“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
1. IBhayibhile imchaza njani uMyili wayo, kwaye luhlobo luni lolwazi olunikelwa ziZibhalo?
“SONKE iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” La mazwi akweyesi-2 kuTimoti 3:16 (NW) achaza uThixo, ogama lakhe linguYehova, njengoMyili noMphefumleli weZibhalo Ezingcwele. Enjani yona indlela ezivuyisa ngokwanelisayo ngayo iZibhalo eziphefumlelweyo! Onjani yena ukumangalisa uvimba wolwazi lokwenyaniso ezimnikelayo! Ngokwenene ‘zilulwazi lukaThixo’ obelufunwa nobeluxatyiswa ngabathandi bobulungisa ukutyhubela izizukulwana.—IMize. 2:5.
2. UMoses, uDavide noSolomon babuxabisa njani ubulumko bukaThixo?
2 Omnye waba babefuna olu lwazi yayinguMoses, inkokeli ebonakalayo nomlungelelanisi wohlanga lukaThixo lwamaSirayeli, owathi imfundiso kaThixo yayihlaziya ‘njengombethe, njengomkhumezelo phezu kohlaza nanjengamathontsi phezu kotyani.’ Kwakukho noDavide, umphumi-mkhosi okhaliphileyo nomthetheli wegama likaYehova, owathandaza wathi:“Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndihambe ngenyaniso yakho.” Kwakukho noSolomon owayenoxolo, umakhi wesinye sezona zakhiwo zizukileyo kwezakhe zakhiwa emhlabeni, indlu kaYehova eYerusalem, owabonisa ukuxabiseka kobulumko bukaThixo ngala mazwi:“Lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.”—Dut. 32:2; INdu. 86:11; IMize. 3:14, 15.
3. UYesu noThixo ngokwakhe balixabise kangakanani ilizwi lobuthixo?
3 UYesu, uNyana kaThixo, walixabisa kakhulu ilizwi likaThixo, evakalisa oku, “Ilizwi lakho liyinyaniso.” Wathetha oku kubalandeli bakhe:“Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, kwaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 17:17; 8:31, 32) Eli lizwi uYesu awalifumana livela kuYise linamandla ngokwenene. Lililizwi likaThixo. Emva kokufa nokuvuka nokunyukela kwakhe kwisandla sokunene sikaYehova emazulwini, uYesu walityhila ngokubhekele phaya ilizwi likaYise, equka inkcazelo evuyisayo engeentsikelelo zikaThixo eluntwini kumhlaba oyiParadisi. Emva koko, uThixo wayalela umpostile uYohane oku:“Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.” Onke amazwi eZibhalo eziphefumlelweyo ‘ayinyaniso kwaye athembekile,’ azisa iingenelo ezingenakulinganiswa nanto kwabo bawathobelayo.—ISityhi. 21:5.
4. IZibhalo eziphefumlelweyo ziyingenelo entwenini?
4 Zibakho njani ezi ngenelo? Amazwi angafuni kongezwa ompostile uPawulos kweyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 (NW) anikela impendulo:“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungiseni izinto, ekuqeqesheni okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke ngokuzeleyo, ewuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” Ngoko, iZibhalo eziphefumlelweyo ziyingenelo ekufundiseni imfundiso echanileyo nehambo elungileyo, ziluleka iingqondo zethu nobomi bethu, zisohlwaye zize zisiqeqeshe ukuze sikwazi ukuhamba ngokuthobekileyo enyanisweni nasebulungiseni. Ngokuzithoba kwethu kwimfundiso yeLizwi likaThixo, sinokuba ‘ngabasebenzi bakaThixo abangamadlelane naye.’ (1 Kor. 3:9, NW) Akukho lungelo likhulu emhlabeni namhlanje elingaphezu kokuba umntu axakeke emsebenzini kaThixo ‘njengomntu kaThixo ofaneleke ngokuzeleyo noxhobe ngokupheleleyo.’
ISISEKO ESIQINILEYO SOKHOLO
5. Luyintoni ukholo, kwaye yiyiphi ekuphela kwendlela olunokuzuzwa ngayo?
5 Kufuneka ukholo ukuze ubani abe ngumsébenzi kaThixo olidlelane naye. Ukholo alumele lubhidaniswe nokuba nguthobela sikutyele okungenasiqhamo okwesameleyo namhlanje. Abantu abaninzi bacinga ukuba naluphi na uhlobo lonqulo—olunamahlelo ngamahlelo, olungendaleko, okanye olungokwentanda-bulumko—lulungile. Phofu ke, umntu kaThixo umele ‘awubambe umzekelo wamazwi aphilileyo enokholo nothando olukuKristu Yesu.’ (2 Tim. 1:13) Umele abe nokholo lokwenene noluphilileyo, kuba “ukholo kukukholosa [okuqinisekileyo, NW] ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto [zokoqobo nakuba zingabonwanga, NW].” Lumele lusekelwe ekukholelweni ngokuqinileyo kuThixo nakwimivuzo yakhe kwabo bamkholisayo. (Heb. 11:1, 6) Olu kholo lunokufunyanwa kuphela ngokufundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Lusekelwe ekuyithandeni nzulu iBhayibhile noThixo weBhayibhile, uYehova, nasekuthandeni uNyana wakhe, uYesu Kristu. Lunye kuphela ukholo oluphilileyo olunjalo, kanye njengokuba inye iNkosi, uYesu Kristu, emnye noThixo uYise wabo bonke, uYehova.—Efe. 4:5, 6.
