Ukuzimisela Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo
“Wasiyalela ukuba sishumayele ebantwini nokuba sinikele ubungqina obucokisekileyo.”—IZE. 10:42.
1. Luluphi uthumo olwabalaseliswa nguPetros xa wayethetha noKorneli?
IGOSA lomkhosi eliliTaliyane lahlanganisa izalamane nezihlobo zalo ukuze zazi ngotshintsho olubalulekileyo oluphathelele indlela uThixo awayeza kuqhubana ngayo nabantu. Loo ndoda yoyika uThixo nguKorneli. Umpostile uPetros waxelela elo qela ukuba abapostile babeyalelwe ukuba ‘bashumayele ebantwini nokuba banikele ubungqina obucokisekileyo’ ngoYesu. Ubungqina obanikelwa nguPetros baba neziqhamo ezininzi. Iintlanga ezingalukanga zafumana umoya kaThixo, zabhaptizwa zaza zaba nethemba lokuba ngookumkani ezulwini kunye noYesu. Ubungqina obucokisekileyo obanikelwa nguPetros baba nemiphumo emihle gqitha!—IZe. 10:22, 34-48.
2. Sazi njani ukuba umyalelo wokunikela ubungqina wawungaphelelanga kubapostile abali-12?
2 Oko kwenzeka ngowama-36 C.E. Malunga neminyaka emibini ngaphambilana, umchasi ongabuyi mva wobuKristu wehlelwa yinto eyatshintsha ubomi bakhe. USawule waseTarso wayesendleleni eya eDamasko xa uYesu wabonakala kuye waza wathi: ‘Ngena esixekweni, yaye uya kukuxelelwa oko umele ukwenze.’ UYesu waqinisekisa umfundi uAnaniyas ukuba uSawule wayeya kunikela ubungqina “ezintlangeni nakookumkani noonyana bakaSirayeli.” (Funda IZenzo 9:3-6, 13-20.) Xa wayekunye noSawule, uAnaniyas wathi: “UThixo wookhokho bethu ukunyulile . . . ngenxa yokuba uza kuba lingqina lakhe ebantwini bonke.” (IZe. 22:12-16) USawule owathi kamva waziwa ngokuba nguPawulos, wasixabisa kangakanani esi sabelo sokunikela ubungqina?
Wanikela Ubungqina Obucokisekileyo!
3. (a) Yiyiphi ingxelo esiza kunikela ingqalelo kuyo ngokukhethekileyo? (b) Abadala base-Efese benza ntoni besakufumana umyalezo kaPawulos, yaye oko kusimisela wuphi umzekelo?
3 Bekuya kubangel’ umdla gqitha ukufunda ngokweenkcukacha konke oko uPawulos wakwenzayo kamva, kodwa okwangoku makhe sinikele ingqalelo kwintetho eyanikelwa nguPawulos malunga nowama-56 C.E., ekuthethwe ngayo kwiZenzo isahluko 20. UPawulos wayinikela le ntetho ngasekupheleni kohambo lwakhe lwesithathu lokuhambisa ivangeli. Wehla eMileto, izibuko elikuLwandle lweAegean, ibe wathumelisa ukuba kubizwe abadala bebandla lase-Efese. IEfese yayimalunga neekhilomitha ezingama-50 ukusuka apho, ibe indlela engamajiko-jiko yayisenza kube kude ngakumbi ukuya apho. Unokuyicinga indlela abavuya ngayo abadala base-Efese besakufumana umyalezo kaPawulos. (Thelekisa IMizekeliso 10:28.) Sekunjalo, kwakuza kufuneka benze amalungiselelo ukuze baye kufika eMileto. Ngaba abanye kwakuza kufuneka bangayi kwimisebenzi yabo okanye bavale amashishini abo? Namhlanje amaKristu amaninzi enjenjalo ukuze aqinisekise ukuba akaphoswa nayinxalenye enye yocwangciso lwaminyaka le lwendibano yesithili.
