Ngaba UngumKristu ‘Okhule Ngokupheleleyo’?
“XA NDANDILUSANA, ndandifudula ndithetha ngokosana, ndicinga ngokosana, ndiqiqa ngokosana.” Wabhala watsho umpostile uPawulos. Ngokwenene, sonke ngaxa lithile sasikhe saziintsana ezingenakuzenzela nto. Noko ke, asizange sihlale sinjalo. UPawulos wathi: “Ekubeni ngoku ndiyindoda, ndizibhangisile iimpawu zobusana.”—1 Korinte 13:11.
Ngendlela efanayo, onke amaKristu aqala abe ziintsana ngokomoya. Kodwa ke ekuhambeni kwexesha, onke ‘anokufikelela kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.’ (Efese 4:13) Kweyoku-1 kwabaseKorinte 14:20, siyabongozwa: “Bazalwana, musani ukuba ngabantwana abaselula emandleni okuqonda . . . Yibani ngabakhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda.”
Ubukho bamaKristu aqolileyo nakhule ngokupheleleyo buyintsikelelo kubantu bakaThixo namhlanje, ngokukodwa ekubeni bebaninzi kangaka abantu abasebatsha. AmaKristu akhule ngokupheleleyo ayalizinzisa ibandla. Aba nempembelelo entle kutyekelo, okanye kumoya, walo naliphi na ibandla akulo.
Ngoxa ukukhula komzimba kudla ngokuzenzekela, ukukhula ngokomoya kubakho kuphela xa ubani ezinika ixesha yaye esenza umgudu. Akumangalisi ngoko ukuba, emva phaya ngomhla kaPawulos, amanye amaKristu asilela ‘ukuxhinela ekuqoleni,’ nangona ayekhonze uThixo kangangeminyaka emininzi. (Hebhere 5:12; 6:1) Kuthekani ngawe? Enoba sele umkhonze kangangeminyaka emininzi uThixo okanye unethutyana nje elingephi, kuya kuba kokufanelekileyo ukuba ukhe uzihlole ngokunyaniseka. (2 Korinte 13:5) Ngaba ungomnye wabo ngokwenene kunokuthiwa bangamaKristu aqolileyo, okanye akhule ngokupheleleyo? Ukuba akunjalo, unokwenza njani ukuze ube ngomnye wabo?
“Abakhule Ngokupheleleyo Emandleni Okuqonda”
Kulula ukuba umntu olusana ngokomoya ‘akhukuliswe ngamaza yaye aphetshethwe yiyo yonke imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhokolo.’ Ngenxa yoko uPawulos wabongoza: “Masithi ngalo uthando sikhule ezintweni zonke kuye lowo uyintloko, uKristu.” (Efese 4:14, 15) Ubani unokuyenza njani loo nto? EyamaHebhere 5:14 ithi: “Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.”
Phawula ukuba abantu abaqolileyo baqeqesha amandla abo okuqonda ngokuwasebenzisa ekulandeleni imigaqo yeBhayibhile. Ngoko, ngokuqinisekileyo ubani akasuki aqole nje ngokuphanyaza kweliso; kuthabatha ixesha ukuze ubani akhule ngokomoya. Nangona kunjalo, kuninzi onokukwenza ukuze uhlakulele ukukhula kwakho ngokomoya ngofundisiso lobuqu—ngokukodwa kwizinto ezinzulu zeLizwi likaThixo. Kutshanje IMboniselo iye yaxubusha imibandela eliqela enzulu. Abantu abaqolileyo abawaphephi loo manqaku kuba equlethe “izinto ezithile ekunzima ukuziqonda.” (2 Petros 3:16) Kunoko, bakubimbiliza ngentumekelelo oko kutya kuqinileyo!
Abashumayeli Nabafundisi Abanenzondelelo
UYesu wayalela abafundi bakhe esithi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ukuba nenxaxheba ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela kunokukwenza ukhule ngokomoya. Kutheni ungazabalazeli ukuba nesabelo ngokuzeleyo kuwo xa iimeko zikuvumela?—Mateyu 13:23.
Maxa wambi, iingcinezelo zobomi zinokwenza kube nzima ukufumana ixesha lokushumayela. Ukanti, xa ‘uzibhokoxa ngamandla’ njengomshumayeli, ubonisa ukuba “iindaba ezilungileyo” uzijonga njengezibalulekileyo. (Luka 13:24; Roma 1:16) Ngenxa yoko unokugqalwa ‘njengomzekelo wabo bathembekileyo.’—1 Timoti 4:12.
