Umhlambi Omnye Nomalusi Omnye
“Nina eniye nandilandela niya kuhlala kwiitrone ezilishumi elinesibini, nigweba izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.”—MAT. 19:28.
1. Luluphi ulwalamano olwalukho phakathi koYehova nenzala ka-Abraham yaye kutheni oku kungathethi kuthi wayengabakhathalelanga abanye abantu?
UYEHOVA wayemthanda uAbraham, ngenxa yoko wanyaniseka kwinzala ka-Abraham. Kangangeenkulungwane ezingaphezu kwe-15 wayegqala uhlanga lwakwaSirayeli, olwaluyinzala ka-Abraham njengabantu bakhe abanyuliweyo, ‘inqobo kuye.’ (Funda iDuteronomi 7:6.) Ngaba oku kuthetha ukuba uYehova wayengabakhathalelanga konke konke abantu bezinye iintlanga? Akunjalo. Ngelo xesha, abantu ababengengomaSirayeli babevumelekile ukuba banxulumane nohlanga lwakhe olukhethekileyo. Aba bantu babeguqukele ebuYudeni babejongwa njengenxalenye yolu hlanga. Babefanele baphathwe njengabazalwana. (Lev. 19:33, 34) Kwakulindeleke ukuba bathobele yonke imithetho kaYehova.—Lev. 24:22.
2. UYesu wathetha waphi amazwi othusayo, yaye oku kusenza sizibuze yiphi imibuzo?
2 Noko ke, uYesu wathetha la mazwi othusayo kumaYuda omhla wakhe: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” (Mat. 21:43) Ngoobani ababeza kubumba olu hlanga lutsha yaye olu tshintsho lusichaphazela njani thina namhlanje?
Uhlanga Olutsha
3, 4. (a) Umpostile uPetros waluchaza njani uhlanga olutsha? (b) Ngoobani ababumba olu hlanga lutsha?
3 Umpostile uPetros waluchaza kakuhle olu hlanga lutsha. Wawabhalela la mazwi amanye amaKristu: “Nina ‘nisisizwe esinyuliweyo, ububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, ukuze nivakalise ngokubanzi iimbalasane’ zalowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso.” (1 Pet. 2:9) Njengoko kwakuxelwe kwangaphambili, amaYuda okwemvelo awamkela uYesu njengoMesiya ayengamalungu okuqala olu hlanga lutsha. (Dan. 9:27a; Mat. 10:6) Kamva abantu abaninzi ababengengomaSirayeli nabo babequkiwe kolu hlanga kuba uPetros uhlabela mgama athi: “Kuba nanikhe anabi sisizwana, kodwa ngoku nisisizwana sikaThixo.”—1 Pet. 2:10.
4 Wayethetha nabani apha uPetros? Amazwi okuqala encwadi yakhe athi: “[UThixo] wasizala ngokutsha ngokubhekisele kwithemba eliphilayo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo, kwilifa elingenakonakala nelingadyobhekanga nelingambatshiyo. Libekelwe nina emazulwini.” (1 Pet. 1:3, 4) Ngoko olu hlanga lutsha lubunjwa ngamaKristu athanjisiweyo, anethemba lokuphila ezulwini. ‘AnguSirayeli kaThixo.’ (Gal. 6:16) Embonweni, umpostile uYohane wabona ukuba la maSirayeli okomoya ali-144 000. ‘Athengwa phakathi koluntu njengeentlahlela kuThixo nakuyo iMvana’ ukuze abe ‘ngababingeleli’ nokuze ‘alawule njengookumkani kunye noYesu iminyaka eliwaka.’—ISityhi. 5:10; 7:4; 14:1, 4; 20:6; Yak. 1:18.
Ngaba Nabanye Baqukiwe?
5. (a) Libhekisela kubani ibinzana elithi “uSirayeli kaThixo”? (b) Kutheni igama elithi “uSirayeli” lingenantsingiselo inye?
5 Kucacile ke ngoko ukuba ibinzana elithi “uSirayeli kaThixo” elikumaGalati 6:16 libhekisela kumaKristu athanjisiweyo kuphela. Noko ke, ngaba ngezinye izihlandlo uYehova ukhe azekelise ngohlanga lwakwaSirayeli, aquke amanye amaKristu kunokubhekisela kwabo bathanjisiweyo kuphela? Impendulo inokufumaneka kula mazwi kaYesu awawathetha kubapostile bakhe abathembekileyo: “Ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani, ukuze nidle, nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nize nihlale ezitroneni ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.” (Luka 22:28-30) Oku kuza kwenzeka “ekudalweni okutsha” ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka.—Funda uMateyu 19:28.
