Isahluko 3
Ngaba Lo Mntu Undifanele?
Khawuziphe ixesha uze uphendule le mibuzo ilandelayo:
Ziziphi iimpawu ocinga ukuba zibalulekile kumntu ofuna ukutshata naye? Kolu ludwe, faka olu phawu ✔ kwizinto ezine ocinga ukuba zibalulekile.
□ Mhle □ Uqolile ngokomoya
□ Unobubele □ Unokuthenjwa
□ Udumile □ Uziphethe kakuhle
□ Uyahlekisa □ Unosukelo ebomini
Ngoxa wawusengumntwana ngaba wakha wathabatheka ngumntu othile? Kuludwe olungentla, faka olu phawu × ecaleni kwento ocinga ukuba watsalwa yiyo kuloo mntu.
AKUKHO nanye ephosakeleyo kwezi zinto zingasentla. Zonke ziyathandeka. Kodwa ngaba akuyonyaniso na ukuba xa uselula yaye uthe swii ngumntu othile, udla ngokubona iimpawu zangaphandle njengezo zikumhlathi ongasekhohlo?
Njengoko usiya ukhula, ubona nezinye iimpawu ezibaluleke ngakumbi njengezo zikumhlathi ongasekunene. Ngokomzekelo, ufumanisa ukuba eyona ntombi intle kwindawo ohlala kuyo ayithembekanga kangako, okanye oyena mfana uthandwa kakhulu eklasini kusenokwenzeka ukuba akaziphathanga kakuhle. Xa udlulile entlahleni yobutsha, akukhangeli iimpawu zangaphandle kuphela xa ufuna ‘umntu okufaneleyo.’
Zazi Kuqala
Ngaphambi kokwazi umntu okufaneleyo, kufuneka uzazi wena kuqala. Ukuze uzazi kakuhle, phendula le mibuzo ilandelayo:
Ziziphi iimpawu ezintle endinazo? ․․․․․
Ziziphi izinto endibuthathaka kuzo? ․․․․․
Ndifuna ukuphathwa njani liqabane yaye ndifuna ukuba nolwalamano olunjani noThixo? ․․․․․
Ukuzazi asinto ilula, kodwa imibuzo efana nale ingasentla inokukunceda. Xa uzazi kakuhle kuya kuba lula ukufumana umntu oza kuzenza zibalasele nangakumbi iimpawu ezintle onazo kunokubalaselisa izinto obuthathaka kuzo.a Kuthekani xa ucinga ukuba umfumene umntu onjalo?
Ngaba Ndinokutshata Nabani Na?
“Ndicela ukukwazi ngakumbi.” Xa umntu ethetha loo mazwi unokothuka okanye uvuye—kuxhomekeke ukuba athethwa ngubani. Masithi uyavuma. Njengokuba nithandana, unokwazi njani ukuba esi sithandwa sakho sikufanele?
Masithi ufuna ukuthenga izihlangu ezitsha. Ungena evenkileni ubone izihlangu ozithandayo. Xa uzilinganisa, ufumanisa ukuba azikulingani, yaye uyadana. Yintoni oza kuyenza? Ngaba uya kuzithenga nokuba azikulingani? Okanye uya kufuna ezinye izihlangu? Kucacile ukuba eyona nto ibiya kuba bhetele kukuzibuyisela uze ufune ezinye. Bekungayi kuba bubulumko ukunxiba izihlangu ezingakulinganiyo!
Le meko ifana nqwa nokukhetha iqabane lomtshato. Ebomini, usenokuphandlwa ngabantu abaninzi. Kodwa asinguye wonk’ ubani okufaneleyo. Ngaphezu koko, ufuna umntu oza kukhululeka xa ukunye naye—umntu obufanela twatse ubuntu bakho nosukelo lwakho. (Genesis 2:18; Mateyu 19:4-6) Ngaba sele umfumene umntu onjalo? Ukuba kunjalo, unokwazi njani ukuba ukufanele?
Jonga Izinto Ngeliso Elibanzi
Ukuze uphendule lo mbuzo wokugqibela, mjonge kakuhle loo mntu, ungamfanyekiswa luthando. Kodwa lumka! Usenokubona kuphela oko ufuna ukukubona. Ngoko ke ziphe ixesha. Zama ukuqonda kakuhle ukuba ungumntu onjani. Oku kuya kufuna umgudu. Phofu oko akumele kukumangalise. Ngokomzekelo: Masithi ufuna ukuthenga imoto. Ubuya kuyihlola ngokucokiseke kangakanani? Ngaba ubuya kujonga umphandle kuphela? Ngaba bekungayi kuba bubulumko ukuyijongisisa—mhlawumbi uhlole nenjini yayo?
