Imibuzo Evela Kubafundi
Kutheni amaNgqina kaYehova eligqala inani elili-144 000 elikhankanywe kwincwadi yeSityhilelo njengelokoqobo ingelilo elokomfuziselo?
Umpostile uYohane wabhala: “Ndaliva inani labo batywinwayo, ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.” (ISityhilelo 7:4) EBhayibhileni, ibinzana elithi “abo batywinwayo” libhekisela kwiqela labantu abanyulwe phakathi kwabanye ukuze baye ezulwini baze balawule noKristu kumhlaba ozayo oyiParadesi. (2 Korinte 1:21, 22; ISityhilelo 5:9, 10; 20:6) Inani labo, elili-144 000 ligqalwa njengenani lokoqobo ngenxa yezizathu eziliqela. Esokuqala sifumaneka kwakumongo wamazwi eSityhilelo 7:4.
Emva kokuba umpostile uYohane waxelelwa embonweni ngeli qela labantu abali-144 000, waboniswa elinye iqela. UYohane ulichaza eli qela lesibini ngokuthi ‘sisihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ Esi sihlwele sikhulu ngabo baya kusinda “embandezelweni enkulu” ezayo, eya kuba yintshabalaliso yeli hlabathi likhoyo lingendawo.—ISityhilelo 7:9, 14.
Noko ke, phawula umahluko owenziwa nguYohane phakathi kwendinyana 4 neye-9 kwiSityhilelo isahluko 7. Uthi iqela lokuqala, “abo batywinwayo,” balinani eliqingqiweyo. Noko ke, iqela lesibini, “isihlwele esikhulu,” asilonani liqingqiweyo. Xa sicinga ngoko, kusengqiqweni ukuligqala inani elili-144 000 njengelokoqobo. Ukuba inani elili-144 000 belifuzisela yaye libhekisela kwiqela elingenakubaleka, bekungasayi kubakho mahluko kwezi ndinyana zimbini. Ngenxa yoko, umongo ubonisa ngokucacileyo ukuba inani elili-144 000 limele lithatyathwe njengelokoqobo.
Abaphengululi beBhayibhile abahlukahlukeneyo, bamandulo nabangoku, bafikelela kwisigqibo esifanayo—sokuba, eli linani lokoqobo. Ngokomzekelo, ethetha ngeSityhilelo 7:4, 9, umphengululi weBhayibhile waseBritani uGqr. Ethelbert W. Bullinger wathi kwiminyaka enokuba li-100 eyadlulayo: “Le yingongoma ecacileyo: kwesi sahluko kuthelekiswa inani eliqingqiweyo nenani elingaqingqwanga.” (The Apocalypse or “The Day of the Lord,” iphepha 282) Mvanje, uRobert L. Thomas, Omnci., unjingalwazi weTestamente Entsha kwiThe Master’s Seminary eUnited States, wathi: “Akukho bungqina bunasihlahla bokuba eli linani lokomfuziselo.” Wongezelela esithi: “[KwiSityhilelo 7:4] kuthelekiswa inani eliqingqiweyo nenani elingaqingqwanga [elikwiSityhilelo] 7:9. Ukuba ligqalwa njengelifuziselayo, akukho nani kule ncwadi elifanele lithatyathwe njengelingokoqobo.”—Revelation: An Exegetical Commentary, uMqulu 1, iphepha 474.
Bambi baphikisa ngelithi ekubeni ISityhilelo sinolwimi oluninzi olufuziselayo, onke amanani akule ncwadi, kuquka inani elili-144 000, afanele ukuba angokomfuziselo. (ISityhilelo 1:1, 4; 2:10) Noko ke, ngokucacileyo eso sigqibo asichananga. Kuyavunywa ukuba, ISityhilelo siqulethe amanani amaninzi afuziselayo, kodwa sikwaquka namanani okoqobo. Ngokomzekelo, uYohane uthetha “ngamagama alishumi elinesibini abapostile abalishumi elinesibini beMvana.” (ISityhilelo 21:14) Ngokucacileyo, inani elili-12 elikhankanywe apha lelokoqobo, yaye alifuziseli. Ukongezelela, umpostile uYohane uthetha ‘ngeminyaka eliwaka’ yokulawula kukaKristu. Nalo elo nani lifanele lithatyathwe ngokoqobo, njengoko kuboniswa luhlolisiso olunzulu lweBhayibhile.a (ISityhilelo 20:3, 5-7) Ngenxa yoko, enoba inani elithile kwiSityhilelo lifanele lithatyathwe njengelokoqobo okanye elifuziselayo kuxhomekeka kwizibakala nakumongo.
Ingcamango yokuba eli nani lili-144 000 lelokoqobo yaye libhekisela kubantu abalinani eliqingqiweyo, iqaqobana labantu xa lithelekiswa ‘nesihlwele esikhulu,’ iyavisisana nezinye iindinyana zeBhayibhile. Ngokomzekelo, kamva kumbono owabonwa ngumpostile uYohane, aba bali-144 000 bachazwa njengabo “bathengwa phakathi koluntu njengeentlahlela.” (ISityhilelo 14:1, 4) Ibinzana elithi ‘intlahlela’ libhekisela kwizinto ezimbalwa ezithatyathwe kwezininzi. Kwakhona, ngoxa uYesu wayesemhlabeni, wathetha ngabo baya kulawula kunye naye kuBukumkani bakhe basezulwini waza wababiza ngokuthi ‘ngumhlambi omncinane.’ (Luka 12:32; 22:29) Enyanisweni, abo phakathi koluntu baya kulawula ezulwini bambalwa xa bethelekiswa nabantu abaya kuhlala kumhlaba ozayo oyiParadesi.
Ngenxa yoko, umongo weSityhilelo 7:4 namanye amazwi anxulumene naso afumaneka kwezinye iindinyana zeBhayibhile angqina ukuba inani elili-144 000 lifanele lithatyathwe ngokoqobo. Libhekisela kwabo baya kulawula ezulwini noKristu belawula umhlaba oyiparadesi, oya kuzaliswa ngabantu abaninzi abalinani elingachazwanga nabonwabileyo abanqula uYehova uThixo.—INdumiso 37:29.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngoLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Isondele! iphepha 289-90, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]
Iindlalifa zasezulwini zilinani eliqingqiweyo elili-144 000
[Umfanekiso okwiphepha 31]
“Isihlwele esikhulu” asinakubalwa
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Stars: Courtesy of Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin