Eyesibini KaSamuweli
15 Emva kwezo zinto, uAbhisalom wazifunela inqwelo, amahashe namadoda ayi-50 ukuze abaleke phambi kwakhe.+ 2 Wayedla ngokuvuka ekuseni, eme ecaleni kwendlela eya egeyithini yesixeko.+ Kwakusithi xa kukho indoda enetyala elimele liye kukumkani ukuze aligwebe,+ uAbhisalom ayibize athi: “Uvela kwesiphi isixeko?” Yona yayisithi: “Isicaka sakho sivela kwesinye sezizwe zakwaSirayeli.” 3 UAbhisalom wayesithi kuyo: “Yabona, izikhalazo zakho ziyavakala yaye zifanelekile, kodwa akakho umntu wokuchophela ityala lakho kwakumkani.” 4 Wayesithi: “Ukuba nje bendinokwenziwa ijaji elizweni! Yonke indoda enetyala okanye efuna ukugwetyelwa ibiza kuza kum, mna ndiyenzele ubulungisa.”
5 Xa indoda isondela ukuze iqubude kuye, uAbhisalom wayesolula isandla, ayibambe aze ayiphuze.*+ 6 Wayesenza loo nto kuwo onke amaSirayeli awayeze kumkani ukuze agwetyelwe. Ngoko uAbhisalom wamana eziba iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.+
7 Ekupheleni kweminyaka emine,* uAbhisalom wathi kukumkani: “Ndiyakucela ndivumele ndiye eHebron,+ ndiyokwenza into endafunga kuYehova ukuba ndiza kuyenza. 8 Kuba isicaka sakho senza isifungo esinzulu+ xa ndandihlala eGeshure+ eSiriya. Sasisithi: ‘Ukuba uYehova angandibuyisela eYerusalem, ndiza kubingelela* kuYehova.’” 9 Ukumkani wathi kuye: “Hamba ngoxolo.” Emva koko, waphakama waya eHebron.
10 UAbhisalom wathumela iintlola kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, esithi: “Nakuba nje nive isandi sesigodlo, nimele nibhengeze nithi, ‘UAbhisalom uye waba ngukumkani eHebron!’”+ 11 Amadoda ayi-200 aseYerusalem ayehambe noAbhisalom. Ayemenyiwe aza aya engakrokreli nto, ibe engazi nowathwethwa ngento eyayisenzeka. 12 Xa wanikela imibingelelo, uAbhisalom wabiza uAhitofele+ umGilo, umcebisi kaDavide,+ osuka kwisixeko saseGilo.+ Laya likhula iyelenqe, nabantu ababexhasa uAbhisalom baya besanda.+
13 Ekuhambeni kwexesha, kwafika umntu wathi kuDavide: “Intliziyo yamadoda akwaSirayeli ijikile, yangakuAbhisalom.” 14 Ngoko nangoko uDavide wathi kuzo zonke izicaka zakhe ezazikunye naye eYerusalem: “Phakamani, masibalekeni,+ akukho nomnye kuthi oza kusinda ku-Abhisalom! Khawulezisani, kuba usenokusifumana ngokukhawuleza aze asizisele intlekele, asixabele ngekrele isixeko!”+ 15 Izicaka zikakumkani zathi kukumkani: “Nantoni na inkosi yam ukumkani egqiba kuyo, izicaka zakho zikulungele ukuyenza.”+ 16 Ukumkani waphuma nendlu yakhe yonke imlandela, kodwa washiya abalishumi kubafazi bakhe*+ ukuba bahoye indlu.* 17 Wahamba elandelwa ngabantu bonke, bayokuma eBhete-meraki.
