Hlala Unqabisekile Phakathi Kwabantu BakaThixo
“Ndiya kukubonga ebandleni elikhulu.”—INDU. 35:18.
1-3. (a) Yintoni enokufaka amanye amaKristu engozini ngokomoya? (b) Abantu bakaThixo banokuyifumana phi indawo ekhuselekileyo?
EBUDENI beholide, uJoe nenkosikazi yakhe babentywila kulwandle oluzele iintlanzi ezimibalabala ezincinane nezinkulu. Badada baya ngasenzulwini ukuze babukele ubuhle boqaqa. Xa befika enzulwini enamanzi aluhlaza, inkosikazi kaJoe yathi, “Ingathi sikude kakhulu ngoku.” UJoe waphendula wathi: “Ungakhathazeki. Ndiyayazi le nto ndiyenzayo.” Kungekudala emva koko, uJoe wazibuza entliziyweni, ‘Ziyephi ngoku iintlanzi?’ Waqalisa ukoyika xa ebona isizathu sokuba zinyamalale. Wabona ukrebe kuloo manzi aluhlaza esiza ngqo kuye. Kwakungekho nto anokuyenza. Xa lo krebe ekumgama omalunga nemitha, wasuka wajika wemka.
2 UmKristu usenokuthi phithi zizinto ezinomtsalane ezikule nkqubo kaSathana yezinto—ukuzonwabisa, umsebenzi, izinto eziphathekayo—ade angaziboni ukuba usondela emanzini ayingozi. UJoe ongumdala ongumKristu uthi: “Into eyandehlelayo yandenza ndacinga nangokukhetha abantu esinxulumana nabo. Qubha kwindawo engeyongozi nekumnandi ukuqubha kuyo—ebandleni!” Musa ukuqubha kumanzi anzulu, apho unokuzibhaqa sele uwedwa uze ube sengozini ngokomoya. Ukuba unokuzibhaqa usenzulwini, jika ngoko nangoko ubuyele ‘kumanzi angeyongozi.’ Kungenjalo, unokuzibeka engozini yokuqwengwa ngokomoya.
3 Ihlabathi lanamhlanje liyingozi kumaKristu. (2 Tim. 3:1-5) USathana uyazi ukuba ixesha lakhe liphelile, yaye uzimisele ukuqwenga abo bangaphaphanga. (1 Pet. 5:8; ISityhi. 12:12, 17) Kodwa ke, sikhuselekile. UYehova ulungiselele abantu bakhe ikhusi lokomoya—ibandla lamaKristu.
4, 5. Bavakalelwa njani abantu abaninzi ngekamva, yaye ngoba?
4 Unqabiseko olufumaneka ehlabathini lulinganiselwe—enoba kukunqabiseka ngokoqobo okanye ngokomoya. Abantu abaninzi baziva benganqabisekanga ngenxa yolwaphulo-mthetho, ugonyamelo, ukuntinga kwamaxabiso nangenxa yezinto ezisongela indalo. Bonke abantu bajamelene neengxaki zokwaluphala nokugula. Abo baphangelayo, banamakhaya, abanemali eyaneleyo nabasempilweni ukusa kumlinganiselo othile bayazibuza ukuba ziya kubakho ixesha elide kangakanani na ezo zinto.
5 Abaninzi baziva bengonwabanga. Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi ababenethemba lokufumana ulonwabo nolwaneliseko emtshatweni nasentsatsheni baye badana. Ngokuphathelele izinto zokomoya, abantu abaninzi abahamba icawa baye basala bedidekile, bethandabuza ukuxabiseka kolwalathiso abaye balufumana. Babangelwa nakukubona indlela eziziphethe ngayo iinkokeli zonqulo neemfundiso ezizifundisayo ezingasekelwanga Zibhalweni. Ngenxa yoko, abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ekuphela kwento abanokuyithemba yinzululwazi nabantu abaneenjongo ezintle. Kungenxa yoko le nto abantu namhlanje beziva benganqabisekanga okanye bekhetha ukungacingi ngekamva.
6, 7. (a) Yintoni ebangela umahluko phakathi kwabantu abakhonza uThixo nabo bangamkhonziyo? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa?
