Lugcine “Uthando Owawunalo Kuqala”
“Qhubeka ukubambe nkqi oko unako.”—ISITYHI. 3:11.
1, 2. Wavakalelwa njani xa waqinisekayo ukuba oko wakufundayo ngoYehova kuyinyaniso?
USAKHUMBULA ukuqala kwakho ukufunda ngethemba elimangalisayo uYehova alinika abantu abathobelayo? Ukuba wawukolunye unqulo ngaphambili, waziva njani xa wawucaciselwa ngeenjongo zikaThixo ngokusuka eZibhalweni okanye xa weva kucaciswa iimfundiso ekwakunzima ukuziqonda? Mhlawumbi uye wafumanisa ukuba ubulahlekiswa. Kodwa ikuvuyisa ngokwenene into yokuba uye wafunda inyaniso! Ukuba ukhuliswe ngabazali abangamaKristu, ngaba uyayikhumbula indlela owavakalelwa ngayo xa waqinisekayo ukuba oko wakufundayo ngoYehova kuyinyaniso waza wagqiba kwelokuba uphile ngokuvisisana nayo?—Roma 12:2.
2 Abazalwana abaninzi abasebandleni baya kukuxelela ukuba bavuya gqitha, baziva besondele kuYehova yaye baba nombulelo kuba eye wabatsala. (Yoh. 6:44) Lolo vuyo olubangela ukuba bafeze iimbopheleleko zabo njengamaKristu. Ngendlela ababevuya ngayo bafuna ukuxelela wonke umntu ngendlela abavakalelwa ngayo. Ngaba kwakunjalo nakuwe?
3. Kwakunjani kwibandla lase-Efese xa uYesu wabathumelela isigidimi?
3 Xa wayethetha nebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala e-Efese, uYesu wathetha ‘ngothando awayenalo kuqala.’ AmaEfese ayeneempawu ezininzi ezintle, kodwa uthando awayenalo ngaphambili lwaya luphela. Yiyo loo nto uYesu wathi kuwo: “Ndiyazazi izenzo zakho, nokusebenza nonyamezelo lwakho, nokuba akunako ukubathwala abantu ababi, nokuba wabavavanya abo bathi bangabapostile, kodwa bengengabo, waza wabafumana bengamaxoki. Ubonisa unyamezelo, yaye uye wathwala ubunzima ngenxa yegama lam, akwatyhafa. Noko ke, ndinale nto ngakuwe, yokuba uye walushiya uthando owawunalo kuqala.”—ISityhi. 2:2-4.
4. Kutheni isigidimi sikaYesu esiya kwabase-Efese sisebenza namhlanje?
4 Isiluleko sikaYesu esiya kumaEfese nakwamanye amabandla awathetha nawo kwincwadi yeSityhilelo sasifike ngexesha elililo xa ucinga ngeemeko ezazikho phakathi kwamaKristu athanjisiweyo ukususela ngowe-1914 ukuya phambili. (ISityhi. 1:10) Sekunjalo, nangoku amanye amaKristu anokuphulukana ‘nothando awayenalo ekuqaleni’ ngoYehova nangenyaniso. Sicinga ngoku, makhe sibone ukuba amava ethu anokusinceda njani ukuba silondoloze, sihlaziye size sakhele phezu kothando nenzondelelo esasinayo kuqala ngoThixo nangenyaniso.
Yintoni Eyakwenza Waqiniseka Ukuba Le Yinyaniso?
5, 6. (a) Yintoni umKristu ngamnye amele aqiniseke ngayo? (b) Yintoni wena eyakwenza waqiniseka ukuba amaNgqina kaYehova afundisa inyaniso? (c) Yintoni enokunceda umntu ahlaziye uthando awayenalo ekuqaleni?
5 Wonke umntu ozahlulela kuYehova kufuneka aqale ‘akungqine ngokwakhe ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:1, 2) Oko kuquka ukufunda inyaniso yeBhayibhile. Into eqinisekisa omnye umntu ukuba amaNgqina kaYehova afundisa inyaniso isenokwahluka kweyomnye umntu. Abanye bakhumbula ukuba izinto zatshintsha xa babona igama likaThixo eBhayibhileni okanye bafunda ngemeko yabantu abafileyo. (INdu. 83:18; INtshu. 9:5, 10) Abanye bachukunyiswa kukubona indlela abathandana ngayo abantu bakaYehova. (Yoh. 13:34, 35) Kanti abanye baqiqa ngoko kuthethwa kukungabi yonxalenye yehlabathi. Bafikelela kwisigqibo sokuba amaKristu okwenyaniso akanakungenelela kwiingxwabangxwaba zobupolitika okanye kwiimfazwe zalo naluphi na uhlanga.—Isa. 2:4; Yoh. 6:15; 17:14-16.
