhe kule nkqubo ikhoyo yezinto, kuya kunyanzeleka ukuba abantu baqonde ukuba isigidimi esishunyayelwa ngamaNgqina kaYehova esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu sivela kuThixo wokwenyaniso, uYehova, yaye amaNgqina kaYehova ngokwenene ebengabakhonzi abamela yena. Sinelungelo elingathethekiyo lokumela igama lakhe nelokuvakalisa isigidimi sakhe kula maxesha anzima. Njengoko sithembele ngamandla akhe, ngamana singaqhubeka sihlangabezana nocelomngeni esidibana nalo kubulungiseleli bendlu ngendlu.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni enokusomelezela ukushumayela?
• Yintoni enokusinceda siqalise iingxubusho zeBhayibhile kubulungiseleli bendlu ngendlu?
• Sinokuwubonisa njani umdla onyanisekileyo kwabanye?
• Yintoni enokusenza sihlale sinesimo sengqondo esihle entsimini?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
Enye Indlela Yokuqalisa Iingxubusho ZeBhayibhile
Qalisa ngolu hlobo:
◼ Emva kokubuza impilo kumninimzi, unokumnika iphecana uze uthi, “Ndikutyelele ukuze sincokole ngalo mba ubalulekileyo nolukhuthazo.”
◼ Okanye unokuhambisa iphecana uze uthi, “Ndikutyelele nje ngokufutshane kuba ndinqwenela uluvo lwakho ngalo mbandela.”
Ukuba uyalamkela iphecana:
◼ Buza umbuzo olula ofuna imbono yakhe ngokusekelwe kumxholo wephecana elo.
◼ Phulaphula ngomdla, uzame ukuqonda uluvo lomninimzi. Wabulele amagqabaza akhe.
Hlabela mgama:
◼ Funda uze uxubushe isibhalo esinye nangaphezulu, wenze intshumayelo yakho ifanele izinto ezithandwa nguloo mntu neemfuno zakhe.
◼ Ukuba unomdla, mnike uncwadi uze umbonise indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile ukuba kunokwenzeka. Lungiselela ukubuyela.