4. Wenza ntoni uPawulos xa wayese-Efese kangangeminyaka ethile?
4 Ucinga ukuba uPawulos wenza ntoni eMileto kwiintsuku ezintathu okanye ezine ngaphambi kokufika kwabo badala? Wena ngewawenze ntoni? (Thelekisa IZenzo 17:16, 17.) Amazwi awathethwa nguPawulos kubadala base-Efese asinceda sazi oko wakwenzayo. Wachaza indlela awayeshumayela ngayo ukutyhubela iminyaka, kuquka naxa wayelapho e-Efese ngaphambili. (Funda IZenzo 20:18-21.) Engoyiki ukuphikiswa, wathi: “Niyazi kakuhle ukuba ukususela kwimini yokuqala endangena ngayo kwisithili saseAsiya . . . ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo.” Wayezimisele ngokwenene ukuphumeza uthumo awayelunikwe nguYesu. Wakwenza njani oko e-Efese? Enye indlela awakwenza ngayo kukunikela ubungqina kumaYuda, esiya naphi na apho ayemaninzi khona. ULuka unikela ingxelo yokuba xa uPawulos wayese-Efese malunga nowama-52-55 C.E., ‘wanikela iintetho ebeyisela’ kwindlu yesikhungu. Xa amaYuda “aqhubeka ezenza lukhuni yaye engakholwa,” uPawulos waya kwabanye abantu, wemka kweso sixeko kodwa waqhubeka eshumayela. Ngaloo ndlela wanikela ubungqina kumaYuda nakumaGrike kweso sixeko sikhulu.—IZe. 19:1, 8, 9.
5, 6. Kutheni sinokuqiniseka nje ukuba xa uPawulos wayeshumayela kwindlu ngendlu wayethetha nabantu abangakholwayo?
5 Abanye ababa ngamaKristu bafanelekela ukuba ngabadala ekuhambeni kwethuba, yaye ngabo badala awathetha nabo uPawulos eMileto. UPawulos wabakhumbuza ngento awayenzayo: ‘Andizange ndinifihlele nto, ndanixelela zonke izinto eziyingenelo, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.’ Namhlanje, abanye abantu bathi uPawulos apha wayethetha ngokwenza amatyelelo okwalusa kwamanye amakholwa. Kodwa akunjalo. Amazwi athi ‘ukufundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu’ ngokuyintloko ayebhekisela ekuhambiseni ivangeli kubantu abangakholwayo. Oku kucaciswa ngamazwi akhe alandelayo. UPawulos wathi wayenikela ubungqina “kumaYuda nakumaGrike ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.” Ngeliphandle, uPawulos wayenikela ubungqina kubantu abangakholwayo, ekwakufuneka beguqukile baze babe nokholo kuYesu.—IZe. 20:20, 21.
6 Xa wayehlalutya ngokubanzi iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, omnye umphengululi wathi xa wayethetha ngeZenzo 20:20: “UPawulos wachitha iminyaka emithathu e-Efese. Wayetyelela indlu nganye, okanye ubuncinane eshumayela kumntu ngamnye (indinyana 26). Le yingxelo esuka ezibhalweni exhasa umsebenzi wobuvangeli owenziwa kwindlu ngendlu nalowo wenziwa kwiintlanganiso zikawonke-wonke.” Enoba waya ngokoqobo kwindlu nganye, ngokutsho kwalo mphengululi, okanye akunjalo, uPawulos wayengafuni ukuba aba badala base-Efese bayilibale indlela awabunikela ngayo ubungqina kwakunye nemiphumo yoko. ULuka wanikela le ngxelo: “Bonke abo babengabemi besithili saseAsiya baliva ilizwi leNkosi, kokubini amaYuda namaGrike.” (IZe. 19:10) Kodwa kunokwenzeka njani ukuba “bonke” eAsiya beve, yaye oku kusenokuba kubonisa ntoni ngokunikela kwethu ubungqina?