6. Lunjani ukholo lokwenyaniso?
6 Kufuneka siyazi into eliyiyo iLizwi likaThixo nalapho lavela khona kunye negunya lalo nenjongo yalo namandla alo okuvelisa ubulungisa. Ngokuqonda isigidimi salo esizukileyo, siya kuba nokholo. Ngaphezu koko, siya kuthi siyithande gqitha iBhayibhile noMyili wayo ngokokude kungabikho nto inokuze iluminxe olo kholo nothando. IZibhalo, eziquka amazwi awathethwa nguYesu Kristu, zizo ezakha isiseko esiqinileyo sokholo. Ukholo lokwenyaniso lolo luya kukwazi ukunyamezela uvavanyo nesilingo esityumz’ intliziyo, iintshutshiso nomtsalane wezinto eziphathekayo nentanda-bulumko yebutho elingenaThixo. Luya koyisa ngokuzukileyo ukusa kwihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa. “Lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.”—1 Yoh. 5:4.
7. Yiyiphi imivuzo efumanekayo ngokufumana ubulumko obuseBhayibhileni?
7 Ukuze sizuze ukholo size sibambelele kulo, kufuneka sizibhokoxele ekwakheni uthando noxabiso ngeLizwi likaThixo, iZibhalo eziphefumlelweyo. IZibhalo zisisipho esingenakuthelekiswa nanto uThixo asiphe uluntu, uvimba wobutyebi bokomoya onobulumko obunzulu ngokungenakuthelekiswa nanto nonamandla okukhanyisa nakhuthazela kubulungisa adlula lawo azo zonke iincwadi ezakha zabhalwa. Njengoko sisimba nzulu ukuze sifumane ulwazi lweLizwi likaThixo, siya kudanduluka njengompostile uPawulos owathi:“Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo!” Ukuzazi iZibhalo eziphefumlelweyo noMyili wazo kukungena kumendo wovuyo nowolonwabo olungunaphakade.—Roma 11:33; INdu. 16:11.
UYEHOVA—UTHIXO ONOQHAGAMSHELWANO
8. (a) Kutheni sifanele sibe nombulelo nje ngento yokuba uYehova enguThixo onoqhagamshelwano? (b) Wahluke ngayiphi indlela koothixo abaziidemon?
8 Ethetha ngokuzuka kwegama likaYehova, uDavide wadanduluka wathi:“Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo [“izinto ezimangalisayo,” NW], unguThixo wena wedwa.” (INdu. 86:10) UYehova uye walwenzela ‘izinto ezininzi ezimangalisayo’ uluntu olusemhlabeni, kwaye phakathi kwezi ibe kukudlulisela kulo iLizwi lakhe. Ewe, uYehova unguThixo onoqhagamshelwano, uThixo ozityhilayo ngokunothando ukuze kungenelwe izidalwa zakhe. Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuba uMdali wethu engengomlawuli ozigcine kude phayaa, oyimfihlelo nongasabeliyo kwiintswelo zabathandi bobulungisa emhlabeni! Njengoko esaya kwenjenjalo kwihlabathi elitsha elizayo, kwanangoku uYehova uhlala nabo banokholo kuye nabamthandayo, njengakulwalamano loBawo onobubele obapha izinto ezilungileyo abantwana bakhe abacelayo. (ISityhi. 21:3) UBawo wethu wasemazulwini akafani noothixo abaziidemon, abamele babe nabameli abazizithixo ezoyikekayo nezizizimumu. Oothixo abenziwe ngesinyithi nangamatye abanalo ulwalamano olufana nolukabawo nabanquli babo abasebumnyameni bokomoya. Akukho nto iyingenelo banokuyidlulisela kubanquli babo. Ngokwenyaniso, ‘baya kuba njengabo abenzi babo.’—INdu. 135:15-19; 1 Kor. 8:4-6.
9. Luluphi uhlobo loqhagamshelwano aye walwenza uThixo ngokusuka kummandla ongasentla?
9 UYehova ‘nguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso.’ (Eks. 34:6) Ngenxa yobuninzi benceba yakhe, uye wadlulisela kuluntu izinto ezininzi eziyinyaniso. Yona isisiluleko esihle ngokupheleleyo sokukhokela uluntu kwaye iquka isiprofeto sokukhanyisa iindlela zikabani ukusa kwiintsikelelo zexesha elizayo. “Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Kummandla ongasentla, ezulwini, kuye kwafumaneka inkcazelo enokuthenjwa yokufundisa uluntu, olukummandla ongezantsi.—Yoh. 8:23.
10. UYehova uye wathetha ngaziphi iilwimi, kwaye ngoba?
10 UYehova akazange aqhagamshelane noluntu ngolwimi olungaziwayo kodwa ebesoloko eqhagamshelana nalo ngolwimi loluntu, ulwimi oluphilileyo lwamangqina akhe athembekileyo. (IZe. 2:5-11) UYehova wathetha noAdam, uNowa, uAbraham, uMoses nabaprofeti abangamaHebhere, ngolwimi lokuqala olwalusetyenziswa luluntu, ngoku olwaziwa ngokuba sisiHebhere. IsiHebhere saqhubeka sisetyenziswa ngalo lonke ixesha sasinokuqondwa kwanakwixesha lamva likaSawule waseTarso, lowo uYesu ovusiweyo wathetha naye ngolo lwimi. (IZe. 26:14) Xa ulwimi lwesiAramiki lwamaKaledi lwathi lwasetyenziswa ngamaSirayeli awayesekuthinjweni, ngoko zimbi zeentetho zazivela kuThixo, zingesiAramiki, kuba abantu babelwazi olo lwimi. (Ezra 4:8–6:18; 7:12-26; Dan. 2:4b–7:28) Kamva, xa isiGrike sathi saba lulwimi oluthethwa zizizwe ngezizwe saza saba lulwimi oluphambili lwamangqina akhe, iintetho zikaYehova zenziwa zaza zalondolozwa ngolo lwimi. Amazwi alondolozwe eBhayibhileni ziintetho zikaYehova, ezazisoloko zivakaliswa ngamazwi okwenene ukuze kungenelwe abantu abasemhlabeni abathobekileyo nabathanda inyaniso.
