Ngaba Uwamkele “Umoya Wenyaniso”?
“UBawo . . . uya kuninika omnye umncedi wokuba kunye nani ngonaphakade, umoya wenyaniso.”—YOHANE 14:16, 17.
1. Yiyiphi inkcazelo ebalulekileyo uYesu awayidlulisela kubafundi bakhe kwiiyure zokugqibela awazichitha kunye nabo kwigumbi eliphezulu?
“NKOSI, uyaphi na?” Lowo ngomnye wemibuzo uYesu awayibuzwa ngabapostile bakhe kwiiyure zokugqibela awazichitha nabo kwigumbi eliphezulu eYerusalem. (Yohane 13:36) Njengoko intlanganiso yayiqhubeka, uYesu wabaxelela ukuba wayesele eza kubashiya abuyele kuYise. (Yohane 14:28; 16:28) Wayengayi kuba nabo ngokoqobo ukuze abafundise yaye aphendule imibuzo yabo. Noko ke, wabaqinisekisa, wathi: “Ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi [okanye, umthuthuzeli] wokuba kunye nani ngonaphakade.”—Yohane 14:16, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
2. UYesu wathembisa ukubathumelela ntoni abafundi bakhe emva kokuba emkile?
2 UYesu wabachazela ngaloo mncedi waza wababonisa nendlela awayeza kubanceda ngayo abafundi bakhe. Wathi kubo: “Noko ke, ezi zinto andinixelelanga kuqala, ngenxa yokuba bendinani. Kodwa ngoku ndiya kulowo undithumileyo . . . Kokwengenelo yenu ukuba ndimke. Kuba ukuba andimki, umncedi akayi kuza kuni; kodwa ukuba ndiyemka, ndiza kumthumela kuni. . . . Noko ke, xa efika yena, umoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.”—Yohane 16:4, 5, 7, 13.
3. (a) Wathunyelwa nini “umoya wenyaniso” kumaKristu okuqala? (b) Yiyiphi enye indlela ebalulekileyo owawuza kuba ‘ngumncedi’ ngayo umoya kuwo?
3 Esi sithembiso sazaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E., njengoko umpostile uPetros wakungqinayo oko: “Lo Yesu uThixo wamvusa, sibakala eso esingamangqina aso thina sonke. Ngoko ke ngenxa yokuba waphakanyiselwa ngasekunene kukaThixo waza wamkela kuYise umoya oyingcwele owawuthenjisiwe, uthulule oku nikubonayo nenikuvayo.” (IZenzo 2:32, 33) Njengoko siza kubona kamva, umoya oyingcwele owathululwa ngePentekoste waphumeza izinto ezininzi ngokuphathelele amaKristu okuqala. Kodwa uYesu wathembisa ukuba “umoya wenyaniso” wawuza ‘kubakhumbuza zonke izinto awayebaxelele zona.’ (Yohane 14:26) Wawuza kubanceda bakhumbule ubulungiseleli bukaYesu neemfundiso zakhe, kwanamazwi awawathetha ngqo ngokwakhe, baze bawabhale. Oku kwakuza kuba luncedo ngokukodwa kumpostile uYohane owayesele aluphele ekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ekuqaliseni kwakhe ukubhala ingxelo yakhe yeVangeli. Loo ngxelo iquka isiluleko esihle esanikelwa nguYesu ekusunguleni kwakhe iSikhumbuzo sokufa kwakhe.—Yohane, isahluko 13-17.
4. “Umoya wenyaniso” wawanceda njani amaKristu okuqala athanjisiweyo?
4 UYesu wathembisa abafundi bakhe bokuqala ukuba umoya wawuza ‘kubafundisa zonke izinto’ uze ‘ubakhokelele kuyo yonke inyaniso.’ Lo moya wawuza kubanceda baqonde izinto ezinzulu zeZibhalo uze ubancede balondoloze ubunye ngokuphathelele ingcinga, ukuqonda nenjongo. (1 Korinte 2:10; Efese 4:3) Ngaloo ndlela umoya oyingcwele wanika amaKristu okuqala, njengeqela ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ amandla okulungiselela amaKristu athanjisiweyo njengabantu ngabanye, ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’—Mateyu 24:45.
