Ukumanyana Eluthandweni—Ingxelo Yentlanganiso Yonyaka
KWAKUYIMINCILI yodwa kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova ekwisiXeko saseJersey, eNew Jersey, eUnited States. Ngo-Oktobha 3, 2009, kwakuhlanganisene abantu abangaphezu kwama-5 000 kwintlanganiso yonyaka ye-125 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Abanye abangamawakawaka abakwizakhiwo zaseBheteli ezithathu eziseUnited States nabakwiBheteli yaseKhanada babebukele olu cwangciso koomabonwakude. Xa bebonke aba bantu bathanda uYehova ababephulaphule le ntlanganiso eyathabatha iiyure ezintathu, babeli-13 235.
Usihlalo wale ntlanganiso yayinguGeoffrey Jackson, olilungu leQumrhu Elilawulayo. Waqalisa olu cwangciso ngokubiza ikwayari yamalungu aseBheteli eyayicula iingoma ezithatyathwe kwiculo lethu elitsha. Le kwayari yayibhexeshwa nguDavid Splane, olilungu leQumrhu Elilawulayo, owaqala ngokuthi gqaba-gqaba ngendlela umculo obaluleke ngayo kunqulo olunyulu. Kule ntlanganiso, abaphulaphuli bacelwa ukuba bacule iingoma ezintathu ezintsha; kwaqala kwacula ikwayari yodwa, emva koko kwangenelela bonke ababekho apho. Le ndlela yokucula yayilungiselelwe le ntlanganiso ikhethekileyo kuphela; akuthethi kuthi kumele kuculwe ngolu hlobo emabandleni, kwiindibano zesiphaluka okanye zesithili.
Iingxelo Ezivela Kwamanye Amasebe
Amalungu atyeleleyo eeKomiti zamaSebe anikela iingxelo ezivela kumasebe amahlanu. UKenneth Little wathi, kungekudala isebe laseKhanada liza kuqalisa ukwenzela iUnited States neKhanada umsebenzi wokushicilela amaphephancwadi nto leyo eza kubangela ukuba umsebenzi wokushicilela obusenziwa apho uphindaphindwe kalishumi. Ukuze lo msebenzi wenziwe ngokuphumelelayo, umatshini wokushicilela osandul’ukufika uya kuduma imini yonke, iiyure ezili-16 ngosuku.
UReiner Thompson wanikela ingxelo ngomsebenzi woBukumkani owenziwa kwiDominican Republic yaye uAlbert Olih wathetha ngomsebenzi owenziwa eNigeria. UEmile Kritzinger ovela eMozambique wachaza ukuba emva kokugquba kwentshutshiso kangangeminyaka engamashumi kwelo, ngowe-1992 amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni. Kuwo omathathu la mazwe, inani labavakalisi liye lantinga kakhulu. UViv Mouritz ovela kwisebe laseOstreliya wanikela ingxelo ngenkqubela yomsebenzi e-East Timor, enyanyekelwa ngabazalwana baseOstreliya.
IiKomiti ZeQumrhu Elilawulayo
Ngowe-1976, wonke umsebenzi wamaNgqina kaYehova waqalisa ukonganyelwa ziikomiti ezintandathu zeQumrhu Elilawulayo. Kamva, kwanyulwa amalungu odidi lwezinye izimvu ukuze ancedise. Angama-23 amalungu ancedisa kulo msebenzi. Kwadliwan’ iindlebe nabathandathu bala malungu. Iyonke iminyaka ayichithe kwinkonzo yexesha elizeleyo ingama-341—ngokomlinganiselo, ngamnye uchithe iminyaka engama-57.
UDon Adams, owafika ngowe-1943 eBheteli, wachaza ukuba iKomiti yabaNxibelelanisi ibunjwa ngabanxibelelanisi beekomiti ezintlanu yaye umsebenzi wayo kukuqinisekisa ukuba zontlanu ezi komiti zisebenzisana kakuhle. Le komiti inyamekela iimeko zongxamiseko, intshutshiso, amatyala enkundla, iintlekele nezinye izinto ezichaphazela amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke.