11. Kutheni le nto kunokuthiwa uYehova nguMsunguli wazo zonke iilwimi?
11 UYehova nguMdali wengqondo namalungu okuthetha, kuquka ulwimi, umlomo nomqala, zinto ezo ezenza bonke ubugocigoci bezandi zokuthetha kwinkqubo nganye yeelwimi ezininzi. Ngaloo ndlela, kunokutshiwo ukuba uYehova unguMsunguli wazo zonke iilwimi ezithethwayo. Igunya analo kulwimi oluthethwa luluntu labonakaliswa ngommangaliso awawenza kwiNqaba yaseBhabheli. (Eks. 4:11; Gen. 11:6-9; 10:5; 1 Kor. 13:1) Akukho lulwimi angalwaziyo uYehova. Akazange nje kuphela amenze umntu akwazi ukuthetha ulwimi lwantlandlolo lwesiHebhere, kodwa, ngokudala kwakhe ingqondo namalungu okuthetha, wakwanikela isiseko solwimi lwesiAramiki nolwesiGrike nolwazo zonke iilwimi ezinokuba ngama-3 000 ezithethwayo ngoku luluntu.
INTETHO YENYANISO
12, 13. (a)UYehova uzenze njani iintetho zakhe ukuba ziqondakale lula? (b) Nika imizekelo.
12 Ingakhathaliseki inkqubo yentetho yoluntu eyasetyenziswa nguYehova, ngazo zonke izihlandlo uye waqhagamshelana noluntu ngentetho yenyaniso, kungekhona ngeemfihlelo ezingokonqulo ezingaqondakaliyo. Yintetho ecacileyo nekulula ukuyiqonda. (Zef. 3:9) Umntu wasemhlabeni unokuziqonda lula izinto ezinamacala amathathu, oko kukuthi, izinto ezinomphakamo, ububanzi nobude nezikhoyo kumsinga wexesha. Ngoko ke, uYehova uye wabonisa izinto ezingenakubonwa ngokusebenzisa imifuziselo enokuqondwa yingqondo yomntu. Ngokomzekelo, kwakukho itabarnekile eyayiyilwe nguThixo yaza yakhiwa nguMoses entlango. Ephantsi kwempefumlelo uPawulos wasebenzisa imifuziselo yayo enamacala amathathu ukuchaza ukuzuka kwezinto zasemazulwini.—Heb. 8:5; 9:9.
13 Nanku omnye umzekelo:UYehova, ongumoya, akahlali ngokoqobo kwisihlalo esinjengetrone emazulwini. Phofu ke, kuthi bantu, abaxhomekeke kwizinto zokoqobo ezibonakalayo, uThixo uthetha ngokusebenzisa umfuziselo obonakalayo onjalo ukuze siqonde. Xa eqalisa imicimbi engokomthetho yenkundla yasezulwini, kuba kanye njengaxa ukumkani wasemhlabeni eqalisa imicimbi engokomthetho ngokuhlala esihlalweni sakhe etroneni.—Dan. 7:9-14.
IGUQULELWE NGOKULULA
14, 15.Kutheni le nto iBhayibhile, ngokwahlukileyo kwezinye iincwadi zentanda-bulumko yomntu, kulula ukuba iguqulelwe kwezinye iilwimi? Zekelisa.
14 Ekubeni iBhayibhile ibhalwe ngamabinzana asetyenziswa apha emhlabeni nekulula ukuwaqonda, kuyinto enokwenzeka ukuyiguqulela ngokucacileyo nangokuchanileyo imifuziselo yayo nezenzo ekubhekiselwe kuzo kwinkoliso yeelwimi ezikhoyo namhlanje. Amandla negunya lantlandlolo enalo inyaniso lilondoloziwe kuzo zonke iinguqulelo. Amagama nje aqhelekileyo asetyenziswa imihla ngemihla anjengelithi “ihashe,” “imfazwe,” “isithsaba,” “itrone,” “indoda,” “umfazi,” nelithi “abantwana,” ayidlulisela ngokucacileyo ingcamango echanileyo kuzo zonke iilwimi. Oku kwahlukile kwiincwadi zentanda-bulumko yomntu, ezidla ngokuba zeziguqulelwe ngokungachananga. Amabinzana nesigama sazo esintsonkothileyo adla ngokungadluliselwa ngokuchanileyo kolunye ulwimi.
15 Amandla eBhayibhile okucacisa izinto abalasele nangakumbi. Kwanaxa uThixo wadlulisela izigidimi zomgwebo kwabangakholwayo, akazange asebenzise ulwimi lwentanda-bulumko, kodwa, kunoko, wasebenzisa imifuziselo yemihla ngemihla. Oku kuboniswe kuDaniyeli 4:10-12. Apha ubukumkani bokumkani ongumhedeni nowayezizukisa bachazwa ngokweenkcukacha ezithile ngokufuziselwa ngumthi, kwaza ke, ngezenzo ezazibandakanya lo mthi, kwaxelwa kwangaphambili ngokuchanileyo iziganeko ezaziya kwenzeka kwixesha elizayo. Konke oku kudluliselwe ngokucacileyo kwiinguqulelo zezinye iilwimi. Ngokunothando uYehova uye wathetha ngale ndlela ukuze ‘kwandiswe ulwazi oluchanileyo.’ Hayi indlela ekuye kwanceda ngokumangalisayo ngayo oku ekuqondeni isiprofeto kweli “xesha lokuphela”!—Dan. 12:4.
