“Ubungqina Kuzo Zonke Iintlanga”
“Niya kuba ngamangqina am . . . nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZENZO 1:8.
1. Kwakunini yaye bephi abafundi ukuqala kwabo ukuva ngesiprofeto esikuMateyu 24:14?
AMAZWI kaYesu akuMateyu 24:14 aqheleke kangangokuba abaninzi bawacula ngentloko. Sichukumisa ngokwenene esi siprofeto! Cinga nje ngoko kumele ukuba kwatshiwo ngabafundi xa babeqala ukusiva. Kwakungowama-33 C.E., phantse sebeneminyaka emithathu abafundi benoYesu, ibe ngoku babeze naye eYerusalem. Babesele beyibonile imimangaliso yakhe baziva neemfundiso zakhe. Nakuba babevuyiswa yinyaniso exabisekileyo abayifundiswa nguYesu, babesazi mhlophe ukuba ayithandwa ngabo bonke abantu. UYesu wayeneentshaba ezinamandla nempembelelo.
2. Ziziphi iingozi neengxaki ababeza kujamelana nazo abafundi?
2 KwiNtaba yemiNquma, abafundi abane babehleli noYesu bephulaphule ngenyameko njengoko wayebachazela ngeengozi neengxaki ababeza kujamelana nazo. Ngaphambilana, wabaxelela ukuba wayeza kubulawa. (Mateyu 16:21) Ngoku wenza kwacaca ukuba nabo babeza kuchaswa ngokukrakra. Wathi: “Baya kwandula ke abantu baninikele ekubandezelweni, banibulale, nithiywe ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.” Kwakungayi kuphelela apho. Abaprofeti bobuxoki babeza kulahlekisa abaninzi. Abanye babeza kukhutyekiswa, yaye bangcatshane baze bathiyane. Ukanti abanye, ‘abaninzi’ babeza kuphola ekuthandeni uThixo neLizwi lakhe.—Mateyu 24:9-12.
3. Kutheni emangalisa kangaka nje amazwi kaYesu akuMateyu 24:14?
3 Kwakusemva kokuba echaze ezi meko zidimazayo apho wathetha la mazwi asenokuba ashiya abafundi bethe khamnqa. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Eneneni, umsebenzi owaqaliswa nguYesu kwaSirayeli—‘wokungqinela inyaniso’—wawuza kuqhubeka usanda ehlabathini lonke. (Yohane 18:37) Simangalisa ngokwenene esi siprofeto! Ukushumayela badlulele kuzo “zonke iintlanga” kwakuza kuba lucelomngeni; ukutyhalela phambili ngoxa ‘bethiywe ziintlanga zonke’ kwakuya kuba yinto emangalisayo. Ukuphunyezwa kwalo msebenzi ungaka kwakungayi kuzukisa nje ulongamo lukaYehova namandla akhe, kodwa kwakuza kubalaselisa nothando analo, inceba nomonde wakhe. Ukongezelela, oko kwakuza kunika abakhonzi bakhe ithuba lokubonisa ukholo nokuzinikela kwabo kuye.
4. Ngoobani abanikwa umsebenzi wokunikela ubungqina, ibe bathuthuzelwa njani nguYesu?
4 UYesu wabashiya abafundi bakhe besazi mhlophe ukuba banomsebenzi obalulekileyo abamele bawenze. Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu wabonakala kubo waza wathi: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Kakade ke, babeza kuthelelwa ngabanye kungekudala. Kodwa abafundi babesembalwa gqitha. Kumele ukuba kwabathuthuzela gqitha ukwazi ukuba umoya oyingcwele onamandla kaThixo wawuza kubomeleza ukuze bafeze eso sabelo sikaThixo!
5. Yintoni ababengayazi abafundi ngokuphathelele umsebenzi wokunikela ubungqina?
5 Abafundi babesazi ukuba kufuneka bashumayele iindaba ezilungileyo baze ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mateyu 28:19, 20) Kodwa babengazi ukuba bungakanani ubungqina ekufuneka bunikelwe, bengazi nokuba isiphelo sasiza kufika nini na. Nathi asazi, nguYehova kuphela onokugqiba ngezo zinto. (Mateyu 24:36) Uya kuthi ke uYehova akwanela yindlela obunikelwe ngayo ubungqina, ayiphelise le nkqubo yezinto ingendawo. Kungelo xesha ke apho amaKristu aya kuqonda khona ukuba umsebenzi wokushumayela ufeziwe ngokwenjongo kaYehova. Abafundi bokuqala babengenakuyicingela tu indlela obukhulu ngayo ubungqina obabuza kunikelwa kweli xesha lesiphelo.