6 Onjani wona umahluko phakathi kwabantu abakwibandla lamaKristu nabo bangekho kulo! Nangona thina bantu bakaYehova sijamelana neengxaki ezifanayo nezabamelwane bethu, sisabela ngendlela eyahlukileyo. (Funda uIsaya 65:13, 14; noMalaki 3:18.) Ngoba? Ngenxa yokuba iBhayibhile isicacisela kakuhle ngemeko abantu abakuyo namhlanje, yaye iyasixhobisa ukuze sikwazi ukuhlangabezana neengxaki zobomi. Ngoko ke, asixhalabi ngokugqithiseleyo ngekamva. Ngenxa yokuba singabanquli bakaYehova sikhuselekile kwindlela yokuqiqa engasekelwanga Zibhalweni, ekuziphatheni okubi nakwimiphumo yako. Ngoko ke, ngokungafaniyo nabanye abantu, amalungu ebandla lamaKristu aseluxolweni.—Isa. 48:17, 18; Fil. 4:6, 7.
7 Kukho imizekelo enokusinceda sibone unqabiseko olunanditshwa ngabo bakhonza uYehova ngokungafaniyo nabo bangamkhonziyo. Le mizekelo inokusikhuthaza ukuba sihlolisise indlela esiqiqa ngayo nezinto esizenzayo, sibone nendlela esinokusisebenzisa ngakumbi ngayo isiluleko esivela kuThixo, esilungiselelwe ukukhusela thina.—Isa. 30:21.
“Iinyawo Zam Beziphantse Zathi Gu Bucala”
8. Yintoni ebisoloko isenziwa ngabakhonzi bakaYehova?
8 Ukususela ekuqaleni kwembali yoluntu, abo bakhetha ukukhonza uYehova nokumthobela bebekuphepha ukunxulumana nabantu abangamkhonziyo. Eneneni, uYehova wabonisa ukuba kwakuya kubakho ubutshaba phakathi kwabakhonzi bakhe nabo baxhasa uSathana. (Gen. 3:15) Kuba abantu bakaThixo bebambelela ngokuqinileyo kwimigaqo ayiphefumleleyo, baphila ngokwahlukileyo kwabanye abantu. (Yoh. 17:15, 16; 1 Yoh. 2:15-17) Akusoloko kulula ukuphila ngaloo migaqo. Eneneni, maxa wambi abanye babakhonzi bakaYehova baye babuthandabuza ubulumko bokuphila ubomi bokuzincama.
9. Chaza ingxaki awayejamelene nayo umbhali weNdumiso 73.
9 Omnye wabakhonzi bakaYehova owakha wathandabuza enoba wenze isigqibo sobulumko kusina na ngumbhali weNdumiso 73, ekusenokwenzeka ukuba wayengowenzala ka-Asafu. Lo mdumisi wabuza isizathu sokuba abangendawo babonakale bephumelela, bonwabile yaye bezizityebi, ngoxa abanye babo bazama ukukhonza uThixo bejamelene neembandezelo.—Funda iNdumiso 73:1-13.
10. Kutheni imibuzo eyabuzwa ngumdumisi ibalulekile kuwe?
10 Ngaba nawe wakha wazibuza imibuzo efana nale yabuzwa ngumdumisi? Ukuba kunjalo, musa ukuziva unetyala okanye ucinge ukuba uphelelwa lukholo. Enyanisweni, abakhonzi bakaYehova abaliqela, kuquka abanye babo basetyenziswa nguYehova ukubhala iBhayibhile, babevakalelwa ngendlela efanayo. (Yobhi 21:7-13; INdu. 37:1; Yer. 12:1; Hab. 1:1-4, 13) Eneneni, bonke abo banqwenela ukukhonza uYehova bamele bacingisise nzulu ngempendulo yalo mbuzo: Ngaba ukukhonza uThixo nokumthobela yeyona nto ibalulekileyo inokwenziwa ngumntu? Oku kunokuthanani nembambano eyaphakanyiswa nguSathana emyezweni wase-Eden. Kunxulumene nembambano yolongamo yendalo yonke. (Gen. 3:4, 5) Ngenxa yoko sonke sifanele sicingisise ngemibuzo eyabuzwa ngumdumisi. Ngaba sifanele sibamonele abantu abangendawo abaqhayisayo kuba bebonakala bephumelela? Ngaba sifanele ‘sithi gu bucala’ siyeke ukukhonza uYehova size sibalinganise? Yiloo nto kanye uSathana afuna siyenze.
11, 12. (a) Yintoni eyanceda umdumisi ukuba ayeke ukuthandabuza, yaye kusifundisa ntoni oku? (b) Yintoni eye yakunceda ukuze ufikelele kwisigqibo esenziwa ngumdumisi?