6 Kwabaninzi, yile ndlela yokuqiqa nezinye ezavuselela uthando ababenalo kuqala ngoThixo. Khawuziphe ithuba lokucinga ngento eyakuqinisekisayo ngenyaniso. Iimeko zakho azifani nezabanye, ngoko izizathu zakho zokuthanda uYehova nokukholelwa kwizithembiso zakhe azinakufana nezabanye. Kunokwenzeka ukuba, usenezaa zizathu wawunazo ukuqala kwakho ukufunda ngazo. Inyaniso ayikatshintshi. Ngoko ke, ukukhumbula ezo ngcamango ngandlel’ ithile kunokuluhlaziya uthando owawunalo kuqala ngenyaniso.—Funda INdumiso 119:151, 152; 143:5.
Yakhela Phezu Kothando Owawunalo Kuqala
7. Kutheni simele sakhele phezu kothando esasinalo kuqala ngenyaniso, yaye sinokuyenza njani loo nto?
7 Mhlawumbi zininzi izinto ezitshintshileyo kubomi bakho ukususela kwixesha lokuzahlulela kwakho kuYehova. Uthando lwakho lokuqala ngenyaniso lwalubalulekile, kodwa ngokuhamba kwexesha, kuye kwafuneka ube nothando olungakumbi ukuze ukwazi ukujamelana nezinto ezintsha ezivavanya ukholo lwakho. Nakuba kunjalo, uYehova wakuxhasa. (1 Kor. 10:13) Ngoko, amava oye wawafumana ukutyhubela iminyaka axabisekile kuwe. Aye akunceda ukuba wakhele kuthando owawunalo kuqala, yaye ayenye indlela onokukubona ngayo ukulunga nokwamkeleka kokuthanda kukaThixo.—Yosh. 23:14; INdu. 34:8.
8. UYehova wazichaza njani kuMoses, yaye amaSirayeli amazi njani kakuhle uThixo?
8 Ngokomzekelo, cinga ngemeko awayekuyo amaSirayeli xa uYehova wawaxelela ukuba ufuna ukuwakhulula kubukhoboka baseYiputa. UThixo wathi xa wayezichaza kuMoses: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (Eks. 3:7, 8, 13, 14) Eyona nto wayeyithetha uYehova kukuba, wayeya kuba yiyo nantoni na ekufuneka abe yiyo ukuze akhulule abantu bakhe. Izinto ezenzeka emva koko zabonisa amaSirayeli iinkalo ezahlukahlukeneyo zobuntu bukaYehova—ukuba nguMongami kwakhe, uMgwebi, iNkokeli, uMkhululi, uMphumi-mkhosi noMlungiseleli.—Eks. 12:12; 13:21; 14:24-31; 16:4; Neh. 9:9-15.
9, 10. Ziziphi iimeko ezinokunceda umntu amazi uThixo, yaye kutheni kubalulekile ukuba azikhumbule?
9 Imeko yakho yahlukile kuleyo yamaSirayeli amandulo. Sekunjalo, kusenokwenzeka ukuba ube namava akwenze waqiniseka ukuba uThixo unomdla kuwe, nto leyo eye yalomeleza ukholo lwakho. Mhlawumbi uYehova uye ngandlel’ ithile wanguMlungiseleli, uMthuthuzeli noMfundisi wakho. (Funda uIsaya 30:20b, 21.) Okanye uye waphendulwa ngendlela ezicaceleyo umthandazo wakho. Kungenzeka ukuba ubunengxaki ethile, waza wancedwa ngomnye umKristu. Okanye uthe xa ubusenza ufundisiso lobuqu, wabona izibhalo ezithetha ngemeko okuyo.
