“Funa Uxolo Uluphuthume”
“Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—ROMA 12:18.
1, 2. Ziziphi ezinye zezizathu ezibangela ukuba uxolo oluziswa ngabantu lungabi loluhlala luhleli?
KHAWUBE nombono wendlu enesiseko esingaqinanga, enemiqadi ebolileyo nophahla oluwohlokayo. Ngaba ubungathanda ukufudukela kuyo ibe likhaya lakho? Mhlawumbi ubungethandi. Kwanokuba ibinokupeyintwa ngokutsha oko bekungenakusiguqula isibakala sokuba loo ndlu ayizinzanga. Kungekudala, mhlawumbi ibiya kuwa.
2 Naluphi na uxolo lwehlabathi lufana naloo ndlu. Lwakhiwe phezu kwesiseko esingaqinanga—izithembiso namacebo omntu, “lowo ungenalo usindiso.” (INdumiso 146:3) Imbali ibonisa ngothotho olude lweemfazwe phakathi kweentlanga namaqela ezizwe. Liyinyaniso elokuba, bekukho amaxesha amafutshane oxolo, kodwa ibiluxolo olunjani? Ukuba iintlanga ezimbini ziyalwa kuze emva koko kuthiwe kukho uxolo ngenxa yokuba mhlawumbi olunye uhlanga loyisiwe okanye ngenxa yokuba zombini ezo ntlanga ziyabona ukuba aziyi kuzuza nto ngokulwa, luxolo olunjani ke olo? Intiyo, ukukrokrelana nomona obubangele ukuba kuliwe loo mfazwe usekho. Uxolo lwenkwalambisa, ‘olugqume’ intiyo, asiloxolo oluhlala luhleli.—Hezekile 13:10.
3. Kutheni uxolo lwabantu bakaThixo lwahlukile kuxolo olwenziwe ngabantu?
3 Sekunjalo, lukho uxolo lokwenene kweli hlabathi lizaliswe ziimfazwe. Phi? Phakathi kwabalandeli bakaYesu Kristu, amaKristu okwenene, lawo athobela amazwi kaYesu nazabalazela ukuxelisa ikhondo lakhe lobomi. (1 Korinte 11:1; 1 Petros 2:21) Uxolo olukhoyo phakathi kwamaKristu okwenyaniso eentlanga ezahlukahlukeneyo, akwizigxina ezingafaniyo ekuhlaleni navela kwizizwe ezahlukahlukeneyo, lolokwenene kuba lubangelwa lulwalamano loxolo analo kunye noThixo, yaye lusekelwe ekukholelweni kwawo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu. Uxolo analo sisipho esivela kuThixo, alunto yenziwe ngabantu. (Roma 15:33; Efese 6:23, 24) Alufumana ngenxa yokuzithoba ‘kwiNkosana yoXolo,’ uYesu Kristu, nangenxa yokunqula uYehova, “uThixo wothando nowoxolo.”—Isaya 9:6; 2 Korinte 13:11.
4. UmKristu ‘ulufuna’ njani uxolo?
4 Asinto izenzekelayo ukuba abantu abangafezekanga babe noxolo. Ngenxa yoko, uPetros wathi mKristu ngamnye ufanele ‘afune uxolo, aluphuthume.’ (1 Petros 3:11) Sinokukwenza njani oko? Isiprofeto samandulo sisinika impendulo. Ethetha ngomprofeti uIsaya, uYehova wathi: “Bonke oonyana bakho baya kufundiswa nguYehova, lube lukhulu uxolo loonyana bakho.” (Isaya 54:13; Filipi 4:9) Ewe, uxolo lokwenene lufunyanwa ngabo bathobela iimfundiso zikaYehova. Ngaphezu koko, uxolo, ‘uthando, uvuyo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa,’ sisiqhamo somoya kaThixo oyingcwele. (Galati 5:22, 23) Alunakufunyanwa ngumntu ongenaluthando, ongenavuyo, ongenamonde, ongenabubele, ongendawo, ongathembekanga, ongqwabalala okanye ongenakuzeyisa.
‘Ukuba Noxolo Nabantu Bonke’
5, 6. (a) Ngokwembono yeBhayibhile kuthetha ntoni ukuba noxolo? (b) AmaKristu azabalazela ukuba seluxolweni nabani?