IJELO LOQHAGAMSHELWANO
16. Linokuchazwa njani ijelo likaYehova loqhagamshelwano?
16 Ubani usenokubuza athi, Bekusetyenziswa ziphi iindlela zoqhagamshelwano? Oku kunokuboniswa kakuhle ngomzekelo wale mihla. Kwiindlela zoqhagamshelwano kukho (1) umntu othethayo okanye lowo ungumqalisi wesigidimi; (2) lowo usidlulisayo; (3) into esidlula ngayo isigidimi eso; (4) ubani osifumanayo; (5) nomphulaphuli. Kuqhagamshelwano ngemfonomfono kukho (1) osebenzisa imfonomfono ongumqalisi wencoko; (2) isixhobo semfonomfono sokudlulisa umyalezo, esithi umyalezo lowo siwuguqulele kumaza ombane; (3) iingcingo zemfonomfono ezithwala amaza ombane ziwasa kwindawo ekutsalelwe kuyo umnxeba; (4) isixhobo esifumana umyalezo lowo size siwuguqule ekubeni ngamaza ube zizandi; (5) nomphulaphuli. Ngokukwanjalo emazulwini (1) uYehova uThixo ungumqalisi woko akuthethayo; (2) ke uLizwi okanye iSithetheli sakhe esingokwasemthethweni—ngoku esaziwa ngokuba nguYesu Kristu—ngokufuthi sidlulisa isigidimi; (3) umoya oyingcwele kaThixo, amandla asebenzayo asetyenziswa njengesixhobo soqhagamshelwano, usithwalela emhlabeni; (4) umprofeti kaThixo osemhlabeni ufumana isigidimi; (5) aze ke yena asipapashe ukuze kungenelwe abantu bakaThixo. Kanye njengokuba ngamathuba athile namhlanje umthunywa esenokuthunywa ukuba ahambise isigidimi esibalulekileyo, ngoko maxa wambi uYehova wakhetha ukusebenzisa abathunywa abangumoya, okanye izithunywa zezulu, ukuba zithwale iinkcazelo ezithile ezivela emazulwini eziya kubakhonzi bakhe abasemhlabeni.—Gal. 3:19; Heb. 2:2.
INKQUBO YEMPEFUMLELO
17. Liliphi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “siphefumlelwe nguThixo,” kwaye intsingiselo yalo isinceda njani siqonde inkqubo yempefumlelo?
17 Ibinzana elithi “siphefumlelwe nguThixo” liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiGrike elithi the·oʹpneu·stos, elithetha “efakwe umoya nguThixo.” (Bona eyesi-2 kuTimoti 3:16, umbhalo osemazantsi wokuqala we-NW.) UThixo ‘wafaka’ umoya wakhe, amandla akhe asebenzayo, kumadoda athembekileyo, ewabangela ukuba adibanise amacandelo awahlukahlukeneyo aze azibhale iZibhalo Ezingcwele. Le nkqubo yaziwa ngokuba yimpefumlelo. Iingqondo zabaprofeti nabanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo ababephantsi kwempefumlelo zaqhutywa ngala mandla asebenzayo. Oku kuthetha ukuba bafumana izigidimi, kuquka imifuziselo yenjongo, ezazivela kuThixo nokuba ezi zinto zamiliseka ngokuqinileyo ezingqondweni zabo. “Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Pet. 1:21; Yoh. 20:21, 22.
18. Izigidimi eziphefumlelweyo zabetheleleka nzulu kangakanani kubantu ababezifumana?
18 Ngoxa aba bantu bakaThixo babethe qwa, kwaye besezingqondweni ngokupheleleyo okanye ngoxa babelele bephupha, umoya wakhe wasibethelela ngokuqinileyo isigidimi esasivela kuThixo ngelo jelo loqhagamshelwano. Akusifumana isigidimi, umprofeti wayenembopheleleko yokusidlulisela kwabanye ngelizwi. Xa uMoses nabanye abaprofeti abathembekileyo bebuya eluvukweni, ngokungathandabuzekiyo baya kukuqinisekisa ukuchana kweengxelo ezilondoloziweyo zeencwadi zabo, kuba kunokwenzeka ukuba iingqondo zabo ezinoxabiso nezidalwe ngokutsha ziya kuba zisawakhumbula ngokucacileyo amazwi awathethwa ntlandlolo. Ngendlela efanayo, umpostile uPetros wachukumiseka ngokunzulu ngumbono wokwenziwa kumila kumbi kangangokuba wayenokubhala ngokucacileyo ngokuphathelele ubuqaqawuli bawo kwiminyaka engaphezu kwama-30 kamva.—Mat. 17:1-9; 2 Pet. 1:16-21.
UMBHALI NOMNWE WAKHE
19. Uyintoni ‘umnwe’ kaThixo, kwaye oko kungqinwa ziziphi izibhalo?
19 Ababhali abangabantu baye basebenzisa iminwe ukuze babhale, kumaxesha amandulo babesebenzisa usiba lokubhala okanye inkxola kwaye kumaxesha anamhlanje basebenzisa usiba lokubhala, umatshini wokuchwetheza, okanye ikhompyutha. Okuye kwaveliswa ngokusetyenziswa kwale minwe kuthiwa kuye kwayilwa yingqondo yabaniniko. Ubusazi na ukuba uThixo unomnwe? Ewe unawo, kuba uYesu wathetha ngomoya kaThixo ‘njengomnwe’ Wakhe. Xa uYesu waphilisa umntu owayephethwe ziidemon ngokokude aphinde akwazi ukuthetha nokubona, iintshaba zonqulo zayinyelisa indlela uYesu awamphilisa ngayo loo mntu. Ngokutsho kukaMateyu, uYesu wathi kuzo:“Ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.” (Mat. 12:22, 28) ULuka wongezelela ekuqondeni kwethu ngokucaphula uYesu njengothetha oku ngesihlandlo esikwasinye:“Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.” (Luka 11:20) Ngesinye isihlandlo sangaphambilana, izazi zaseYiputa eziqhelisela ubugqi zanyanzeleka zivume ukuba izibetho zaseYiputa zaziyimbonakaliso yamandla amakhulu kaYehova, zisithi:“Ngumnwe kaThixo.”—Eks. 8:18, 19.
