“Hlalani Ninombulelo”
“Uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu . . . Yaye hlalani ninombulelo.”—KOLOSE 3:15.
1. Nguwuphi umahluko esiwubonayo phakathi kwebandla lamaKristu nehlabathi elilawulwa nguSathana?
AMABANDLA amaNgqina kaYehova angama-94 600 ehlabathini lonke azaliswe ngabantu abanombulelo. Intlanganiso nganye ivulwa ngomthandazo oquka amazwi okubulela uYehova. Kuxhaphakile ukuva iNgqina eliselula nelikhulileyo, eliselitsha nelinamava lisithi “enkosi,” lize elinye lithi “kulungile,” ngoxa enqula yaye encokola kunye ngolonwabo. (INdumiso 133:1) Hayi indlela okwahluke ngayo oku kumoya wokuzingca oxhaphakileyo kwabaninzi ‘abangamaziyo uYehova nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo’! (2 Tesalonika 1:8) Siphila phakathi kwabantu abangenambulelo. Phofu ke oku akumangalisi xa sicinga ngothixo weli hlabathi—uSathana uMtyholi, umphembeleli oyintloko wokuzingca, yaye unekratshi nomoya wemvukelo oxhaphakileyo ebantwini!—Yohane 8:44; 2 Korinte 4:4; 1 Yohane 5:19.
2. Yintoni esifanele siyilumkele, yaye yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?
2 Ekubeni singqongwe lihlabathi likaSathana, sifanele silumke singonakaliswa yimikhwa yalo. Ngenkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wawakhumbuza amaKristu ase-Efese esithi: “Nanikhe ngaxesha lithile nahamba . . . ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli wegunya lomoya, moya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli. Ewe, sonke ngaxesha lithile sasikhe saziphatha ngokuvisisana neminqweno yenyama yethu siphakathi kwabo, sisenza izinto ezithandwa yinyama naziingcamango, yaye ngokwemvelo sasingabantwana bengqumbo njengabanye.” (Efese 2:2, 3) Oku kunjalo nangabaninzi namhlanje. Ngoko ke, sinokuhlala njani sinombulelo? Luluphi uncedo uYehova asinika lona? Ziziphi iindlela esinokubonakalisa ngazo ukuba ngokwenene sinombulelo?
Izizathu Zokuba Nombulelo
3. Yintoni esifanele simbulele ngayo uYehova?
3 Sifanele simbulele uYehova uThixo, uMdali noMniki-bomi wethu, ingakumbi xa sicinga ngezipho ezininzi asijizeke ngazo. (Yakobi 1:17) Imihla ngemihla, siyambulela uYehova kuba sisaphila. (INdumiso 36:9) Singqongwe yimisebenzi yezandla zikaYehova, njengelanga, inyanga neenkwenkwezi. Esi sijikelezi-langa sethu sizaliswe zizinto ezenza umhlaba uchume, umoya osesibhakabhakeni oxutywe kakuhle, nayo yonke imijikelo entsonkothileyo yendalo engqina indlela esixhomekeke ngayo kuBawo wethu wasezulwini onothando. UKumkani uDavide wacula esithi: “Zininzi izinto ozenzileyo, owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi; akukho namnye onokuthelekiswa nawe. Ukuba bendityekele ekuxeleni ndize ndithethe ngazo, zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa.”—INdumiso 40:5.