5 Uxolo luchazwa “njengexesha lenzolo.” Loo ndlela yokuchaza inokubhekisela kwiimeko ezininzi xa kungekho zingxwabangxwaba. Kaloku, kwanomntu ofileyo useluxolweni! Noko ke, ukuze ubani abe noxolo lokwenene kufuneka okungakumbi kunokuba abe seluxolweni nje. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’” (Mateyu 5:9) UYesu wayethetha nabantu ababeza kuthi kamva bafumane ithuba lokuba ngoonyana bakaThixo baze bazuze ubomi bokungafi ezulwini. (Yohane 1:12; Roma 8:14-17) Yaye ekugqibeleni, lonke uluntu oluthembekileyo olungenathemba lokuphila ezulwini luya kunandipha ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21) Ngabantu abanoxolo kuphela abanokuba nethemba elinjalo. Igama lesiGrike elithi “abanoxolo” ngokoqobo lithetha “abaxolisi.” Ukuba noxolo ngokwembono yeZibhalo kuthetha ukusebenzela ukuba kubekho uxolo, maxa wambi ubangele ukuba kubekho uxolo obelungekho ngaphambili.
6 Ucinga ngoku, phawula isiluleko sikampostile uPawulos esiya kubantu baseRoma: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) UPawulos wayengaxeleli abantu baseRoma ukuba mabazole, nangona oko kwakuya kubanceda. Wayebakhuthaza ukuba benze kubekho uxolo. Nabani? “Nabantu bonke”—amalungu entsapho, amanye amaKristu, kwanabo babengenankolelo zifana nezabo. Wakhuthaza abantu baseRoma ukuba benze kubekho uxolo phakathi kwabo nabanye kangangoko ‘kusemandleni abo.’ Wayengafuni ukuba balalanise kwiinkolelo zabo ukuze nje kubekho uxolo. Kunokuba bacaphukise abanye ngokungeyomfuneko, babefanele bathethe nabo ngomoya woxolo. AmaKristu ayefanele enjenjalo enoba kukubantu basebandleni okanye kwabangaphandle. (Galati 6:10) Ngokuphathelele oku, uPawulos wabhala: “Hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye nakubo bonke abanye.”—1 Tesalonika 5:15.
7, 8. AmaKristu anoxolo njani nabo bangenankolelo zifana nezawo yaye kutheni emele abe noxolo?
7 Sinokuba noxolo njani nabo bangenankolelo zifana nezethu nekusenokwenzeka ukuba bayazichasa? Phakathi kwezinye izinto, siyakuphepha ukuzibonakalisa njengabo bongamileyo. Ngokomzekelo, besingayi kuba sinoxolo ukuba besisebenzisa amazwi okugxeka ingakumbi xa sithetha ngabantu abathile. UYehova uye wathetha ngokuphandle ngemigwebo yakhe nxamnye neentlangano nabantu bodidi oluthile, kodwa asinalo ilungelo lokuthetha ngomntu othile ngokungathi sele egwetyiwe. Eneneni, asibagwebi abanye, kwanabo basichasayo. Emva kokuxelela uTito ukuba aluleke amaKristu aseKrete ngeenkqubano zawo nabasemagunyeni, uPawulos wathi makawakhuthaze ukuba ‘angathethi kakubi nangabani na, angabi ngathanda ukulwa, abe nganengqiqo, ebonisa ubulali kubantu bonke.’—Tito 3:1, 2.
8 Ukuba noxolo nabo bangenankolelo zifana nezethu kunegalelo ekubenzeni babe nomdla enyanisweni. Kakade ke, asihlakuleli buhlobo ‘bonakalisa imikhwa elungileyo.’ (1 Korinte 15:33) Sekunjalo, sisenokubonakalisa intlonelo, yaye bonke abantu sifanele sibaphathe ngentlonelo nobubele. UPetros wabhala: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.”—1 Petros 2:12.
Ukuba Noxolo Kubulungiseleli
9, 10. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguPawulos wokubaphatha ngoxolo abangakholwayo?