Ubungqina Ngenkulungwane Yokuqala
6. Kwenzeka ntoni ngePentekoste yowama-33 C.E. nasemva kwayo?
6 Ngenkulungwane yokuqala, ukushunyayelwa koBukumkani nokwenza abafundi kwaba nemiphumo emangalisayo. NgePentekoste yowama-33 C.E., babemalunga ne-120 abafundi ababekwigumbi eliphezulu eYerusalem. Umoya oyingcwele kaThixo wathululelwa phezu kwabo, waza umpostile uPetros wanikela udlwabevu lwentetho ecacisa intsingiselo yaloo mmangaliso, ibe baba malunga nama-3 000 ababa ngamakholwa baza babhaptizwa. Eso yayisisiqalo nje. Phezu kwayo nje imigudu yeenkokeli zonqulo ezazizama ukuthintela ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, “uYehova waqhubeka ehlomela [kubafundi] mihla le abo basindiswayo.” Kungekudala “inani lamadoda laba malunga namawaka amahlanu.” Emva koko, “amakholwa eNkosini ongezeleleka, inkitha yamadoda neyabafazi.”—IZenzo 2:1-4, 8, 14, 41, 47; 4:4; 5:14.
7. Kwakutheni ukuze iphawuleke nje into yokuguqulwa kukaKorneli?
7 Ngowama-36 C.E. kwenzeka isiganeko esiphawulekayo—ukuguquka nokubhaptizwa kukaKorneli, umntu weeNtlanga. Xa wayesalathisela umpostile uPetros kule ndoda ihlonela uThixo, uYehova wabonisa ukuba umyalelo kaYesu ‘wokwenza abafundi abantu beentlanga zonke’ wawungapheleliselwanga kumaYuda akumazwe ahlukahlukeneyo. (IZenzo 10:44, 45) Basabela njani abo babesongamela lo msebenzi? Bathi abapostile namadoda amakhulu awayekwelo lakwaYuda bakuqonda ukuba iindaba ezilungileyo zimele zishunyayelwe nakubantu beentlanga—abantu abangengomaYuda—bamzukisa uThixo. (IZenzo 11:1, 18) Kwangaxeshanye umsebenzi wokushumayela wawutyhalela phambili uthwala iziqhamo phakathi kwamaYuda. Kwiminyaka ethile kamva, mhlawumbi malunga nowama-58 C.E., ukongezelela kumakholwa abantu beeNtlanga kwabakho ‘amawaka amaninzi amakholwa phakathi kwamaYuda.’—IZenzo 21:20.
8. Iindaba ezilungileyo zibuchaphazela njani ubomi babantu?
8 Nakuba zichukumisa iingxelo zamanani abantu abongezelelwayo kumaKristu enkulungwane yokuqala, asimele sibalibale abantu ekuthethwa ngabo. Sasinamandla gqitha isigidimi seBhayibhile abasivayo. (Hebhere 4:12) Sasibuguqula ngokuphawulekayo ubomi babo basamkelayo. Abo bantu babephucula ubomi babo, bambathe ubuntu obutsha baze babe seluxolweni noThixo. (Efese 4:22, 23) Kusenjalo nanamhlanje, kuba bonke abamkela iindaba ezilungileyo baba nethemba lokuphila ngonaphakade.—Yohane 3:16.
Abasebenzi Abangamadlelane KaThixo
9. Liliphi ilungelo nembopheleleko awaye aqonda ukuba analo amaKristu enkulungwane yokuqala?
9 AmaKristu enkulungwane yokuqala akazange azizukise ngempumelelo yawo kulo msebenzi. Ayeqonda ukuba ubulungiseleli bawo buxhaswa ‘ngamandla omoya oyingcwele.’ (Roma 15:13, 19) NguYehova owabangela olo lwando lokomoya. Kwangaxeshanye, loo maKristu ayeqonda ukuba anelungelo nembopheleleko yokuba ‘ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo.’ (1 Korinte 3:6-9) Ngokuvisisana nesibongozo sikaYesu, azibhokoxa kumsebenzi wawo.—Luka 13:24.