18 Zonke izicaka zakhe ezazihamba naye,* nawo onke amaKereti, amaPeleti,+ amaGati,+ namadoda ayi-600 awayemlandela ukusuka eGati,+ wayewahlola xa ewela.* 19 Ukumkani wathi kuItayi+ umGati: “Kutheni umele nawe uhambe nathi? Jika uyokuhlala nokumkani omtsha, kuba wena ungowasemzini yaye ubalekile elizweni lakho. 20 Ufike izolo oku, ngoko andinakukuhambisa nathi, uhambe xa ndihamba uze uye naphi na apho ndiya khona. Buyela, ungabashiyi nabantakwenu, yaye kwanga uYehova angakuthanda ngokungagungqiyo, athembeke kuwe!”+ 21 Kodwa uItayi wathi kukumkani: “Ephila nje uYehova yaye iphila nje inkosi yam ukumkani, naphi na apho ikhoyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni nokuba kusebomini, siza kuba lapho isicaka sakho!”+ 22 UDavide wathi kuItayi:+ “Hamba uyokuwela.” Ngoko uItayi umGati wawela. Wawela nawo onke amadoda akhe nabantwana bakhe.
23 Bonke abantu baloo ndawo babekhala kakhulu, ngoxa aba abantu bewela, ibe ukumkani wayemi ngakwiNtlambo YeKidron.+ Bonke abantu babewela ngendlela eya entlango. 24 NoTsadoki+ wayelapho, ekunye nabo bonke abaLevi,+ bethwele ityeya+ yesivumelwano* kaThixo wokwenene, yaye bayibeka phantsi iTyeya kaThixo wokwenene.+ Xa bonke abantu babesele bewela besuka esixekweni, uAbhiyatare+ wenyuka. 25 Kodwa ukumkani wathi kuTsadoki: “Yibuyisele esixekweni iTyeya kaThixo wokwenene.+ Ukuba ndiye ndakholeka emehlweni kaYehova, nam uza kundibuyisa, andibonise yona nendawo yayo yokuhlala.+ 26 Kodwa ukuba angathi, ‘Andanelisekanga nguwe,’ makenze loo nto ayibona ilungile.” 27 Ukumkani wathi kuTsadoki umbingeleli: “Awuyomboni na?+ Buyela esixekweni ngoxolo, nihambe noonyana benu bobabini, uAhimahatse unyana wakho noYonatan+ unyana ka-Abhiyatare. 28 Ndiza kukhe ndilibazise ngasemazibukweni asentlango nide nindazise.”+ 29 Ngoko uTsadoki noAbhiyatare bayibuyisela iTyeya kaThixo wokwenene eYerusalem, baza bahlala apho.
30 UDavide wayinyuka iNtaba YeMinquma*+ elila, intloko yakhe eyogqumile, enganxibanga nto ezinyaweni. Bonke abantu ababekunye naye nabo bogquma iintloko, yaye bayonyuka intaba belila. 31 Kwathiwa kuDavide: “UAhitofele ungomnye wabantu abenza iyelenqe+ noAbhisalom.”+ UDavide wathi: “Ndiyakucela Yehova,+ lijike libe bubudenge icebiso lika-Ahitofele!”+
32 Uthe akufika phezulu uDavide apho babedla ngokuqubuda khona abantu kuThixo, uHushayi+ umArki+ wamhlangabeza, umwunduzo wakhe ewukrazulile, enothuli nasentloko. 33 Kodwa uDavide wathi kuye: “Ukuba uwela nam, uza kuba ngumthwalo kum. 34 Kanti ukuba ubuyela esixekweni uze uthi kuAbhisalom, ‘Ndisisicaka sakho Kumkani. Ngaphambili, ndandisisicaka sikatata wakho, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’+ Uze ke uliphelise icebo lika-Ahitofele.+ 35 Abakho kunye nawe na ababingeleli uTsadoki noAbhiyatare? Yonke into oyivayo endlini kakumkani umele uyixelele uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli.+ 36 Mamela! Balapho kunye noonyana babo ababini, uAhimahatse+ unyana kaTsadoki noYonatan+ unyana ka-Abhiyatare. Uze uthumele bona bazokundixelela yonke into oyivayo.” 37 Ngoko uHushayi, umhlobo kaDavide,+ wangena esixekweni xa uAbhisalom wayengena eYerusalem.