9 AmaKristu enkulungwane yokuqala ayesaziwa ngokuba nenkalipho. Ayengasingxengi isigidimi sawo, yaye xa ejamelene nenkcaso, ayezimisele ukuthobela uThixo njengomlawuli kunokuba athobele abantu. (IZenzo 4:29; 5:29) Sekunjalo, ayekwazi ukwahlula phakathi kokubonakalisa inkalipho nokuba krwada. Phawula indlela uPawulos awathetha ngayo xa wayethethelela ukholo lwakhe phambi kukaKumkani uHerode Agripa II. UHerode Agripa wenza umbulo nodade wabo, uBhernike. Noko ke, uPawulos wayengenanjongo yokufundisa uAgripa ngokuziphatha. Kunoko, wagxininisa kwiingongoma ababevumelana kuzo, encoma uAgripa ngokwazi amasiko amaYuda nokukholelwa kwakhe kubaprofeti.—IZenzo 26:2, 3, 27.
10 Ngaba uPawulos wayeyincoma ngokuyikhohlisa le ndoda yayinokumkhulula? Akunjalo. UPawulos walandela icebiso layo waza wathetha inyaniso. Ayikho into awayithetha kuHerode Agripa eyayibubuxoki. (Efese 4:15) Kodwa uPawulos wayengumntu onoxolo yaye wayekwazi ukuba “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo.” (1 Korinte 9:22) Injongo yakhe yayikukuthethelela ilungelo lakhe lokushumayela ngoYesu. Njengomfundisi ophumelelayo, wakhankanya nto ithile ababenokuvumelana ngayo noAgripa. Ngaloo ndlela, uPawulos wamnceda loo kumkani wayeziphethe kakubi ukuba abe nembono ephangaleleyo ngobuKristu.—IZenzo 26:28-31.
11. Sinokuba noxolo njani kubulungiseleli bethu?
11 Sinokuba ngabantu abanoxolo njani kubulungiseleli bethu? NjengoPawulos, sifanele sikuphephe ukuphikisana nabantu. Kuyavunywa ukuba, maxa wambi kufuneka ‘sithethe ilizwi likaThixo ngokungenaloyiko,’ sithethelele ukholo lwethu ngenkalipho. (Filipi 1:14) Kodwa kwiimeko ezininzi eyona njongo yethu iphambili kukushumayela iindaba ezilungileyo. (Mateyu 24:14) Ukuba umntu uyayibona inyaniso ephathelele iinjongo zikaThixo, unokuqalisa ukulahla iingcamango zonqulo lobuxoki aze ahlukane nemikhwa engcolileyo. Ngoko ke, kubalulekile ukuba, kangangoko kunokwenzeka sigxininise kwizinto eziya kubangela umdla kwabo basiphulaphuleyo, siqale ngezinto esivumelana ngazo nabo. Bekungayi kuba yingenelo ukucaphukisa umntu obeya kuthi, xa kuthethwe naye ngobuchule, asiphulaphule isigidimi sethu.—2 Korinte 6:3.
Ukuba Noxolo Entsatsheni
12. Sinokuba ngabantu abanoxolo njani entsatsheni?
12 UPawulos wathi abo batshatayo “baya kuba nembandezelo enyameni yabo.” (1 Korinte 7:28) Babeza kujamelana neenzima ezahlukahlukeneyo. Phakathi kwezinye izinto, kwakuza kubakho ukungavisisani phakathi kwezinye izibini ngamathub’ athile. Kufanele kusingathwe njani oko kungavisisani? Ngoxolo. Umntu onoxolo uya kuzama ukuthintela ingxabano ukuba ingaqhubeki iye phambili. Njani? Okokuqala, ngokulawula ulwimi lwakhe. Xa lusetyenziselwa ukugxeka nokunyelisa, ngokwenene eli lungu lincinane linokuba ‘yinto engalawulekiyo embi, ezele yityhefu ebulalayo.’ (Yakobi 3:8) Umntu onoxolo unokusebenzisa ulwimi lwakhe ukwakha abanye kunokuba abagxeke.—IMizekeliso 12:18.
13, 14. Sinokululondoloza njani uxolo xa siye sathetha into ekhathaza omnye okanye xa sicaphuke kakhulu?
