Kubalisa UMateyu
17 Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu wenyuka intaba ephakamileyo noPetros noYakobi nomntakwabo uYohane.+ 2 Bambona etshintsha. Ubuso bakhe babengezela njengelanga, nezambatho zakhe zangaphezulu zaqaqamba* njengokukhanya.+ 3 Kwathi kusenjalo, babona uMoses noEliya bencokola naye. 4 UPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kuyasivuyisa ukuba lapha. Ukuba uyafuna, ndingamisa apha iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.” 5 Uthe esathetha, kwavela ilifu eliqaqambileyo phezu kwabo, kwaza kwavakala ilizwi kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.+ Mmameleni.”+ 6 Bakuyiva le nto, abafundi baqubuda, boyika kakhulu. 7 UYesu wasondela kubo, wababamba wathi: “Phakamani. Sanukoyika.” 8 Bathe bakuphakamisa amehlo, ababona mntu ngaphandle koYesu. 9 Bathi ke xa besihla entabeni, uYesu wabayalela, esithi: “Ze ningaxeleli mntu ngalo mbono de uNyana womntu avuswe ekufeni.”+
10 Kodwa abafundi bambuza lo mbuzo: “Kutheni ke ababhali besithi kumele kuqale kufike uEliya?”+ 11 Wabaphendula wathi: “Uyeza nyhani uEliya, ibe uza kulungisa yonke into.+ 12 Kodwa ndithi kuni, uEliya sele ezile, yaye zange babone ukuba nguye, suke benza unothanda kuye.+ Baza kwenza loo nto ke nakuNyana womntu, ibe baza kumbulala.”+ 13 Baqonda ke abafundi ukuba wayethetha ngoYohane umBhaptizi.
14 Bathi xa bebuyela ebantwini,+ kwasondela enye indoda kuYesu, yaguqa phantsi, yathi: 15 “Nkosi, yenzela unyana wam inceba, kuba unesifo sokuxhuzula. Uhlala esiwa emlilweni nasemanzini.+ 16 Bendimzise kubafundi bakho, kodwa abakwazi ukumphilisa.” 17 UYesu wathi: “Owu sizukulwanandini singenalukholo nesijijekileyo,+ kufuneka ndihlale nani de kube nini? Koda kube nini ndininyamezele? Mziseni apha.” 18 Ngoko ke uYesu wayingxolisa idemon, yaphuma kuye, yaza yaphila ngoko nangoko loo nkwenkwe.+ 19 Emva koko, abafundi bathetha noYesu ecaleni bambuza bathi: “Kutheni singakwazanga nje thina ukuyikhupha?” 20 Wathi kubo: “Kungenxa yokuba ukholo lwenu luncinci. Kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nje ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, ninokuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ ize isuke, ibe ayikho into eningenakukwazi ukuyenza.”+ 21 *——
22 Babekunye eGalili xa uYesu wathi kubo: “UNyana womntu uza kujikelwa aze anikelwe ebantwini.+ 23 Baza kumbulala, aze avuswe ngosuku lwesithathu.”+ Bakhathazeka kakhulu bakuva loo nto.
24 Emva kokuba befike eKapernahum, kweza kuPetros abantu abaqokelela irhafu yasetempileni,* bathi: “Akayikhuphi na irhafu yasetempileni umfundisi wenu?”+ 25 Wathi: “Ewe, uyayikhupha.” Kodwa xa wayengena endlini, uYesu waqala wathetha naye, wathi: “Khawutsho Simon! Ookumkani behlabathi bayinikwa ngubani imali yerhafu? Ngoonyana babo okanye ngabanye abantu?” 26 Uthe uPetros akuthi: “Ngabanye abantu,” uYesu wathi: “Uyabona ke! Oonyana abayikhuphi irhafu, andithi? 27 Kodwa ukuze singabakhubekisi,+ yiya elwandle, ufike ulobe intlanzi, ephume kuqala, yivule umlomo, uza kufumana kuyo imali yesilivere.* Yithathe uyokubhatalela thina sobabini.”