Ukugqala Indima KaYesu Ekhethekileyo Kwinjongo KaThixo
“Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.”—YOH. 14:6.
1, 2. Kutheni sifanele sibe nomdla wokuhlolisisa indima kaYesu ekhethekileyo kwinjongo kaThixo?
UKUTYHUBELA iminyaka, abantu abaninzi baye bazama ukwahluka kwabanye, kodwa uninzi lwabo lusilele. Bambalwa abantu abanokutsho beqinisekile ukuba banezinto abahluke ngazo. Kodwa uYesu Kristu, uNyana kaThixo wahluke ngeendlela ezininzi.
2 Kutheni indima kaYesu ekhethekileyo ifanele ibangele umdla kuthi? Kungenxa yokuba kaloku ibandakanya ulwalamano lwethu noBawo wethu wasezulwini, uYehova! UYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yoh. 14:6; 17:3) Makhe sihlolisise ezinye zeendlela akhetheke ngazo uYesu. Ukwenjenjalo kuya kusenza siyigqale indima anayo kwinjongo kaThixo.
‘UNyana Okuphela Kozelweyo’
3, 4. (a) Kutheni sinokuthi uYesu unendima ekhethekileyo njengokuphela koNyana ozelweyo? (b) Yayikhetheke njani indima kaYesu ekudaleni?
3 UYesu ‘akangonyana kaThixo’ nje kuphela. Xa wayemhenda, uSathana wabhekisela kuYesu njengonyana kaThixo. (Mat. 4:3, 6) UYesu ubizwa ngokufanelekileyo ngokuba ‘nguNyana okuphela kozelweyo kaThixo.’ (Yoh. 3:16, 18) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “okuphela kozelweyo” liye lachazwa ngokuthi “ongenakufaniswa nanto, okuphela kwakhe,” “okuphela kwelungu leso sizwe okanye uhlobo lwabantu,” okanye “okhethekileyo.” UYehova unamakhulu ezigidi zoonyana bomoya. Ngoko ke, kungayiphi ingqiqo athi uYesu abe ‘ngokuphela kwelungu lesizwe okanye uhlobo lwabantu’?
4 UYesu ukhetheke ngokuba nguye kuphela owadalwa ngokungqalileyo nguYise. NguNyana olizibulo. Enyanisweni, ‘ulizibulo kwindalo yonke.’ (Kol. 1:15) ‘Usisiqalo sendalo kaThixo.’ (ISityhi. 3:14) Indima anayo lo Nyana ungokuphela kozelweyo ekudaleni ikwakhethekile. WayengengoMdali, okanye uMseki wendalo. Kodwa uYehova wamsebenzisa ekudaleni zonke ezinye izinto. (Funda uYohane 1:3.) Umpostile uPawulos wathi: “Okunene kuthi thina kukho uThixo omnye, uYise, eziphuma kuye zonke izinto, nathi sikholo yena; yaye kukho iNkosi enye, uYesu Kristu, ezikho ngayo zonke izinto, nathi sikho ngayo.”—1 Kor. 8:6.
5. IZibhalo zikubalaselisa njani ukukhetheka kukaYesu?
5 Noko ke, uYesu ukhetheke nangezinye iindlela ezininzi. EZibhalweni unezibizo ezininzi ezibalaselisa indima yakhe ekhethekileyo kwinjongo kaThixo. Ngoku makhe sihlolisise ezintlanu kwezi zibizo zibhekisela kuYesu kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.a
“ULizwi”