Abagcini Bengqibelelo
Ukukhulela ekuqoleni kukwabandakanya ukwenza umgudu wokugcina ingqibelelo. Njengoko kubhalwe kwiNdumiso 26:1, uDavide wavakalisa oku: “Ndigwebe, Yehova, kuba ndihambe engqibelelweni yam.” Ingqibelelo ithetha ukuphila ngemilinganiselo ephilileyo, ukuphelela. Noko ke, ayithethi ukufezeka. UDavide ngokwakhe wenza izono ezinzulu eziliqela. Kodwa ke ngenxa yokuba wakwamkela ukululekwa waza wazilungisa iindlela zakhe, wabonisa ukuba wayesamthanda ngokwenene uYehova uThixo entliziyweni yakhe. (INdumiso 26:2, 3, 6, 8, 11) Ingqibelelo ikwathetha ukuzinikela ngentliziyo epheleleyo. UDavide waxelela unyana wakhe uSolomon oku: “Uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo.”—1 Kronike 28:9.
Ukugcina ingqibelelo kubandakanya ‘ukungabi yinxalenye yehlabathi,’ ukuzikhwebula kwiipolitiki zeentlanga nakwiimfazwe zazo. (Yohane 17:16) Kwakhona umele uluphephe uqheliselo olonakalisayo, olunjengohenyuzo, ukrexezo nokusebenzisa kakubi iziyobisi. (Galati 5:19-21) Noko ke, ukugcina ingqibelelo kuthetha okungaphaya kokuphepha ezi zinto. USolomon walumkisa: “Iimpukane ezifileyo ziyibangela inuke kakubi ioli yomenzi wezithambiso, yaye ibile. Benza ngokukwanjalo ubudenge obuncinane koxabisekileyo ngobulumko nozuko.” (INtshumayeli 10:1) Ewe, ‘kwanobudenge obuncinane,’ obunjengeziqhulo ezingafanelekanga okanye ukudlala ngothando lomntu wesini esahlukileyo, kunokulonakalisa udumo lukabani “oxabisekileyo ngobulumko.” (INtshumayeli 10:1) Ngoko bonakalisa ukuqola kwakho ngokufuna ukuba ngumzekelo kuyo yonke ihambo yakho, uphephe “okubonakala kububungendawo.”—1 Tesalonika 5:22, King James Version.
Abo Banyanisekileyo
UmKristu okhule ngokupheleleyo ukwanyanisekile. Njengoko sifunda kweyabase-Efese 4:24, umpostile uPawulos ubongoza amaKristu esithi: “Nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” KwiZibhalo zesiGrike, igama elalisetyenziswa kulwimi lwantlandlolo elithetha “ukunyaniseka” linengcamango yokuba ngcwele, ukuba lilungisa nokuba nentlonelo. Umntu onyanisekileyo uyazinikela yaye uluzondelele unqulo; uziphumeza ngenyameko iimbopheleleko anazo kuThixo.
Ziziphi ezinye zeendlela onokuhlakulela ngazo oko kunyaniseka? Ubani ebeya kwenjenjalo ngokusebenzisana nabadala bebandla akulo. (Hebhere 13:17) Eqonda ukuba uKristu uyiNtloko emiselweyo yebandla lamaKristu, amaKristu aqolileyo ayanyaniseka kwabo bamiselweyo ukuze ‘baluse ibandla likaThixo.’ (IZenzo 20:28) Hayi indlela ebekuya kuphosakala ngayo ukucel’ umngeni okanye ukujongela phantsi igunya labadala abamiselweyo! Kwakhona ufanele ube nemvo yokunyaniseka ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ nabameli abasetyenziswayo ukuze kusasazwe ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Yifunde ngokukhawuleza uze uyisebenzise inkcazelo efumaneka kwiMboniselo nakwiimpapasho eziyiphelekayo.
Indlela Yokubonakalisa Uthando Ngezenzo Zakho
UPawulos wabhalela amaKristu aseTesalonika oku: “Ukuthandana kwenu kuyanda.” (2 Tesalonika 1:3) Ukukhula eluthandweni kuyinkalo ebaluleke kakhulu ekukhuleni kwethu ngokomoya. Njengoko kubhalwe kuYohane 13:35, uYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” Olo thando lobuzalwana alupheleli kwiimvakalelo nje. IVine’s Expository Dictionary of Old and New Testament Words ithi: “Uthando lunokwaziwa kuphela ngezenzo oluzibangelayo.” Ewe, uxhinela ekuqoleni xa ubonakalisa uthando ngezenzo!