4. Kutheni sifanele simbulele uYehova ngonxulumano oluhle esilufumana kumabandla ethu?
4 Nangona siphila kumhlaba ongafaniyo kwaphela neparadesi, abakhonzi bakaYehova namhlanje bayakuvuyela ukuphila kwiparadesi yokomoya. KwiiHolo zethu zoBukumkani nakwiindibano ezinkulu nezincinane, sibona indlela ezisebenza ngayo iziqhamo zomoya kaThixo kwamanye amakholwa. Enyanisweni, xa sishumayela kubantu abanolwazi oluncinane okanye abangenalo kwaphela ngezinto zokomoya, wambi amaNgqina alatha koko uPawulos wakuchaza kwincwadi eyayisiya kwabaseGalati. Aqala ngokubonisa abantu “imisebenzi yenyama” aze ababuze oko bakuphawulileyo. (Galati 5:19-23) Inkoliso ivuma ngokukhawuleza ukuba abantu abaninzi banjalo namhlanje. Xa bechazelwa isiqhamo somoya kaThixo baze bamenyelwe kwiHolo yoBukumkani ukuze bakubone oku, abaninzi bakhawuleza bavume besithi: “Ngokwenene uThixo uphakathi kwenu.” (1 Korinte 14:25) Yaye oku akwenzeki kuphela kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni. Enoba unokuya phi, xa udibana nelinye kumaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithandathu, uya kufumana umoya ofanayo wolonwabo. Ngokwenene, olu nxulumano lwakhayo lusisizathu sokumbulela uYehova, lowo usinika umoya wakhe ukuze oku kwenzeke.—Zefaniya 3:9; Efese 3:20, 21.
5, 6. Sinokubonakalisa njani ukuba siyambulela uThixo ngesona sipho sikhulu, intlawulelo?
5 Esona sipho sikhulu nesona sigqibeleleyo uYehova asinike sona, seso soNyana wakhe, uYesu, oye wayintlawulelo yethu. Umpostile uYohane wabhala: “Ekubeni uThixo eye wasithanda ngolo hlobo, nathi simele sithandane.” (1 Yohane 4:11) Ewe, sibonakalisa umbulelo ngentlawulelo kungekuphela nje ngokubonakalisa uthando nombulelo kuYehova kodwa kwakhona nangokubonakalisa uthando kwabanye.—Mateyu 22:37-39.
6 Sinokufunda okungakumbi ngendlela yokubonakalisa umbulelo ngokuqwalasela indlela uYehova awawaphatha ngayo amaSirayeli amandulo. NgoMthetho uYehova awawudlulisela kolu hlanga ngoMoses, wafundisa abantu izinto ezininzi. Nathi, “ngesakhelo solwazi nesenyaniso kuwo uMthetho,” sinokufunda okuninzi okunokusinceda sithobele isiluleko sikaPawulos esithi: “Hlalani ninombulelo.”—Roma 2:20; Kolose 3:15.
Izinto Ezintathu Esizifunda KuMthetho KaMoses
7. Ilungiselelo lesishumi lawanika njani amaSirayeli ithuba lokubonakalisa umbulelo kuYehova?
7 KuMthetho kaMoses, uYehova wabonisa iindlela ezintathu amaSirayeli anokubonisa ngazo uxabiso olunzulu ngokulunga kwakhe. Okokuqala, wamisela isishumi. Isishumi semveliso yomhlaba, kunye ‘nesishumi somhlambi weenkomo nesomhlambi wezimvu,’ sasimele sibe “ngcwele kuYehova.” (Levitikus 27:30-32) Xa amaSirayeli ayethobela, uYehova wayewasikelela kakhulu. “‘Zisani zonke izishumi kuvimba, ukuze kubekho ukutya endlwini yam; yaye khanincede, nindivavanye, kule nkalo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungasweleki nto.’”—Malaki 3:10.