Umoya Uyangqina
5. (a) Liliphi ithemba elitsha awathetha ngalo uYesu kubafundi bakhe ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E.? (b) Wawuza kuba nayiphi indima umoya oyingcwele ekuzalisekiseni isithembiso sikaYesu?
5 Ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E., uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba kamva wayeya kubamkela ahlale nabo noYise ezulwini. Wathi kubo: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. Kungenjalo, ngendinixelele, ngenxa yokuba ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo. Ukuba ndiyemka ndize ndinilungiselele indawo, ndiya kuza kwakhona ndize ndinamkelele kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani.” (Yohane 13:36; 14:2, 3) Babeza kulawula naye kuBukumkani bakhe. (Luka 22:28-30) Ukuze babe neli themba lokuphila ezulwini, kwakuza kufuneka ‘bazalwe ngomoya’ njengoonyana bakaThixo bokomoya baze bathanjiswe ukuze bakhonze njengookumkani nababingeleli kunye noKristu ezulwini.—Yohane 3:5-8; 2 Korinte 1:21, 22; Tito 3:5-7; 1 Petros 1:3, 4; ISityhilelo 20:6.
6. (a) Lwaqalisa nini ubizo lwasezulwini, yaye bangaphi abafumana olo bizo? (b) Abo babiziweyo babhaptizelwa entwenini?
6 Inxalenye eyintloko yolu ‘bizo lwasezulwini’ yaqalisa ngePentekoste yowama-33 C.E., yaye kubonakala ngathi yaphela phakathi kwiminyaka yee-1930. (Hebhere 3:1) Abo batywinwe ngomoya oyingcwele ukuze babumbe uSirayeli wokomoya bali-144 000, “bathengwa phakathi koluntu.” (ISityhilelo 7:4; 14:1-4) Aba babhaptizelwa kumzimba kaKristu wokomoya, kwibandla lakhe nasekufeni kwakhe. (Roma 6:3; 1 Korinte 12:12, 13, 27; Efese 1:22, 23) Emva kokubhaptizwa kwabo emanzini baze bathanjiswe ngomoya oyingcwele, bangena kwikhondo lentlawulelo, ukugcina ingqibelelo de bafe.—Roma 6:4, 5.
7. Kutheni ingamaKristu athanjisiweyo kuphela anelungelo lokuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo?
7 NjengamaSirayeli okomoya, la maKristu athanjisiweyo ayekumnqophiso omtsha owenziwa nguYehova ‘noSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16; Yeremiya 31:31-34) Lo mnqophiso umtsha waqinisekiswa ngokuphalala kwegazi likaKristu. UYesu wakukhankanya oku xa wayesungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Ingxelo kaLuka ithi: “Wathabatha isonka, wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika sona, esithi: ‘Oku kuthetha umzimba wam oza kunikelwa ngenxa yenu. Hlalani nisenza oku nindikhumbula.’ Wathabatha nendebe emva kokuba befumene isidlo sangokuhlwa, esithi: ‘Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.’” (Luka 22:19, 20) Intsalela, okanye inxalenye esesemhlabeni yabo bali-144 000, yiyo enelungelo lokuthabatha kwisonka newayini yokomfuziselo eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu.
8. Abo bathanjisiweyo bazi njani ukuba bafumene ubizo lwasezulwini?
8 Bazi njani abo bathanjisiweyo ukuba bafumene ubizo lwasezulwini? Bafumana ubungqina obungathandabuzekiyo bomoya oyingcwele. Umpostile uPawulos wabhalela abo banjalo esithi: “Bonke abo baqhutywa ngumoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. . . . Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu, ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye ukuze sizukiswe ndawonye naye.” (Roma 8:14-17) Ubungqina bomoya bunamandla kangangokuba abo banendawana yokuthandabuza ukuba bafumene ubizo lwasezulwini ngokusengqiqweni banokugqiba ukuba abafumananga bizo lunjalo, yaye ngaloo ndlela abayi kuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo.
