Ukuziphatha Kwenu Makube Kokuzifaneleyo Iindaba Ezilungileyo!
“Ukuziphatha kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo.”—FIL. 1:27.
UBUYA KUPHENDULA UTHINI?
Ngoobani abanokuba ngabemi boBukumkani?
Yintoni ekufuneka siyenze ngokuphathelele ulwimi, imbali nemithetho yoBukumkani?
Abemi boBukumkani babonisa njani ukuba bayayithanda imilinganiselo kaThixo?
1, 2. Kutheni isiluleko sikaPawulos sinentsingiselo ekhethekileyo kwibandla laseFilipi?
UMPOSTILE uPawulos wakhuthaza ibandla laseFilipi esithi, “ukuziphatha kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo.” (Funda eyabaseFilipi 1:27.) Ibinzana lesiGrike uPawulos alisebenzisileyo kwigama elithi “ukuziphatha” linokuthetha “ukuziphatha njengabemi.” Eli binzana lalinentsingiselo ekhethekileyo kwibandla laseFilipi. Kutheni kunjalo nje? Kuyabonakala ukuba iFilipi yayisesinye sezixeko ababesithi kuso abemi banikwe ilungelo lokuba ngabemi baseRoma. Abemi baseRoma ababeseFilipi nababekuBukhosi baseRoma babelixabisa elo lungelo yaye babekuvuyela ukukhuselwa ngokukhethekileyo ngumthetho wamaRoma.
2 Amalungu ebandla laseFilipi ayenesizathu esingakumbi sokuxabisa ilungelo lawo. UPawulos wawakhumbuza ukuba, kuba engamaKristu athanjisiweyo ayengabemi “basemazulwini.” (Fil. 3:20) Ayengengobemi borhulumente nje wabantu, kodwa ayengabemi boBukumkani bukaThixo. Ngenxa yoko, ayekhuselekile yaye ekwanazo neengenelo.—Efe. 2:19-22.
3. (a) Ngoobani abaza kuba nelungelo lokuba ngabemi boBukumkani bukaThixo? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kweli nqaku?
3 Isibongozo sikaPawulos ‘sokuziphatha ngendlela efanele iindaba ezilungileyo,’ sibhekisela ngokuyintloko kwabo baza kulawula noKristu ezulwini. (Fil. 3:20) Kodwa ukongezelela, sinokubhekisela nakwabo baza kuphila emhlabeni, bengabalawulwa boBukumkani bukaThixo. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba onke amaKristu akhonza uKumkani omnye, uYehova yaye afanele aphile ngemigaqo efanayo. (Efe. 4:4-6) Namhlanje abantu bazama ngamandla ukuze bafanelekele ukuba ngabemi belizwe elimi kakuhle! Kumele ukuba kuxabiseke ngokwenene ukuba ngummi woBukumkani bukaThixo. Ukuze silixabise ngakumbi eli lungelo, makhe sihlole ukufana okukhoyo phakathi kwezinto ezifunekayo ukuze ube ngummi worhulumente wabantu nokuba ngummi woBukumkani bukaThixo. Emva koko siza kuhlolisisa izinto ezintathu esimele sizenze ukuze sihlale sinelungelo lokuba ngabemi boBukumkani.
IZINTO EZIFUNEKAYO KUBEMI
4. Luyintoni ulwimi olusulungekileyo yaye ‘siluthetha’ njani?
4 Funda ulwimi. Abanye oorhulumente bafuna ukuba abantu abafuna ukuba ngabemi balapho bafunde olona lwimi luthethwayo kwelo lizwe. Kwanasemva kokuba bevunyelwa ukuba babe ngabemi balapho, banokuzama kangangeminyaka emininzi ukuluthetha kakuhle olo lwimi lutsha. Banokukhawuleza bawufunde umgaqo-ntetho kodwa kusenokuthath’ ixesha ukufunda ukuwabiza kakuhle amagama. Ngokufanayo, uBukumkani bukaThixo bufuna abemi babo bafunde oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘lulwimi olusulungekileyo.’ (Funda uZefaniya 3:9.) Luluphi olo lwimi? Yinyaniso efumaneka eBhayibhileni ephathelele uThixo neenjongo zakhe. “Sithetha” ulwimi olusulungekileyo xa ihambo yethu ivisisana nemithetho nemigaqo kaThixo. Abemi boBukumkani bukaThixo banokukhawuleza bafunde iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile baze babhaptizwe. Noko ke, nasemva kokuba bebhaptiziwe, kufuneka baqhubeke bezama “ukuluthetha” kakuhle ulwimi olusulungekileyo. Banokukwenza njani oko? Ngamnye kuthi akafanele aphelele nje ekuyazini imigaqo yeBhayibhile, ufanele aphile ngokuvisisana nayo.