6. Kutheni kufanelekile ukuba uYesu abizwe ngokuba ‘nguLizwi’?
6 Funda uYohane 1:14. Kutheni uYesu ebizwa ngokuba ‘nguLizwi’ okanye uLogos? Esi sibizo sichaza umsebenzi awayewenza ukususela ekudalweni kwezinye izidalwa ezikrelekrele. UYehova wasebenzisa uNyana wakhe ukuze adlulisele inkcazelo nemiyalelo kwabanye oonyana bomoya, kanye ngendlela awamsebenzisa ngayo lo Nyana wakhe ukudlulisela isigidimi sakhe kubantu abasemhlabeni. Isibakala sokuba uYesu enguLizwi okanye iSithethi sikaThixo, sabethelelwa koko uKristu wakuthetha kumaYuda awayemphulaphule: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo. Ukuba nabani na unqwenela ukwenza ukuthanda Kwakhe, uya kwazi ngokuphathelele le mfundiso enoba ivela kuThixo okanye ndithetha ngokuphuma kum kusini na.” (Yoh. 7:16, 17) UYesu usaqhubeka ebizwa ngokuba “nguLizwi likaThixo” kwanasemva kokubuyela kwakhe kuzuko lwasezulwini.—ISityhi. 19:11, 13, 16.
7. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu wokuthobeka awawumiselayo kwindima yakhe yokuba ‘nguLizwi’?
7 Khawucinge nje ngoko kuthethwa sesi sibizo. Nangona uYesu esesona sidalwa sikaYehova sikrelekrele kunazo zonke, akathembeli kubulumko bakhe. Uthetha izinto aziyalelwe nguYise. Usoloko esisa ingqalelo kuYehova kunokuba ayizise kuye. (Yoh. 12:50) Ungumzekelo obalaseleyo esifanele siwuxelise! Nathi sinikwe ilungelo elikhethekileyo ‘lokuvakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo.’ (Roma 10:15) Ukuqonda umzekelo kaYesu wokuthobeka kufanele kusenze siphephe ukuthetha izinto eziphuma kuthi. Xa sivakalisa isigidimi seZibhalo esisindisa ubomi, asifuni ‘kugqitha kwizinto ezibhaliweyo.’—1 Kor. 4:6.
“UAmen”
8, 9. (a) Lithetha ukuthini igama elithi “amen” ibe kutheni uYesu ebizwa ngokuba ‘nguAmen’? (b) UYesu wayizalisekisa njani indima yakhe ‘njengoAmen’?
8 Funda ISityhilelo 3:14. Kutheni uYesu ebizwa ngokuba ‘nguAmen’? Igama elithi “amen” likukuguqulelwa ngokuthe ngqo kwelesiHebhere elithetha ukuba “makube njalo,” okanye “ngokuqinisekileyo.” Igama eliyingcambu lesiHebhere elithathwe kulo lithetha “ukuthembeka.” Eli gama lifanayo liyasetyenziswa xa kuchazwa ukuthembeka kukaYehova. (Dut. 7:9; Isa. 49:7) Ngoko uYesu ukhetheka ngayiphi indlela xa kubhekiselwa kuye ‘njengoAmen’? Phawula indlela eyesi-2 kwabaseKorinte 1:19, 20 ephendula ngayo: “UNyana kaThixo, uKristu Yesu, esashumayela ngaye phakathi kwenu . . . , akazange abe nguEwe ukanti enguHayi, kodwa uEwe uye waba nguEwe kuye. Kuba kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izithembiso zikaThixo, ziye zaba nguEwe ngaye. Ngoko ke kwangaye kuthiwa ‘Amen’ kuThixo ukuze azukiswe.”
9 UYesu ‘unguAmen’ kuzo zonke izithembiso zikaThixo. Ukuphila kwakhe ngendlela engenasiphako emhlabeni, kuquka ukufa kwakhe okulidini, kwabethelela kwaza kwabangela ukuba zizaliseke zonke izithembiso zikaYehova uThixo. Ngokuhlala ethembekile, uYesu wangqina isityholo sikaSathana esikwincwadi kaYobhi sibubuxoki, sokuba xa besebunzimeni, bebandezelekile yaye bevavanywa, abakhonzi bakaThixo baya kumshiya. (Yobhi 1:6-12; 2:2-7) Kuzo zonke izidalwa zikaThixo, uNyana wakhe olizibulo wanikela impendulo engenakuphikiswa. Ukongezelela, uYesu wanikela obona bungqina buhle buxhasa uYise kwimbambano enkulu yokufaneleka kolongamo lukaYehova kwindalo yonke.
