Ngaba Ngokwenene Unokholo Kwiindaba Ezilungileyo?
“Ubukumkani bukaThixo busondele. Guqukani, nikholwe kwiindaba ezilungileyo.”—MARKO 1:15.
1, 2. Ubunokuwacacisa njani amazwi akuMarko 1:14, 15?
YAYINGUNYAKA wama-30 C.E. UYesu Kristu wayeqalisa umsebenzi omkhulu wokushumayela eGalili. Wayeshumayela “iindaba ezilungileyo zikaThixo,” yaye abantu abaninzi baseGalili bachukunyiswa ngamazwi akhe athi: “Lizalisekile ixesha elimisiweyo, yaye ubukumkani bukaThixo busondele. Guqukani, nikholwe kwiindaba ezilungileyo.”—Marko 1:14, 15.
2 Lalifikile “ixesha elimisiweyo” lokuba uYesu aqalise ubulungiseleli bakhe nelokuba abantu benze isigqibo esasiya kubenza bakholiseke kuThixo. (Luka 12:54-56) ‘Ubukumkani bukaThixo babusondele’ kuba ngeloo xesha uYesu wayekho njengoKumkani Omiselweyo. Umsebenzi wakhe wokushumayela wenza abo bantliziyo zinyanisekileyo ukuba baguquke. Kodwa balubonakalisa njani—yaye silubonakalisa njani—‘ukholo kwiindaba ezilungileyo’?
3. Abantu benze ntoni ukubonisa ukuba banokholo kwiindaba ezilungileyo?
3 NjengoYesu, umpostile uPetros wabongoza abantu ukuba baguquke. Ethetha namaYuda eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E., uPetros wathi: “Guqukani, yaye ngamnye wenu makabhaptizwe egameni likaYesu Kristu ukuze kuxolelwe izono zenu, kwaye niya kwamkela isipho sesisa somoya oyingcwele.” Amawaka abantu aguquka, abhaptizwa aza aba ngabalandeli bakaYesu. (IZenzo 2:38, 41; 4:4) Ngowama-36 C.E., abantu beeNtlanga abaguqukileyo benza okufanayo. (IZenzo 10:1-48) Ngomhla wethu, ukholo kwiindaba ezilungileyo lwenza amawaka abantu baguquke ezonweni zabo, bazahlulele kuThixo baze babhaptizwe. Aba bantu baye bamkela iindaba ezilungileyo zosindiso yaye babonakalisa ukholo kwidini likaYesu lentlawulelo. Ngaphezu koko, benza ubulungisa yaye bamela uBukumkani bukaThixo.
4. Luyintoni ukholo?
4 Kodwa luyintoni ukholo? Umpostile uPawulos wabhala: “Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:1) Ukholo lwethu lusenza siqiniseke ukuba yonke into uThixo ayithembisileyo kwiLizwi lakhe iqiniseke kangangokuba ingathi sele yenzekile. Kufana nokungathi sinamaphepha esiqinisekiso abonisa ukuba singabanini bento ethile. Kwakhona ukholo ‘lububungqina obucacileyo,’ okanye ubungqina bokweyiseka, ngokuphathelele izinto ezingenakubonwa. Iimbono zethu neentliziyo ezinoxabiso zisenza siqiniseke ukuba izinto ezinjalo ziyinene, nangona singekaziboni.—2 Korinte 5:7; Efese 1:18.
Siyalufuna Ukholo!
5. Kutheni ukholo lubaluleke kangaka?
5 Sazalwa sinentswelo yezinto zokomoya kodwa singenalo ukholo. Enyanisweni, “ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Noko ke, amaKristu amele abe nokholo ukuze afumane njengelifa izithembiso zikaThixo. (Hebhere 6:12) Emva kokucaphula imizekelo emininzi yokholo uPawulos wabhala: “Ngenxa yokuba sinelifu elikhulu kangaka lamangqina elisingqongileyo, masithi nathi sibothule bonke ubunzima nesono esisithandela ngokulula, yaye masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu, njengoko sikhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.” (Hebhere 12:1, 2) Siyintoni ‘isono esisithandela ngokulula’? Kukungabi nalukholo, kwanokuphulukana nokholo ebesesinalo. Ukuze sihlale sinokholo olomeleleyo, simele ‘sikhangele ngenyameko kuYesu’ size silandele umzekelo wakhe. Kwakhona sifanele sikugatye ukuziphatha okubi, siyoyise imisebenzi yenyama, size sikuphephe ukuthanda izinto eziphathekayo, iintanda-bulumko zehlabathi, nezithethe ezingavisisani nezibhalo. (Galati 5:19-21; Kolose 2:8; 1 Timoti 6:9, 10; Yude 3, 4) Ngaphezu koko, simele sikholelwe ukuba uThixo unathi nokuba isiluleko esikwiLizwi lakhe siyasebenza ngokwenene.