10. Yiyiphi imigudu eyenziwa ngamanye amaKristu enkulungwane yokuqala ukuze anikele ubungqina kuzo zonke iintlanga?
10 ‘Njengompostile weentlanga,’ uPawulos watyhutyha amawaka eekhilomitha elwandle nakumhlaba owomileyo, emisela amabandla amaninzi kwiphondo laseRoma iAsiya naseGrisi. (Roma 11:13) Wakhenketha waya kutsho eRoma mhlawumbi naseSpeyin. Kwangaxeshanye, umpostile uPetros owayemele avakalise “iindaba ezilungileyo . . . kwabo balukileyo,” wasinga kwelinye icala waya eBhabhiloni, eyona ndawo yayinamaYuda amaninzi ngelo xesha. (Galati 2:7-9; 1 Petros 5:13) Abanye abaye bazibhokoxa kulo msebenzi weNkosi ngamabhinqa afana noTrifena noTrifosa. Elinye ibhinqa, elinguPersi kuthiwa ‘lasebenza kakhulu eNkosini.’—Roma 16:12.
11. UYehova wayisikelela njani imigudu yabafundi?
11 UYehova wayisikelela gqitha imigudu yala maKristu neyabanye abasebenzi ababenenzondelelo. Ngaphantsi nje kweminyaka engama-30 uYesu echazile ukuba kwakuza kunikelwa ubungqina kuzo zonke iintlanga, uPawulos wathi “iindaba ezilungileyo” zazisele ‘zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kolose 1:23) Ngaba safika ke isiphelo? Singatsho sithi safika ngandlel’ ithile. Safikela inkqubo yezinto yamaYuda ngowama-70 C.E. xa imikhosi yamaRoma yatshabalalisa iYerusalem netempile yayo. Noko ke, uYehova wayefuna kunikelwe ubungqina obungakumbi ngaphambi kokuba aphelise lonke eli hlabathi likaSathana lingendawo.
Ubungqina Obunikelwa Namhlanje
12. ABafundi beBhayibhile bokuqala babewuqonda njani umyalelo wokushumayela iindaba ezilungileyo?
12 Ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19, emva kwexesha elide uwexuko lugqugqisa elunqulweni, kwaphinda kwasekwa unqulo olunyulu. ABafundi beBhayibhile, igama awayebizwa ngalo amaNgqina kaYehova ngoko, bawuqonda kakuhle umyalelo wokwenza abafundi emhlabeni wonke. (Mateyu 28:19, 20) Ngowe-1914, babemalunga nama-5 100 abantu ababeshumayela, ibe iindaba ezilungileyo zazishunyayelwa kumazwe angama-68. Noko ke, aBafundi beBhayibhile bokuqala babengayiqondi kakuhle intsingiselo kaMateyu 24:14. Ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19, iBhayibhile eyona ncwadi ineendaba ezilungileyo, okanye ivangeli yayisele iguqulelwe yaza yashicilelwa ngeelwimi ezininzi futhi isasazwe ehlabathini lonke yimibutho yeBhayibhile. Ngenxa yoko, kangangamashumi eminyaka, aBafundi beBhayibhile babecinga ukuba ubungqina sele bunikelwe kuzo zonke iintlanga.
13, 14. Kukuphi ukuqondwa kokuthanda kukaThixo nenjongo yakhe okwapapashwa kwinkupho yeMboniselo yowe-1928?
13 Ngokuthe ngcembe, uYehova wanceda abantu bakhe bakuqonda kakuhle ukuthanda kwakhe nenjongo yakhe. (IMizekeliso 4:18) IMboniselo kaDisemba 1, 1928 yathi: “Ngaba sinokutsho ukuba ukusasazwa kweBhayibhile kuwufezile umsebenzi wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zobukumkani owaxelwa kwangaphambili? Akunjalo kwaphela! Phezu kwako nje oku kusasazwa kweBhayibhile kusekho imfuneko yokuba eli qela lincinane lamangqina kaThixo lishicilele uncwadi ukuze licacise [injongo] kaThixo yaye lityelele imizi yabantu apho zikhoyo ezi Bhayibhile. Ngapha koko abantu baya kusala bengazi nto ngokumiselwa korhulumente kaMesiya kulo mhla wethu.”
