Habhakuki
1 Isibhengezo esafunyanwa ngumprofeti uHabhakuki* embonweni:
2 Yhini Yehova, kuza kude kube nini ndikhalela uncedo ungandiva?+
Kuza kude kube nini ndicela uncedo kubundlobongela, kodwa ungandisindisi?*+
3 Kutheni undenza ndibone ububi,
Yaye kutheni unyamezela ingcinezelo?
Kutheni kukho intlekele nobundlobongela phambi kwam?
Ibe kutheni ukuxabana nomlo kusanda?
4 Akukho mntu uthobela umthetho,
Nobulungisa abenziwa,
Kuba abenzi-bubi bajikeleze amalungisa,
Yiyo loo nto ubulungisa bugqwethiwe.+
5 “Nina bantu jongani iintlanga,
Qwalaselani nize nimangaliswe.
Kuba kukho into eza kwenzeka ngemihla yenu,
Eningazukuyikholelwa nokuba ningayixelelwa.+
Agqugqisa imimandla emikhulu
Ukuze athathe imihlaba engeyoyawo.+
7 Ayothusa yaye ayoyikeka.
Amisela obabo ubulungisa negunya.*+
Amahashe awo emfazwe agqabadula esiya phambili;
Amahashe awo asuka kude.
Aletsheza okokhozi lungxamele ukuya kutya.+
9 Onke azimisele kubundlobongela.+
Ukumanyana kwawo esiya phambili kufana nomoya wasempuma,+
Ibe aqokelela abathinjwa ngokungathi akha isanti.
Ayayihleka yonke indawo ekhuselekileyo,+
Akha iinduli zokuhlasela aze ayithimbe.
12 Ngaba awususeli kumaxesha akudala-dala, yhini Yehova?+
Yhini Thixo wam, Wena Ungcwele wam, awufi.*+
14 Kutheni usenza umntu abe njengentlanzi yolwandle,
Njengezilwanyana ezirhubuluzayo ezingenamlawuli?
15 Zonke ezi zinto uziloba ngehaki yokuloba iintlanzi,
Uzibambisa ngomnatha wakhe orhuqwayo,
Aziqokelele ngomnatha wakhe wokuloba.
Yiloo nto evuya kangaka.+
16 Yiloo nto ebingelela ngemibingelelo yakhe kumnatha wakhe orhuqwayo
Yaye eqhumisa imibingelelo* kumnatha wakhe wokuloba,
Kuba ngayo isahlulo sakhe sityebile,
Nokutya kwakhe kusemgangathweni.
17 Ngaba uza kumana ewugcwalisa aze aphinde awuqongqothe umnatha wakhe?*
Ngaba uza kuqhubeka ebulala iintlanga engenalusizi?+