Ububingeleli Basebukhosini Obuza Kuluzisela Iingenelo Lonke Uluntu
“Nina ‘nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo.’”—1 PET. 2:9.
NGABA UNOKUCHAZA?
Kwaqala nini ukuthenjiswa ngobubingeleli basebukhosini?
Umnqophiso omtsha ubuvelisa njani ububingeleli basebukhosini?
Ubulungiseleli basebukhosini buya kubazisela ziphi iingenelo abantu?
1. Kutheni “isidlo sangokuhlwa seNkosi” sikwabizwa ngokuba siSikhumbuzo, yaye iyintoni injongo yaso?
NGOBUSUKU bangoNisan 14 ngonyaka wama-33 C.E., uYesu Kristu nabapostile bakhe abali-12 benza iPasika yamaYuda okokugqibela. Emva kokugxotha uYudas Skariyoti, uYesu wasungula isikhumbuzo esahlukileyo, esathi kamva sabizwa ngokuba ‘sisidlo sangokuhlwa seNkosi.’ (1 Kor. 11:20) UYesu watsho kabini ukuthi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” Esi siganeko sikwabizwa nangokuba siSikhumbuzo, isikhumbuzo sikaKristu esigxininisa ekufeni kwakhe. (1 Kor. 11:24, 25) Ethobela lo myalelo, amaNgqina kaYehova asehlabathini lonke ayasenza esi Sikhumbuzo nyaka ngamnye. Ngowama-2012, uNisan 14 wekhalenda yeBhayibhile uqalisa ukutshona kwelanga, ngoLwesine, ngoAprili 5.
2. Wathini uYesu ngemifuziselo awayisebenzisayo?
2 Umfundi uLuka ukushwankathela ngeendinyana ezimbini oko kwenziwa nokwathethwa nguYesu ngeso sihlandlo: “Wathabatha isonka, wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika sona, esithi: ‘Oku kuthetha umzimba wam oza kunikelwa ngenxa yenu. Hlalani nisenza oku nindikhumbula.’ Wathabatha nendebe emva kokuba befumene isidlo sangokuhlwa, esithi: ‘Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.’” (Luka 22:19, 20) Abapostile babecinga ukuba athetha ukuthini la mazwi?
3. Abapostile bayiqonda njani intsingiselo yemifuziselo?
3 Njengoko babengamaYuda, abapostile babeqhelene kakuhle namadini ezilwanyana awayesenzelwa uThixo kwitempile eyayiseYerusalem. Loo mibingelelo yayisenzelwa ukufumana inkoliseko kaYehova, yaye uninzi lwawo lwaluyindlela yokugubungela izono. (Lev. 1:4; 22:17-29) Ngoko abapostile babeyiqonda into yokuba xa uYesu wayesithi umzimba wakhe ‘uza kunikelwa lize negazi lakhe liphalale ngenxa yabo,’ wayethetha ukuba uza kunikela ngobomi bakhe obufezekileyo bube lidini. Babuza kuba lidini eliwodlula lee lawo ezilwanyana ngokuxabiseka.
4. Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam”?
4 Athetha ukuthini amazwi kaYesu athi, “le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam”? Abapostile babesazi isiprofeto esiphathelele umnqophiso omtsha, esikwincwadi kaYeremiya 31:31-33. (Yifunde.) Amazwi kaYesu ayebonisa ukuba ngoku wayesungula loo mnqophiso mtsha, owawuza kuthabatha indawo yalowo uYehova wayewenze noSirayeli ngoMoses. Ngaba le minqophiso mibini yayihlobene?
5. Umnqophiso woMthetho wawanika liphi ithemba amaSirayeli?
5 Ewe, iinjongo zayo zazihlobene. Xa wayesungula umnqophiso woMthetho, uYehova wathi kolo hlanga: “Ukuba nithe nalithobela okunene ilizwi lam, nawugcina ngenene umnqophiso wam, ngokuqinisekileyo noba yinqobo kum kwizizwana zonke, kuba umhlaba uphela ngowam. Yaye niya kuba bubukumkani kum nababingeleli nohlanga olungcwele.” (Eks. 19:5, 6) Ayethetha ntoni la mazwi kumaSirayeli?
ISITHEMBISO SOBUBINGELELI BASEBUKHOSINI
6. Umnqophiso woMthetho wawuzalisekisa siphi isithembiso?
6 AmaSirayeli ayeliqonda ibinzana elithi “umnqophiso,” kuba uYehova wenza isivumelwano esibalulekileyo noobawomkhulu bawo uNowa noAbraham. (Gen. 6:18; 9:8-17; 15:18; 17:1-9) Njengenxalenye yomnqophiso wakhe noAbraham, uYehova wenza esi sithembiso: “Ziya kuzisikelela ngembewu yakho zonke iintlanga zomhlaba.” (Gen. 22:18) Umnqophiso woMthetho wawuzalisekisa esi sithembiso. Ngokusekelwe kuwo, amaSirayeli ayeza kuba “yinqobo [kuYehova] kwizizwana zonke.” Yayiyintoni injongo yaloo nto? Ukuze ‘abe bubukumkani kuYehova nababingeleli.’