8. Yayahluke njani iminikelo yokuzithandela kwizishumi?
8 Okwesibini, ukongezelela kwisishumi, uYehova walungiselela ukuba amaSirayeli anikele ngokuqhutywa yintliziyo. Wayalela uMoses ukuba athi kumaSirayeli: “Ekufikeni kwenu ezweni elo ndinisa kulo, nimele ekudleni kwenu nasiphi na isonka selizwe elo, nenze umnikelo kuYehova.” Inxalenye yentlahlela “yomgrayo ongamaqebengwana abusazinge” kwakufanele ‘ayinike uYehova njengomnikelo’ kuzo zonke izizukulwana zawo. Phawula ukuba akuzange kuthiwe makanikele ngentlahlela engakanani. (Numeri 15:18-21) Kodwa xa amaSirayeli enza umnikelo wokubulela, ayeqinisekile ngentsikelelo evela kuYehova. Kwakukho ilungiselelo elifanayo nakumbono wetempile kaHezekile. Siyafunda: “Nokokuqala kwintlahlela yonke yayo yonk’ into nomnikelo wonke wayo yonk’ into kwiminikelo yenu yonke—kuya kuba kokwababingeleli; nentlahlela yomgrayo wenu nifanele niyinike ababingeleli, ukuze kuhlale intsikelelo phezu kwendlu yakho.”—Hezekile 44:30.
9. UYehova wafundisa ntoni ngelungiselelo lokubhikica?
9 Okwesithathu, uYehova wamisela ilungiselelo lokubhikica. UThixo wayalela: “Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungavuni ngokupheleleyo ekupheleni kwentsimi yakho, yaye ungayibhikici intsimi yakho. Kwakhona, uze ungasihlanganisi isidiliya sakho esiseleyo, neediliya ezivuthulukileyo esidiliyeni sakho uze ungazicholi. Wozishiyela oxhwalekileyo nomphambukeli. NdinguYehova uThixo wenu.” (Levitikus 19:9, 10) Kwakhona, akuzange kubekwe mlinganiselo uqingqiweyo. UmSirayeli ngamnye wayezigqibela ngobungakanani bento aza kuyishiyela amahlwempu. UKumkani uSolomon wacacisa: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.” (IMizekeliso 19:17) Ngaloo ndlela uYehova wafundisa ukuba kubonakaliswe uvelwano nolwazelelelo ngabasweleyo.
10. Yintoni eyenzeka kumaSirayeli xa abonakalisa ukungabi nambulelo?
10 UYehova wayewasikelela amaSirayeli xa ethobela ngokuzisa izishumi, enikela ngokuqhutywa yintliziyo yaye enyamekela amahlwempu. Kodwa xa amaSirayeli abonakalisa ukungabi nambulelo, alahlekelwa yinkoliseko kaYehova. Oku kwakhokelela kwintlekele yaye ekugqibeleni athinjwa. (2 Kronike 36:17-21) Ngoko ke, yintoni esiyifundayo?
Indlela Esinokubonakalisa Ngayo Ukuba Nombulelo
11. Yiyiphi eyona ndlela iphambili esinokumbulela ngayo uYehova?
11 Eyona ndlela esinokumdumisa ngayo uYehova size sibonakalise umbulelo nayo iquka “umnikelo.” Liyinyaniso elokuba, njengamaKristu, asikho phantsi koMthetho kaMoses, owawusithi makubingelelwe ngezilwanyana okanye isivuno. (Kolose 2:14) Sekunjalo, umpostile uPawulos wawabongoza amaKristu angamaHebhere esithi: “Ngaye masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Ngokusebenzisa amandla nobuncwane bethu ukuze sinikele imibingelelo yendumiso kuYehova, enoba kungokushumayela esidlangalaleni okanye ‘kwiindimbane ezihlanganiseneyo’ zamanye amaKristu, sinokuvakalisa umbulelo onzulu kuBawo wethu wasezulwini onothando, uYehova uThixo. (INdumiso 26:12) Ngokwenjenjalo, sinokufunda ntoni kwiindlela amaSirayeli ayefanele ambulele ngazo uYehova?
