IZenzo Zabapostile
21 Emva kokuba side sakwazi ukubashiya nangona kwakunzima, saya ngqo eKosi, ngemini elandelayo saya eRodo, ukusuka apho saya ePatara. 2 Xa safumana isikhephe esiya eFenike, sakhwela semka. 3 Sathi gqi ngesiqithi saseSipro, saza sasishiya ngasemva kwicala lasekhohlo, saqhubeka sisiya eSiriya, saya kufika eTire, apho isikhephe sasiza kuwothula khona umthwalo waso. 4 Sabakhangela sabafumana abafundi saza sahlala apho iintsuku ezisixhenxe. Kodwa bamxelela kaninzi uPawulos ukuba angalubeki unyawo eYerusalem ngenxa yento ababeyixelelwe ngumoya oyingcwele.+ 5 Lathi lakuphela ixesha lethu, sahamba, kodwa bonke abafundi, bekunye nabafazi nabantwana, basikhapha de saphuma esixekweni. Saguqa phantsi ngaselwandle, sathandaza 6 saza sacela indlela. Sakhwela isikhephe, baza bona bagoduka.
7 Semka eTire sayokufika eTolemayi, sabulisa abazalwana saza sahlala nabo usuku olunye. 8 Ngosuku olulandelayo saya eKesareya, safikela endlini kaFilipu umshumayeli, owayengomnye wamadoda asixhenxe awayekhethiwe,+ sahlala kwakhe. 9 Le ndoda yayineentombi ezine ezingatshatanga* nezaziprofeta.+ 10 Kodwa emva kokuba sihleli iintsuku eziliqela apho, kwafika umprofeti ogama linguAgabho+ evela kwelakwaYuda. 11 Weza kuthi, wathatha ibhanti likaPawulos, wazibopha ngalo ezinyaweni nasezandleni waza wathi: “Umoya oyingcwele uthi, ‘Indoda engumnikazi weli bhanti iza kubotshwa ngolu hlobo ngamaYuda eYerusalem+ yaye aza kuyinikela kubantu beentlanga.’”+ 12 Sathi sakuyiva loo nto, thina nabanye ababelapho samcenga ukuba angenyuki aye eYerusalem. 13 UPawulos wathi: “Kutheni nilila, nizama ukundityhafisa kwisigqibo sam? Kufuneka niyazi into yokuba andilungelanga ukubanjwa kuphela eYerusalem, kodwa ndilungele nokulifela igama leNkosi uYesu.”+ 14 Xa sabona ukuba akajiki, sayeka ukumnqanda* saza sathi: “Mayenzeke intando kaYehova.”*
15 Emva kwezo ntsuku salungiselela ukuhamba saza saya eYerusalem. 16 Abanye abafundi baseKesareya bahamba nathi, basisa kuMnason waseSipro, omnye wabafundi bokuqala esasiza kufikela kwakhe. 17 Ukufika kwethu eYerusalem, abazalwana bakuvuyela ukusibona. 18 Kodwa ngemini elandelayo uPawulos waya nathi kuYakobi,+ safika bekhona bonke abadala. 19 Wababulisa waza wabachazela zonke izinto uThixo azenzileyo kubantu beentlanga, esebenzisa yena kumsebenzi wakhe wokushumayela.
20 Emva kokuba bemvile, bamzukisa uThixo, kodwa bathi kuye: “Uyabona mzalwana, kukho amawakawaka amakholwa angamaYuda, ibe onke awukhuthalele uMthetho.+ 21 Kodwa eve kusithiwa wena ufundisa onke amaYuda asezintlangeni ukuba angawuthobeli umthetho kaMoses,* uwaxelela ukuba angabalusi abantwana bawo nokuba angawalandeli amasiko.+ 22 Iza kuthiwani ke ngoku le nto? Nakanjani aza kuva ukuba ufikile. 23 Ngoko yenza le nto: Sinamadoda amane aye enza isifungo. 24 Hamba nawo, nizicoce, uwabhatalele neendleko zawo, ukuze achetywe iintloko. Wonke umntu uza kutsho azi ukuba bubuxoki into ayivileyo ngawe, nokuba wena wenza izinto kakuhle yaye uyawuthobela uMthetho.+ 25 Wona amakholwa asezintlangeni, siwabhalele ileta siwachazela isigqibo sethu sokuba afanele aziphephe izinto ezibingelelwe kwizithixo,+ igazi,+ izinto ezikrwitshiweyo,*+ aphephe nokuziphatha kakubi ngesondo.”*+
26 Ngosuku olulandelayo uPawulos wahamba naloo madoda, bazicoca bonke,+ waza wangena etempileni, eyokuchaza ukuba ziza kuphela nini iintsuku zokuzicoca kwabo, ukuze kwenziwe umnikelo womntu ngamnye.
27 Xa zaziseza kuphela iintsuku ezisixhenxe, amaYuda avela eAsiya ambona etempileni, antyontyela abantu, aza ambamba, 28 ekhwaza esithi: “Madoda akwaSirayeli, khanisincediseni! Nantsi le ndoda ifundisa bonke abantu kuyo yonke indawo ukuba badelele abantu bethu, uMthetho wethu nale ndawo. Ide yazisa namaGrike etempileni yaza yangcolisa le ndawo ingcwele.”+ 29 Kaloku babeye bambona apho esixekweni ehamba noTrofimo+ wase-Efese, baza bacinga ukuba uPawulos wayemzise etempileni. 30 Kwabakho isiphithiphithi esixekweni, yaye abantu beza bebaleka, bambamba uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwetempile, zaza zavalwa ngoko nangoko iingcango. 31 Bathi besazama ukumbulala, umphathi weqela lomkhosi waxelelwa ukuba kukho isiphithiphithi eYerusalem. 32 Ngoko nangoko wahamba namajoni namagosa omkhosi babaleka baya apho. Bathi abantu bakumbona umphathi-mkhosi namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos.
33 Umphathi-mkhosi wasondela waza wathi makabanjwe, abotshwe ngamatsheyini amabini.+ Emva koko wafuna ukuqonda ukuba ungubani nokuba wenze ntoni. 34 Abanye abantu babekhwaza bethetha le, abanye bethetha leya. Ngoko, ekubeni wayengeva ukuba kuthiwani ngenxa yeso siphithiphithi, wathi makaziswe kwindawo ehlala amajoni. 35 Kodwa ukufika kwakhe ezitepsini, kwafuneka athwalwe ngamajoni kuba abantu babefuna ukumenzakalisa. 36 Kaloku kwakukho iqela elikhulu labantu elalilandela, lisithi: “Makabulawe!”
37 Njengoko wayesisiwa kwindawo ehlala amajoni, uPawulos wathi kumphathi-mkhosi: “Ndicela ukuthetha nawe.” Wathi: “Kanti uyasazi isiGrike? 38 Ayinguwe na laa mYiputa owadala uqhushululu wakhokela amadoda ayi-4 000 axhobileyo* uwasa entlango?” 39 UPawulos wathi: “NdingumYuda+ waseTarso+ eKilikiya, ndisuka kwisixeko esaziwayo. Ngoko ndiyakucela, ndivumele ndithethe naba bantu.” 40 Emva kokuba emvumele, uPawulos wema ezitepsini waza waphakamisa isandla sakhe ukuze athulise abantu. Bathi bakuthi cwaka, wathetha nabo ngesiHebhere,+ esithi: