Habhakuki
Ndiza kuhlala ndilindile ukuze ndibone ukuba ufuna ndithethe ndithini
Nokuba ndiza kuphendula ndithini xa ndikhalinyelwa.
2 Waza uYehova wandiphendula wathi:
“Bhala phantsi lo mbono, uze uwubhale ngokucacileyo emacwecweni,+
Ukuze umntu owufunda ngokuvakalayo awufunde lula.+
3 Kuba umbono uza kwenzeka ngexesha lawo,
Yaye ixesha lokwenzeka kwawo liyakhawuleza, ibe uza kwenzeka.
Nokuba ubonakala ulibazisa, hlala uwulindele!+
Kuba uza kwenzeka ngokuqinisekileyo.
Awuzukufika emva kwexesha!
4 Jonga umntu okhukhumeleyo,
Akalunganga entliziyweni yakhe.
Kodwa yena umntu olilungisa uza kuphila ngokuba nokholo.*+
5 Ngokwenene, ngenxa yokuba iwayini iyaqhatha,
Indoda enekratshi ayizukuphumelela,
Iqhubeka iqokelela zonke iintlanga
Iziqokelelela zonke izizwana.+
6 Ngaba bonke aba abazukuthetha ngemizekeliso, ngezikwekwo nangokuqashisela?+
‘Uza kuthi shu lowo uqokelela izinto ezingezozakhe
Nalowo wandisa ityala lakhe!
Uza kuqhubeka kude kube nini?
7 Ngaba abo ubatyalayo abazukuphakama ngesiquphe?
Baza kuvuka baze bakuntlokothise,
Ibe uza kuba sisisulu sokuphangwa ngabo.+
8 Kuba uphange iintlanga ezininzi,
Zonke izizwana eziseleyo ziza kukuphanga,+
Ngenxa yokuphalaza kwakho igazi loluntu
Nobundlobongela bakho emhlabeni,
Ezixekweni nakwabo bahlala kuzo.+
9 Uza kuthi shu lowo ufumanela indlu yakhe inzuzo ngondlela-mnyama,
Ukuze akhe indlwane yakhe endaweni ephezulu,
Ukuze asinde kwintlekele!
10 Uyizisele ihlazo indlu yakho.
Uye wona isiqu sakho* ngokutshayela izizwana ezininzi.+
11 Kuba ilitye liza kukhala liseludongeni,
Kuphendule iplanga liseluphahleni.
12 Uza kuthi shu lowo wakha isixeko ngokuphalaza igazi,
Nomisa idolophu ngokungabi nabulungisa!
13 Mamelani! AsingoYehova wemikhosi na owenza abantu basebenze nzima ukuze bondle umlilo,
Nokuba izizwana zizinxaphisele into engekhoyo?+
15 Uza kuthi shu lowo unika abahlobo bakhe into yokusela,
Esongeza kuyo ukucaphuka nomsindo, ukuze abanxilise,
Ukuze ajonge ubuze babo!
16 Uza kuphuphuma lihlazo endaweni yozuko.
Nawe sela uze ubhence ukungoluki kwakho.*
UYehova uza kukwenza usele kwindebe yesandla sakhe sasekunene,+
Nehlazo liza kulogquma uzuko lwakho,
17 Kuba niza kwehlelwa bubundlobongela enabenza eLebhanon,
Nentlekele enankwantyisa ngayo izilwanyana iza kunifikela,
Ngenxa yokuphalaza kwenu igazi labantu
Nobundlobongela enibenze emhlabeni,
Ezidolophini nakubantu abahlala kuzo.+
18 Unceda ngantoni umfanekiso ozotyiweyo,
Ekubeni ingumntu owenzileyo?
Unceda ngantoni umfanekiso wesinyithi,* nomfundisi wobuxoki,
Nakuba umenzi wawo ethembela kuwo,
Esenza izithixo ezingancedi nto nezingakwazi kuthetha?+
19 Uza kuthi shu lowo uthi kukhuni: “Vuka!”
Okanye kwilitye elingakwazi kuthetha: “Vuka! Siyalele!”
20 Kodwa yena uYehova usetempileni yakhe engcwele.+
Yithi cwaka phambi kwakhe, wonke wena mhlaba!’”+