12. Ngokuphathelele imbopheleleko yethu yobuKristu, yintoni esinokuyifunda kwilungiselelo lesishumi?
12 Okokuqala, njengokuba sibonile, ubani wayenganikeli ngesishumi kuba ethanda; umSirayeli ngamnye wayenyanzelekile. NjengamaKristu, sinyanzelekile ukushumayela nokuya ezintlanganisweni zamaKristu. Ezi zinto asizenzi xa sithanda. Kwisiprofeto esibalulekileyo sexesha lokuphela, uYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ngokuphathelele iintlanganiso zamaKristu, umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale esithi: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Sibonakalisa umbulelo kuYehova xa sikuvuyela ukuphumeza imbopheleleko yethu yokushumayela nokufundisa, nokunxulumana nabazalwana bethu rhoqo kwiintlanganiso zebandla, yaye oko sikugqala njengelungelo.
13. Yintoni esiyifundayo kwilungiselelo lokunikela isishumi nokubhikica?
13 Ukongezelela, kunokusinceda ukuqwalasela amanye amalungiselelo amabini endlela ama-Sirayeli ayenokubonakalisa ngayo umbulelo—iminikelo yokuzithandela nokubhikica. Ngokwahlukileyo kwisishumi, umnikelo osisinyanzelo noqingqiweyo, iminikelo yokuzithandela nokubhikica yayingaqingqwanga. Kunoko, le minikelo yayivumela umkhonzi kaYehova ukuba abonakalise isenzo sokuqhutywa yintliziyo. Ngendlela efanayo, nangona sisazi ukuba inxaxheba esinayo ekushumayeleni nokuya kwiintlanganiso zamaKristu yimbopheleleko yomkhonzi ngamnye kaYehova, ngaba ezo zinto sizenza ngentliziyo iphela nangomoya ovumayo? Ngaba sizigqala njengethuba lokubonakalisa umbulelo onzulu esinawo ngako konke uYehova asenzele kona? Ngaba siba nenxaxheba ngokuzeleyo kwezi zinto kangangoko iimeko zethu zisivumela? Okanye sizijonga njengeembopheleleko esimele siziphumeze? Phofu ke, le yimibuzo mntu ngamnye afanele aziphendulele yona. Umpostile uPawulos wakubeka oku ngale ndlela: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.”—Galati 6:4.
14. UYehova ulindele ntoni ngokuphathelele inkonzo yethu kuye?
14 UYehova uThixo uzazi kakuhle iimeko zethu. Uyawazi amandla esinawo. Uyayixabisa imibingelelo enikelwa ngabakhonzi bakhe ngomoya ovumayo, enoba mincinane okanye mikhulu. Akalindelanga ukuba sonke sinikele ngokulinganayo, yaye asinako ukwenjenjalo. Xa wayethetha ngokunikela ngezinto eziphathekayo, umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseKorinte: “Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.” (2 Korinte 8:12) Lo mgaqo usebenza ngokufanayo nakwinkonzo yethu kuThixo. Into eyenza inkonzo yethu yamkeleke kuYehova asibobungakanani boko sikwenzayo, kodwa yindlela esikwenza ngayo—ngovuyo nangentliziyo iphela.—INdumiso 100:1-5; Kolose 3:23.
Hlakulela Uze Ulondoloze Umoya Wobuvulindlela
15, 16. (a) Ubuvulindlela bunxulumene njani nokuba nombulelo? (b) Abo bangakwaziyo ukuba ngoovulindlela banokuwubonakalisa njani umoya wobuvulindlela?
15 Indlela eyinzuzo yokubonakalisa umbulelo wethu kuYehova kukuqalisa inkonzo yexesha elizeleyo. Ngenxa yothando abanalo ngoYehova nombulelo ngobubele bakhe obungasifanelanga, abakhonzi abaninzi abazahluleleyo benze iinguqulelo ezininzi ebomini babo ukuze babe nexesha elingakumbi lokukhonza uYehova. Bambi bayakwazi ukuba ngoovulindlela abathe ngxi, bechitha iiyure ezinokuba ngama-70 nyanga nganye beshumayela iindaba ezilungileyo befundisa nabantu inyaniso. Abanye, abasenokuba baneengxaki ezithile, ngamaxesha athile bachitha iiyure ezingama-50 beshumayela njengoovulindlela abangabancedani.