6, 7. Libhekisela kobani ibinzana elithi “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli” elikuMateyu 19:28 nakuLuka 22:30?
6 Abali-144 000 baza kuba ngookumkani, ababingeleli nabagwebi ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka. (ISityhi. 20:4) Baza kugweba baze balawule oobani? KuMateyu 19:28 nakuLuka 22:30, kuthiwa baza kugweba “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.” Zifanekisela bani “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli” ekuthethwa ngazo kwezi zibhalo? Zifanekisela bonke abo banethemba lokuphila emhlabeni—abo banokholo kwidini likaYesu kodwa bengeyonxalenye yodidi lwababingeleli basebukhosini. (Uhlanga lwabaLevi lwalungekho kuludwe lwezizwe ezili-12 zakwaSirayeli wokwemvelo.) Izizwe ezili-12 zakwaSirayeli ekuthethwe ngazo kwezi zibhalo ngabo baya kufumana iingenelo zokomoya kwinkonzo eya kuphunyezwa ngabo bali-144 000 njengababingeleli. Aba bangengobabingeleli nabo ngabantu bakaThixo yaye uyabathanda ibe uyabamkela. Kufanelekile ke ngoko ukuba bafaniswe nabantu bakhe bamandulo.
7 Emva kokuba umpostile uYohane ebone uSirayeli wokomoya obunjwa ngamalungu ali-144 000 etywinwa ngokupheleleyo ngaphambi kwembandezelo enkulu, waphinda wabona “isihlwele esikhulu” esingenakubalwa, esiphuma “kuzo zonke iintlanga.” (ISityhi. 7:9) Esi sihlwele sikhulu siya kusinda kwimbandezelo enkulu size siphile phantsi koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. Kuya kube kukho nabantu abavusiweyo abaziibhiliyoni. (Yoh. 5:28, 29; ISityhi. 20:13) Xa bebonke baya kubumba “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli,” eziya kugwetywa nguYesu nabali-144 000 aza kulawula nabo.—IZe. 17:31; 24:15; ISityhi. 20:12.
8. Izinto ezazisenzeka ngoMhla Wocamagusho zilufanekisela njani ulwalamano oluphakathi kwabali-144 000 nabantu ngokubanzi?
8 Ulwalamano oluphakathi kwabali-144 000 nabantu ngokubanzi lwalufanekiselwa koko kwakusenzeka ngoMhla Wocamagusho. (Lev. 16:6-10) Umbingeleli omkhulu kwakufuneka aqale anikele ngenkunzi yenkomo njengombingelelo wesono, ‘ecamagushela yena nendlu yakhe.’ Ngoko idini likaYesu lisebenza okokuqala kubabingeleli abangaphantsi, abo baya kulawula naye ezulwini. NgoMhla Wocamagusho wamandulo, kwakunikelwa nangeebhokhwe ezimbini ngenxa yezono zamanye amaSirayeli. Uhlanga lwababingeleli lufanekisela abali-144 000, yaye amanye amaSirayeli afanekisela bonke abo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Ngenxa yoko ibinzana elithi “izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli” elikuMateyu 19:28 alibhekiseli kuphela kubabingeleli bakaYesu abangaphantsi abathanjiswe ngomoya, kodwa liquka bonke abanokholo kwidini likaYesu.a
9. Ababingeleli abakumbono kaHezekile wetempile bafanekisela bani, yaye wona amaSirayeli angengobabingeleli afanekisela bani?
9 Nanku omnye umzekelo. Umprofeti uHezekile waboniswa umbono owawuchaza itempile kaYehova ngokweenkcukacha. (Hez. isahl. 40-48) Kulo mbono ababingeleli babesebenza etempileni, befundisa abantu, yaye bona babelulekwa nguYehova ebaqeqesha. (Hez. 44:23-31) Kwakulo mbono amalungu ezizwe ezahlukeneyo ayesiza kunqula aze anikele imibingelelo. (Hez. 45:16, 17) Ngoko ke, kwesi sibhalo ababingeleli bafanekisela abo bathanjisiweyo, yaye izizwe zakwaSirayeli ezazingengobabingeleli zifanekisela abo banethemba lokuphila emhlabeni. Lo mbono ubonisa ukuba la maqela mabini ayasebenzisana, kodwa ludidi lwababingeleli olukhokelayo kunqulo olunyulu.
10, 11. (a) Aye azaliseka njani amazwi kaYesu omeleza ukholo? (b) Nguwuphi umbuzo ophakamayo ngezinye izimvu?