7. Ukushumayela kukaPawulos kusenokwenzeka ukuba kwaba nayiphi imiphumo kwabo angazange ashumayele kubo ngokungqalileyo?
7 Xa uPawulos wayeshumayela kwiindawo zikawonke-wonke nakwindlu ngendlu, baninzi abasivayo isigidimi sakhe. Ngaba ucinga ukuba kungenzeka ukuba bonke abo basivayo eso sigidimi babe babehlala e-Efese, ngaba abakho abafudukayo ngenxa yezoshishino, ukuze babe kufutshane nezizalwane zabo okanye bashiye isiphithiphithi sobomi besixeko esikhulu? Akunakwenzeka oko. Baninzi namhlanje abaye bafuduka ngenxa yezo zizathu; mhlawumbi uye wenjenjalo nawe. Kanti ngaloo maxesha, abantu abavela kwezinye iindawo babetyelela e-Efese ukuza kubona abantu okanye beze ngezoshishino. Kusenokwenzeka ukuba ngoxa belapho badibana noPawulos okanye bamva enikela ubungqina. Yintoni eyayisenzeka xa begoduka? Abo babeyamkela inyaniso nabo babefika banikele ubungqina. Kusenokwenzeka ukuba abanye abazange babe ngamakholwa, kodwa mhlawumbi babebalisa ngoko bakuve ngoxa bese-Efese. Mhlawumbi kungaloo ndlela, ezathi izizalwana, abamelwane okanye abo babeshishina nabo bayiva inyaniso, yaye abanye babo bayamkela. (Thelekisa uMarko 5:14.) Oku kuyiqinisekisa njani imiphumo emihle onokuyifumana xa unikela ubungqina ngokucokisekileyo?
8. Yiyiphi indlela ekusenokwenzeka ukuba abantu abakwisithili saseAsiya bayiva ngayo inyaniso?
8 Ethetha ngobulungiseleli bakhe bangaphambili e-Efese, uPawulos wathi ‘uvulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.’ (1 Kor. 16:8, 9) Nguwuphi lo mnyango yaye wayewuvulelwe njani? Ukuhlala kukaPawulos ixesha elingakumbi e-Efese kwaphumela ekusasazekeni kweendaba ezilungileyo. Cinga nje ngeKolose, iLawodike neHirapoli, izixeko ezithathu ezikufutshane ne-Efese. UPawulos akazange azityelele ezo zixeko, kodwa iindaba ezilungileyo zafikelelela nakuzo. Kaloku uEpafra wayesuka kwesinye sazo. (Kol. 2:1; 4:12, 13) Ngaba uEpafra weva uPawulos enikela ubungqina e-Efese waza waba ngumKristu? IBhayibhile ayithethi nto ngaloo nto. Kodwa xa uEpafra wasasaza inyaniso kummandla wakowabo, mhlawumbi wayethunywe nguPawulos. (Kol. 1:7) Kusenokwenzeka ukuba isigidimi safikelela nakwizixeko ezinjengeFiladelfi, iSardesi neTiyatira ngeminyaka uPawulos awayenikela ngayo ubungqina e-Efese.
9. (a) UPawulos wayenawuphi umnqweno onyanisekileyo? (b) Uthini umxholo wama-2009?
9 Ngenxa yoko, abadala base-Efese basenokuba babenezizathu eziliqela zokwamkela amazwi kaPawulos athi: “Andiwugqali njengothandekayo kum umphefumlo wam, ukuba nje kuphela ndinokuligqiba ikhondo lam nobulungiseleli endabamkelayo beNkosi uYesu, ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.” Akwakule ndinyana amazwi akhuthazayo omxholo wonyaka wama-2009 athi: ‘Nikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.’—IZe. 20:24.
Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo Namhlanje
10. Sazi njani ukuba nathi sifanele sinikele ubungqina obucokisekileyo?
10 Umyalelo ‘wokushumayela ebantwini nokunikela ubungqina obucokisekileyo’ waquka nabanye abantu abangengabo abapostile. Xa uYesu ovusiweyo wayethetha nabafundi ababehlanganisene eGalili, abamalunga nama-500, wabayalela oku: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” Loo myalelo ubhekisela nakuwo onke amaKristu okwenyaniso namhlanje, kanye njengoko amazwi kaYesu ebonisa: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mat. 28:19, 20.