Ukufuna iqabane lomtshato kubaluleke ngakumbi kunokukhetha imoto. Kodwa abantu abaninzi abathandanayo abajongi izinto ngeliso elibanzi. Batsalwa nje zizinto abafana ngazo: ‘Sithanda umculo ofanayo.’ ‘Sithanda izinto ezifanayo.’ ‘Sivumelana ngayo yonk’ into!’ Njengokuba kuchaziwe ngasentla, ukuba sele udlulile entlahleni, ukhangela nezinye izinto ezibalulekileyo. Uyaqonda ukuba kubalulekile ukwazi ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:4; Efese 3:16.
Ngokomzekelo, kunokunikel’ ingqalelo kwizinto enivumelana ngazo kuphela, kunokuba bhetele ukuqwalasela okwenzekayo xa ningavumelani. Ngamany’ amazwi, wenza ntoni lo mntu xa ningavisisani—ngaba unyanzelisa izimvo zakhe, mhlawumbi ‘agqajukelwe ngumsindo’ okanye asebenzise ‘intetho etshabhisayo’? (Galati 5:19, 20; Kolose 3:8) Ngaba mhlawumbi ubonakalisa ingqiqo—ngokuyekelela kwimibandela ephathelele ukhetho lobuqu, ukuze kuhlale kukho uxolo?—Yakobi 3:17.
Enye inkalo omele uyiqwalasele yile: Ngaba uthanda ukulawula, okanye uyakhweleta? Ngaba ufuna ukwazi yonk’ into oyenzayo? UNicole uthi: “Ndidla ngokuva abantu abathandanayo bexabana kuba izithandwa zabo zingabachazelanga apho zikhoyo. Andiqondi ukuba umntu onjalo unokuba liqabane elifanelekileyo.”—1 Korinte 13:4.
Ngasentla, sixubushe ngobuntu nehambo. Kodwa ke, kubalulekile nokwazi indlela aziwa ngayo loo mntu. Waziwa njani ngabanye abantu? Usenokubuza ngaye kubantu ekudala bemazi, njengamalungu ebandla aqolileyo. Oko kuya kukunceda wazi enoba ‘kunikelwa ingxelo entle ngaye’ kusini na.—IZenzo 16:1, 2.
Ukubhala phantsi izinto oziphawulileyo kunokukunceda ubone enoba niyafanelana kusini na nomhlobo wakho.
Ubuntu ․․․․․
Ihambo ․․․․․
Indlela aziwa ngayo ․․․․․
Usenokuzuza lukhulu ngokuqwalasela ibhokisi enomxholo othi: “Ngaba Angangumyeni Ofanelekileyo?” kwiphepha 39 okanye “Ngaba Angangumfazi Ofanelekileyo?” kwiphepha 40. Imibuzo elapho inokukunceda uqonde enoba angaliqabane lomtshato elifanelekileyo na.
Yintoni ofanele uyenze xa ubona ukuba lo mntu akakufanelanga? Xa kunjalo, umele ucinge ngalo mbuzo ubalulekileyo:
Ngaba Sifanele Sahlukane?
Ngamanye amaxesha kubhetele ukwahlukana. Khawuve nje okwenzeka kuJill. Uthi: “Ekuqaleni, ndandiyithanda into yokuba umfana endithandana naye esoloko efun’ ukwazi apho ndikhoyo, into endiyenzayo nabantu endikunye nabo. Kodwa ndandingasakwazi ukuchith’ ixesha nabanye abantu. Wayekhweleta naxa ndikunye nentsapho yasekhaya—ingakumbi uTata. Emva kokuba ndiqhawule ulwalamano naye, kwaba ngathi kuthe xibilili umthwalo omkhulu emagxeni am!”