10. Sinokumxelisa njani uYesu kwindima yakhe ekhethekileyo yokuba ‘nguAmen’?
10 Sinokumxelisa njani uYesu kwindima yakhe ekhethekileyo yokuba ‘nguAmen’? Ngokuhlala sithembekile kuYehova size sixhase ulongamo lwakhe kwindalo yonke. Xa sisenjenjalo siya kuba siyasithobela isicelo esibhalwe kwiMizekeliso 27:11 esithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.”
“Umlamli Womnqophiso Omtsha”
11, 12. Ikhetheke njani indima kaYesu njengoMlamli?
11 Funda eyoku-1 kuTimoti 2:5, 6. UYesu ‘ngumlamli omnye phakathi kukaThixo nabantu.’ ‘Ungumlamli womnqophiso omtsha.’ (Heb. 9:15; 12:24) Noko ke, noMoses kuthiwa ngumlamli—umlamli womnqophiso woMthetho. (Gal. 3:19) Ngoko ke, ikhetheke njani indima kaYesu njengoMlamli?
12 Igama lolwimi lwantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi “umlamli” ligama elisetyenziswa kwezomthetho. Libhekisela kuYesu njengoMlamli wasemthethweni (okanye mhlawumbi igqwetha) womnqophiso omtsha owabangela ukuba kuzalwe uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo.” (Gal. 6:16) Olu hlanga luyilwa ngamaKristu athanjiswe ngomoya, abumba “ububingeleli basebukhosini” basezulwini. (1 Pet. 2:9; Eks. 19:6) Umnqophiso woMthetho, uMoses awayengumlamli wawo, awuzange ukwazi ukuvelisa uhlanga olunjalo.
13. Iquka ntoni indima kaYesu njengoMlamli?
13 Iquka ntoni indima kaYesu njengoMlamli? Kaloku, uYehova usebenzisa ixabiso legazi likaYesu kwabo bangeniswe kumnqophiso omtsha. Ngale ndlela, ubenza amalungisa ngokusemthethweni. (Roma 3:24; Heb. 9:15) Ngoko uThixo unokubangenisa kumnqophiso omtsha benethemba lokuba ngookumkani nababingeleli ezulwini! NjengoMlamli wabo, uYesu ubanceda bahlale becocekile phambi kukaThixo.—Heb. 2:16.
14. Kutheni onke amaKristu, enoba analiphi ithemba, efanele ayigqale indima kaYesu njengoMlamli?
14 Kuthekani ngabo bangekho kumnqophiso omtsha, abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, kungekhona ezulwini? Nangona bengeyonxalenye yomnqophiso omtsha kodwa bayangenelwa kuwo. Bayazixolelwa izono zabo yaye bavakaliswa bengamalungisa njengabahlobo bakaThixo. (Yak. 2:23; 1 Yoh. 2:1, 2) Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, ngamnye kuthi unesizathu esivakalayo sokugqala indima kaYesu njengoMlamli womnqophiso omtsha.
‘Umbingeleli Omkhulu’
15. Indima kaYesu njengoMbingeleli Omkhulu yahluke njani kuleyo yawo onke amanye amadoda awayengababingeleli abakhulu ngaphambili?
15 Maninzi amadoda aye aba ngababingeleli abakhulu ngaphambili, kodwa indima kaYesu njengoMbingeleli Omkhulu ikhetheke ngokwenene. Njani? UPawulos uthi: “Akuyomfuneko ngaye, njengoko kunjalo ngabo babingeleli bakhulu, ukuba anikele imibingelelo mihla le, kuqala ngenxa yezono zakhe kwanangenxa yezo zabantu: (kuba oku wakwenza kwaba kanye xa wazinikelayo yena ngokwakhe;) kuba uMthetho umisela abantu abanobuthathaka njengababingeleli abakhulu, kodwa lona ilizwi lesifungo esinzulu eleza emva koMthetho limisela uNyana, ogqityeleliswe ngonaphakade.”—Heb. 7:27, 28.b