UDan Molchan wachaza umsebenzi owenziwa yiKomiti Yabasebenzi, enyamekela impilo-ntle yokwenyama neyokomoya yamalungu asehlabathini lonke eentsapho zaseBheteli ali-19 851. UDavid Sinclair wachaza ukuba iKomiti Yokupapasha inyamekela ukuthengwa kwezinto eziyimfuneko nezixhobo ezisetyenziswa kumasebe. Emva koko uRobert Wallen, oneminyaka emalunga nama-60 ekhonza eBheteli wachaza indlela iKomiti Yenkonzo enyamekela ngayo umsebenzi wabantu bakaYehova entsimini nasemabandleni. UWilliam Malenfant wathi gqaba-gqaba ngomsebenzi omkhulu owenziwa yiKomiti Yokufundisa xa ilungiselela ucwangciso lwendibano. Okokugqibela, uJohn Wischuk wachaza indlela iKomiti Yokubhala elungiselela ngayo inkcazelo eza kusetyenziswa kwiimpapasho zethu.a
Umxholo Wonyaka Wama-2010 Uthetha Ngothando
Iintetho ezintathu ezilandelayo zanikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo. UGerrit Lösch waqala ngalo mbuzo, “Ngaba uyafuna ukuthandwa ngabanye?” Wachaza ukuba bonke abantu bayakufuna ukuthandwa, sonke siyonwaba xa sithandwa. Kwaukuba masibe siyaphila namhlanje kungenxa yothando kuba uYehova wasidala kuba eqhutywa luthando. Isizathu esiyintloko sokuba sishumayele yaye sifundise abantu kungenxa yokuba sithanda uYehova.
Olu thando lusekelwe kwimigaqo alupheleli nje kubamelwane bethu kodwa lufikelela nakwiintshaba zethu. (Mat. 5:43-45) Abo babekho bakhuthazwa ukuba bacinge ngokukatswa kukaYesu, ukwenziwa intlekisa, ukutshicelwa nokuhlatywa kwakhe ngenxa yethu. Nakuba kunjalo, wawathandazela amajoni awambethelela esibondeni. Ngaba oku akusenzi simthande nangakumbi? Emva koko uMzalwan’ uLösch wachaza umxholo wonyaka wama-2010: Ukweyoku-1 yabaseKorinte 13:7, 8, ethi, ‘Uthando lunyamezela izinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.’ Asinathemba nje lokuphila ngonaphakade kodwa sinethemba lokuthandana ngonaphakade.
Ngaba Uyaphelelwa?
USamuel Herd waqalisa intetho yakhe ngokwenza umzekelo. Masithi umhlobo wakho uzokukulanda ngemoto, niza kuhamba uhambo oluziikhilomitha ezingama-50. Njengoko ukhwele apha ecaleni kwakhe uphawula ukuba usiba lwepetroli luku-empty. Uyamxelela umhlobo wakho ukuba ipetroli iyaphela. Umhlobo wakho uthi musa ukukhathazeka, kuba kusekho iilitha zepetroli ezimalunga nezine etankini. Noko ke, kungekudala, ipetroli iyaphela. Ngaba kububulumko ukuqhuba imoto oyibonayo ukuba iphelelwa yipetroli, usazi ukuba xa inokuphela endleleni uza kuba sengxakini? Kubhetele ukuba itanki yemoto yakho ihlale izele! Netanki yethu yokomfuziselo ifanele ihlale izele, izaliswe kukwazi uYehova.
Ngenxa yoko, sifanele singenise ulwazi rhoqo. Zine iindlela esinokukwenza ngazo oku. Okokuqala, simele senze ufundisiso lobuqu, sifunde iBhayibhile yonke imihla ukuze siyazi kakuhle. Asimele sifunde nje amagama, kodwa simele siyiqonde kakuhle into esiyifundayo. Okwesibini, simele siyisebenzise ngokunengenelo ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Ngaba sizalisa ulwazi lwethu veki nganye okanye singenisa nje intwana kwiitanki zethu? Okwesithathu, simele siye kwiintlanganiso zebandla. Okwesine, simele sibekele bucala ixesha lokuba kwindawo engenangxolo naziphazamiso ukuze sicamngce ngeendlela zikaYehova. INdumiso 143:5 ithi: “Ndikhumbule imihla yakudala; ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho.”