Kwenzeka into efanayo nakuSarah. Wafumanisa ukuba uJohn, awayethandana naye unempoxo, kunzima ukumkholisa yaye ukrwada. USarah uthi: “Ngenye imini, wafika ekhaya kwiiyure ezintathu emva kwexesha esasilibekile! Xa uMama evula umnyango, akazange ambulise nokumbulisa, wasuka wathi kum: ‘Masambe. Sishiywe lixesha.’ Akazange athi, ‘Ndishiywe lixesha,’ kodwa wathi ‘Sishiywe lixesha.’ Ndandilindele ukuba acele uxolo okanye achaze isizathu sokuba afike emva kwexesha. Ngaphezu koko, wayemele ahlonele uMama!” Noko ke, impazamo enye ayithethi kuthi olo lwalamano alunakuphumelela. (INdumiso 130:3) Kodwa emva kokuba uSarah ebonile ukuba uJohn ukrwada, wagqiba ekubeni aluphelise olo lwalamano.
Kuthekani ukuba, umntu ubucinga ukuba lubambo lwakho akakufanelanga, njengoJill noSarah? Ukuba kunjalo, musa ukuyiyayaza loo nto! Nakuba kunokuba nzima, kusenokuba bubulumko ukuluqhawula olo lwalamano. IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” Ukuba umntu othandana naye uneempawu ezingathandekiyo, ezichazwe kwiphepha 39 nelama-40, kusenokuba bhetele ukuluphelisa ulwalamano lwenu—mhlawumbi de kulungiswe loo ngxaki. Enyanisweni, kusenokungabi lula ukwahlukana. Kodwa umtshato liqhina elifanele lihlale lihleli. Kubhetele ukuva intlungu okwexeshana kunokuzisola ubomi bakho bonke!
Ukumazisa Ngokwahlukana
Unokuluphelisa njani ulwalamano? Okokuqala, zama ukuthetha naye ngendlela efanelekileyo. Njani? Khawucinge indlela wena obuya kufuna ukuphathwa ngayo kule meko. (Mateyu 7:12) Ngaba ubunokufuna ukuchazelwa phambi kwabanye? Ubungenakuyithanda loo nto. Ngaphandle kokuba unyanzelwa ziimeko, bekungayi kuba kuhle ukushiya okanye ukuthumela umyalezo efowunini okanye kwie-mail. Ngoko khetha ixesha nendawo efanelekileyo yokuthetha ngalo mba ubaluleke kangaka.
Umele uthini xa uchaza ezi ndaba? Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘athethe inyaniso’ omnye komnye. (Efese 4:25) Eyona ndlela ibhetele, kukukhetha amagama kodwa ungqale. Chaza ngokucacileyo isizathu sokucinga ukuba ulwalamano lwenu aluyi kuphumelela. Akuyomfuneko ukuchaza udederhu lweempazamo zakhe okanye umgxeke. Eneneni, endaweni yokuthi, “Wena akwenzi oku” okanye “Wena wenza oku,” kubhetele ukusebenzisa amabinzana ajoliswe kwindlela ovakalelwa ngayo—“Ndifuna umntu owenza . . .” okanye “Ndivakalelwa kukuba ulwalamano lwethu maluphele ngenxa yokuba . . .”
Eli asiloxesha lokuthetha into engavakaliyo okanye lokuvumela umntu othandana naye atshintshe isigqibo sakho. Khumbula ukuba ukhethe ukwahlukana nalo mntu ngesizathu esivakalayo. Mlumkele angakwenzi utshintshe indlela ocinga ngayo. Elinye ibhinqa eliselula eligama linguLori, lithi: “Emva kokuba ndiluphelisile ulwalamano esasinalo nomnye umfana, wayesoloko ezenza odandathekileyo. Ndicinga ukuba wayesenzela ukuba ndimsizele. Ndamsizela. Kodwa andizange ndivumele ukuba oko kutshintshe isigqibo sam.” Njengokuba uLori wenzayo, yazi into oyifunayo. Yima kwisigqibo sakho. Uhayi wakho makabe nguhayi.—Yakobi 5:12.
Imiphumo Yokwahlukana
Ungothuki ukuba uziva ukhathazekile kangangethuba elithile emva kokuba nahlukene. Usenokude uvakalelwe njengomdumisi, owathi: “Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo; imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.” (INdumiso 38:6) Abanye abahlobo bakho basenokuzama ukukunceda ngokukukhuthaza ukuba nibuyelane. Lumka! Nguwe oya kuhlala ujamelene nemiphumo yeso sigqibo—kungekhona abahlobo bakho. Ungoyiki ukuma kwisigqibo sakho—nakuba unokuziva ubuhlungu ngokwenzekileyo.
Qiniseka ukuba, ekuhambeni kwexesha ezo mvakalelo ziza kuphela. Okwangoku, kutheni ungazami ukuthabatha la manyathelo alandelayo ukuze ukwazi ukuhlangabezana nale meko?