5. Kutheni sifanele sifunde konke esinokukufunda ngembali yentlangano kaYehova?
5 Funda imbali. Kusenokufuneka ukuba umntu ofuna ukuba ngummi kwilizwe elithile afunde imbali yorhulumente walo. Ngokufanayo, abo banqwenela ukuba ngabemi boBukumkani bukaThixo bafanele bafunde yonke into ephathelele uBukumkani bukaThixo. Cinga nje ngoonyana bakaKora, ababekhonza ngexesha loSirayeli wamandulo. Babeyithanda kakhulu iYerusalem nendawo yayo yonqulo nokubalisa ngembali yeso sixeko. Babengathandi amatye nodaka kodwa babethanda oko kwakumelwa seso sixeko nendawo yaso yonqulo. IYerusalem ‘yayiyidolophu yoKumkani Ozukileyo,’ uYehova, kuba yayiliziko lonqulo olunyulu. Kulapho wawufundiswa khona uMthetho kaYehova. UYehova wabonisa ububele bakhe bothando kubantu ababelawulwa nguKumkani waseYerusalem. (Funda iNdumiso 48:1, 2, 9, 12, 13.) Ngaba njengabo, uyakulangazelela ukufunda nokubalisa ngembali yenxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova? Njengoko ufunda okungakumbi ngentlangano kaThixo nendlela uYehova abaxhasa ngayo abantu bakhe, uBukumkani bukaThixo buya kuba yinto yokwenene kuwe. Ngokuzenzekelayo uya kukulangazelela ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Yer. 9:24; Luka 4:43.
6. Kutheni isengqiqweni into yokuba uYehova afune sifunde size sithobele imigaqo nemithetho yoBukumkani?
6 Yazi imithetho. Oorhulumente babantu bafuna ukuba abantu ababaphetheyo bayazi baze bayithobele imithetho yelizwe. Ibonakala isengqiqweni into yokuba uYehova alindele ukuba sifunde size sithobele imithetho nemigaqo elawula bonke abemi boBukumkani. (Isa. 2:3; Yoh. 15:10; 1 Yoh. 5:3) Imithetho yabantu isoloko isilela yaye isenokungabi nabulungisa maxa wambi. Ngokwahlukileyo, “umthetho kaYehova ugqibelele.” (INdu. 19:7) Ngaba siyawuthanda umthetho kaThixo size sifunde iLizwi lakhe suku ngalunye? (INdu. 1:1, 2) Ekuphela kwendlela esinokuwazi ngayo umthetho kaThixo kukuzifundela wona. Akakho omnye umntu onokusenzela loo nto.
ABEMI BOBUKUMKANI BAYAYITHANDA IMIMISELO KATHIXO
7. Abemi boBukumkani baphila ngayiphi imimiselo ephezulu?
7 Ukuze sihlale singabemi boBukumkani, asimele siphelele nje ekuyazini imilinganiselo kaThixo kodwa sikwafanele siyithande. Abemi abaninzi boorhulumente babantu bathi bayavumelana nemithetho nemigaqo yamazwe abahlala kuwo. Noko ke, xa bevakalelwa ukuba lo mthetho uyabasokolisa yaye akukho mntu ubabonayo, bayawaphula. Aba bantu basoloko ‘bekholisa abantu.’ (Kol. 3:22) Abemi boBukumkani baphila ngemimiselo ephezulu. Siyakuvuyela ukuthobela imithetho kaThixo, enoba abantu abasiboni. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba siyamthanda uMenzi wale mithetho.—Isa. 33:22; funda uLuka 10:27.
8, 9. Unokwazi njani xa uwuthanda ngokwenene umthetho kaThixo?
8 Unokwazi njani xa uwuthanda ngokwenene umthetho kaThixo? Hlola indlela osabela ngayo xa ululekwa ngoko uvakalelwa kukuba lukhetho lwakho—ngokomzekelo, kumba wesinxibo nokuzilungisa. Kusenokwenzeka ukuba ngaphambi kokuba ube ngummi woBukumkani, wawunxiba ngokungakhathali okanye ngendlela evuselela inkanuko yesini. Luthe lwakukhula uthando lwakho ngoThixo, wafunda ukunxiba ngendlela emzukisayo. (1 Tim. 2:9, 10; 1 Pet. 3:3, 4) Unokucinga ukuba sele unxiba ngendlela endilisekileyo. Kodwa kuthekani ukuba umdala ukuxelela ukuba indlela onxiba ngayo iyabakhubekisa abavakalisi abaliqela ebandleni? Uza kuthini? Ngaba uza kuzithethelela, uqumbe okanye ube nenkani? Umthetho osisiseko woBukumkani bukaThixo kukuba abemi bawo baxelise uKristu. (1 Pet. 2:21) Ngokuphathelele umzekelo kaYesu, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke. Kuba kwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe.” (Roma 15:2, 3) Ukuze kubekho uxolo ebandleni, umKristu oqolileyo akaqumbi kodwa ukulungele ukuyekelela ngenxa yezazela zabanye.—Roma 14:19-21.
9 Khawucinge ngeminye imibandela emibini ebalulekileyo: indlela esisijonga ngayo isini nomtshato. Abo bangekabi ngabemi boBukumkani bukaThixo banokubuqhwabel’ izandla ubufanasini, bacinge ukuba ukubukela iphonografi kukuzonwabisa okungeyongozi, bekujonga ukukrexeza nokuqhawula umtshato njengezinto ezixhomekeke emntwini ngokupheleleyo. Abemi boBukumkani baye bazishiya ezo zimo zengqondo zokuzingca. Nangona amaKristu amaninzi ayekhe aziphatha kakubi, kodwa ngoku ajonga isini nomtshato njengezipho ezivela kuThixo. Ayayixabisa imilinganiselo ephakamileyo kaYehova yaye avumelana ngokupheleleyo nesibakala sokuba, abo baqhubeka beziphatha kakubi ngokwesini, abakufanelekeli ukuba ngabemi boBukumkani. (1 Kor. 6:9-11) Noko ke, ayayiqonda nento yokuba intliziyo inenkohliso. (Yer. 17:9) Ngoko ke, ayazivuyela izilumkiso ezingqalileyo eziwanceda aqhubeke eziphethe kakuhle.
ABEMI BOBUKUMKANI BAYAKUXABISA UKULUNYUKISWA
10, 11. Ziziphi izilumkiso ezifika ngexesha elifanelekileyo uBukumkani bukaThixo obuzikhuphayo, yaye uvakalelwa njani ngazo?
10 Oorhulumente babantu banokulumkisa ngokuphathelele ukutya nangamayeza. Licacile elokuba, asikuko konke ukutya namayeza angafanelekanga. Kodwa ukuba imveliso ethile iyingozi, urhulumente unokukhupha izilumkiso ukuze akhusele abemi. Xa urhulumente engayenzi loo nto, unokuba netyala lokungakhathali. Ngokufanayo, uBukumkani bukaThixo bukhupha izilumkiso ezifika ngexesha elifanelekileyo ngokuphathelele iingozi ezingqalileyo zokuziphatha nezokomoya. Ngokomzekelo, i-Intanethi iyanceda kwezonxibelelwano, kwimfundo nasekuzonwabiseni. Intlangano kaThixo iyayisebenzisa i-Intanethi yaye iphumeza lukhulu ngayo. Noko ke, iiwebhsayithi ezininzi zeIntanethi ziyingozi ekuziphatheni nangokomoya. Ngokucacileyo iiwebhsayithi ezibonisa iphonografi ziyingozi kwimpilo yokomoya yabemi boBukumkani. Sele kungamashumi eminyaka, udidi lwekhoboka elithembekileyo lisilumkisa ngezi webhsayithi. Sizibulela ngokungazenzisiyo ezi zilumkiso zikhusela impilo yethu yokomoya!
11 Kutshanje, kukho olunye uhlobo lweewebhsayithi olusele luxhaphakile—luyanceda xa lusetyenziswa kakuhle. Kodwa ezi webhsayithi zokuncokola, zinokuba yingozi. Zinokwenza umntu anxulumane nabantu abangafanelekanga. (1 Kor. 15:33) Yiloo nto intlangano kaThixo iye yadlulisela izilumkiso ezisengqiqweni ngokuphathelele ukusetyenziswa kwezo webhsayithi. Ngaba ukhe wazifunda zonke iimpapasho zakutshanje zekhoboka elithembekileyo ezithetha ngokusetyenziswa kweewebhsayithi zokuncokola? Khawucinge nje ngendlela ebekuya kuba bubudenge ngayo ukuya kwezi webhsayithi ungakhange uzifunde ezi mpapasho zekhoboka!a Loo nto ibiya kufana nokusela iyeza ungazifundanga izilumkiso ezikulo ngaphandle.