Umoya Nezinye Izimvu
9. Ngawaphi amaqela amabini awahlukahlukeneyo akhankanywe kwiincwadi zeVangeli nakwincwadi yeSityhilelo?
9 Ecinga ngenani elilinganiselweyo lamaKristu abizelwe ukubumba uSirayeli wokomoya, uYesu wabhekisela kuwo ‘njengomhlambi omncinane.’ Angeniswa ‘esibayeni’ somnqophiso omtsha, ngokwahlukileyo ‘kwezinye izimvu’ ezingenakubaleka ezo uYesu awathi nazo umele azihlanganise. (Luka 12:32; Yohane 10:16) Abo bezinye izimvu bahlanganiswa ngexesha lesiphelo baya kubumba “isihlwele esikhulu” esiza kusinda ‘kwimbandezelo enkulu,’ esinethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Okubangel’ umdla kukuba, umbono owabonwa nguYohane ekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, wahlula esi sihlwele sikhulu kumalungu kaSirayeli wokomoya ali-144 000. (ISityhilelo 7:4, 9, 14) Ngaba nezinye izimvu ziyawamkela umoya oyingcwele, yaye ukuba kunjalo, ubuchaphazela njani ubomi bazo?
10. Ezinye izimvu zibhaptizwa njani “egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele”?
10 Eneneni, umoya oyingcwele unendima ebalulekileyo kubomi bezinye izimvu. Zifuzisela uzahlulelo lwazo kuYehova ngokubhaptizwa “egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele.” (Mateyu 28:19) Zithobela ulongamo lukaYehova, zizithoba kuKristu njengoKumkani noMhlawuleli wazo yaye zivumela ukuba umoya kaThixo okanye amandla akhe asebenzayo, usebenze ebomini bazo. Suku ngalunye, zihlakulela ukubonakalisa “isiqhamo somoya” kubomi bazo, ‘uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, nokuzeyisa.’—Galati 5:22, 23.
11, 12. (a) Bangcwaliswa ngendlela ekhethekileyo njani abo bathanjisiweyo? (b) Zingcwaliswa njani ezinye izimvu?
11 Ezinye izimvu zimele zivumele iLizwi likaThixo nomoya wakhe oyingcwele uzihlambulule okanye uzingcwalise. Abo bathanjisiweyo sele bengcwalisiwe ngendlela ekhethekileyo, ngokuvakaliswa bengamalungisa yaye bengcwele njengomtshakazi kaKristu. (Yohane 17:17; 1 Korinte 6:11; Efese 5:23-27) Umprofeti uDaniyeli uthetha ngabo ‘njengabangcwele baLowo uPhakamileyo,’ abamkela uBukumkani phantsi ‘konyana womntu,’ uKristu Yesu. (Daniyeli 7:13, 14, 18, 27) Ngaphambilana, esebenzisa uMoses noAron, uYehova wathi kuhlanga lwakwaSirayeli: “NdinguYehova uThixo wenu; ngoko nimele nizingcwalise nibe ngcwele, kuba ndingcwele mna.”—Levitikus 11:44.
12 Igama elithi “ukungcwalisa” ngokusisiseko lithetha “ukwenza ngcwele, ukwahlula okanye ukunyulwa ngenjongo yokukhonza okanye ukusetyenziswa nguYehova uThixo; ukuba ngcwele okanye ukuhlanjululwa.” Ukususela ngowe-1938, IMboniselo yathi amaYonadabhi, okanye ezinye izimvu, “amele afunde ukuba ngamnye oza kuba yinxalenye yendimbane enkulu aze aphile emhlabeni kufuneka azinikele [azahlulele] aze angcwaliswe.” Kumbono wesihlwele esikhulu, obhalwe kwincwadi yeSityhilelo, kuthethwa ngawo njengalawo aye ‘ayihlamba imiwunduzo yawo ayenza mhlophe egazini leMvana’ nanikela ‘inkonzo engcwele kuYehova etempileni yakhe imini nobusuku.’ (ISityhilelo 7:9, 14, 15) Ngoncedo lomoya oyingcwele, ezinye izimvu zenza konke okusemandleni ukuze zifikelele imilinganiselo kaYehova yobungcwele.—2 Korinte 7:1.
Ukwenza Okuhle Kubazalwana BakaKristu
13, 14. (a) Ngokutsho komzekeliso kaYesu wezimvu neebhokhwe, usindiso lwezimvu luxhomekeke entwenini? (b) Kweli xesha lesiphelo, ezinye izimvu ziye zabaxhasa njani abazalwana bakaKristu?
