Hezekile
37 Isandla sikaYehova saba phezu kwam,+ kangangokuba wandizisa ngomoya kaYehova+ waza wandibeka phakathi kwethafa elisentlanjeni, yaye lalizele ngamathambo.+ 2 Wandijikelezisa kuwo, yaye, khangela! ayemaninzi kakhulu ethafeni elo elisentlanjeni kwaye, khangela! ayesele omile kakhulu.+ 3 Wathi kum: “Nyana womntu, angabuyela na ebomini la mathambo?” Ndathi ke mna: “Nkosi enguMongami Yehova, kwazi wena.”+ 4 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Profeta phezu kwala mathambo, uthi kuwo, ‘Owu mathambondini omileyo, liveni ilizwi likaYehova:
5 “‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova kula mathambo ukuthi: “Niyabona, ndingenisa impefumlo kuni, yaye nimele nibuyele ebomini.+ 6 Ndiza kunifaka imisipha ndize ndizise inyama kuni, yaye ndiza kunaleka ngolusu ndize ndifake impefumlo kuni, nimele ke nibuyele ebomini;+ ukuze nazi ukuba ndinguYehova.”’”+
7 Ndaprofeta ke kanye njengoko ndandiyalelwe.+ Kamsinya nje ndakuprofeta kwabakho isandi, kwarhashaza, aza amathambo aqalisa ukusondelelana, ithambo lisiya kwithambo lalo. 8 Yaye ndabona, khangela! phezu kwawo kweza imisipha nenyama kwaza kwalekwa ngolusu ngaphezulu. Kodwa yona impefumlo ayibangakho.
9 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Profeta kuwo umoya. Profeta, nyana womntu, uthi kuwo umoya, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Fika, moya, uvela emimoyeni yomine uze uvutheleke kwaba bantu babuleweyo,+ ukuze babe nokubuyela ebomini.”’”+
10 Ndaprofeta ke kanye njengoko wayendiyalele, yaza impefumlo yangena kuwo, aphila, ema ngeenyawo zawo,+ umkhosi wamajoni omkhulu kakhulu kunene.
11 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ngokubhekisele kula mathambo, wona yindlu kaSirayeli iphela.+ Yabona, bathi, ‘Amathambo ethu omile, nethemba lethu litshabalele.+ Sinqanyulwe.’ 12 Ngoko ke profeta, uthi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabonani, ndiyawavula amangcwaba enu,+ yaye ndiza kuninyusa niphume kuloo mangcwaba, bantu bam, ndize ndinizise kumhlaba wakwaSirayeli.+ 13 Niya kwazi ukuba ndinguYehova xa ndivula amangcwaba enu naxa ndininyusa ndinikhuphe emangcwabeni enu, bantu bam.”’+ 14 ‘Kwaye ndiza kufaka umoya wam kuni, nize nibuyele ebomini,+ yaye ndiza kunihlalisa emhlabeni wenu; nazi ukuba mna, Yehova, ndithethile yaye ndikwenzile oko,’ utsho uYehova.”+
15 Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 16 “Wena ke, nyana womntu, zithabathele induku+ uze ubhale kuyo uthi, ‘EkaYuda neyoonyana bakaSirayeli amaqabane akhe.’+ Uze uthabathe nenye ubhale kuyo uthi, ‘EkaYosefu, induku kaEfrayim,+ nayo yonke indlu kaSirayeli amaqabane akhe.’+ 17 Uze uzisondeze enye kwenye ukuze zibe yinduku enye kuwe, yaye okunene ziya kuba nto-nye esandleni sakho.+ 18 Xa ke oonyana babantu bakowenu besithi kuwe, ‘Akuyi kusixelela na oko zithetha kona ezi zinto kuwe?+ 19 thetha kubo uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabonani, ndithabatha induku kaYosefu, esesandleni sikaEfrayim, nezizwe zakwaSirayeli amaqabane akhe, yaye ndiza kuzibeka kuyo, oko kukuthi, induku kaYuda, kwaye ngokwenene ndiya kubenza babe yinduku enye,+ babe banye esandleni sam.”’ 20 Iinduku ke obhale kuzo zimele zibe sesandleni sakho phambi kwamehlo abo.+
21 “Thetha ke kubo uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabonani, ndithabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abaye kuzo, yaye ndiza kubaqokelela ndawonye macala onke ndize ndibazise emhlabeni wabo.+ 22 Okunene ndiya kubenza uhlanga olunye elizweni,+ ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani+ oya kuba ngukumkani phezu kwabo bonke, yaye abasayi kuqhubeka beziintlanga ezimbini, bengayi kuba sahlulwahlulwa babe zizikumkani ezibini.+ 23 Abayi kubuya bazenze inqambi ngezithixo zabo ezinezothe nangezinto zabo ezilizothe nangokunxaxha kwabo konke;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubasindisa kuzo zonke iindawo zabo zokuhlala abone bekuzo, ndibahlangule,+ babe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.+
24 “‘“Nomkhonzi wam uDavide uya kuba ngukumkani phezu kwabo,+ yaye bonke baya kuba nomalusi omnye;+ baya kuhamba ngezigwebo zam,+ nemimiselo yam baya kuyigcina,+ kwaye ngokuqinisekileyo baya kuyenza.+ 25 Ngokwenene baya kuhlala elizweni endalinika umkhonzi wam, uYakobi, elo ookhokho benu babehlala kulo,+ baya kuhlala ke okunene kulo,+ bona noonyana babo noonyana boonyana babo ukusa kwixesha elingenammiselo,+ noDavide umkhonzi wam uya kuba sisikhulu sabo ukusa kwixesha elingenammiselo.+
26 “‘“Ndiza kwenza umnqophiso woxolo kunye nabo;+ mnqophiso lowo oya kuhlala ngokungenammiselo.+ Yaye ndiza kubabeka ndize ndibandise+ ndibeke nengcwele yam phakathi kwabo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 27 Okunene umnquba wam uya kuba phezu kwabo,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuba nguThixo wabo, bona baya kuba ngabantu bam.+ 28 Iintlanga ke ziya kwazi ukuba mna, Yehova,+ ndiyamngcwalisa uSirayeli xa ingcwele yam iya kubakho phakathi kwakhe ukusa kwixesha elingenammiselo.”’”+