13 Njengabantu abangafezekanga, sonke ngamathub’ athile sithetha izinto esiye sizisole ngazo kamva. Xa oku kusenzeka, kulungise ngokukhawuleza—ukuze kubekho uxolo. (IMizekeliso 19:11; Kolose 3:13) Kuphephe ‘ukuxambulisana ngamazwi’ ‘neempikiswano ezishushu zochuku.’ (1 Timoti 6:4, 5) Kunoko, zama ukufumanisa ezona ntshukumisa zesenzo uze uzame ukuqonda indlela elivakalelwa ngayo iqabane lakho. Ukuba umntu uthetha rhabaxa nawe, musa ukuziphindezela. Khumbula ukuba “impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.
14 Maxa wambi, kusenokufuneka uphawule isiluleko esikwiMizekeliso 17:14, esithi: “Ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.” Rhoxa xa imeko isenokubangela ingxabano. Kamva, xa ukucaphuka sele kuhlile, mhlawumbi unokukwazi ukucombulula ingxaki ngoxolo. Kwezinye iimeko, kunokuba kuhle ukucela uncedo kumveleli ongumKristu oqolileyo. Amadoda anjalo anamava nanovelwano anokuba luncedo oluhlaziyayo xa uxolo lomtshato lusongelwa.—Isaya 32:1, 2.
Ukuba Noxolo Ebandleni
15. Ngokutsho kukaYakobi, nguwuphi umoya ongendawo owavela phakathi kwamanye amaKristu, yaye kutheni loo moya ‘ingowasemhlabeni,’ ‘ingowobulwanyana,’ yaye ‘ingowobudemon’?
15 Okulusizi kukuba, amanye amaKristu enkulungwane yokuqala ayebonakalisa umoya womona nowosukuzwano—isichasi soxolo. UYakobi wathi: “Obu asibobulumko obuhla buvela phezulu, kodwa bobasemhlabeni, bobobulwanyana, bobobudemon. Kuba apho kukho ikhwele nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi.” (Yakobi 3:14-16) Bambi bakholelwa ukuba igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukusukuzana’ lithetha umnqweno wokuzingca, ukulwela isikhundla. Unesizathu esivakalayo uYakobi xa esithi ‘kokwasemhlabeni, bubulwanyana, bubudemon.’ Ukutyhubela imbali, abalawuli behlabathi baye basukuzana njengezilwanyana zasendle zisilwa. Ngokwenene usukuzwano ‘lolwasemhlabeni’ yaye ‘bubulwanyana.’ ‘Ikwabubudemon.’ Olu phawu luchuliweyo lwabonakaliswa okokuqala yingelosi eyayinqwenela igunya eyazimisa nxamnye noYehova uThixo yaza yaba nguSathana, umlawuli weedemon.
16. Kwakutheni ukuze amanye amaKristu enkulungwane yokuqala abonakalise umoya ofana nokaSathana?
16 UYakobi wabongoza amaKristu ukuba alwe notyekelo lokusukuzana, kuba lubangela ukuba kungabikho xolo. Wathi: “Zibangelwa yintoni na iimfazwe neengxabano phakathi kwenu? Azibangelwa yinkanuko yenu yenyama na, ephikisanayo namalungu enu?” (Yakobi 4:1) Apha, ‘inkanuko yenyama’ inokubhekisela ekubaweleni izinto eziphathekayo okanye ukunqwenela ukuba ngodumileyo, okanye ulawule abanye okanye ubaphembelele. NjengoSathana, bambi emabandleni ngokucacileyo bafuna ukubalasela kunokuba babe ‘ngabancinane,’ njengoko uYesu wathi abafundi bakhe bokwenene babeya kuba njalo. (Luka 9:48) Loo moya unokuluphazamisa uxolo lwebandla.
17. AmaKristu namhlanje anokuba ngabantu abanoxolo njani ebandleni?
17 Namhlanje, simele silwe notyekelo lokuthanda izinto eziphathekayo, ukuba nomona okanye ukuba namabhongo alilize. Ukuba singabantu abanoxolo ngokwenene, asiyi kuziva sisongelwe ukuba bambi ebandleni banobuchule ngakumbi kunathi kwimisebenzi ethile, singayi kuthetha ngokunyelisayo ngabo kwabanye ngokuthandabuza iintshukumisa zabo. Ukuba sinobuchule obuthile, asiyi kubusebenzisa ngenjongo yokuzibonakalisa sibhetele kunabanye, ngokungathi sithi ibandla liya kuphumelela kuphela ngenxa yobugcisa nobuchule bethu. Loo moya ubuya kubangela iyantlukwano, ubungayi kubangela uxolo. Abantu abanoxolo abacel’ injezu ngeziphiwo abanazo kodwa ngokuthozama bazisebenzisela ukukhonza abazalwana babo nokuzukisa uYehova. Bayaqonda ukuba ekugqibeleni, luthando—kungekhona ubuchule—olwahlula umKristu wokwenyaniso.—Yohane 13:35; 1 Korinte 13:1-3.