Phalaza imbilini yakho kumhlobo omthembayo.b (IMizekeliso 15:22) Thandaza kuYehova. (INdumiso 55:22) Zigcine uxakekile. (1 Korinte 15:58) Musa ukusoloko uwedwa! (IMizekeliso 18:1) Nxulumana nabantu abanokukukhuthaza. Hlala ucinga ngezinto ezakhayo.—Filipi 4:8.
Ekuhambeni kwexesha, usenokufumana umhlobo omtsha. Ngaphandle kwamathandabuzo ngelo xesha uya kube sele unembono ephangaleleyo. Mhlawumbi ngelo xesha, xa uphendula umbuzo othi “Ngaba lo mntu undifanele?” uya kuthi ewe!
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 31
Xa uthandana nomntu othile, nguwuphi umlinganiselo enimele nizibekele wona ekuboniseni uthando omnye komnye?
[Imibhalo esemazantsi]
a Usenokuzazi ngakumbi ngokuhlolisisa imibuzo ekwiSahluko 1 phantsi komxholwana othi “Ngaba Ukulungele Ukutshata?”
b Abazali bakho okanye abanye abantu abakhulileyo, njengabadala abangamaKristu, banokukunceda. Usenokufumanisa ukuba nabo bakha bahamb’ indlela efanayo ngoxa babesakhula.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.”—IMizekeliso 20:11
ICEBISO
Yenzani izinto ezinokubangela kuvele ubuntu benu:
● Fundani iLizwi likaThixo kunye.
● Jongani indlela omnye aba nenxaxheba ngayo kwiintlanganiso zebandla nasentsimini.
● Xhasani amalungiselelo okucoca nawokwakha iiHolo ZoBukumkani.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Uphando lubonisa ukuba imitshato yabantu abangekho kunqulo olunye, idla ngokuqhawuka.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba ndinomdla kumntu ongakholwayo, ndiza ․․․․․
Ukuze ndazi indlela aziwa ngayo umntu endithandana naye, ndimele ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ziziphi iimpawu ezintle onazo ezinokuba yingenelo emtshatweni?
● Ziziphi iimpawu ocinga ukuba zibalulekile kwiqabane lomtshato?
● Ziziphi iingxaki ezinokuvela ukuba utshata nomntu oneenkolelo ezingafaniyo nezakho?
● Unokuzazi njani iimpawu, ihambo nendlela aziwa ngayo umntu othandana naye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 37]
“Indlela umntu othandana naye ayiphatha ngayo intsapho yakowabo yindlela aza kukuphatha ngayo nawe.”—UTony
[Ibhokisi ekwiphepha 34]
“Musani Ukubotshwa Edyokhweni Kunye Nabangakholwayo”
“Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.” Kusenokwenzeka ukuba uyawuqonda umgaqo okweyesi-2 kwabaseKorinte 6:14. Nakuba kunjalo, usenokutsaleleka kumntu ongakholwayo. Ngoba? Ngamanye amaxesha iba yintabatheko nje yangaphandle. Enye inkwenkwe egama linguMark ithi: “Kukho le ntombazana ndandisoloko ndiyibona ejimini. Yayidla ngokuza kuthetha nam. Kwaba lula ukuba sibe ngabahlobo.”
Ukuba uzazi kakuhle yaye unemilinganiselo ephakamileyo yokomoya—yaye akulawulwa ziimvakalelo—uyakwazi omele ukwenze. Enyanisweni, lo mntu—enoba mhle, uyathandeka, okanye ukhangeleka eziphethe kakuhle—akayi kukwenza ube nolwalamano oluhle noThixo.—Yakobi 4:4.
Kakade ke, ukuba sele nithandana, kuya kuba nzima ukuphelisa olo lwalamano—yaye uCindy unamava oko. Uthi: “Ndandilila yonk’ imihla. Ndandicinga ngale nkwenkwe ngalo lonke ixesha, nkqu naxa ndikwiintlanganiso zamaKristu. Ndandiyithanda kakhulu kangangokuba ndandixolel’ ukufa kunokwahlukana nayo.” Noko ke kamva, uCindy wasamkela isiluleko sikanina ngokuphathelele ukuthandana nomntu ongakholwayo. Uthi: “Ndiyavuya kuba ndahlukana nayo. Ndiqinisekile ukuba uYehova uya kuzanelisa iimfuno zam.”