7. Lalithetha ukuthini ibinzana elithi ‘ubukumkani nababingeleli’?
7 AmaSirayeli ayeqhelene nookumkani nababingeleli, kodwa uMelkitsedeki yayikuphela kwendoda yamandulo eyavunyelwayo nguYehova ukuba izibambe zozibini ezi zigxina ngaxeshanye. (Gen. 14:18) Ngoku uYehova wanika olo hlanga ithuba lokuvelisa ‘ubukumkani nababingeleli.’ Njengoko imibhalo ephefumlelweyo yabonisayo kamva, oku kwathetha ukuba ayeza kuba nethuba lokuba bububingeleli basebukhosini, ookumkani ababeza kuba ngababingeleli kwangaxeshanye.—1 Pet. 2:9.
8. Ziziphi iinkonzo ezinikelwa ngababingeleli abamiselwe nguThixo?
8 Kakade ke, ukumkani uyalawula. Kodwa wenza ntoni umbingeleli? AmaHebhere 5:1 ayasichazela: “Wonke umbingeleli omkhulu othatyathwe phakathi kwabantu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto eziphathelele uThixo, ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.” Ngoko umbingeleli omiselwe nguYehova umela abantu abanesono phambi koThixo besebenzisa iminikelo emiselweyo, ebathethelela kuThixo. Ngokwahlukileyo, umbingeleli ukwamela uYehova phambi kwabantu, ebafundisa umthetho kaThixo. (Lev. 10:8-11; Mal. 2:7) Kungezi ndlela athi, umbingeleli omiselwe nguThixo axolelanise abantu noThixo.
9. (a) Kukweziphi iimeko awayenokuthi amaSirayeli afumane isithembiso sokuba ‘bubukumkani nababingeleli’? (b) Kwakutheni ukuze uYehova amisele ububingeleli kwaSirayeli? (c) Yintoni eyathintela amaSirayeli ekubeni ‘bubukumkani nababingeleli’ phantsi komnqophiso woMthetho?
9 Ngaloo ndlela umnqophiso woMthetho wanika amaSirayeli ithuba lokuvelisa ububingeleli basebukhosini obuza kuba yingenelo ‘kwizizwana zonke.’ Noko ke, eli themba limangalisayo labekwa kunye nalo mqathango: “Ukuba nithe nalithobela okunene ilizwi lam, nawugcina ngenene umnqophiso wam.” Ngaba amaSirayeli ‘alithobela ngokwenene ilizwi likaYehova’? Akwenza oko ngomlinganiselo othile. Ngaba ayenokukwenza oko ngendlela egqibeleleyo? Akunjalo. (Roma 3:19, 20) Kungeso sizathu, awathi uYehova kangangethuba elithile wamisela ububingeleli phakathi kwamaSirayeli, obahlukileyo kubukumkani, ukuba bunikele amadini ezilwanyana awenzelwe izono amaSirayeli awayengenakukuphepha ukuzenza. (Lev. 4:1–6:7) Ezi zono ziquka ezo zazisenziwa ngababingeleli. (Heb. 5:1-3; 8:3) UYehova wawamkela loo madini, kodwa ayengenakukwazi ukuzihlawula ngokupheleyo izono zabo babewenza. Ububingeleli phantsi komnqophiso woMthetho babungenakukwazi ukuxolelanisa ngokupheleleyo noThixo nkqu nawona maSirayeli anyanisekileyo. Umpostile uPawulos wathi: “Akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.” (Heb. 10:1-4) Ngenxa yokwaphula kwawo uMthetho, amaSirayeli enyanisweni aqalekiswa. (Gal. 3:10) Babengenakufane babe bububingeleli basebukhosini xa bekuloo meko.
10. Umnqophiso woMthetho wabakho ngayiphi injongo?
10 Ngaba saba lilize isithembiso sikaYehova sokuba baza kuba ‘bubukumkani nababingeleli’? Akunjalo konke konke. Ukuba babezame ukuthobela ngokunyaniseka, ngebabelifumene eli thuba—kodwa kungekhona ngaphantsi koMthetho. Kutheni kungenjalo nje? (Funda eyabaseGalati 3:19-25.) UMthetho wabanceda balondoloza unqulo olunyulu abo benza umgudu wokuwuthobela ngokunyanisekileyo. Wenza amaYuda aziqonda iimpazamo zawo aza abona ukuba kufuneka idini elingaphezu kwalawo ayenokunikelwa ngumbingeleli omkhulu. Wawungumkhapheli owawuza kubakhokelela kuKristu, okanye uMesiya, magama lawo athetha ‘Othanjisiweyo.’ Noko ke, xa uMesiya efika, wayeza kusungula umnqophiso omtsha ekwaprofetwa ngawo nguYeremiya. Abo bamamkelayo uKristu bacelwa ukuba babe yinxalenye yomnqophiso omtsha yaye enyanisweni baza kuba ‘bubukumkani nababingeleli.’ Makhe sibone indlela okuza kwenzeka ngayo oku.