10 UYesu wathi ‘ezinye izimvu’ zazingazukuba ‘kwisibaya’ esinye ‘nomhlambi omncinane’ wabalandeli bakhe abathanjisiweyo. (Yoh. 10:16; Luka 12:32) Wathi: “Nazo ezo ndimele ndize nazo, yaye ziya kuliphulaphula ilizwi lam, zize zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” Komeleza ngokwenene ukubona loo mazwi ezaliseka! Kuye kwadityaniswa amaqela amabini abantu—iqela elincinane labathanjisiweyo nesihlwele esikhulu sezinye izimvu. (Funda uZekariya 8:23.) Nangona ezinye izimvu zingasebenzi kwintendelezo engaphakathi yetempile yokomoya, zisebenza kwintendelezo engaphandle yaloo tempile.
11 Kodwa ukuba uYehova udla ngokusebenzisa amalungu kaSirayeli wamandulo angengobabingeleli ukufanekisela ezinye izimvu, ngaba abo banethemba lokuphila emhlabeni nabo bafanele bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo? Masibone ukuba ithini impendulo yalo mbuzo.
Umnqophiso Omtsha
12. Liliphi ilungiselelo elitsha uYehova awalixela kusengaphambili?
12 UYehova waxela kusengaphambili ngelungiselelo elitsha awayeya kulenzela abantu: “Nguwo lo umnqophiso endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla. . . . Ndiza kuwufaka umthetho wam ngaphakathi kubo, ndize ndiwubhale entliziyweni yabo. Kwaye ndiza kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.” (Yer. 31:31-33) UYehova wasebenzisa lo mnqophiso mtsha ukuze azalisekise ngokupheleleyo isithembiso awasenza kuAbraham.—Funda iGenesis 22:18.
13, 14. (a) Ngoobani abanenxaxheba kumnqophiso omtsha? (b) Ngoobani abangenelwayo kulo mnqophiso mtsha, yaye ‘bawubamba’ njani?
13 Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wayethetha ngalo mnqophiso omtsha xa wathi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.” (Luka 22:20; 1 Kor. 11:25) Ngaba onke amaKristu aqukiwe kulo mnqophiso mtsha? Akunjalo. Ngabathile kuphela abanenxaxheba, njengabapostile abasela indebe ngobo busuku.b UYesu wenza omnye umnqophiso nabo wokuba balawule naye eBukumkanini bakhe. (Luka 22:28-30) Baza kudla ilifa uBukumkani kunye noYesu.—Luka 22:15, 16.
14 Kuthekani ngabo baza kuphila emhlabeni phantsi koBukumkani bakhe? Bayangenelwa kulo mnqophiso omtsha. (Gal. 3:8, 9) Nangona bengenanxaxheba, ‘bayawubamba’ lo mnqophiso ngokwenza ngokuvumelana nawo, njengoko kwaxelwa kwangaphambili ngumprofeti uIsaya: “Nabasemzini abaye bazihlanganisa kuYehova ukuze balungiselele kuye nokuze bathande igama likaYehova, ukuze babe ngabakhonzi kuye, bonke abo bagcina isabatha ukuze bangayihlambeli nababamba umnqophiso wam, kanjalo ndiza kubazisa entabeni yam engcwele ndize ndibenze babe nemihlali endlwini yam yomthandazo.” Emva koko uYehova uthi: “Kuba yona kanye indlu yam iya kubizwa nangokuba yindlu yomthandazo yazo zonke izizwana.”—Isa. 56:6, 7.
Ngoobani Abafanele Bathabathe Kwimifuziselo?
15, 16. (a) Umpostile uPawulos uwunxulumanisa nantoni umnqophiso omtsha? (b) Kutheni abo banethemba lokuphila emhlabeni bengafanele bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
15 Abo bakumnqophiso omtsha ‘banenkalipho yokungena kwindawo engcwele.’ (Funda amaHebhere 10:15-20.) Baza “kwamkela ubukumkani obungenakugungqiswa.” (Heb. 12:28) Ngoko ngabo baya kuba ngookumkani nababingeleli ezulwini kunye noYesu Kristu abafanele basele “indebe” efanekisela umnqophiso omtsha. Abo banenxaxheba kulo mnqophiso mtsha ngabo bathenjiswe ukutshata neMvana. (2 Kor. 11:2; ISityhi. 21:2, 9) Bonke abanye abantu abaya eSikhumbuzweni minyaka le bayabukela ngentlonelo yaye abathabathi kwimifuziselo.
