Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukumanyana KwamaKristu Kuthetha Ukuba Afanele Enze Izinto Ngendlela Efanayo?
KUBONAKALA ngathi alukho umanyano phakathi kwabantu abanqulayo. Kwanabantu abakhonza ndawonye banokwahluka ngeemfundiso nendlela yokuziphatha. Omnye umbhali wayibeka ngale ndlela le meko: “Kunzima nditsho nokufumana abantu ababini abakholelwa kuThixo omnye. Kubonakala ngathi namhlanje wonke umntu unenkolelo yakhe.”
Ngokwahluke ngokupheleleyo koko, umpostile uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte enkulungwane yokuqala ukuba ‘athethe ngokuvumelanayo, nokuba amanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.’ (1 Korinte 1:10) Namhlanje abanye basihlab’ amadlala esi sibongozo sikaPawulos. Bathi ‘abantu abafani yaye akufanele kuthiwe amaKristu makacinge okanye enze izinto ngendlela efanayo.’ Kodwa ngaba uPawulos wayesithi makenze izinto ngendlela efanayo ngokungathi aziirhobhothi? Ngaba iBhayibhile iyabavumela abantu basebenzise inkululeko yabo yokuzikhethela?
Afanele Amanyane Nangona Esenza Izinto Ngendlela Engafaniyo
Kwenye yeeleta zakhe, uPawulos wabongoza amaKristu ukuba anqule uThixo ‘ngamandla engqiqo.’ (Roma 12:1) Ngokuqinisekileyo wayengathi amalungu ebandla laseKorinte makabe ngoomatshini abangakwazi kucinga. Kodwa kwakutheni ukuze athi afanele ‘amanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye’? UPawulos wadlulisela esi siluleko ngenxa yokuba ibandla laseKorinte lalinengxaki enzulu. Ibandla lalahlulelene, abanye babesithi inkokeli yabo nguApolo bambi besithi eyabo nguPawulos okanye uPetros yaye kwakukho abathi eyabo nguKristu kuphela. Oko kwahlukana kwezimvo kwakungeyonto nje encinane kuba kwakubangela kungabikho xolo ebandleni.
Ngokufanayo nesibongozo awasenza kumaKristu ase-Efese, uPawulos wayefuna abaseKorinte ‘bagcine ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’ (Efese 4:3) Wayekhuthaza aba bazalwana ukuba babe ngabalandeli bakaYesu Kristu abamanyeneyo, bangabi ngamaqela awahlukahlukeneyo okanye amahlelo. Ngaloo ndlela babeza kuhlala bemanyene. (Yohane 17:22) Ngaloo ndlela uPawulos wayeluleka abaseKorinte ukuba balungise indlela abacinga ngayo baze bamanyane kodwa wayengathethi ukuthi benze izinto ngendlela efanayo.—2 Korinte 13:9, 11.
Umanyano lubalulekile naxa kusiziwa kumbandela weemfundiso. Abalandeli bakaYesu bayazi ukuba “lunye ukholo,” kanye njengokuba ‘emnye uThixo noYise.’ (Efese 4:1-6) Ngoko, amaKristu ayaqinisekisa ukuba izinto azikholelwayo ziyavumelana nenyaniso kaThixo eseLizwini lakhe. Avumelana ngoko akuko uThixo noko akufunayo. Kwakhona aphila ngokuvisisana nemigaqo yokuziphatha eseLizwini likaThixo. (1 Korinte 6:9-11) Ngaloo ndlela, amaKristu asoloko evumelana, ngeemfundiso zawo nangendlela yokuziphatha.
Ukuhlangabezana Nokungaboni Ngasonye
Noko ke, oku akuthethi ukuba umKristu uyaxelelwa indlela afanele acinge ngayo nendlela afanele asabele ngayo kwiimeko ezahlukahlukeneyo. Kwimibandela emininzi kufuneka azenzele isigqibo. Phawula lo mzekelo. AmaKristu amaninzi aseKorinte enkulungwane yokuqala ayethandabuza enoba ayefanele ayitye kusini na inyama ekwakusenokwenzeka ukuba ivela kwitempile yezithixo. Amanye ayekholelwa ukuba ukutya loo nyama kufana nokuqhelisela unqulo lobuxoki, ngoxa amanye ayekholelwa ukuba inyama yinyama, ukuba ivela phi yinto engenamsebenzi. Xa wayecombulula lo mbandela unobuzaza, uPawulos akazange amisele umthetho owawuza kuxelela amaKristu into afanele ayenze. Kunoko, wabonisa ukuba mntu ngamnye unelungelo lokuzenzela isigqibo ngalo mbandela.a—1 Korinte 8:4-13.
Namhlanje, amaKristu anokwenza izigqibo ezingafaniyo nezamanye amaKristu kwimibandela yengqesho, yempilo, yokuzonwabisa okanye kweminye imibandela efuna isigqibo sobuqu. Abathile basenokukhubeka lukhetho olwenziwa ngabanye. Basenokuzibuza enoba ukungafani kweembono akunakubangela ukungavisisani nokwahlukana kusini na ebandleni. Noko ke, ukungavisisani kunokuphetshwa. Ngokomzekelo: Zimbalwa iinowuthi ezisetyenziswa ngabaqambi beengoma, kodwa basenokuqamba iingoma ezimnandi ezininzi. Ngokufanayo, amaKristu alawulwa yimigaqo yobuthixo xa esenza izigqibo. Noko ke, xa esenza izigqibo kwimibandela yobuqu, anayo inkululeko ukusa kumlinganiselo othile.
Yintoni enokunceda amaKristu ahlale emanyene ngoxa kwangaxeshanye ebonisa intlonelo ngesigqibo somnye umntu kwimibandela yobuqu? Undoqo luthando. Uthando ngoThixo lusishukumisela ukuba sithobele imithetho yakhe. (1 Yohane 5:3) Uthando ngabanye abantu lusishukumisela ukuba sihlonele ilungelo abanalo lokuzenzela isigqibo kwimibandela yobuqu. (Roma 14:3, 4; Galati 5:13) UPawulos wamisela umzekelo omhle kule nkalo xa wazithoba kwigunya lequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala kumbandela owawuphathelele imfundiso ethile. (Mateyu 24:45-47; IZenzo 15:1, 2) Kwangaxeshanye, wakhuthaza wonk’ ubani ukuba ahlonele isigqibo somKristu ngamnye kwimibandela yobuqu.—1 Korinte 10:25-33.
Kucacile ukuba akukho mntu ufanele agxekwe ngesigqibo sakhe esingangqubaniyo nemigaqo yeBhayibhile. (Yakobi 4:12) Kwelinye icala, amaKristu anyanisekileyo akayi kusebenzisa ilungelo lawo aze enze isigqibo esiya kukhubekisa abanye abantu okanye esiya kubangela ukuba kungabikho manyano ebandleni. Yaye akamele aqhayise ngelungelo lawo lokuzikhethela aze enze izinto ezingavunyelwayo liLizwi likaThixo. (Roma 15:1; 2 Petros 2:1, 19) Uthando ngoThixo lufanele lusishukumisele ukuba siziqhelise ukwenza izinto ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Oku kuya kubangela ukuba sihlale simanyene namanye amakholwa.—Hebhere 5:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba abanye abantu ababefudula benqula izithixo ngaphambi kokuba babe ngamaKristu babengawuboni umahluko phakathi kokutya inyama nokunqula izithixo. Enye into eyayixhalabisa kukuba amaKristu abuthathaka ngokomoya ayenokukhubeka xa ebona abanye besitya inyama ebingelelwe kwizithixo.