16. Kutheni idini likaYesu likhetheke ngokwenene?
16 UYesu wayefezekile, elingana ngqo noAdam ngaphambi kokuba one. (1 Kor. 15:45) Ngenxa yoko, uYesu wayekuphela komntu owayenokunikela idini eligqibeleleyo nelipheleleyo—idini ekwakungazi kufuneka liphindwe. KuMthetho kaMoses, amadini ayenikelwa mihla le. Noko ke, onke loo madini nemisebenzi eyayisenziwa ngababingeleli yayisisithunzi nje soko uYesu wayeza kukufeza. (Heb. 8:5; 10:1) Ngoko ngenxa yoko wakwenzayo nangenxa yesibakala sokuba eya kuqhubeka efeza loo ndima, isigxina sikaYesu njengoMbingeleli Omkhulu sikhethekile.
17. Kutheni sifanele siyigqale indima kaYesu njengoMbingeleli wethu Omkhulu, yaye sinokukwenza njani oko?
17 Siyalufuna uncedo lukaYesu njengoMbingeleli Omkhulu ukuze asenze sibe nolwalamano oluhle noThixo. Yaye sinoMbingeleli Omkhulu obalasele ngokwenene! UPawulos wathi: “Umbingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.” (Heb. 4:15) Enyanisweni, ukugqala esi sibakala kufanele kusenze ‘singaziphileli kodwa siphilele lowo wasifelayo.’—2 Kor. 5:14, 15; Luka 9:23.
“Imbewu” Ekwaprofetwa Ngayo
18. Sisiphi isiprofeto esachazwa emva kokuba uAdam onile, yaye yintoni eyatyhilwayo ngokuphathelele esi siprofeto?
18 Emva phayaa e-Eden, xa kwakubonakala ngathi uluntu lulahlekelwe yinto yonke—ulwalamano oluhle noThixo, ubomi obungunaphakade, ulonwabo neParadesi—uYehova uThixo waprofeta ngelokuba kwakuza kubakho uMhlanguli. Lo mhlanguli kwathiwa ‘yimbewu.’ (Gen. 3:15) Le Mbewu iyimfihlelo yaba ngumxholo weziprofeto zeBhayibhile eziliqela ukutyhubela iminyaka. Yayiza kuphuma kumnombo ka-Abraham, uIsake noYakobi. Kanti yayiza kuphuma nakumnombo kaKumkani uDavide.—Gen. 21:12; 22:16-18; 28:14; 2 Sam. 7:12-16.
19, 20. (a) Ngubani iMbewu ethenjisiweyo? (b) Kutheni kunokuthiwa imbewu ekuprofetwe ngayo ayipheleli nje kuYesu?
19 Yayingubani le Mbewu ithenjisiweyo? Impendulo yalo mbuzo inokufunyanwa kwabaseGalati 3:16. (Yifunde.) Noko ke, kamva kwesi sahluko sinye, umpostile uPawulos uthi kumaKristu athanjisiweyo: “Ngaphezu koko, ukuba ningabakaKristu, ngokwenene niyimbewu ka-Abraham, iindlalifa ngokwesithembiso.” (Gal. 3:29) Yenzeka njani into yokuba uKristu abe yiMbewu ethenjisiweyo ngoxa kuqukwe nabanye abantu kuyo?
20 Izigidi ngezigidi zithi ziphuma kumnombo ka-Abraham, abanye kuzo bade bazenze abaprofeti. Ezinye iinkonzo zizingomb’ izifuba zisithi abaprofeti bazo baphuma kumnombo ka-Abraham. Kodwa ngaba bonke aba bayiMbewu ethenjisiweyo? Akunjalo. Ngokutsho kukampostile uPawulos ephefumlelwe, asiyiyo yonke inzala ka-Abraham enokubanga ngelithi iyiMbewu ethenjisiweyo. Inzala yabanye oonyana baka-Abraham ayizange isetyenziselwe ukusikelela uluntu. Imbewu yentsikelelo yayiza kuvela ngoIsake kuphela. (Heb. 11:18) Ekugqibeleni, yaba ngumntu omnye, uYesu Kristu, omnombo wakhe uvela kuAbraham nobhaliweyo eBhayibhileni, owaba yinxalenye yokuqala yaloo mbewu.c Bonke abanye bathi kamva baba yinxalenye yesibini yembewu ka-Abraham ngenxa yokuba ‘bangabakaKristu.’ Ngokwenene indima kaYesu ekuzalisekiseni esi siprofeto ikhethekile.