13 UYesu wabalaselisa umanyano phakathi kwezinye izimvu nomhlambi omncinane kumzekeliso wakhe wezimvu nebhokhwe, awathetha ngawo kwisiprofeto sakhe esithetha ‘ngokupheliswa kwale nkqubo yezinto.’ Kuloo mzekeliso, uKristu wabonisa ngokucacileyo ukuba ukusindiswa kwezinye izimvu kunxulumene ngokusondeleyo nendlela ezibaphatha ngayo abo bathanjisiweyo, abo ababiza ngokuthi ‘ngabazalwana bam.’ Wathi: “Ukumkani uya kuthi kwabo bangasekunene kwakhe, ‘Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, budleni ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina ukususela ekusekweni kwehlabathi. . . . Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo koyena mncinane waba bazalwana bam, nenjenjalo nakum.’”—Mateyu 24:3; 25:31-34, 40.
14 Ibinzana elithi “ekubeni nenjenjalo” libhekisela kwizenzo zenkxaso yothando enikelwa kubazalwana bakaKristu bokomoya, abo ihlabathi likaSathana libaphatha njengabantu abangaziwayo, lide libavalele entolongweni. Bebeswele ukutya, impahla eyaneleyo yokunxiba nokunyanyekelwa kwempilo yabo. (Mateyu 25:35, 36, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Bezinjalo iimeko zabo, kweli xesha lesiphelo, ukususela ngowe-1914. Imbali yanamhlanje yamaNgqina kaYehova ingqina ukuba bebexhaswa ngamaqabane abo anyanisekileyo, ezinye izimvu, njengoko ebeqhutywa ngumoya.
15, 16. (a) Nguwuphi umsebenzi ezinye izimvu eziye zabanceda kuwo ngokukhethekileyo abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abasemhlabeni? (b) Abo bathanjisiweyo baye bawavakalisa njani amazwi ombulelo kwezinye izimvu?
15 Abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abasemhlabeni ngeli xesha lesiphelo baye bafumana inkxaso epheleleyo yezinye izimvu ekuzalisekiseni uthumo oluvela kuThixo ‘lokushumayela ezi ndaba zilungileyo zobukumkani kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.’ (Mateyu 24:14; Yohane 14:12) Ngoxa inani labo bathanjisiweyo basemhlabeni belincipha ukutyhubela iminyaka, elo lezinye izimvu liye landa ngokoqobo ukuya kufikelela kwizigidi. Abangamawaka kwaba baye bakhonza njengabashumayeli bevangeli bexesha elizeleyo—oovulindlela nabavangeli basemazweni—besasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Abanye banesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina kangangoko kusemandleni abo yaye banikela inkxaso yemali kulo msebenzi ubalulekileyo.
16 Hayi indlela abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo abanombulelo ngayo ngenkxaso enyanisekileyo yamaqabane abo azezinye izimvu! Indlela abavakalelwa ngayo ichazwe kakuhle kwincwadi ethi Ukunqabiseka Kwehlabathi Lonke Phantsi ‘KoMthetheli Woxolo,’ eyalungiselelwa ludidi lomkhonzi ngowe-1986. Ithi: “Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II, ukuzaliseka kwesiprofeto sikaYesu ‘sokupheliswa kwephakade eli’ ikakhulu kubangelwa yindima ephunyezwa seso ‘sihlwele sikhulu’ ‘sezinye izimvu’ . . . . Ngoko ke, kuthiwa maz’ enethole ‘kwisihlwele esikhulu’ sezizwe ngezizwe nesithetha iilwimi ezininzi ngenxa yendima enkulu esiye sayiphumeza ekuzalisekiseni isiprofeto [sikaYesu] esikuMateyu 24:14!”
‘Abanakwenziwa Bagqibelele Ngaphandle Kwethu’
17. Abo bathembekileyo bamandulo baya kuvuselwa emhlabeni abayi ‘kwenziwa bagqibelele njani ngaphandle’ kwabathanjisiweyo?