16 Kodwa kuthekani ngabakhonzi bakaYehova abaninzi abangakwaziyo ukuba ngoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani? Basenokubonakalisa umbulelo ngokuhlakulela nokulondoloza umoya wobuvulindlela. Njani? Ngokukhuthaza abo bakwaziyo ukuba ngoovulindlela, ngokubethelela ebantwaneni babo umnqweno wokuba kwiinkonzo yexesha elizeleyo, nangokuwukhuthalela umsebenzi wokushumayela ngokweemeko zabo. Oko sikwenzayo kubulungiseleli bethu ngokuyintloko kuxhomekeka kubunzulu boxabiso esinalo ngoko uYehova asenzele kona, nasaya kusenzela kona.
Ukubonakalisa Umbulelo ‘Ngezinto Zethu Zexabiso’
17, 18. (a) Sinokuwubonakalisa njani umbulelo ‘ngezinto zethu zexabiso’? (b) UYesu wathini ngomnikelo womhlolokazi, yaye ngoba?
17 IMizekeliso 3:9 ithi: “Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso nangentlahlela yemveliso yakho yonke.” Akuseyomfuneko ukuba abakhonzi bakaYehova banikele ngesishumi. Kunoko, uPawulos wabhalela ibandla laseKorinte esithi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Ukwenza iminikelo yokuzithandela ukuze kuxhaswe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke nako kukubonakalisa umbulelo. Uxabiso olunzulu lusibangela ukuba sikwenze oku ngokuthe rhoqo, ukuba kunokwenzeka sibeke okuthile ecaleni veki nganye, njengokuba ayesenza amaKristu okuqala.—1 Korinte 16:1, 2.
18 Asibobungakanani bomnikelo wethu obubonisa umbulelo esinawo kuYehova. Kunoko, ngumoya esinikela ngawo. Le yinto uYesu awayiphawulayo xa wayejonge abantu bephosa iminikelo yabo kwiibhokisi zemali etempileni. Xa uYesu wabona umhlolokazi olihlwempu ephosa “iingqekembe ezimbini ezincinane zexabiso elincinane kakhulu,” wathi: “Eneneni ndithi kuni, Lo mhlolokazi, nangona elihlwempu, uphose ngaphezu kwabo bonke. Kuba bonke aba baphose izipho ngokuphuma kwintsalela yabo, kodwa lo mfazi ekusweleni kwakhe uphose konke abenokuphila ngako.”—Luka 21:1-4.
19. Kutheni kukuhle ukuba sizihlolisise kwakhona iindlela esibonakalisa ngazo umbulelo?
19 Ngamana oku sikufundileyo ngokubonakalisa umbulelo kungasenza sizihlolisise kwakhona iindlela esibonakalisa ngazo umbulelo. Ngaba sinokuyandisa imibingelelo yethu yendumiso esiyinikela kuYehova, kunye nendlela esiwuxhasa ngayo umsebenzi wehlabathi lonke ngezinto eziphathekayo? Ngomlinganiselo esikwenza ngayo oku, sinokuqiniseka ukuba uBawo wethu onothando nesisa, uYehova, uya kuvuyiswa kukubona ukuba sinombulelo.
Ngaba Uyakhumbula?
• Ziziphi izinto esifanele simbulele ngazo uYehova?
• Sifunda ntoni kwizishumi, iminikelo yokuzithandela nokubhikica?
• Siwuhlakulela njani umoya wobuvulindlela?
• Sinokuzisebenzisa njani ‘izinto zethu zexabiso’ ukubulela uYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
“Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu”
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ziziphi izinto ezintathu eziyinxalenye yoMthetho esifunda ngazo apha?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Yiyiphi imibingelelo esinokunikela ngayo?