11. AmaNgqina kaYehova aziwa ngokwenza wuphi umsebenzi obalulekileyo?
11 AmaKristu akhutheleyo ayaqhubeka ewuthobela loo myalelo, esenza unako-nako ‘wokunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.’ Eyona ndlela iphambili yokwenza oko, ngumsebenzi uPawulos awathetha ngawo kubadala base-Efese—ukushumayela kwindlu ngendlu. Kwincwadi yowama-2007 ethetha ngokuphumelela ekuhambiseni ivangeli, uDavid G. Stewart, Omnci., wathi: “Ukukhuthaza kwamaNgqina kaYehova abathunywa bawo bevangeli ukuba baye ebantwini kungqineke kuphumelela kakhulu, [kuneentshumayelo nje zaseqongeni]. AmaNgqina kaYehova amaninzi, akuthanda gqitha ukuxelela abanye ngezinto azikholelwayo.” Oko kuye kwaphumela entwenini? “Ngowe-1999, ngabantu ababini ukuya kwabane ekhulwini endiye ndathetha nabo kumakomkhulu amabini aseMpuma Yurophu abathi bakha batyelelwa ziiNgcwele zale Mihla okanye ngabathunywa bevangeli ‘bamaMormon.’ Bangaphezu kwama-70 ekhulwini abandixelela ukuba bakhe batyelelwa ngamaNgqina kaYehova, kangangezihlandlo ezininzi.”
12. (a) Kutheni sisiya “kangangezihlandlo ezininzi” kumakhaya akwintsimi yethu? (b) Khawusibalisele amava omntu owatshintsha indlela awayesijonga ngayo isigidimi sethu.
12 Kusenokwenzeka ukuba nakubantu bendawo ohlala kuyo ubungqina bunikelwa rhoqo. Mhlawumbi nawe ube negalelo ekwenzeni oko. Njengoko ‘utyelela’ abantu kwindlu ngendlu, uye wathetha namadoda, amabhinqa kwakunye nolutsha. Abanye basenokuba abakhange baphulaphule nangona kuyiwe kubo “kangangezihlandlo ezininzi.” Abanye basenokuba baye baphulaphula kancinane njengoko ubafundela indinyana yeBhayibhile okanye uncokola nabo ngeZibhalo. Sekunjalo, abanye baye bakuphulaphula njengoko unikela ubungqina. Sisenokudibana nabo bonke abo bantu njengoko ‘sinikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.’ Njengoko usenokuba uyazi, kukho imizekelo emininzi yabo babengenamdla kangako xa batyelelwa “kangangezihlandlo ezininzi,” kodwa kamva benza utshintsho. Mhlawumbi kwenzeka nto ithile kubo, okanye kubahlobo nezalamane zabo, eyabangela ukuba bayamkele inyaniso. Ngoku sele bengabazalwana noodadewethu. Ngenxa yoko, musa ukunikezela, enoba okwangoku akukadibani nabantu abakuphulaphulayo. Asilindelanga ukuba wonke umntu amkele inyaniso. Kodwa ke uThixo ulindele ukuba siqhubeke sinikela ubungqina obucokisekileyo ngenkuthalo.
Imiphumo Esisenokungayazi
13. Kunokwenzeka njani ukuba ukunikela kwethu ubungqina kube nemiphumo esingayaziyo?
13 Iingenelo zobulungiseleli bukaPawulos azizange ziphelele kwabo wabanceda ngokungqalileyo ukuba babe ngamaKristu; nanamhlanje kusenjalo. Siyaqiniseka ukuba sishumayela kwindlu ngendlu, sithetha nabaninzi kangangoko kunokwenzeka. Sishumayela iindaba ezilungileyo kubamelwane bethu, kwesisebenza nabo, kwesifunda nabo nakwizizalwana. Ngaba siyayazi yonke imiphumo yoko? Kwabanye imiphumo emihle isenokubonakala ngokukhawuleza. Kwezinye iimeko, imbewu yenyaniso isenokungabonakali kangangethuba elithile ize iye kuntshula kwintliziyo yomnye umntu, ikhule. Enoba oko akwenzeki, abantu esishumayela kubo basenokuxelela abanye ngoko sikuthethileyo, esikukholelwayo nendlela esenza ngayo izinto. Eneneni, basenokuthi bengaqondi bancedise ekuntshuleni kwaloo mbewu entliziyweni yomnye umntu.