UMNQOPHISO OMTSHA UVELISA UBUBINGELELI BASEBUKHOSINI
11. UYesu waba siso njani isiseko sobubingeleli basebukhosini?
11 Ngowama-29 C.E., uMesiya wafika enguYesu waseNazarete. Xa wayeneminyaka emalunga nama-30 ubudala, wazahlulela ukwenza ukuthanda kukaYehova okukhethekileyo, ekufuzisela oku ngokubhaptizwa emanzini. UYehova wambiza ngokuthi “nguNyana wam, oyintanda” wamthambisa ngomoya oyingcwele kungekhona ngeoli. (Mat. 3:13-17; IZe. 10:38) Oko kuthanjiswa kwammisela njengoMbingeleli Omkhulu wabo banokholo kwintsapho yabantu iphela nanjengoKumkani wabo wexesha elizayo. (Heb. 1:8, 9; 5:5, 6) Wayeza kuba sisiseko sobubingeleli basebukhosini bokwenene.
12. Yintoni ephunyezwa lidini likaYesu?
12 NjengoMbingeleli Omkhulu, liliphi idini elalinokunikelwa nguYesu elaliza kusigubungela ngokupheleleyo isono esizuzwe ilifa ngabo banokholo? Njengoko watshoyo xa wayemisela iSikhumbuzo sokufa kwakhe, yayingumzimba wakhe ofezekileyo owawuza kuba lidini. (Funda amaHebhere 9:11, 12.) Ukususela kwixesha lokubhaptizwa kwakhe ngowama-29 C.E., njengoMbingeleli Omkhulu, uYesu wanyamezela iimvavanyo noqeqesho de kwaba lixesha lokufa kwakhe. (Heb. 4:15; 5:7-10) Emva kokuba evusiwe, wanyukela ezulwini waza wasondeza ixabiso ledini lakhe kuYehova ngenkqu. (Heb. 9:24) Emva koko, uYesu wayenokubangxengxezela kuYehova abo banokholo kwidini lakhe aze abancede bakhonze uThixo ngoxa bekhangele kubomi obungunaphakade. (Heb. 7:25) Kanti kwakuwenza uxabiseke lo mnqophiso mtsha.—Heb. 8:6; 9:15.
13. Liyintoni ithemba labo bakumnqophiso omtsha?
13 Kwakhona abo bakumnqophiso mtsha babemele bathanjiswe ngomoya oyingcwele. (2 Kor. 1:21) AmaYuda athembekileyo kwakunye nabeeNtlanga babequkiwe. (Efe. 3:5, 6) Babenaliphi ithemba abo babekumnqophiso omtsha? Babeza kuxolelwa ngokunyanisekileyo kwizono zabo. UYehova wathembisa wathi: “Ndiya kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.” (Yer. 31:34) Xa izono zabo zicinywa ngokusemthethweni, babeza kuba selungelweni lokuba ‘bubukumkani nababingeleli.’ Ethetha namaKristu athanjisiweyo uPetros wathi: “Nina ‘nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane’ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.” (1 Pet. 2:9) Apha uPetros ucaphula amazwi kaYehova kuSirayeli xa wayebachazela ngoMthetho yaye uwasebenzisa kumaKristu akumnqophiso omtsha.—Eks. 19:5, 6.
UBUBINGELELI BASEBUKHOSINI BUZISA IINGENELO KULUNTU LONKE
14. Buza kukhonza phi ububingeleli basebukhosini?
14 Baza kukhonza phi abo bakumnqophiso omtsha? Baza kukhonza emhlabeni apho baza kuthi njengeqela babe ngababingeleli abamela uYehova ebantwini ‘ngokuvakalisa ngokubanzi iimbalasane’ baze balungiselele ukutya kokomoya. (Mat. 24:45; 1 Pet. 2:4, 5) Emva kokufa nokuvuka kwabo, baza kukhonza noKristu ezulwini njengookumkani nababingeleli, bezifeza ngokupheleleyo iimbopheleleko zezi zabelo zibini. (Luka 22:29; 1 Pet. 1:3-5; ISityhi. 1:6) Eqinisekisa oku, umpostile uYohane wabona izidalwa zomoya eziliqela kufutshane netrone kaYehova ezulwini. ‘Kwingoma entsha’ eculelwa ‘iMvana,’ bacula besithi: “Ngegazi lakho wathengela uThixo abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, waza wabenza baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhi. 5:8-10) Kumbono wamva, uYohane wathi ngaba balawuli: “Baya kuba ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, balawule njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” (ISityhi. 20:6) Bekunye noKristu, babumba ububingeleli basebukhosini ukuze kungenelwe lonke uluntu.