14 Loo nkupho yeMboniselo yahlabela mgama yathi: “Ngowe-1920, . . . aBafundi beBhayibhile baye basiqonda kakuhle isiprofeto seNkosi esikuMateyu 24:14. Baye baqonda ukuba ‘le vangeli,’ eyayimele ishunyayelwe kulo lonke ihlabathi kuze kube bubungqina kuzo zonke iiNtlanga okanye izizwe, yayingeyovangeli yobukumkani obabuseza kufika kodwa yayivakalisa ukuba uKumkani onguMesiya sele eqalile ukulawula phezu komhlaba.”
15. Uye wanda kangakanani umsebenzi wokunikela ubungqina ukususela kwiminyaka ye-1920?
15 Kweye-1920, elo “qaqobana lamangqina” landa. Kumashumi eminyaka emva koko, saqondwa kakuhle “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ kwaza kwaqaliswa ukusihlanganisa. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Namhlanje, kukho abavakalisi beendaba ezilungileyo abamalunga nezi-6 613 829 kumazwe angama-235 emhlabeni wonke. Ngokwenene esi siprofeto siye sazaliseka ngendlela emangalisayo! Embalini, zange nanini na “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” zishunyayelwe ngomkhamo omkhulu kangaka. Zange khe babebaninzi kangaka abakhonzi abathembekileyo bakaYehova emhlabeni.
16. Yintoni eye yaphunyezwa kunyaka wenkonzo odluleyo? (Bona isicangca esikwiphepha 27-30.)
16 Ngamxhelomnye, esi sihlwele sikhulu samaNgqina besixakekile kulo nyaka wenkonzo wama-2005. Zingaphezu kwewaka lezigidi iiyure eziye zachithwa kuvakaliswa iindaba ezilungileyo kumazwe angama-235. Kuye kwabuyelwa kwizigidi zabantu kwaza kwaqhutywa izigidi zezifundo zeBhayibhile. Lo msebenzi wenziwe ngamaNgqina kaYehova, aye ngokuzithandela ancama ixesha nobuncwane bawo ukuze abelane nabanye ngeLizwi likaThixo. (Mateyu 10:8) Ngomoya oyingcwele wakhe onamandla, uYehova uyaqhubeka esomeleza abakhonzi bakhe ukuze bafeze ukuthanda kwakhe.—Zekariya 4:6.
Ukuzibhokoxa Ukuze Unikele Ubungqina
17. Basabela njani abantu bakaYehova kumazwi kaYesu okushumayela iindaba ezilungileyo?
17 Nakuba sekudlule phantse iminyaka engama-2 000 uYesu watshoyo ukuba iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa, ayikapheli inzondelelo yabantu bakaThixo ekwenzeni oko. Siyazi ukuba ngokunyamezela kwethu ekwenzeni okuhle, sibonisa iimpawu zikaYehova zothando, inceba nomonde. Njengaye, asinqweneli ukuba kutshabalale namnye kodwa singa bonke abantu bangaguquka baze baxolelaniswe noYehova. (2 Korinte 5:18-20; 2 Petros 3:9) Evutha ngumoya kaThixo, ngenzondelelo amaNgqina kaYehova atyhalela phambili nokuvakalisa iindaba ezilungileyo kuse eziphelweni zomhlaba. (Roma 12:11) Ngenxa yoko, kuzo zonke iindawo abantu beva inyaniso baze bazithobe kulwalathiso lothando lukaYehova. Khawuqwalasele imizekelo nje embalwa.
18, 19. Ngawaphi amava onokuwabalisa ngabantu abaye basabela kwiindaba ezilungileyo?