14, 15. Ubungqina obanikelwa ngomnye umzalwana baphumela entwenini?
14 Ngokomzekelo, cinga ngoRyan nomfazi wakhe uMandi, abahlala eFlorida, eUnited States. URyan wanikela ubungqina obungacwangciswanga kumntu asebenza naye. Loo ndoda ingumHindu, yayiyithanda indlela uRyan awayenxiba aze athethe ngayo. Xa bencokola, uRyan wayethetha ngemiba efana novuko nemeko yabantu abafileyo. Ngobunye ubusuku bangoJanuwari, le ndoda yabuza inkosikazi yayo, uJodi, enoba ikho kusini na into eyaziyo ngamaNgqina kaYehova. Le nkosikazi yayingumKatolika, ibe yathi ekuphela kwento eyaziyo ngamaNgqina kukuba “ashumayela kwindlu ngendlu.” Ngoko uJodi wakhangela “amaNgqina kaYehova” kwi-Internet, ibe wafumana iWeb site yethu ethi www.watchtower.org. Kangangeenyanga uJodi, wayefunda inkcazelo ekuloo Web site, kuquka iBhayibhile namanqaku abangel’ umdla.
15 Ekuhambeni kwethuba, uJodi noMandi badibana, kuba bobabini babengabongikazi. UMandi wakuvuyela ukuphendula imibuzo kaJodi. Emva kwethuba elithile, baba nengxubusho athi uJodi xa ethetha ngayo yingxubusho esusela “kuAdam iye kutsho kwiArmagedon.” UJodi wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Akuzange kube kudala waqalisa ukuya kwiHolo yoBukumkani. Ngo-Oktobha, uJodi waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, waza wabhaptizwa ngoFebruwari. Ubhala athi: “Ekubeni ngoku ndiyazi inyaniso, ndonwabe gqitha yaye ndiyayazi into endiyiphilelayo.”
16. Abonisa ntoni amava omzalwana waseFlorida ngemigudu yethu yokunikela ubungqina obucokisekileyo?
16 URyan wayengazi ukuba ukunikela kwakhe ubungqina kumntu omnye kungenza omnye amkele inyaniso. Eneneni yena, wayazi imiphumo yokuzimisela kwakhe “ukunikela ubungqina obucokisekileyo.” Noko ke, kusenokwenzeka ukuba wena unikela ubungqina kwindlu ngendlu, emsebenzini, esikolweni okanye ngokungacwangciswanga, ibe wena ungazi, inyaniso isasazeka ngolo hlobo kwabanye. Kanye njengokuba uPawulos wayengayazi yonke imiphumo yokunikela kwakhe ubungqina “kwisithili saseAsiya,” nawe usenokungayazi yonke imiphumo emihle yokunikela kwakho ubungqina obucokisekileyo. (Funda IZenzo 23:11; 28:23.) Kodwa kubaluleke ngokwenene ukuba uqhubeke usenjenjalo!
17. Uzimisele ukwenza ntoni ngowama-2009?
17 Ngowama-2009, ngamana sonke singabonisa ukuzimisela kuthumo lwethu lokunikela ubungqina kwindlu ngendlu nangezinye iindlela. Ukuba senjenjalo, siya kukwazi ukuthetha amazwi awathethwa nguPawulos esithi: “Andiwugqali njengothandekayo kum umphefumlo wam, ukuba nje kuphela ndinokuligqiba ikhondo lam nobulungiseleli endabamkelayo beNkosi uYesu, ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.”
Unokuphendula Uthini?
• Umpostile uPetros noPawulos nabanye ababephila ngenkulungwane yokuqala babunikela njani ubungqina obucokisekileyo?
• Kutheni imiphumo yokunikela kwethu ubungqina inokuba mikhulu kunokuba thina sisazi?
• Uthini umxholo wonyaka wama-2009, ibe kutheni ucinga ukuba uyafaneleka?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Umxholo wonyaka wama-2009 uthi: ‘Nikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.’—IZe. 20:24.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Abadala base-Efese babesazi ngokunikela kukaPawulos ubungqina kwindlu ngendlu
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukunikela kwakho ubungqina obucokisekileyo kuya kuba nayiphi imiphumo emihle?