EkaDavide, ngexesha awayezenza ongenangqondo+ phambi koAbhimeleki, ukuze amgxothe, waza wemka.
א [ʼAʹleph]
34 Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke;+
Indumiso yakhe iya kuba semlonyeni wam rhoqo.+
ב [Behth]
2 Uya kuqhayisa ngoYehova umphefumlo wam;+
Abalulamileyo baya kuva babe nemihlali.+
ג [Giʹmel]
3 Menzeni mkhulu uYehova kunye nam,+
Masiliphakamise kunye igama lakhe.+
ד [Daʹleth]
4 Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula,+
Yaye wandihlangula kwizinto ezindothusayo.+
ה [Heʼ]
5 Bakhangela kuye baza bakhazimla,+
Yaye ubuso babo babungenakuba nazintloni.+
ז [Zaʹyin]
6 Lo uxhwalekileyo wabiza, waza uYehova weva.+
Yaye wamsindisa kuko konke ukubandezeleka kwakhe.+
ח [Chehth]
7 Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo,+
Ize ibahlangule.+
ט [Tehth]
8 Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile;+
Inoyolo indoda eyomeleleyo esabela kuye.+
י [Yohdh]
9 Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,+
Kuba abasweli abo bamoyikayo.+
כ [Kaph]
10 Iingonyama ezintsha ezinesingci zinokuncinane yaye zilambile;+
Kodwa abo bafuna uYehova, abayi kuswela nantoni na elungileyo.+
ל [Laʹmedh]
11 Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni;+
Ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.+
מ [Mem]
12 Ngubani na indoda eyoliswayo bubomi,+
Ethanda imihla eyaneleyo ukuze ibone ukulunga?+
נ [Nun]
13 Lulondoloze ulwimi lwakho kokubi,+
Nemilebe yakho ekuthetheni inkohliso.+
ס [Saʹmekh]
14 Suka kokubi, wenze okulungileyo;+
Funa ukufumana uxolo, ulusukele.+
ע [ʽAʹyin]
15 Amehlo kaYehova akumalungisa,+
Neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.+
פ [Peʼ]
16 Ubuso bukaYehova bunxamnye nabo benza okubi,+
Ukuze akunqumle ukukhankanywa kwabo emhlabeni.+
צ [Tsa·dhehʹ]
17 Badanduluka, waza uYehova wabeva,+
Yaye kuko konke ukubandezeleka kwabo wabahlangula.+
ק [Qohph]
18 UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo;+
Yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.+
ר [Rehsh]
19 Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa,+
Kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.+
ש [Shin]
20 Uyawalinda onke amathambo alowo;
Akukho nalinye kuwo elaphulwayo.+
ת [Taw]
21 Intlekele iya kumbulala lowo ungendawo;+
Nabo bamthiyileyo olilungisa baya kugqalwa njengabanetyala.+
22 UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe;+
Yaye akukho namnye kwabo basabela kuye oya kugqalwa enetyala.+