16 UPawulos usinceda siqonde nokuba abo banethemba lokuphila emhlabeni abathabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo. Wathi kumaKristu athanjisiweyo: “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nihlala nibhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.” (1 Kor. 11:26) ‘Ifika’ nini iNkosi? Ifika xa ize kuthabatha abokugqibela bodidi lomtshakazi wayo othanjisiweyo ibasa kwikhaya labo elisezulwini. (Yoh. 14:2, 3) Licacile elokuba, iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa asiyi kuqhubeka sisenziwa ngokungenasiphelo. ‘Abo baseleyo’ emhlabeni bembewu yomfazi baya kuqhubeka bethabatha kwesi sidlo de bonke bafumane umvuzo wabo wasezulwini. (ISityhi. 12:17) Noko ke, ukuba abo banethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade bebethabatha kwimifuziselo, esi Sikhumbuzo bekuya kufuneka siqhubeke ngonaphakade.
“Baya Kuba Ngabantu Bam”
17, 18. Siye sazaliseka njani isiprofeto esikuHezekile 37:26, 27?
17 UYehova wakuxela kwangaphambili ukumanyana kwabantu bakhe ngala mazwi: “Ndiza kwenza umnqophiso woxolo kunye nabo; mnqophiso lowo oya kuhlala ngokungenammiselo. Yaye ndiza kubabeka ndize ndibandise ndibeke nengcwele yam phakathi kwabo ukusa kwixesha elingenammiselo. Okunene umnquba wam uya kuba phezu kwabo, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuba nguThixo wabo, bona baya kuba ngabantu bam.”—Hez. 37:26, 27.
18 Bonke abantu bakaThixo banelungelo lokungenelwa xa kuzaliseka esi sithembiso simangalisayo somnqophiso woxolo lwamaKristu. UYehova uye wathembisa bonke abakhonzi bakhe abathobelayo ukuba baza kuba noxolo. Siyabonakala kubo esi siqhamo somoya wakhe. Ingcwele yakhe, efanekisela unqulo lwamaKristu olunyulu, iphakathi kwabo. Baye baba ngabantu bakhe, kuba baye bayeka lonke uhlobo lonqulo-zithixo baza banqula uYehova uThixo kuphela.
19, 20. Ngoobani abaphakathi kwabo uYehova ababiza ngokuba ‘ngabantu bam,’ yaye ziziphi iingenelo ezifumaneka ngenxa yomnqophiso omtsha?
19 Kuvuyisa ngokwenene ukubona la maqela mabini emanyaniswa kweli xesha lethu! Nangona isihlwele esikhulu esiqhubeka sisanda singenalo ithemba lokuphila ezulwini, sikugqala njengelungelo ukunxulumana nabo banelo themba. Siye sanamathela kuSirayeli kaThixo. Ngenxa yoko, siphakathi kwabo uYehova ababiza ngokuba “ngabantu bam.” Esi siprofeto sizaliseka kuso: “Iintlanga ezininzi ngokuqinisekileyo ziya kuzihlanganisa noYehova ngaloo mini, yaye okunene ziya kuba ngabantu bam; nam ndiza kuhlala phakathi kwakho.”—Zek. 2:11; 8:21; funda uIsaya 65:22; neSityhilelo 21:3, 4.
20 UYehova uye wabangela ukuba konke oku kwenzeke ngenxa yomnqophiso omtsha. Izigidi zabantu basemzini ziye zaba yinxalenye yohlanga lukaYehova akholiswa lulo. (Mika 4:1-5) Zizimisele ukuhlala ziwubambile lo mnqophiso ngokwamkela onke amalungiselelo awo zize ziphile ngemilinganiselo yawo. (Isa. 56:6, 7) Ngenxa yoko, zona noSirayeli kaThixo zisikelelwe ngokuba noxolo. Nawe unokuxhamla kwezi ntsikelelo—ngoku nangonaphakade!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokufanayo, igama elithi ‘ibandla’ ngokuyintloko libhekisela kwabo bathanjisiweyo. (Heb. 12:23) Noko ke igama elithi ‘ibandla’ linokuba nenye intsingiselo, libhekisela kuwo onke amaKristu, kungakhathaliseki ukuba analiphi ithemba.—Funda IMboniselo ka-Aprili 15, 2007, iphepha 21-23.
b UYesu akananxaxheba kuloo mnqophiso, kodwa nguMlamleli wawo. NjengoMlamleli kubonakala ukuba akazange athabathe kwimifuziselo.
Ngaba Uyakhumbula?
• Ngoobani “izizwe ezilishumi elinesibini zikaSirayeli” eziya kugwetywa ngabali-144 000?
• Abathanjiswa nezinye izimvu bangenelwa njani kumnqophiso omtsha?
• Ngaba onke amaKristu afanele athabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
• Luluphi umanyano olwaxelwa kwangaphambili ukuba luya kubakho ngomhla wethu?
[Igrafu/Imifanekiso ekwiphepha 25]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Baninzi ngoku abantu abakhonza kunye noSirayeli kaThixo
1950 | 373 430
1970 | 1 483 430
1990 | 4 017 213
2009 | 7 313 173