Ngaba ukwimeko efana nekaCindy? Ukuba kunjalo, akuyomfuneko ukuba ujamelane nale ngxaki wedwa! Usenokuthetha nabazali bakho. Yiloo nto kanye yenziwa nguJim xa wazibona ethe phithi thwanga yintombazana ethile esikolweni. Uthi: “Ekugqibeleni ndacela uncedo kubazali. Oko kwandinceda ndayeka ukuthanda loo ntombazana.” Nabadala bebandla banokukunceda. Kutheni ungathethi nomnye wabo ngale ngxaki?—Isaya 32:1, 2.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 39]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Angangumyeni Ofanelekileyo?
Izinto Omele Uzazi
□ Ulisebenzisa njani igunya analo?—Mateyu 20:25, 26.
□ Luyintoni usukelo lwakhe?—1 Timoti 4:15.
□ Ngaba ngoku usebenzela ukulufikelela olo sukelo?—1 Korinte 9:26, 27.
□ Uyiphatha njani intsapho yakowabo?—Eksodus 20:12.
□ Ngoobani abahlobo bakhe?—IMizekeliso 13:20.
□ Uncokola ngantoni?—Luka 6:45.
□ Uyijonga njani imali?—Hebhere 13:5, 6.
□ Yintoni azonwabisa ngayo?—INdumiso 97:10.
□ Ubonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?—1 Yohane 5:3.
Iimpawu Omele Uzazi
□ Ngaba ukhuthele?—IMizekeliso 6:9-11.
□ Ngaba uyisebenzisa kakuhle imali?—Luka 14:28.
□ Ngaba kuthethwa kakuhle ngaye?—IZenzo 16:1, 2.
□ Ngaba uyabacingela abanye abantu?—Filipi 2:4.
Izinto Omele Uzilumkele
□ Ngaba ukhawuleza abe nomsindo?—IMizekeliso 22:24.
□ Ngaba ufuna ukuba niziphathe kakubi ngokwesini?—Galati 5:19.
□ Ngaba uyathuka okanye uyabetha?—Efese 4:31.
□ Ngaba kufuneka asele utywala ukuze onwabe?—IMizekeliso 20:1.
□ Ngaba uyakhweleta okanye uyazingca?—1 Korinte 13:4, 5.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 40]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Angangumfazi Ofanelekileyo?
Izinto Omele Uzazi
◻ Ngaba uyazithoba kwintsapho yakowabo nasebandleni?—Efese 5:21, 22.
◻ Uyiphatha njani intsapho yakowabo?—Eksodus 20:12.
◻ Ngoobani abahlobo bakhe?—IMizekeliso 13:20.
◻ Uncokola ngantoni?—Luka 6:45.
◻ Uyijonga njani imali?—1 Yohane 2:15-17.
◻ Luyintoni usukelo lwakhe?—1 Timoti 4:15.
◻ Ngaba ngoku usebenzela ukulufikelela olo sukelo?—1 Korinte 9:26, 27.
◻ Yintoni azonwabisa ngayo?—INdumiso 97:10.
◻ Ubonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?—1 Yohane 5:3.
Iimpawu Omele Uzazi
◻ Ngaba ukhuthele?—IMizekeliso 31:17, 19, 21, 22, 27.
◻ Ngaba uyisebenzisa kakuhle imali?—IMizekeliso 31:16, 18.
◻ Ngaba kuthethwa kakuhle ngaye?—Rute 3:11.
◻ Ngaba uyabacingela abanye?—IMizekeliso 31:20.
Izinto Omele Uzilumkele
◻ Ngaba uyazithand’ iingxabano?—IMizekeliso 21:19.
◻ Ngaba ufuna ukuba niziphathe kakubi ngokwesini?—Galati 5:19.
◻ Ngaba uyathuka okanye uyabetha?—Efese 4:31.
◻ Ngaba kufuneka asele utywala ukuze onwabe?—IMizekeliso 20:1.
◻ Ngaba uyakhweleta okanye uyazingca?—1 Korinte 13:4, 5.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Asizizo zonke izihlangu ezinokukulingana; ngokufanayo, asinguye wonk’ umntu oya kuba liqabane elikufaneleyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ngaba ucinga ukuba kubalulekile ukungajongi nje umphandle xa ufuna ukuthenga imoto? Kukangakanani ke xa ufuna ukukhetha iqabane lomtshato!