11 Yintoni eyanceda umdumisi ukuba ayeke ukuthandabuza? Nangona evuma ukuba waphantse waphambuka ebulungiseni, imbono yakhe yatshintsha akungena “kwingcwele ezukileyo kaThixo”—oko kukuthi, xa waya phakathi kwabantu abakhulileyo ngokomoya emnqubeni kaThixo okanye kwitempile yakhe waza wacingisisa ngenjongo kaThixo. Emva koko umdumisi waqonda ukuba akafuni isiphelo sakhe sifane nesabangendawo. Wabona ukuba indlela abaphila ngayo ibabeka “emhlabeni omtyibilizi.” Umdumisi waqonda ukuba, bonke abo bakude noYehova kuba beziphethe kakubi, baya kufikelela esiphelweni ‘ngento enkwantyisa ngequbuliso,’ kanti uYehova uya kubaxhasa abo bamkhonzayo. (Funda iNdumiso 73:16-19, 27, 28.) Ngokuqinisekileyo uye wakubona oko kusenzeka. Abantu abaninzi bacinga ukuba kumnandi ukuziphilela ungabi naxesha lemithetho kaThixo, kodwa ngokuqinisekileyo umntu uyayifumana imiphumo ebuhlungu yokuphila ngaloo ndlela.—Gal. 6:7-9.
12 Yiyiphi enye into esiyifundayo kula mava omdumisi? Waziva enqabisekile yaye elumkile xa ephakathi kwabantu bakaThixo. Waqala ukubuyela ezingqondweni emva kokuba eye kwindawo ekunqulelwa kuyo uYehova. Ngokufanayo namhlanje, sinokufumana abacebisi abalumkileyo size sondliwe ngokutya kokomoya kwiintlanganiso zebandla. Yiloo nto ibangela ukuba uYehova ayalele abakhonzi bakhe ukuba baye kwiintlanganiso zamaKristu. Baya kuziva behlaziyekile baze bavuseleleke ukuze benze izigqibo zobulumko.—Isa. 32:1, 2; Heb. 10:24, 25.
Bakhethe Kakuhle Abahlobo
13-15. (a) Yintoni eyehlela uDina yaye oku kubonisa ntoni? (b) Kutheni ukunxulumana namanye amaKristu kukhusela?
13 Umzekelo womntu owangena engxakini enzulu ngenxa yokunxulumana nabantu behlabathi yintombi kaYakobi, uDina. Ingxelo yeGenesis isixelela ukuba wayethanda ukutyelela amabhinqa aselula angamaKanan kummandla awayehlala kuwo nentsapho yakhe. AmaKanan ayengaphili ngemilinganiselo ephakamileyo kaYehova njengabanquli bakhe. Ngokwahlukileyo koko, oko kuye kwafunyanwa ngabembi bezinto zakudala kubonisa ukuba indlela amaKanan awayephila ngayo yabangela ukuba ilizwe lawo lizaliswe lunqulo-zithixo, ukuziphatha okubi, unqulo olungcolileyo lwesini nogonyamelo. (Eks. 23:23; Lev. 18:2-25; Dut. 18:9-12) Cinga ngemiphumo yokunxulumana kukaDina nabo bantu.
14 Enye indoda yalapho egama linguShekem, ekuthiwa ‘yayiyeyona ibekekileyo kwindlu kayise iphela,’ yambona uDina ‘yamthabatha, yalala naye, yamdlwengula.’ (Gen. 34:1, 2, 19) Enjani ukuba buhlungu into! Ucinga ukuba uDina wayekhe wayicinga kwaukuyicinga into yokuba angehlelwa yintlekele enjalo? Mhlawumbi wayenandipha nje ubuhlobo nolutsha lwalapho, awayecinga ukuba luzilungele. Noko ke, uDina wakhohliswa kakhulu.
15 Isifundisa ntoni le ngxelo? Isifundisa ukuba asinakunxulumana nabantu abangakholwayo size singayifumani imiphumo yoko. IZibhalo zithi “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Kor. 15:33) Kwelinye icala, ukunxulumana nabantu abaneenkolelo ezifana nezakho, abaphila ngemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha, nabathanda uYehova, kuyakhusela. Abantu abanjalo baya kukukhuthaza ukuba wenze izigqibo zobulumko.—IMize. 13:20.
“Niye Nahlanjwa Nahlambuluka”
16. Wathini umpostile uPawulos ngabanye ababekwibandla laseKorinte?
16 Ibandla lamaKristu liye lanceda abantu abaninzi bakwazi ukwahlukana nemikhwa engcolileyo. Xa umpostile uPawulos wayebhalela ibandla laseKorinte ileta yakhe yokuqala, wakhankanya utshintsho olwenziwe ngaloo maKristu ukuze aphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Amanye awo ayengabahenyuzi, abanquli-zithixo, abakrexezi, amafanasini, amasela, amanxila njalo njalo. UPawulos wathi kuwo, “kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka.”—Funda eyokuqala-1 yabaseKorinte 6:9-11.
17. Ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile kuye kwabuphucula njani ubomi babaninzi?
17 Abantu abangenalukholo abanayo imigaqo efanelekileyo yokubakhokela. Baphila ngendlela abathanda ngayo, okanye babandakanyeke kwiindlela zokuziphatha okubi njengabantu abaphila nabo, njengoko enzayo amanye amaKorinte amandulo ngaphambi kokuba abe ngamakholwa. (Efe. 4:14) Noko ke, ukuba nolwazi oluchanileyo ngeLizwi likaThixo neenjongo zakhe kunokuphucula ubomi babo basebenzisa ulwalathiso lweZibhalo. (Kol. 3:5-10; Heb. 4:12) Abantu abaninzi namhlanje abangamalungu ebandla lamaKristu, banokukuxelela ukuba ngaphambi kokuba baphile ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa, babephila ubomi nje bukavula-zibhuqe. Kodwa babenganelisekanga yaye bengonwabanga. Baqala ukuba noxolo lwengqondo emva kokuba beqalise ukunxulumana nabantu bakaThixo nokuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile.
18. Ngawaphi amava awaba nawo omnye osemtsha, yaye oku kungqina ntoni?
18 Ngokwahlukileyo koko, abanye abaye ngaphambili bakhetha ukumka ‘kumanzi angeyongozi’ akwibandla lamaKristu bayazisola ngenxa yeso sigqibo basenzayo. Omnye udade esiza kumbiza ngokuba nguTanya, uthi ‘wakhulela phakathi kwabantu ababesazi inyaniso,’ kodwa xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, wemka ebandleni waza ‘wasukela izinto zeli hlabathi ezinomtsalane.’ Ezinye zezinto ezibuhlungu ezamehlelayo kukumitha engazimiselanga, nokuqhomfa. Ngoku uthi: “Iminyaka emithathu endayichithela ngaphandle kwebandla yandishiya nentlungu engasokuze ilibaleke. Eyona nto indikhathaza kakhulu yeyokuba ndabulala usana lwam olungekazalwa. . . . Kubo bonke abantu abaselula ababawela ukuya ‘kungcamla’ ihlabathi enoba nje kokwexeshana, ndifuna ukuthi: ‘Ningaqalisi kwaukuqalisa ukwenza loo nto!’ Kusenokuba mnandi ekuqaleni, kodwa ekugqibeleni kuba krakra. Ekuphela kwento onokuyifumana ehlabathini lunxunguphalo. Ndiyayazi le nto ndiyithethayo. Ndisuka kuyo. Hlalani entlanganweni kaYehova! Kuphela kwendlela yokuphila ezisa ulonwabo.”
19, 20. Yiyiphi inkuselo onokuyifumana kwibandla lamaKristu, yaye njani?
19 Khawucinge ngento enokukwehlela xa unokushiya ibandla lamaKristu onqabisekileyo kulo. Abo babekhe baphila ubomi obulilize ngaphambi kokuba bangene enyanisweni, abafuni nokuyicinga into enjalo. (Yoh. 6:68, 69) Unokuhlala unqabisekile yaye ukhuselekile kwizinto ezibuhlungu zeli hlabathi likaSathana ngokuhlala uphakathi kwabazalwana noodadewenu abangamaKristu. Ukunxulumana nabo nokuya rhoqo kwiintlanganiso zebandla kuya kukukhumbuza ngendlela imilinganiselo kaYehova yobulungisa ebubulumko ngayo yaye kuya kukukhuthaza ukuba uphile ngayo. Unezizathu ezininzi ‘zokubonga uYehova ebandleni elikhulu,’ njengoko umdumisi wenzayo.—INdu. 35:18.
20 Kakade ke, ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo onke amaKristu maxa wambi aba neengxaki ezibangela ukuba kube nzima ukuba ahlale ethembekile. Kusenokufuneka nje ukuba kubekho umntu oza kuwacebisa ngekhondo elifanelekileyo. Yintoni onokuyenza wena—eneneni enokwenziwa ngawo onke amalungu ebandla—ukunceda omnye umKristu xa ekwimeko enjalo? Kwinqaku elilandelayo kuza kuxutyushwa indlela ‘onokuhlala ubakhuthaza yaye ubakha ngayo’ abazalwana bakho.—1 Tes. 5:11.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni esiyifundayo kumava ombhali weNdumiso 73?
• Yintoni esiyifundayo kumava kaDina?
• Kutheni unokufumana unqabiseko kwibandla lamaKristu?
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Qubha kwindawo engeyongozi; musa ukulishiya ibandla!