‘Amalungisa Aya Kuqaqamba’
UJohn Barr wanikela intetho yesithathu neyayiyeyokugqibela, yaye wachaza umzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula. (Mat. 13:24-30, 38, 43) Lo mzekeliso ubhekisela kwixesha ‘lokuvuna’ xa kuhlanganiswa ‘oonyana bobukumkani’ kuze kushiywe ukhula oluza kutshiswa.
UMzalwan’ uBarr wakwenza kwacaca ukuba umsebenzi wokuhlanganisa awuyi kuqhubeka ngonaphakade. Wakhankanya incwadi kaMateyu 24:34 ethi: “Asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.” Wawafunda kabini la magqabaza athi: “Kubonakala ukuba uYesu wayethetha ukuthi, ngaphambi kokufa kwabathanjiswa ababephila ekuqaliseni komqondiso ngowe-1914, kwakuya kuvela abanye abathanjiswa ababeya kubona ukuqalisa kwembandezelo enkulu.” Asazi ngokuthe ngqo ukuba lide kangakanani ixesha lokuphila ‘kwesi sizukulwana,’ kodwa liquka la maqela mabini abathanjiswa. Nangona aba bathanjiswa bakula maqela mabini bengalingani ngeminyaka, kwinxalenye ethile yale mihla yokugqibela baya kube bephila ngaxeshanye. Kuyasithuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba iqela labathanjiswa abancinane ngeminyaka kunabo babephila ekuqaliseni komqondiso ngowe-1914, aliyi kuphela ngaphambi kokuba kuqalise imbandezelo enkulu!
‘Oonyana bobukumkani’ bawulindele ngolangazelelo umvuzo wabo wasezulwini kodwa sonke simele sihlale sithembekile, siqaqambe de kube sekupheleni. Lilungelo ngokwenene ukubona ukuhlanganiswa ‘kwengqolowa’ kweli xesha siphila kulo.
Emva kwengoma yokuqukumbela, uTheodore Jaracz, olilungu leQumrhu Elilawulayo wenza umthandazo wokuvala. Olu cwangciso lwentlanganiso yonyaka lwalukhuthaza ngokwenene!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo ngomsebenzi owenziwa ziikomiti ezintandathu zeQumrhu Elilawulayo, funda IMboniselo kaMeyi 15, 2008, iphepha 29.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
ISIKOLO SABADALA
Kwintlanganiso yonyaka, uAnthony Morris, olilungu leQumrhu Elilawulayo wachaza ukuba abadala bebandla baza kuqhubeka beqeqeshwa. Ekuqaleni kowama-2008, kwaqaliswa isikolo sabadala eUnited States kwiziko lokuqeqesha elisePatterson, eNew York. Kusandul’ ukuphela iklasi yama-72 yaye abadala abasele beqeqeshiwe ukuza kuthi ga ngoku bangama-6 720. Baninzi abasamele baqeqeshwe. EUnited States kuphela, kukho abadala abangaphezu kwama-86 000. Ngenxa yoko iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kuqhutywe esinye isikolo eBrooklyn, eNew York, ukususela ngoDisemba 7, 2009.
Kuye kwaqeqeshwa abaveleli abahambahambayo abane kangangeenyanga ezimbini ePatterson, ukuze babe ngabahlohli kwesi sikolo. Emva koko baye basiwa eBrooklyn ukuze baye kufundisa, kwaza kwaqeqeshwa abanye abane. Emva kokuba beqeqeshiwe baye baya kufundisa eBrooklyn, baza abaya bane bokuqala baya kufundisa kwizikolo eziqhutyelwa kwiiHolo zeNdibano nakwiiHolo zoBukumkani. Kuye kwaqeqeshwa abangakumbi de ekugqibeleni kwabakho abahlohli abali-12 abaqhuba izikolo zesiNgesi ezithandathu veki nganye eUnited States. Kuye kwaqeqeshwa abahlohli abane abaza kuqhuba isikolo ngeSpanish. Esi sikolo asizukuthabatha indawo yeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani; injongo yaso kukunceda abadala baqole ngokomoya. Kunyaka wenkonzo wama-2011, kumasebe asehlabathini lonke kuza kuqhutywa izikolo kwiiHolo zeNdibano nakwiiHolo zoBukumkani.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Intlanganiso yonyaka yaqaliswa ngeengoma ezithatyathwe kwiculo elitsha, elithi “Culela UYehova”