20. ‘Umnwe’ kaThixo uye wasebenza njani, kwaye ngawuphi umphumo?
20 Ngokuvisisana neendlela elisetyenziswe ngazo eli gama lithi “umnwe,” kunokuqondwa ukuba “umnwe kaThixo” unamandla amakhulu nokuba oku kubhekisela kakuhle kumoya wakhe njengoko wawusebenzisayo ekubhalweni kweBhayibhile. Ngoko iZibhalo zisixelela ukuba “ngomnwe kaThixo,” wabhala iMithetho Elishumi kumacwecwe amabini amatye. (Eks. 31:18; Dut. 9:10) Xa uThixo wasebenzisa abantu ukubhala iincwadi ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile Engcwele, umnwe wakhe wokomfuziselo, okanye umoya, ngokukwanjalo wawungamandla alathisayo awabangela ukubhala kwabo bantu. Umoya oyingcwele kaThixo awubonakali, kodwa ubusebenza ngendlela emangalisayo, waza umphumo obonakalayo wakukuba uluntu luye lwafumana isipho esixabisekileyo esiliLizwi likaThixo lenyaniso, iBhayibhile Yakhe. Alithandabuzeki elokuba uMyili weBhayibhile nguYehova uThixo, uMniki-nkcazelo wasemazulwini.
UKUQALISA KWENGQOKELELA EPHEFUMLELWEYO
21. (a) Kwaqaliswa njani ukubhalwa kweZibhalo? (b) UYehova waye wakulungiselela njani ukulondolozwa kwazo?
21 Njengoko sekuboniwe, uYehova “wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.” (Eks. 31:18) Lo mbhalo wawuneMithetho Elishumi, ibe kubangel’ umdla ukuba olu xwebhu lube lunalo ngokusemthethweni igama likaThixo, uYehova, izihlandlo ezisibhozo. Kwangomnyaka omnye, owe-1513 B.C.E., uYehova wayalela uMoses ukuba aqalise ukwenza iingxelo ezaziya kuhlala zihleli. Kwaqaliswa ngaloo ndlela ke ukubhalwa kweZibhalo Ezingcwele. (Eks. 17:14; 34:27) UThixo wakwayalela uMoses ukuba akhe “ityeya yesingqino,” okanye “ityeya yomnqophiso,” umkhumbi omhle owenziwe ngobuchule awayeza kuwalondoloza kuwo uSirayeli la mazwi axabisekileyo. (Eks. 25:10-22; 1 Kum. 8:6, 9) UYehova wayila indlela eyayiza kwakhiwa ngayo iTyeya netabarnekile eyayigcinwe kuyo; kwaye igcisa lomsebenzi wezandla nomakhi oyintloko, uBhetsaleli, wayezaliswe “ngumoya kaThixo wobulumko, wokuqonda nowokwazi nowalo lonke uhlobo lobugcisa kumsebenzi wezandla” ukuze umsebenzi wakhe awugqibe ngokuvisisana nendlela owawuyilwe ngayo nguThixo.—Eks. 35:30-35, NW.
22. (a) Ngubani uMyili weZibhalo eziphefumlelweyo, ibe ukubhalwa kwazo kwathabatha ithuba elide kangakanani? (b) Ngoobani ababhali beBhayibhile awayesebenzisana nabo, kwaye yintoni eyaziwayo ngabo?
22 Ukuze enze iinjongo zakhe zaziwe, uThixo “wathetha izihlandlo ezininzi nangeendlela ezininzi” kangangethuba elide lexesha. (Heb. 1:1, NW) Ababhali abangabantu ababhala iLizwi lakhe benjenjalo ukususela ngowe-1513 B.C.E. ukusa malunga nowama-98 C.E., okanye ebudeni bethuba elinokuba yiminyaka eli-1 610. UMyili omnye, uYehova uThixo, wasebenzisa ababhali, okanye oonobhala abangabantu abanokuba ngama-40. Bonke aba babhali awayesebenzisana nabo babengamaHebhere kwaye ngaloo ndlela bengamalungu ohlanga ‘olwaluphathiswe izihlabo ezingcwele zikaThixo.’ (Roma 3:2, NW) Abasibhozo babo babengamaYuda angamaKristu ababemazi ngokobuqu okanye ababemve ngabapostile bakhe uYesu. IZibhalo eziphefumlelweyo ezabhalwa ngaphambi kwexesha labo zazikungqinele ukuza kukaMesiya, okanye uKristu. (1 Pet. 1:10, 11) Nangona babizwa bephuma kwiindlela ezininzi ezahlukahlukeneyo ababephila ngazo, aba babhali beBhayibhile basemhlabeni, ukususela kuMoses kuse kumpostile uYohane, bonke baba nesabelo ekuphakamiseni ulongamo lukaYehova uThixo nasekuvakaliseni iinjongo zakhe emhlabeni. Babhala egameni likaYehova nangamandla omoya wakhe.—Yer. 2:2, 4; Hez. 6:3; 2 Sam. 23:2; IZe. 1:16; ISityhi. 1:10.
23. Ziziphi iingxelo zangaphambili abazisebenzisayo ababhali abathile beBhayibhile, kwaye ezi ngxelo zaba ziZibhalo eziphefumlelweyo njani?