10 Xa unokubalisela abanye loo mava, mhlawumbi basenokungachukumiseki kangako. Ngapha koko, ibingeyomimangaliso leyo. Kodwa eneneni ithetha lukhulu kuwe. Ngokwenene, uYehova wazingqina eyiloo nto kwakufuneka abe yiyo kwimeko yakho. Cinga nje ngayo yonke iminyaka usenyanisweni. Ngaba unokukhumbula izihlandlo nje ezimbalwa okhe wanyanyekelwa ngazo nguYehova? Ukuba kunjalo, ukukhumbula ezo zihlandlo nendlela ezakwenza wavakalelwa ngayo kunokuvuselela indlela owawumthanda ngayo uYehova ngelo xesha. Waxabise loo mava uze ucamngce ngawo. Abethelela into yokuba uYehova uyakuthanda, yaye akakho umntu onokuyisusa loo nto kuwe.
Khawuzihlolisise
11, 12. Ukuba umKristu akasayithandi njengakuqala inyaniso, unokuba yintoni unobangela woko, yaye uYesu wanikela siphi isiluleko ngokuphathelele oko?
11 Ukuba akusamthandi ngendlela owawumthanda ngayo uThixo nenyaniso, oko akuthethi ukuba kukho nto itshintshileyo ngaye. UYehova akasokuze atshintshe. (Mal. 3:6; Yak. 1:17) Usakuthanda ngalaa ndlela wayekuthanda ngayo ekuqaleni. Ukuba kukho nto itshintshileyo kulwalamano lwakho noYehova, inokuba yintoni? Akungebi mhlawumbi uziva uxinezelekile okanye uxinwa ngamaxhala obomi? Mhlawumbi ngaphambili wawuzingisa emthandazweni, ufundisisa ngokuzimisela, yaye uthanda ukucamngca. Ngaba wawushumayela ngenzondelelo yaye usiya rhoqo kwiintlanganiso kunokuba kunjalo ngoku?—2 Kor. 13:5.
12 Kusenokwenzeka ukuba wena awuboni nto itshintshileyo, kodwa ukuba ikho, yintoni eyibangeleyo? Ngaba ukuxhalabela ukunyamekela iintswelo zentsapho yakho, impilo, okanye izinto ezinjalo, kuye kwakwenza walibala ukuba imini kaYehova isondele? UYesu wathi kubapostile bakhe: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba. Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho.”—Luka 21:34-36.
13. UYakobi walifanisa nantoni iLizwi likaThixo?
13 Umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo uYakobi wabongoza amaKristu ukuba azihlolisise esebenzisa iLizwi likaThixo. Wathi: “Yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabevayo kuphela, nizikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo. Kuba lowo ulivayo ilizwi, aze angalenzi, unjengomntu okhangela ubuso bakhe bemvelo esipilini. Kuba uyazikhangela, aze akumka, alibale ngoko nangoko ukuba unjani na. Kodwa umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yak. 1:22-25.
14, 15. (a) IBhayibhile inokukunceda njani uphucule imeko yakho yokomoya? (b) Yiyiphi imibuzo onokucamngca ngayo?
14 Umntu usebenzisa isipili ukuze aqiniseke ukuba uyabukeka. Ngokomzekelo, xa indoda ifumanisa ukuba iqhina layo ligoso, iyalilungisa. Ukuba ibhinqa libona ngathi iinwele zalo azimanga kakuhle, liyazilungisa. Ngokufanayo, iZibhalo zisinceda sizihlolisise. Ukuba sijonga oko sifanele sibe kuko eBhayibhileni, siya kuba siyisebenzisa njengesipili. Kodwa bekuya kunceda ngantoni ukujonga isipili ukuba besingayi kuwalungisa amakhwiniba esiwaboniswe siso? Siya kuba silumkile ukuba senza ngokuvisisana noko sikubona ‘kumthetho ogqibeleleyo’ kaThixo, size sibe “ngabenzi” bawo. Ngenxa yoko, kuya kuba kuhle ukuba nabani na ovakalelwa kukuba akasenalo uthando awayenalo ekuqaleni ngoYehova nenyaniso azibuze le mibuzo ilandelayo: ‘Ziziphi iingxaki endijamelene nazo ebomini, yaye ndizijonga njani? Ndandizijonga njani ngaphambili? Ngaba ikho into etshintshileyo?’ Ukuba uthe xa uzihlolisisa wafumana amakhwiniba, musa ukuwabetha ngoyaba. Ukuba kufuneka wenze utshintsho, ungaphozisi maseko.—Heb. 12:12, 13.
15 Ukuzihlolisisa ngolo hlobo kunokukunceda ukuba uzibekele usukelo onokulufikelela ngokomoya. Umpostile uPawulos wanikela isiluleko esiphefumlelweyo kwiqabane lakhe uTimoti ukuba liphucule ubulungiseleli balo. UPawulos wathi kuloo mfana: “Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale ebantwini bonke.” Nathi siya kuba senza kakuhle ukuphonononga inkqubela esinokukwazi ukuyenza sisebenzisa iLizwi likaThixo.—1 Tim. 4:15.
16. Yiyiphi ingozi ofanele uyilumkele xa uzihlolisisa usebenzisa iZibhalo?
16 Xa uzihlolisisa ngokunyaniseka unokufumana ubuthathaka obuthile. Oko kunokukutyhafisa, kodwa ungayivumeli yenzeke loo nto. Kaloku eyona njongo yokuzihlolisisa kukukhangela iinkalo onokuphucula kuzo. Kambe ke, uSathana angathanda ukwenza amaKristu azive engento yanto ngenxa yokungafezeki. Enyanisweni, kuye kwathiwa uThixo uyijongela phantsi yonke imigudu yokumkhonza. (Yobhi 15:15, 16; 22:3) Bubuxoki obo, yaye uYesu wabuphikisa; uThixo uxabisa ngamnye kuthi. (Funda uMateyu 10:29-31.) Ukwazi ukuba akufezekanga kufanele kukwenze uthobeke uze uzimisele ukuphucula, uxhaswa nguYehova. (2 Kor. 12:7-10) Ukuba impilo enkenenkene okanye ukwaluphala kubangela ukuba ungenzi ngendlela obungathanda ukwenza ngayo, zibekele usukelo onokulufikelela, kodwa musa ukunikezela okanye uvumele uthando lwakho luphele.
Zininzi Izinto Onokuba Nombulelo Ngazo
17, 18. Ziziphi iingenelo zokwakhela phezu kothando owawunalo ekuqaleni?
17 Zininzi iingenelo zokuqhubeka usakhela phezu kothando owawunalo ekuqaleni. Unokwandisa ulwazi onalo ngoThixo nendlela oluxabisa ngayo ukhokelo lwakhe lothando. (Funda IMizekeliso 2:1-9; 3:5, 6.) Umdumisi wathi: “Ekuzigcineni [izigwebo zikaYehova] kukho umvuzo omkhulu.” “Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava.” Ngaphezu koko, “banoyolo abo bandlela yabo ingenasiphoso, abo bahamba emthethweni kaYehova.”—INdu. 19:7, 11; 119:1.
18 Ngokuqinisekileyo uyavumelana nelokuba zininzi izinto onokuzibulela. Uyasiqonda isizathu sezinto ezenzekayo ehlabathini. Nawe uyangenelwa kumalungiselelo okomoya uThixo awenzela abantu bakhe namhlanje. Asiyithandabuzi into yokuba uyambulela uYehova ngokukutsalela kwakhe kwibandla elisehlabathini lonke waza wakunika ilungelo lokuba liNgqina. UYehova ukusikelele ngokwenene, kangangokuba bekungasa gede uzibala ezo ntsikelelo ukuba bekuya kufuneka wenjenjalo. Ukuqhubeka ucinga ngazo kuya kukunceda usebenzise la mazwi: “Qhubeka ukubambe nkqi oko unako.”—ISityhi. 3:11.
19. Ngaphandle kokucamngca ngolwalamano lwakho noThixo, yintoni enokukunceda uhlale uphilile ngokomoya?
19 Ukucamngca ngendlela ukholo lwakho oluye lwakhula ngayo ukutyhubela iminyaka kulelinye inyathelo elinokukunceda ubambelele koko unako. Eli phephancwadi liye ngokuphindaphindiweyo labhekisela kwezinye izinto ezibalulekileyo ezinokusinceda sihlale siphilile ngokomoya. Ezinye zazo kukuthandaza, ukuya nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu, nokushumayela ngenzondelelo. Ezi zinto zinokukunceda uhlaziye, uze wakhele phezu kothando owawunalo ekuqaleni.—Efe. 5:10; 1 Pet. 3:15; Yude 20, 21.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Izizathu zakho zokuthanda uYehova zinokukukhuthaza njani ngoku?
• Ukukhumbula amava oye watyhubela kuwo kuyo yonke le minyaka kunokukuqinisekisa ngantoni?
• Kutheni ufanele uhlolisise indlela omthanda ngayo uThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Yintoni eyakutsalayo yaza yakwenza waqiniseka ukuba le yinyaniso?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ngaba zikho izinto ocinga ukuba ufanele uziphucule?