6, 7. Kutheni kufanelekile ukuthandazela ukholo?
6 Ukholo asinto esinokusuka nje sibe nayo. Ukholo yinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele okanye samandla kaThixo asebenzayo. (Galati 5:22, 23) Ngoko ke, kuthekani ukuba ukholo lwethu lufuna ukomelezwa? UYesu wathi: “Ukuba ke ngoko nina, . . . niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Ewe, masithandazele umoya oyingcwele, kuba unokusenza sibe nokholo oluya kusinceda senze ukuthanda kukaThixo enoba siphantsi kwezona meko zilingayo.—Efese 3:20.
7 Kufanelekile ukuthandazela ukholo olungakumbi. Xa uYesu wayeza kukhupha idemon kwinkwenkwana, uyise walo mfana wambongoza esithi: “Ndinalo ukholo! Ndincede apho kufuneka khona ukholo kum!” (Marko 9:24) Abafundi bakaYesu bathi: “Sinike ukholo olungakumbi.” (Luka 17:5) Ngoko ke, masiluthandazele ukholo, siqinisekile ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo enjalo.—1 Yohane 5:14.
Ukuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo Kubalulekile
8. Ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo kunokusinceda njani?
8 Kungekudala ngaphambi kokuba afe njengedini, uYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ningazivumeli iintliziyo zenu zikhathazeke. Bonisani ukholo kuThixo, bonisani ukholo nakum.” (Yohane 14:1) NjengamaKristu, sinokholo kuThixo nakuNyana wakhe. Kodwa kuthekani ngeLizwi likaThixo? Linokusiphembelela ukuba senze okulungileyo ebomini bethu, ukuba siyalifundisisa size silisebenzise sinentembelo epheleleyo yokuba linikela esona siluleko siluncedo nolwalathiso.—Hebhere 4:12.
9, 10. Ubuya kukucacisa njani oko kuthethwayo ngokholo kuYakobi 1:5-8?
9 Njengabantu abangafezekanga ubomi bethu buzaliswe ziingxaki. Noko ke, ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo kunokusinceda ngokwenene. (Yobhi 14:1) Ngokomzekelo, masithi asiyazi indlela yokoyisa isilingo esithile. ILizwi likaThixo lisiluleka lisithi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa. Kodwa makaqhubeke ecela ngokholo, engathandabuzi konke konke, kuba lowo uthandabuzayo unjengeliza lolwandle eliqhutywa livuthuzwa ngumoya. Enyanisweni, loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuYehova; ungumntu othingazayo, ongazinzanga kuzo zonke iindlela zakhe.”—Yakobi 1:5-8.
10 UYehova uThixo akayi kusigculela kuba singenabulumko nangokubuthandazela. Kunoko, uya kusinceda sisijonge ngendlela efanelekileyo eso silingo. Sinokufumana izibhalo eziluncedo kubazalwana bethu okanye xa sifundisisa iBhayibhile. Okanye ngandlel’ ithile sisenokukhokelwa ngumoya oyingcwele kaYehova. UBawo wethu wasezulwini uya kusinika ubulumko bokujamelana nezilingo ukuba ‘siqhubeka sicela ngokholo, singathandabuzi konke konke.’ Ukuba besinjengamaza olwandle aqhutywa ngumoya, besingayi kulindela ukufumana nto kuThixo. Ngoba? Kuba oku bekuya kuthetha ukuba asinazigqibo yaye asizingisi emthandazweni nakwezinye izinto—ewe, nasekubonakaliseni ukholo. Ngoko ke, sifanele sibe nokholo olomeleleyo kwiLizwi likaThixo nakukhokelo lwalo. Makhe siqwalasele eminye imizekelo ebonisa indlela elinikela ngayo uncedo nolwalathiso.