15, 16. Ububingeleli basebukhosini buya kubazisela ziphi iingenelo abantu?
15 Baza kubazisela ziphi iingenelo abo basemhlabeni abali-144 000? ISityhilelo isahluko 21 sibachaza njengesixeko esisezulwini, iYerusalem Entsha, ebizwa ngokuba ‘ngumfazi weMvana.’ (ISityhi. 21:9) Indinyana 2 ukuya kutsho kweye-4 zithi: “Ndabona kwanesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, sisihla siphuma ezulwini kuThixo yaye silungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. Ngako oko ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’” Ezo ziintsikelelo ezingathethekiyo! Ukupheliswa kokufa kuya kususa oyena nobangela weenyembezi, ukuzila, ukukhala nentlungu. Oko kuya kuthetha ukwenza abantu abanyanisekileyo bafezeke, bexolelaniswa ngokupheleleyo noThixo.
16 Ityatyadula ngeentsikelelo eziza kuziswa bobu bubingeleli basebukhosini, iSityhilelo 22:1, 2 sithi: “Yandibonisa umlambo wamanzi obomi, ungcwengeke njengekristale, uqukuqela uphuma kwitrone kaThixo neyeMvana usihla embindini wendlela ephangaleleyo [yeYerusalem Entsha]. Macala omabini alo mlambo kwakukho imithi yobomi eneentlobo zeziqhamo ezilishumi elinesibini, ivelisa iziqhamo zayo nyanga nganye. Yaye amagqabi emithi ayengawokuphilisa iintlanga.” Ngala malungiselelo okomfuziselo, “iintlanga,” okanye amaqela eentsapho zabantu, aya kunyangwa ngokupheleleyo kukungafezeki awakuzuza njengelifa kuAdam. Ngokwenene, ‘izinto zangaphambili ziya kube zidlule.’
UBUBINGELELI BASEBUKHOSINI BUYAWUGQIBA UMSEBENZI WABO
17. Yintoni eya kufezwa bububingeleli basebukhosini ekugqibeleni?
17 Kuya kuthi xa kuphela iminyaka eli-1 000 yenkonzo eluncedo, ububingeleli basebukhosini buya kuba buncede abalawulwa babo basemhlabeni ukuba bafezeke. NjengoMbingeleli Omkhulu noKumkani, uya kwandula ke uKristu abuyisele kuYehova intsapho yoluntu efezeke ngokupheleleyo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:22-26.) Ububingeleli basebukhosini buya kuba buyifeze ngokupheleleyo injongo yabo.
18. Emva kokuba ububingeleli basebukhosini buwuphumezile umsebenzi wabo, uYehova uya kuwasebenzisa njani amahlakani kaKristu?
18 Emva koko, uYehova uya kuwasebenzisa njani la mahlakani kaKristu anelungelo elingenakulinganiswa nanto? Ngokutsho kweSityhilelo 22:5, “aya kulawula njengookumkani ngonaphakade kanaphakade.” Aya kulawula phezu koobani? IBhayibhile ayichazi. Kodwa umgangatho wobomi namava abanawo okunceda ihlabathi labantu abangafezekanga uya kubenza ukuba babe nezigxina eziphakamileyo kwinjongo kaYehova ngonaphakade.
19. Abo baza kubakho eSikhumbuzweni baza kukhunjuzwa ngantoni?
19 Xa sihlanganisene ukuze senze iSikhumbuzo sokufa kukaYesu ngoLwesine, ngoAprili 5, 2012, siya kuqhubeka sizikhumbula ezi mfundiso zeBhayibhile. Iqaqobana lentsalela yamaKristu athanjisiweyo elisesemhlabeni liya kuthabatha imifuziselo yesonka newayini ebomvu engenagwele, libonisa ukuba nenxalenye kwalo kumnqophiso omtsha. Le mifuziselo yedini likaKristu iya kulikhumbuza ngamalungelo neembopheleleko zalo ezimangalisayo kwinjongo kaThixo kanaphakade. Ngamana sonke thina baya kube belapho singabonisa uxabiso olungazenzisiyo ngelungiselelo likaYehova uThixo lobubingeleli basebukhosini obuza kunceda lonke uluntu.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ububingeleli basebukhosini buya kubazisela iingenelo zikanaphakade abantu