23 Ababhali abaliqela kwaba baquka kwiingxelo zabo iingqokelela ezivela kumaxwebhu eengxelo zamangqina okuzibonela awayenziwe ngababhali bangaphambili, ababengaphefumlelwanga bonke. Ngokomzekelo, uMoses usenokuba wahlanganisa iinxalenye zeGenesis ngokusuka kwiingxelo ezinjalo eziphuma kumangqina okuzibonela, njengokuba noSamuweli esenokuba wenjenjalo ekubhaleni incwadi yaBagwebi. UYeremiya wahlanganisa incwadi yokuQala neyesiBini yooKumkani, kwaye uEzra wabhala eyokuQala neyesiBini yeziKronike, ubukhulu becala ngale ndlela. Umoya oyingcwele wabakhokela aba bahlanganisi ekugqibeni ngeenxalenye zamaxwebhu akudala abantu ezazifanele ziqukwe, ngaloo ndlela beqinisekisa ukuba ezi ngqokelela zinokuthenjwa. Ukususela kwixesha lokuhlanganisa kwabo kuse phambili, ezi zicatshulwa zazivela kumaxwebhu akudala zaba yinxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo.—Gen. 2:4; 5:1; 2 Kum. 1:18; 2 Kron. 16:11.
24, 25. (a) Liliphi ixesha lembali ekuthethwa ngalo eBhayibhileni? (b) Bonisa izibakala ezithile ezibangel’ umdla ezifumaneka kwisicangca esikwiphepha 12.
24 Iincwadi zeBhayibhile ezingama-66 zeza zilandelelaniswe njani kuthi? Yiyiphi inxalenye yomsinga wexesha elingenasiphelo eziyigubungelayo? Emva kokuchaza ukudalwa kwamazulu nomhlaba nokulungiswa komhlaba njengekhaya lomntu, ingxelo yeGenesis ithetha ngokuqalisa kwembali yomntu ukususela ekudalweni komntu wokuqala ngowama-4026 B.C.E. Yandula ke iMibhalo Engcwele ibalise iziganeko ezibalulekileyo ukuhla ukuza kufikelela emva nje kancinane kowama-443 B.C.E. Kwandula ke, emva kwethuba leminyaka engaphezu kwama-400, ziphinde ziqhubeke nengxelo zisusela kowesi-3 B.C.E., ziyiqhube njalo de ziye kufikelela malunga nowama-98 C.E. Ngaloo ndlela, ngokwembali, iZibhalo zigubungela ixesha leminyaka engama-4 123.
25 Isicangca esikwiphepha 12 siya kunceda ekuqondeni imvelaphi yababhali beBhayibhile nangeendlela imibhalo yeBhayibhile eyeza ngayo kuthi ngolandelelwano.
“INCWADI” EPHELELEYO YENYANISO KATHIXO
26. IZibhalo ziyincwadi enye nepheleleyo njani?
26 IZibhalo Ezingcwele, njengengqokelela esusela kwiGenesis kuse kwiSityhilelo, zibumba incwadi enye epheleleyo, ithala leencwadi elinye elipheleleyo, zonke ziphefumlelwe nguMyili omnye Owongamileyo. Azifanele zahlulahlulwe zibe ziinxalenye ezimbini, ngokokude enye inxalenye ingaxatyiswa kangako kunenye. IZibhalo zesiHebhere neZibhalo zamaKristu zesiGrike zibaluleke ngokulinganayo. EzesiGrike ziphelelisa ezesiHebhere ukuze zenze incwadi enye epheleleyo yenyaniso kaThixo. Zizonke iincwadi zeBhayibhile ezingama-66 zibumba ithala leencwadi elinye leZibhalo Ezingcwele.—Roma 15:4.
27. Kutheni le nto amabinzana athi “iTestamente Endala” nelithi “iTestamente Entsha” engafanelekanga?
27 Kuyimpazamo engokwesithethe ukwahlulahlula iLizwi likaThixo elibhaliweyo libe ngamacandelo amabini, icandelo lokuqala, elisusela kwiGenesis ukusa kuMalaki, libizwa ngokuba ‘yiTestamente Endala,’ lize icandelo lesibini, elisusela kuMateyu ukusa kwiSityhilelo, libizwe ngokuba ‘yiTestamente Entsha.’ Kweyesi-2 kwabaseKorinte 3:14 iKing James Version ethandwayo ithetha ‘ngokuleswa kwetestamente endala,’ kodwa apha umpostile akabhekiseli kwiZibhalo zesiHebhere zamandulo xa zizonke. Kwakhona akathethi ukuba imibhalo yamaKristu ephefumlelweyo ibumba “itestamente [umnqophiso] entsha.” Umpostile uthetha ngomnqophiso woMthetho, owabhalwa nguMoses kwiPentatiki (iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile) nobumba inxalenye nje yeZibhalo zangaphambi kwamaKristu. Ngenxa yesi sizathu uthi kwindinyana elandelayo, “xa kuleswa uMoses.” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “itestamente” kwiKing James Version liye ngokungaguquguqukiyo laguqulelwa ngokuthi “umnqophiso” kwiinguqulelo ezininzi zanamhlanje.—Mat. 26:28; 2 Kor. 3:6, 14, inguqulelo yeBhayibhile yesiXhosa, iRevised Standard Version, iAmerican Standard Version.
28. Sisiphi isiqinisekiso esinikelweyo ngokubhekisele kwiziprofeto zeBhayibhile?
28 Oko kuye kwabhalwa kwaza kwalondolozwa njengeZibhalo Ezingcwele akumele kongezwe okanye kuncitshiswe nto kuko. (Dut. 4:1, 2; ISityhi. 22:18, 19) Kule ngongoma umpostile uPawulos ubhala oku:“Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.” (Gal. 1:8; bona kwanoYohane 10:35.) Lilonke ilizwi likaYehova lesiprofeto limele lizaliseke ngexesha elifanelekileyo. “Liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.”—Isa. 55:11.