Ukholo Nento Edliwayo
11. Ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo kusiqinisekisa ngantoni ngokuphathelele iintswelo zethu zemihla ngemihla?
11 Kuthekani ukuba ngoku siswele izinto eziyimfuneko okanye singamahlwempu? Ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo kuya kusenza siqiniseke ukuba uYehova uya kuzinyamekela iintswelo zethu zemihla ngemihla yaye ekugqibeleni uya kubalungiselela ngokuyintabalala bonke abo bamthandayo. (INdumiso 72:16; Luka 11:2, 3) Sisenokukufumanisa kukhuthaza ukucinga ngendlela uYehova awamlungiselela ngayo ukutya umprofeti wakhe uEliya ebudeni bexesha lendlala. Kamva, ngokungummangaliso uThixo wawenza awaphela umgubo neoli owagcina ibhinqa, nonyana walo noEliya bephila. (1 Kumkani 17:2-16) Ngokufanayo uYehova wanyamekela umprofeti uYeremiya ebudeni bokungqingwa kweYerusalem ngamaBhabhiloni. (Yeremiya 37:21) Nangona uYeremiya noEliya babenokutya okuncinane, uYehova wabanyamekela. Wenza okufanayo nakwabo babonakalisa ukholo kuye namhlanje.—Mateyu 6:11, 25-34.
12. Ukholo lunokusinceda njani ukuze sifumane into etyiwayo?
12 Ukholo kwakunye nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile akusayi kusenza sibe zizityebi, kodwa kuya kusinceda sikwazi ukufumana into etyiwayo. Ngokomzekelo: IBhayibhile isiluleka ukuba sibe ngabantu abanyanisekileyo, abanobuchule nabazibhokoxayo emsebenzini. (IMizekeliso 22:29; INtshumayeli 5:18, 19; 2 Korinte 8:21) Singaze sikujongele phantsi ukubaluleka kokuba ngumsebenzi onegama elihle. Nakwindawo apho ingaxhaphakanga imisebenzi ehlawula kakuhle, abasebenzi abanyanisekileyo, abanobuchule nabakhutheleyo bafumana amathuba abhetele kunabanye. Nangona abasebenzi abanjalo basenokungabi nazinto zingako ziphathekayo, ngokuqhelekileyo banazo izinto eziyimfuneko yaye banelisekile kukutya into esetyenzwe zizandla zabo.—2 Tesalonika 3:11, 12.
Ukholo Lusinceda Sikwazi Ukunyamezela Intlungu Yokufelwa
13, 14. Ukholo lusinceda njani sikwazi ukunyamezela intlungu yokufelwa?
13 ILizwi likaThixo libonisa ukuba kuyinto eqhelekileyo ukuba sentlungwini xa ufelwe ngumntu omthandayo. Usolusapho othembekileyo uAbraham waba buhlungu kukufelwa ngumfazi wakhe amthandayo, uSara. (Genesis 23:2) UDavide waxheleka xa weva ukuba unyana wakhe uAbhisalom ufile. (2 Samuweli 18:33) Nendoda efezekileyo uYesu walila xa kwafa umhlobo wakhe uLazaro. (Yohane 11:35, 36) Xa sifelwa ngumntu esimthandayo, sisenokuba lusizi gqitha kodwa ukuba nokholo kwizithembiso zeLizwi likaThixo kunokusinceda sikwazi ukuyinyamezela loo ntlungu.
14 UPawulos wathi: ‘Ndinethemba kuThixo, lokuba kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.’ (IZenzo 24:15) Sifanele sibe nokholo kwilungiselelo likaThixo lokuba izigidi zabantu ziya kuvuselwa ebomini. (Yohane 5:28, 29) UAbraham noSara, uIsake noRebheka, uYakobi noLeya baya kuba phakathi kwabo bantu—ngoku abalele ukufa nabalindele ukuvuselwa kwihlabathi elitsha likaThixo. (Genesis 49:29-32) Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo xa abo sibathandayo baya kuvuswa ekufeni ukuze baphile apha emhlabeni! (ISityhilelo 20:11-15) Okwangoku, ukholo alusayi kuluphelisa lonke usizi, kodwa luya kusigcina sisondele kuThixo osinceda sikwazi ukunyamezela intlungu yokufelwa.—INdumiso 121:1-3; 2 Korinte 1:3.
