Yobhi
40 Waza uYehova wamphendula uYobhi wathi:
3 Waza uYobhi wahlabela mgama wamphendula uYehova wathi:
5 Ndithethile kwaba kanye, yaye andiyi kuphendula;
Yaye kabini, ibe andiyi kongeza nto.”
6 Waza uYehova wahlabela mgama wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi+ somoya wathi:
8 Eneneni, ngaba uya kukutshitshisa ukuba sesikweni kwam?
Ngaba uya kundivakalisa ndingendawo ukuze wena ube ngolungileyo?+
9 Okanye ngaba unengalo enjengekaTHIXO oyinyaniso,+
Yaye ngaba ngelizwi elinjengelakhe unokwenza kududume?+
13 Bafihle ndawonye eluthulini,+
Bopha ubuso babo endaweni efihlakeleyo,
14 Yaye mna, ndiya kukuncoma,
Ngenxa yokuba isandla sakho sasekunene sinokukusindisa.
17 Umsila wayo iwugobela phantsi njengomsedare;
Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
18 Amathambo ayo yimibhobho yobhedu;
Amathambo ayo omeleleyo anjengemivalo yentsimbi.
22 Umthole onameva uyigcina ithintelekile ngesithunzi sawo;
Imingcunube yasentlanjeni iyayingqonga.
23 Ukuba umlambo uphuphuma kakhulu, ayibaleki ngokuphakuzela.
Inentembelo, nangona iYordan+ inokugqabhuka emlonyeni wayo.
24 Ngaphambi kwamehlo ayo ngaba nabani na unokuyithabatha?
Ngaba nabani na unokuyigqobhoza ngemigibe impumlo yayo?