UKUHLOLISISA IZIBHALO
29. Kule ncwadi, njengoko kuhlolisiswa incwadi nganye yeBhayibhile, yiyiphi inkcazelo etshayelelayo enikelwayo?
29 Kumaphepha alandelayo, kuhlolisiswa iincwadi ezingama-66 zeZibhalo Ezingcwele. Kuchazwe indawo eyabhalwa kuyo incwadi nganye, kwaye kunikelwe inkcazelo mayela nombhali, ixesha eyabhalwa ngalo, kwaye kwiimeko ezithile ixesha eligutyungelweyo. Kukwanikelwe ubungqina obubonisa ukuba incwadi iyeyokwenyaniso nobokuba ngokufanelekileyo iyinxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo. Obu bungqina bunokufunyanwa kumazwi kaYesu Kristu okanye kwimibhalo ephefumlelweyo yabanye abakhonzi bakaThixo. Ngokufuthi ubunyaniso bencwadi buboniswe ngokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile okungenakukhanyelwa okanye ngobungqina obungaphakathi encwadini ngokwayo, obunjengokuvisisana kwayo, ukuthembeka nokuzibeka izinto njengoko zinjalo. Ubungqina obukuxhasayo oku busenokuthatyathwa kwizinto ezifunyenwe ekumbiweni kwezinto zakudala okanye kwimbali yehlabathi enokuthenjwa.
30. Oko kuqulethwe yincwadi nganye yeBhayibhile kunikelwe ngayiphi indlela?
30 Njengoko kuchazwe oko kuqulethwe yincwadi nganye, loo mgudu ngowokwenza ukuba isigidimi esinamandla sombhali weBhayibhile sibalasele ngendlela yokuba kumile entliziyweni yomfundi uthando olunzulu ngeZibhalo eziphefumlelweyo noMyili wazo, uYehova uThixo, nokuba ngaloo ndlela kwandiswe uxabiso ngesigidimi esiphilileyo seLizwi likaThixo esiluncedo, esivisisanayo nesinomtsalane. Okuqulethwe yincwadi kuboniswe phantsi kwemixholwana ehlanganiswe yaziziqendu. Oku kwenzelwe ukuba ufundisiso lube lula kwaye akuthethi ukuba le mixholwana iyindlela ezahlulahlulwe ngokungqongqo ngayo iincwadi zeBhayibhile. Incwadi nganye ilicandelo elizimeleyo nelipheleleyo, elinegalelo eliluncedo ekuqondweni kweenjongo zikaThixo.
31. (a) Yiyiphi inkcazelo enikelweyo ukubonisa isizathu sokuba ncwadi nganye ibe iyingenelo? (b) Nguwuphi umxholo ozukileyo obalaseliswayo kuzo zonke iingxubusho zeencwadi zeBhayibhile?
31 Ekuqukumbeleni incwadi nganye, ingxubusho ibonisa isizathu sokuba inxalenye leyo yeZibhalo eziphefumlelweyo ‘iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungiseni izinto, ekuqeqesheni okusebulungiseni.’ (2 Tim. 3:16) Ukuzaliseka kwesiprofeto, apho oku kuboniswe ngobungqina obuphefumlelweyo bababhali beBhayibhile bamva, kuqwalaselwe. Kwimeko nganye, kuboniswe igalelo enalo incwadi ekumiseleni wonke umxholo weBhayibhile. IBhayibhile asiyontsomi. Inekuphela kwesigidimi esiphilileyo soluntu. Ukususela kwincwadi yokuqala, iGenesis, kuse kwincwadi yokugqibela, ISityhilelo, iZibhalo eziphefumlelweyo zingqinela injongo yoMdali wendalo iphela, uYehova uThixo, yokungcwalisa igama lakhe ngoBukumkani obulawulwa yiMbewu yakhe. Elo lithemba elizukileyo abanalo bonke abathandi bobulungisa.—Mat. 12:18, 21.
32. Kulungiselelwe inkcazelo enjani ukuze iqondwe ngakumbi iBhayibhile?
32 Emva kokuqwalasela iincwadi zeBhayibhile ezingama-66, siphethulela ingqalelo ethile ekunikeleni inkcazelo esisiseko ngeBhayibhile. Oku kuquka ukuhlolisiswa kokuma komhlaba weLizwe Ledinga, ixesha lokwenzeka kweziganeko eziseBhayibhileni, iinguqulelo zeBhayibhile, ubungqina bokumbiwa kwezinto zakudala nobunye obuxhasa ubunyaniso beBhayibhile, nobungqina obungokulandelelana kweencwadi zeBhayibhile. Kweli candelo kukwabonakala enye inkcazelo nezicangca ezixabisekileyo. Konke oku kuyilelwe ukuze iBhayibhile iqondwe ngakumbi njengeyona ncwadi iluncedo neyingenelo emhlabeni namhlanje.
33. IBhayibhile inokuchazwa njani, ibe kuyingenelo ngantoni ukuyifundisisa?
33 UMyili onguThixo uye wathetha kakhulu noluntu. Uye wabonakalisa ubunzulu obukhulu bothando nomdla anawo njengobawo koko akwenzele abantwana bakhe abasemhlabeni. Enjani ukuphawuleka ingqokelela yamaxwebhu aphefumlelweyo asilungiselele yona kwiZibhalo Ezingcwele! Ngokwenyaniso, la maxwebhu abumba ubutyebi obungenakuthelekiswa nanto, ithala elikhulu leencwadi zenkcazelo ‘eziphefumlelwe nguThixo,’ elinobutyebi obuyigqitha lee imibhalo nje yabantu. Ukuzinikela ekufundisiseni iLizwi likaThixo akuyi “kudinisa inyama,” kodwa, kunoko, kuya kuzisa iingenelo ezingunaphakade kwabo balaziyo ‘ilizwi likaYehova elihleli ngonaphakade.’—INtshu. 12:12; 1 Pet. 1:24, 25.
[Isicangca esikwiphepha 12]
ABABHALI BEBHAYIBHILE ABAPHEFUMLELWEYO NEENCWADI ZABO
(Zilandelelaniswe Ngokwemihla)
Ulandele- Ababhali Imisebenzi Ukugqitywa Iincwadi
lwano Yabo Kweencwadi
1. UMoses Umphengululi, ngowe- IGenesis; IEksodus;
umalusi, 1473 B.C.E. ILevitikus; UYobhi;
umprofeti, INumeri; IDuteronomi;
inkokeli INdumiso 90
(mhlawumbi neyama-91)
2. UYoshuwa Inkokeli malunga nowe- UYoshuwa
1450 B.C.E.
3. USamuweli UmLevi, malunga naphambi ABagwebi; URute;
umprofeti kowe-1080 B.C.E. Inxalenye yokuQala
kaSamuweli
4. UGadi Umprofeti, malunga Inxalenye yeyokuQala
nowe-1040 B.C.E. kaSamuweli;
eyesiBini kaSamuweli;
(zombini ekunye noNatan)
5. UNatan Umprofeti malunga Bona ngasentla
nowe-1040 B.C.E. (ekunye noGadi)
6. UDavide Ukumkani, ngowe-1037 B.C.E. Ezininzi zeeNdumiso
umalusi,
imvumi
7. Oonyana Ezinye zeeNdumiso
bakaKora
8. UAsafu Imvumi Ezinye zeeNdumiso
9. UHeman Indoda INdumiso 88
esisilumko
10. UEtan Indoda INdumiso 89
esisilumko
11. USolomon Ukumkani, malunga nowe- Inkoliso yeMizekeliso;
umakhi, 1000 B.C.E. INgoma yazo iiNgoma;
indoda esisilumko INtshumayeli;
12. UAgure IMizekeliso isahluko 30
13. ULemuweli Ukumkani IMizekeliso isahluko 31
14. UYona Umprofeti malunga nowama- UYona
844 B.C.E.
15. UYoweli Umprofeti malunga nowama- UYoweli
820 B.C.E.(?)
16. UAmosi Umalusi malunga nowama- UAmosi
weenkomo, 804 B.C.E.
umprofeti
17. UHoseya Umprofeti emva kowama- UHoseya
745 B.C.E.
18. UIsaya Umprofeti emva kowama- UIsaya
732 B.C.E.
19. UMika Umprofeti ngaphambi kowama- UMika
717 B.C.E.
20. UZefaniya Umthetheli, ngaphambi kowama- UZefaniya
umprofeti, 648 B.C.E.
21. UNahum Umprofeti ngaphambi kowama- UNahum
632 B.C.E.
22. UHabhakuki Umprofeti malunga nowama- UHabhakuki
628 B.C.E.(?)
23. UObhadiya Umprofeti malunga nowama- UObhadiya
607 B.C.E.
24. UHezekile Umbingeleli, malunga nowama- UHezekile
umprofeti 591 B.C.E.
25. UYeremiya Umbingeleli, ngowama- EyokuQala neyesiBini
umprofeti 580 B.C.E. yooKumkani; UYeremiya;
IziLilo zikaYeremiya
26. UDaniyeli Umthetheli, malunga nowama- UDaniyeli
umlawuli, 536 B.C.E.
umprofeti
27. UHagayi Umprofeti ngowama- UHagayi
520 B.C.E.
28. UZekariya Umprofeti ngowama- UZekariya
518 B.C.E.
29. UMordekayi Inkulumbuso malunga nowama- UEstere
475 B.C.E.
30. UEzra Umbingeleli, malunga nowama- EyokuQala neyesiBini
umkhupheli 460 B.C.E. yeziKronike; uEzra
wemibhalo,
umlawuli
31. UNehemiya Igosa lasebhotwe, emva kowama- UNehemiya
irhuluneli 443 B.C.E.
32. UMalaki Umprofeti emva kowama- UMalaki
443 B.C.E.
33. UMateyu Umbuthi werhafu, malunga nowama- UMateyu
umpostile 41 C.E.
34. ULuka Ugqirha, malunga nowama- ULuka; IZenzo
umvangeli 56-58 C.E.
wasemazweni
35. UYakobi Umveleli ngaphambi kowama- UYakobi
(umntakwabo Yesu) 62 C.E.
36. UMarko Umvangeli malunga nowama- UMarko
wasemazweni 60-65 C.E.
37. UPetros Umlobi, malunga nowama- EyokuQala
umpostile 64 C.E. neyesiBini kaPetros
38. UPawulos Umvangeli malunga nowama- EyokuQala neyesiBini
wasemazweni, 65 C.E. kwabaseTesalonika;
umpostile, KumaGalati;
umenzi weentente EyokuQala neyesiBini
kwabaseKorinte; KwabaseRoma;
Kwabase-Efese; KwabaseFilipi;
KwabaseKolose; KuFilemon;
KumaHebhere; EyokuQala
neyesiBini kuTimoti; KuTito
39. UYuda Umfundi
(umntakwabo Yesu) malunga nowama- UYuda
65 C.E.
40. UYohane Umlobi, malunga nowama- ISityhilelo; UYohane;
umpostile 98 C.E. EyokuQala, eyesiBini
neyesiThathu kaYohane