“Uxolo Lube Ngabaveleli Bakho”
18. Abadala banokululondoloza njani uxolo phakathi kwabo?
18 Abadala bebandla bayakhokela ekubeni noxolo. UYehova waxela kwangaphambili ngokuphathelele abantu bakhe wathi: “Ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” (Isaya 60:17) Ngokuvisisana nala mazwi abuprofeti, abo bakhonza njengabalusi abangamaKristu bazabalazela ukuba kubekho uxolo phakathi kwabo naphakathi komhlambi. Abadala banokulondoloza uxolo phakathi kwabo ngokuba ‘nobulumko obuvela phezulu’ obunoxolo nobusengqiqweni. (Yakobi 3:17) Ngenxa yeemvelaphi zabo ezahlukahlukeneyo namava abaye bawafumana ebomini, maxa wambi abadala bebandla baya kuba neembono ezahlukahlukeneyo. Ngaba oko kuthetha ukuba bangabantu abangenaluxolo? Akunjalo, xa oko kusingathwa ngendlela efanelekileyo. Abantu abanoxolo bachaza izimvo zabo ngomoya wokuthozama baze baphulaphule abanye ngentlonelo. Kunokuba afune kwenziwe izinto ngendlela yakhe, umntu onoxolo uya kuthandaza aze ayiqwalasele ngenyameko imbono yomzalwana wakhe. Ukuba akukho mgaqo weBhayibhile waphuliweyo, ngokuqhelekileyo kunokusetyenziswa iimbono ezahlukahlukeneyo. Xa abanye bengavumelani naye, umntu onoxolo uya kuyekelela aze axhase isigqibo sabaninzi. Ngaloo ndlela, uya kubonakalisa ukuba unengqiqo. (1 Timoti 3:2, 3) Abaveleli abanamava bayazi ukuba ukulondoloza uxolo kubaluleke ngakumbi kunokwenza izinto ngendlela umntu afuna ngayo.
19. Abadala balulondoloza njani uxolo ebandleni?
19 Abadala balondoloza uxolo namalungu omhlambi ngokuwaxhasa nangokungawahlab’ amadlala ngokungeyomfuneko kwimigudu yawo. Kuyavunywa ukuba, bambi bayakufuna ukulungiswa maxa wambi. (Galati 6:1) Kodwa umsebenzi ophambili womveleli asikokunikela uqeqesho. Ngokufuthi uyancoma. Abadala abanothando bazabalazela ukubona iimpawu ezintle kwabanye. Abaveleli bayayixabisa imigudu eyenziwa ngamanye amaKristu, yaye banentembelo yokuba amanye amakholwa enza konke okusemandleni awo.—2 Korinte 2:3, 4.
20. Lingenelwa njani ibandla xa bonke abantu benoxolo?
20 Ngenxa yoko, entsatsheni, ebandleni nakwabo bangenazinkolelo zifana nezethu, sizabalazela ukuba kubekho uxolo. Ukuba ngenkuthalo, sihlakulela ukuba noxolo, siya kufak’ isandla kulonwabo lwebandla. Kwangaxeshanye, siya kukhuseleka size somelezeke ngeendlela ezininzi, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Usakhumbula?
• Kuthetha ntoni ukuba noxolo?
• Sinokuba ngabantu abanoxolo njani kwiinkqubano zethu nabantu abangengomaNgqina?
• Ziziphi ezinye iindlela esinokuhlakulela ngazo uxolo entsatsheni?
• Abadala banokululondoloza njani uxolo ebandleni?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Abantu abanoxolo bayakuphepha ukuba ngabongamileyo
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
AmaKristu angabantu abanoxolo kubulungiseleli, ekhaya nasebandleni