Ukholo Lomeleza Abadandathekileyo
15, 16. (a) Kutheni sinokuthi ukudandatheka akuqali ukwenzeka phakathi kwabo banokholo? (b) Yintoni enokwenziwa ukuhlangabezana nokudandatheka?
15 ILizwi likaThixo likwasibonisa ukuba nabo abanokholo basenokudandatheka. Xa wayejamelane nezilingo eziqatha, uYobhi wacinga ukuba uThixo umlahlile. (Yobhi 29:2-5) Imeko elusizi yaseYerusalem neendonga zayo yamdakumbisa uNehemiya. (Nehemiya 2:1-3) UPetros wanxunguphala ngeyona ndlela emva kokukhanyela uYesu kangangokuba “walila ngokukrakra.” (Luka 22:62) Yaye uPawulos wabongoza abazalwana bakhe kwibandla laseTesalonika ukuba ‘bayithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Ngoko ke, ukudandatheka kwabantu abanokholo namhlanje asinto iqalayo ukwenzeka. Ngoko ke, yintoni esinokuyenza ukuze sihlangabezane nokudandatheka?
16 Sinokudandatheka ngenxa yokuba sijamelene neengxaki ezininzi nezinzulu. Kunokuba sizijonge njengengxaki enye enkulu, sinokusingatha ibe nye ngexesha sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Oku kunokusinceda singadandatheki kakhulu. Kwakhona enye into enokusinceda kukuxakeka zezinye izinto ngendlela elungeleleneyo size siphumle ngokwaneleyo. Eyona nto iqinisekileyo kukuba: Ukuba nokholo kuThixo nakwiLizwi lakhe kusenza sihlale siphilile ngokomoya kuba oko kusiqinisekisa ukuba usikhathalele ngokwenene.
17. Sazi njani ukuba uYehova usikhathalele?
17 UPetros usiqinisekisa esithi: “Zithobeni . . . phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo; liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:6, 7) Umdumisi wavuma esithi: “UYehova uyabaxhasa bonke abawayo, yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.” (INdumiso 145:14) Sifanele sizikholelwe ezi zithembiso kuba zifumaneka kwiLizwi likaThixo. Nangona sinokuqhubeka sidandathekile, komeleza ukholo ukwazi ukuba sinokuliphosela lonke ixhala lethu kuBawo wethu wasezulwini onothando!
Ukholo Nezinye Izilingo
18, 19. Ukholo lusinceda njani sihlangabezane nezigulo size sikwazi ukuthuthuzela abazalwana bethu abagulayo?
18 Ukholo lwethu lusenokuvavanywa kakhulu xa thina okanye abo sibathandayo begula kakhulu. Nangona iBhayibhile ingathethi ngokuphiliswa ngokungummangaliso kwamaKristu anjengoEpafrodito, uTimoti noTrofimo, alithandabuzeki elokuba uYehova wabanceda ukuba banyamezele. (Filipi 2:25-30; 1 Timoti 5:23; 2 Timoti 4:20) Ngaphezu koko, ngokuphathelele “nabani na onikela ingqalelo kwisisweli,” umdumisi wavuma esithi: “UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula; wonke umandlalo wakhe uya kuwutshintsha ngokuqinisekileyo ebudeni bokugula kwakhe.” (INdumiso 41:1-3) Amazwi omdumisi anokusinceda njani sithuthuzele abazalwana bethu abagulayo?
19 Enye indlela esinokubanceda ngayo ngokomoya kukuthandaza kunye nabo bagulayo size sibathandazele. Nangona singaceli ukuba baphiliswe ngommangaliso namhlanje, sinokumcela uThixo ukuba abomeleze ukuze bakwazi ukujamelana neso sigulo aze abomeleze ngokomoya ukuze bakwazi ukunyamezela xa beziva bebuthathaka. UYehova uya kubomeleza, yaye ukholo lwabo luya kuqina ngokukhangela phambili kwixesha laxa ‘kungekho ummi oya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba ngoYesu Kristu ovusiweyo nangoBukumkani bukaThixo, abantu abathobelayo baya kukhululwa ngokupheleleyo kwisono, kwizifo nasekufeni! Ngala mathemba azukileyo, siyambulela uYehova, ‘oya kuphilisa zonke izifo zethu.’—INdumiso 103:1-3; ISityhilelo 21:1-5.
20. Kutheni kunokuthiwa ukholo lunokusinceda sikwazi ukunyamezela “imihla yentlekele” yokwaluphala?
20 Ukholo lunokusinceda sikwazi ukunyamezela “imihla yentlekele” yokwaluphala, xa impilo ingasavumi namandla engasekho. (INtshumayeli 12:1-7) Ngoko ke abalupheleyo abaphakathi kwethu banokuthandaza njengomdumisi owayesaluphala owavuma ingoma esithi: “Ulithemba lam, Nkosi enguMongami Yehova . . . Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya.” (INdumiso 71:5, 9) Umdumisi wayeyifuna inkxaso kaYehova, njengokuba kunjalo nangabazalwana bethu abangamaKristu abaye baluphala bekhonza uThixo. Ngenxa yokuba benokholo, banokuqiniseka ukuba uYehova uya kuhlala ebaxhasa ngonaphakade.—Duteronomi 33:27.
Hlala Unokholo KwiLizwi LikaThixo
21, 22. Ukuba sinokholo, oko kuluchaphazela njani ulwalamano lwethu noThixo?
21 Ukuba nokholo kwiindaba ezilungileyo nakwiLizwi likaThixo liphela kusinceda sisondele nangakumbi kuYehova. (Yakobi 4:8) Liyinyaniso elokuba, uyiNkosi enguMongami, kodwa ukwanguMdali noBawo wethu. (Isaya 64:8; Mateyu 6:9; IZenzo 4:24) Umdumisi wavuma ingoma esithi: “UnguBawo, uThixo wam neLiwa lokusindiswa kwam.” (INdumiso 89:26) Ukuba sinokholo kuYehova nakwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo, nathi sinokumgqala ‘njengeLiwa lokusindiswa kwethu.’ Elo lilungelo elizukileyo ngokwenene!
22 UYehova unguYise wamaKristu athanjiswe ngomoya kwakunye nowamaqabane awo anethemba lokuphila emhlabeni. (Roma 8:15) Yaye asisoze siphoxeke ngokuba nokholo kuBawo wethu wasezulwini. UDavide wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” (INdumiso 27:10) Ngaphezu koko sinesi siqinisekiso: “UYehova akayi kubalahla abantu bakhe ngenxa yegama lakhe elikhulu.”—1 Samuweli 12:22.
23. Yintoni efunekayo ukuze sibe nolwalamano oluhlala luhleli noYehova?
23 Kakade ke, ukuze sibe nolwalamano oluhlala luhleli noYehova, simele sibe nokholo kwiindaba ezilungileyo size sizamkele iZibhalo njengokuba ngokwenene zinjalo—iLizwi likaThixo. (1 Tesalonika 2:13) Simele sibe nokholo ngokupheleleyo kuYehova size sivumele iLizwi lakhe lisikhanyisele ezindleleni zethu. (INdumiso 119:105; IMizekeliso 3:5, 6) Ukholo lwethu luya kukhula njengoko sithandaza kuye siqinisekile ukuba uya kuba nemfesane, inceba yaye uya kusixhasa.
24. Ngawaphi amazwi athuthuzelayo afumaneka kumaRoma 14:8?
24 Ukholo lwasishukumisela ukuba sizahlulele kuThixo ngonaphakade. Ukuba sinokholo olomeleleyo, nokuba singafa, singabakhonzi bakhe abazahluleleyo abanethemba lovuko. Ewe, “ukuba siyaphila nokuba siyafa, singabakaYehova.” (Roma 14:8) Loo mazwi athuthuzelayo masiwagcine ezintliziyweni zethu njengoko sihlala sinentembelo kwiLizwi likaThixo yaye siqhubeka sinokholo kwiindaba ezilungileyo.
Ubunokuphendula Uthini?
• Luyintoni ukholo, yaye kutheni sifanele sibe nalo olu phawu?
• Kutheni kubalulekile ukuba sibe nokholo kwiindaba ezilungileyo nakwiLizwi likaThixo liphela?
• Ukholo lusinceda njani sikwazi ukujamelana nezilingo ezahlukahlukeneyo?
• Yintoni eya kusinceda sihlale sinokholo?
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
UYehova wamomeleza uYeremiya noEliya kuba babenokholo
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
UYobhi, uPetros noNehemiya babenokholo olomeleleyo
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukuze sibe nolwalamano oluhlala luhleli noYehova, simele sibe nokholo kwiindaba ezilungileyo