18 UCharles wayengumfama kwintshona yeKenya. Ngowe-1998 wathengisa icuba elingaphezu kweekhilogram ezingama-8 000 waza wawongwa ngesatifiketi esasimchaza njengoYena Mfama Wecuba Ugqwesileyo. Waqalisa ukufunda iBhayibhile kanye ngelo xesha. Kungekudala waqonda ukuba umntu ofak’ isandla ekuvelisweni kwecuba waphula umyalelo kaYesu wokuthanda ummelwane. (Mateyu 22:39) Wathi akugqiba kwelokuba eyona nto ayiyo ‘oyena mfama wecuba ugqwesileyo,’ kukuba ‘ungoyena mbulali ugqwesileyo,’ uCharles watshabalalisa ezo zityalo zakhe zecuba ngetyhefu. Wenza inkqubela wazahlulela waza wabhaptizwa, ibe ngoku unguvulindlela othe ngxi nesicaka solungiselelo.
19 Kucacile ukuba uYehova unyikimisa iintlanga ngobungqina obunikelwa emhlabeni wonke, yaye izinto ezinqwenelekayo—abantu—ziyangena. (Hagayi 2:7) UPedro, wasePortugal waya kwisikolo sabefundisi eneminyaka eli-13 ubudala. Wayefuna ukuba ngumvangeli wasemazweni ukuze afundise abanye iBhayibhile. Kodwa akuzange kube kudala wabeka phantsi apho kuba iBhayibhile yayingafane isetyenziswe. Kwiminyaka emithandathu kamva wayesele efunda inzululwazi ngengqondo kwiyunivesithi yaseLisbon. Wayehlala noninakazi, owayeliNgqina likaYehova nowamkhuthaza ukuba afundisise iBhayibhile. Ngelo xesha, uPedro wayengaqinisekanga ngobukho bukaThixo, engazi nokuba umele ayifunde kusini na iBhayibhile. Waxubusha nonjingalwazi wakhe ngoko kungakwazi kwakhe ukwenza isigqibo. Lo njingalwazi wamxelela ukuba inzululwazi ngengqondo ifundisa ukuba abantu abangakwazi kwenza zigqibo badla ngokuphalala. Wathi akuva oko wagqiba ekubeni afunde iBhayibhile. Uye wabhaptizwa kutshanje ibe naye ngoku uqhubela abantu izifundo zeBhayibhile.
20. Kutheni simele sivuyiswe nje yinto yokuba kunikelwa ubungqina kubantu beentlanga ngomkhamo omkhulu kangaka?
20 Nangoku asikazi ukuba bungakanani ubungqina obuseza kunikelwa kwiintlanga, singawazi nomhla neyure esiya kufika ngayo isiphelo. Sazi nje ukuba siza kufika kungekudala. Siyavuya kuba ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ngomkhamo omkhulu kangaka ngomnye wemiqondiso ebonisa ukuba sele kumbovu ukuba uBukumkani bukaThixo buthabathel’ indawo aba rhulumente babantu. (Daniyeli 2:44) Minyaka le, izigidi zabantu zinikwa ithuba lokwamkela iindaba ezilungileyo, ibe oku kuyamzukisa uThixo wethu, uYehova. Ngamana singazimisela ukuhlala nithembekile size thina nabazalwana bethu emhlabeni wonke sihlale sixakekile kulo msebenzi wokunikela ubungqina kuzo zonke iintlanga. Ngokwenza oko, siya kusindisa thina nabo basiphulaphulayo.—1 Timoti 4:16.
Uyakhumbula Na?
• Kutheni sibalasele kangaka nje isiprofeto esikuMateyu 24:14?
• Yiyiphi imigudu eyenziwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala ukuze ashumayele, ibe kwaba nayiphi imiphumo oko?
• ABafundi beBhayibhile bayiqonda njani imfuneko yokunikela ubungqina kuzo zonke iintlanga?
• Yintoni ekuchukumisayo xa uqwalasela umsebenzi wabantu bakaYehova wonyaka wenkonzo ophelileyo?
[Isicangca esikwiphepha 27-30]
INGXELO YONYAKA WENKONZO WAMA-2005 YAMANGQINA KAYEHOVA EHLABATHINI LONKE
(Bona imiqulu)
[Imaphu/Imifanekiso ekwiphepha 25]
UPawulos watyhutyha amawaka eekhilomitha kumhlaba owomileyo naselwandle ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UYehova walathisa uPetros ukuba aye kushumayela kuKorneli nentsapho yakhe