Ngokomzekelo, kweyamaRoma 15:7, sifunda oku: “Yamkelanani.” Enye indlela yokubonakalisa uthando kukubulisa amanye amakholwa nabasaqalayo ukuza kwiintlanganiso zebandla—ngokufudumeleyo nangehlombe! Zama ukwazi ngamnye wabo. Yiba nomdla wobuqu ‘kwizilangazelelo’ zabanye. (Filipi 2:4) Mhlawumbi usenokude ubonakalise umoya wokubuk’ iindwendwe uze umemele abantu abahlukahlukeneyo kwikhaya lakho. (IZenzo 16:14, 15) Maxa wambi ukungafezeki kwabanye kunokubuvavanya ubunzulu bothando lwakho, kodwa njengoko ufunda ‘ukubanyamezela ngothando,’ uya kubonisa ukuba uba ngumntu okhule ngokupheleleyo.—Efese 4:2.
Ukusebenzisa Izinto Esinazo Ekuhambiseleni Phambili Unqulo Olunyulu
Mandulo, yayingengabo bonke abantu bakaThixo ababeyiphumeza imbopheleleko yabo yokuxhasa itempile kaYehova. Ngenxa yoko uThixo wathumela abaprofeti, abanjengoHagayi noMalaki, ukuba bakhe babashukumise abantu Bakhe kule nkalo. (Hagayi 1:2-6; Malaki 3:10) Namhlanje amaKristu aqolileyo ayakuvuyela ukusebenzisa izinto anazo ekuxhaseni unqulo lukaYehova. Xelisa abanjalo ngokulandela umgaqo okweyoku-1 kwabaseKorinte 16:1, 2, ‘ubekele bucala okuthile’ oza kukunikela ebandleni nakumsebenzi wehlabathi lonke wamaNgqina kaYehova. ILizwi likaThixo liyathembisa: “Lowo uhlwayela ngokuyintabalala uya kuvuna intabalala.”—2 Korinte 9:6.
Ungazijongeli phantsi ezinye izinto onazo, ezinjengexesha namandla. Zama ‘ukuzongela ixesha’ kwizinto ezingabalulekanga kangako. (Efese 5:15, 16; Filipi 1:10) Zama ukulisebenzisa ngendlela eyingenelo ixesha. Ukwenjenjalo kunokukwenza ukwazi ukufak’ isandla kumsebenzi wokulungisa iHolo yoBukumkani neminye imisebenzi enjalo ehambisela phambili unqulo lukaYehova. Ukusebenzisa izinto zakho ngolo hlobo kuya kuvelisa ubungqina obungakumbi bokuba uya usiba ngumKristu okhule ngokupheleleyo.
Xhinela Ekuqoleni!
Amadoda namabhinqa athanda ukufunda nanolwazi, angabashumayeli abanenzondelelo, anengqibelelo engenasiphako, anyanisekileyo nanothando, nakulungeleyo ukuxhasa umsebenzi woBukumkani ngamandla awo nangezinto eziphathekayo ngokwenene ayintsikelelo enkulu. Akumangalisi ngoko ukuba umpostile uPawulos abongoze esithi: “Ekubeni ngoku sidlulile kwimfundiso esisiqalelo engoKristu, masixhinele ekuqoleni.”—Hebhere 6:1.
Ngaba ungumKristu okhule ngokupheleleyo noqolileyo? Okanye ngaba ngandlel’ ithile uselusana ngokomoya? (Hebhere 5:13) Enoba kutheni na, zimisele ukuzibhokoxa kufundisiso lobuqu, ekushumayeleni, nasekubonakaliseni uthando kubazalwana bakho. Yamkela nasiphi na isiluleko noqeqesho olunikelwa ngabaqolileyo. (IMizekeliso 8:33) Wuthwale wonke umthwalo wakho weembopheleleko zobuKristu. Ekuhambeni kwexesha nangokwenza umgudu, nawe unako ‘ukufikelela kubunye bokholo nakulwazi oluchanileyo loNyana kaThixo, ekukhuleleni ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.’—Efese 4:13.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
AmaKristu akhule ngokupheleleyo ayalizinzisa ibandla. Aba nempembelelo entle kutyekelo, okanye kumoya walo
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Abo baqolileyo bafak’ isandla kumoya webandla ngokuba nomdla kwabanye