17 Ethetha njengomnye wabo bathanjisiweyo yaye ebhekisela kumadoda nabafazi abathembekileyo ababephila ngaphambi kwexesha likaKristu, umpostile uPawulos wathi: “Bonke aba, nangona bangqinelwa ngokholo lwabo, abazange bayifumane inzaliseko yesithembiso, ekubeni uThixo wabona kwangaphambili okuthile okusilungele ngakumbi [thina bathanjisiweyo], ukuze bona bangabi nakwenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.” (Hebhere 11:35, 39, 40) Ebudeni beWaka Leminyaka, uKristu kunye nabazalwana bakhe abathanjisiweyo abali-144 000 abasezulwini baya kuba ngookumkani nababingeleli yaye baya kudlulisela iingenelo zedini lentlawulelo likaKristu emhlabeni. Ngaloo ndlela, ezinye izimvu ziya ‘kwenziwa zigqibelele’ emzimbeni nasengqondweni.—ISityhilelo 22:1, 2.
18. (a) Izibakala zeBhayibhile zifanele zizincede ukuba ziqonde ntoni ezinye izimvu? (b) Liliphi ithemba ezinalo ezinye izimvu ‘ekutyhilweni koonyana bakaThixo’?
18 Konke oku kufanele kwenze sicace ezingqondweni zezinye izimvu isizathu sokuba iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zinikele ingqalelo kangaka kuKristu nakubazalwana bakhe abathanjisiweyo nendima yabo ebalulekileyo ekuphunyezweni kweenjongo zikaYehova. Ngoko ke, ezinye izimvu zikugqala njengelungelo ukuxhasa udidi lwabathanjisiweyo ngayo nayiphi na indlela ngoxa zilindele “ukutyhilwa koonyana bakaThixo” eArmagedon nasebudeni beWaka Leminyaka. Zinokukhangela phambili ‘ekukhululweni ekukhotyokisweni kukonakala zize zibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:19-21.
Ukumanyana Emoyeni Ebudeni BeSikhumbuzo
19. Yintoni eyenziwe ‘ngumoya wenyaniso’ ngokuphathelele abathanjisiweyo namaqabane abo, yaye baya kumanyana ngakumbi njani ngokuhlwa ngoMatshi 28?
19 Kumthandazo wakhe wokuqukumbela ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E., uYesu wathi: “Ndenza isicelo . . . ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe, ukuze nabo bamanyane nathi, ukuze ihlabathi libe nokukholelwa ukuba ndithunywe nguwe.” (Yohane 17:20, 21) Ngenxa yothando, uThixo wathuma uNyana wakhe ukuba anikele ngobomi bakhe ukuze kusindiswe abathanjisiweyo nehlabathi loluntu oluthobelayo. (1 Yohane 2:2) “Umoya wenyaniso” uye wabamanyanisa abazalwana bakaKristu namaqabane abo. Ngokuhlwa ngoMatshi 28, emva kokutshona kwelanga, zombini ezi ndidi ziya kuhlanganisana ukuze zikhumbule ukufa kukaKristu zize zikhumbule konke oko uYehova aye wazenzela kona ngedini loNyana wakhe amthandayo, uKristu uYesu. Ngamana ubukho bazo kwesi siganeko sibalulekileyo kungazenza zimanyane ngakumbi kuze kuvuselele uzimiselo lwazo lokuqhubeka zisenza ukuthanda kukaThixo, ngaloo ndlela zinikele ubungqina bokuba ziyakuvuyela ukuba phakathi kwabo bathandwa nguYehova.
Impinda
• Wathunyelwa nini “umoya wenyaniso” kumaKristu okuqala, yaye waba ‘ngumncedi’ njani?
• Bazi njani abo bathanjisiweyo ukuba bafumene ubizo lwasezulwini?
• Umoya kaThixo usebenza njani kwezinye izimvu?
• Zikwenze njani okuhle ezinye izimvu kubazalwana bakaKristu, yaye kutheni zingayi kwenziwa ‘zigqibelele ngaphandle’ kwabo bathanjisiweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
“Umoya wenyaniso” wathululwa kubafundi ngePentekoste yowama-33 C.E.
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ezinye izimvu ziye zenza okuhle kubazalwana bakaKristu ngokubaxhasa ekuphumezeni uthumo oluvela kuThixo lokushumayela