12. Kutheni ibubudenge ukungazisi so izilumkiso?
12 Abo bangazisi so izilumkiso ezikhutshwa likhoboka elithembekileyo, bayazenzakalisa baze benzakalise nabo babathandayo. Abanye baye bangamakhoboka okubukela iphonografi okanye baziphatha kakubi baza bazikhohlisa ngokucinga ukuba uYehova akababoni. Bubudenge bentwala ukucinga ukuba uYehova singamfihlela indlela esiziphethe ngayo! (IMize. 15:3; funda amaHebhere 4:13.) UThixo ufuna ukubanceda abantu abanjalo yaye ukhumbuza abameli bakhe abasemhlabeni ukuba bazame ukubanceda. (Gal. 6:1) Noko ke, kanye njengoko oorhulumente babantu benokohlutha ilungelo lokuba ngabemi kwabantu abenza izinto ezithile, noYehova uya kulohlutha ilungelo lokuba ngabemi kwabo bayaphula ngabom imilinganiselo yakhe.b (1 Kor. 5:11-13) Sekunjalo, unenceba. Abo baguqukayo banokuphinda babe nolwalamano oluhle noYehova baze bahlale bengabemi boBukumkani. (2 Kor. 2:5-8) Kulilungelo elimangalisayo ukukhonza uKumkani osithandayo!
ABEMI BOBUKUMKANI BAYAYIXABISA IMFUNDO
13. Abemi boBukumkani babonisa njani ukuba bayayixabisa imfundo?
13 Oorhulumente babantu abaninzi bazama ngamandla ukufundisa abemi babo. Bakha izikolo ukuze kufundiswe abantu ukusebenza. Abemi boBukumkani bayazixabisa ezi zikolo kuba zibafundisa ukulesa, ukubhala nokukwazi ukusebenza. Bayixabisa nangakumbi imfundo abayifundiswa buBukumkani bukaThixo. UYehova ufundisa ngebandla lamaKristu. Abazali bakhuthazwa ukuba bafundele abantwana babo. Nyanga nganye, ikhoboka elithembekileyo lipapasha amaphepha aliqela eMboniselo noVukani! asekelwe eBhayibhileni. Ukuba ufunda amaphepha ambalwa suku ngalunye enyangeni, uya kuba uhambisana nalo mthombo ubalulekileyo wemfundo yoBukumkani.
14. (a) Yiyiphi imfundo esiyifumanayo? (b) Ngawaphi amacebiso engokuhlwa yoNqulo Lwentsapho oye wakuvuyela ukuwasebenzisa?
14 Veki nganye, abemi boBukumkani bayafundiswa kwiintlanganiso zebandla. Ngokomzekelo, ngaphezu kweminyaka engamashumi amathandathu, abantu baye bancedwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ukuba bakwazi ukufundisa ngeLizwi likaThixo. Ngaba ubhalisile kwesi sikolo? Kutshanje ikhoboka elithembekileyo likhuthaza ngokukhethekileyo ukuba veki nganye kubekho ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Eli lungiselelo, liyazomeleza iintsapho. Ngaba ukhe wawasebenzisa amacebiso akuncwadi lwethu?c
15. Liliphi elinye lamalungelo abalaseleyo esinalo?
15 Abemi boorhulumente babantu badla ngokugayela inkxaso iqela elithile lezopolitiko, bade bangene indlu ngendlu. Ngomlinganiselo omkhulu, abemi boBukumkani baxhasa uBukumkani bukaThixo ngokuthetha nabantu abasezitratweni nakwizindlu ngezindlu. Phofu ke, njengokuba bekusele kutshiwo kwinqaku elidluleyo, sithethanje iMboniselo evakalisa uBukumkani bukaYehova, ilelona phephancwadi lakha lasasazwa ehlabathini! Elinye lawona malungelo abalaseleyo esinawo kukuxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo. Ngaba ushumayela ngokuzimisela?—Mat. 28:19, 20.
16. Unokubonisa njani ukuba uyakufanelekela ukuba ngummi woBukumkani bukaThixo?
16 Kungekudala, kuza kulawula uBukumkani bukaThixo kuphela emhlabeni. Abuzi kuvelela nje iinkalo zokomoya kuphela, kodwa buya kuvelela zonke izinto ezichaphazela abantu. Ngaba uya kuba ngummi ofanelekileyo woBukumkani bukaThixo ngelo xesha? Ngoku lixesha lokubonisa oko. Zonke izigqibo ozenzayo suku ngalunye, zenzele uzuko lukaYehova uze ubonise ukuba uyakufanelekela ukuba ngummi woBukumkani bukaThixo.—1 Kor. 10:31.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, sicela ufunde uVukani! kaJulayi 2011, iphepha 24-27; ka-Agasti 2011, iphepha 10-13; nokaFebruwari 2012, iphepha 3-9.
b Sicela ufunde iMboniselo kaMatshi 15, 2012, iphepha 30-31.
c Sicela ufunde iMboniselo, ka-Agasti 15, 2011, iphepha 6-7 noBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2011, iphepha 3-6.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]
Ngaba uyazithobela izilumkiso ezisekelwe eBhayibhileni ngeIntanethi?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Njengoonyana bakaKora, ngaba uyaluthanda unqulo olunyulu nembali yalo?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ingokuhlwa Yonqulo Lwentsapho inokunceda wena nentsapho yakho nibe ngabemi abafanelekileyo boBukumkani