21. Yintoni ekuchukumisayo ngendlela uYesu aye wayifeza ngayo indima yakhe ekhethekileyo kwinjongo kaYehova?
21 Sifunde ntoni kula magqabantshintshi aphathelele indima kaYesu ekhethekileyo kwinjongo kaYehova? Ukususela kwixesha lokudalwa kwakhe ukusa phambili, uNyana kaThixo okuphela kozelweyo ebekhetheke ngokwenene, engenakufaniswa namntu. Noko ke, lo Nyana kaThixo ukhethekileyo nowaba nguYesu, ngokuthobeka ebesoloko esenza ngokuvisisana nokuthanda kukaYise, engazifuneli uzuko. (Yoh. 5:41; 8:50) Ngokwenene ungumzekelo obalaseleyo kuthi namhlanje! Kanye njengoYesu, ngamana singazibekela usukelo ‘lokuzenzela uzuko lukaThixo zonke izinto.’—1 Kor. 10:31.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ezinye kwezi zibizo ziba nesima-phambili sesiGrike, esibonisa ukuba isibizo eso “ngandlel’ ithile, ‘sithetha udidi olulodwa.’”
b Ngokutsho komnye umphengululi weBhayibhile igama eliguqulelwe ngokuthi “kwaba kanye” lidlulisela ingcamango yeBhayibhile ebalulekileyo “ebonisa ukuqiniseka, ukukhetheka okanye ukwahluka kokufa kukaKristu.”
c Nangona amaYuda enkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo ayecinga ukuba, njengenzala yokoqobo ka-Abraham ayengabantu abanyuliweyo, ayejonge umntu omnye owayeza kuba nguMesiya okanye uKristu.—Yoh. 1:25; 7:41, 42; 8:39-41.
Ngaba Uyakhumbula?
• Yintoni oyifundileyo ngendima kaYesu ekhethekileyo kwiindlela abizwa ngazo? (Bona ibhokisi.)
• Unokuwuxelisa njani umzekelo woNyana kaYehova okhethekileyo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 15]
Ezinye Izibizo Ezibonisa Ukukhetheka Kwendima KaYesu Kwinjongo KaThixo
◼ UNyana Okuphela Kozelweyo. (Yoh. 1:3) NguYesu kuphela owadalwa nguYise ngokungqalileyo.
◼ ULizwi. (Yoh. 1:14) UYehova usebenzisa uNyana wakhe njengeSithethi sokudlulisela inkcazelo nemiyalelo yakhe kwezinye izidalwa.
◼ UAmen. (ISityhi. 3:14) Ubomi bukaYesu obungenasiphako emhlabeni, kuquka ukufa kwakhe okulidini, kwaqinisekisa ukuba ziyazaliseka izithembiso zikaYehova uThixo.
◼ UMlamli Womnqophiso Omtsha. (1 Tim. 2:5, 6) NjengoMlamli osemthethweni, uYesu uye wabangela ukuba kuzalwe uhlanga olutsha, ‘olunguSirayeli kaThixo,’ olubunjwe ngamaKristu aza kuba ‘bububingeleli basebukhosini’ basezulwini.—Gal. 6:16; 1 Pet. 2:9.
◼ Umbingeleli Omkhulu. (Heb. 7:27, 28) UYesu wayekuphela komntu owayenokukwazi ukunikela ngedini elifezekileyo, ekungasayi kuze kufuneke liphindwe. Unokusicoca esonweni aze asikhulule ekufeni okubangelwa siso.
◼ Imbewu Ethenjisiweyo. (Gen. 3:15) NguYesu Kristu kuphela, oyinxalenye yokuqala yaloo mbewu yaxelwa kwangaphambili. Bonke abanye abathi kamva babe yinxalenye yesibini yembewu ka-Abraham, ‘bangabakaKristu.’—Gal. 3:29.