Yoshuwa
19 Iqashiso lesibini+ laphuma noSimeyon, isizwe sakwaSimeyon+ ngokweentsapho zaso. Yaye ilifa laso salifumana kumhlaba wakwaYuda.+ 2 Ilifa laso yaba yiBher-shebha,+ iShebha, iMolada,+ 3 iHatsare-shuwali,+ iBhala, iEtsem,+ 4 iElitoladi,+ iBhetuli, iHorma, 5 iTsikelage,+ iBhete-markabhoti, iHatsare-susa, 6 iBhete-lebhawoti+ neSharuhen, izixeko eziyi-13 neelali zazo; 7 iAyin, iRimon, iEtere neAshan,+ izixeko ezine neelali zazo; 8 nazo zonke iilali ezazijikeleze ezi zixeko ukuyokutsho eBhahalati-bhere, iRama esemzantsi. Elo ke yayililifa lesizwe sakwaSimeyon ngokweentsapho zaso. 9 Inzala kaSimeyon yanikwa ilifa kumhlaba owawabelwe uYuda, kuba umhlaba wesizwe sakwaYuda wawumkhulu kakhulu. Ngoko inzala kaSimeyon yafumana ilifa kwilifa lakwaYuda.+
10 Iqashiso lesithathu+ laphuma nenzala kaZebhulon+ ngokweentsapho zayo, ibe umda welifa layo wawuyokutsho eSaridi. 11 Umda wayo wawusiya ngasentshona eMarala, udlulele eDabhesheti uze uyokufika kwintlambo ephambi kweYokenam. 12 Wawuphinda usuke eSaridi uye ngasempuma kumda waseKiseloti-tabhore, udlulele eDabherati+ uyokutsho eYafiya. 13 Yaye ukusuka apho wawuqhubeka uye ngasempuma eGati-hefere,+ e-Eti-katsin, udlulele eRimon uze uyokutsho eNeya. 14 Lo mda wawujikela ngasemntla uye eHanaton, uze uphele kwiNtlambo YaseIfeta-eli, 15 naseKatati, eNahalali, eShimron,+ eIdala naseBhetelehem,+ izixeko eziyi-12 neelali zazo. 16 Elo ke yayililifa lenzala kaZebhulon ngokweentsapho zayo.+ Yayizizixeko zayo neelali zazo.
17 Iqashiso lesine+ laphuma noIsakare,+ inzala kaIsakare ngokweentsapho zayo. 18 Umda wayo wawuyokutsho eYizereli,+ eKesuloti, eShunem,+ 19 eHafarayim, eShiyon, eAnaharati, 20 eRabhiti, eKishiyon, e-Ebhetse, 21 eRemeti, e-En-ganim,+ e-En-hada naseBhete-patsetse. 22 Lo mda wawuphinda uyokufika eTabhore,+ eShahatsuma naseBhete-shemeshe, uze uyokuphela eYordan, izixeko eziyi-16 neelali zazo. 23 Elo ke yayililifa lesizwe sakwaIsakare ngokweentsapho zaso,+ izixeko neelali zazo.
24 Lona iqashiso lesihlanu+ laphuma nesizwe sakwa-Ashere+ ngokweentsapho zaso. 25 Umda waso wawuyiHelekati,+ iHali, iBheten, iAkeshafi, 26 iAlameleki, iAmadi neMishali. Wawusiya ngasentshona uyokufika eKarmele+ naseShihore-libhenati, 27 ubuyele ngasempuma eBhete-dagon uyokutsho kwaZebhulon nakwiNtlambo YaseIfeta-eli ngasemntla, eBhete-emeki naseNehiyeli, uze uyokutsho eKabhuli ngasekhohlo, 28 udlulele e-Ebron, eRehobhi, eHamon naseKana ukuyokutsho kwiSidon Enkulu.+ 29 Emva koko lo mda wawubuyela eRama, uyokutsho kwisixeko esikhuselekileyo saseTire,+ ubuyele eHosa, uze uyokuphela elwandle, kummandla waseAkezibhi, 30 eUma, eAfeki+ naseRehobhi,+ izixeko eziyi-22 neelali zazo. 31 Elo ke yayililifa lesizwe sakwa-Ashere ngokweentsapho zaso.+ Yayizizixeko neelali zazo.
32 Iqashiso lesithandathu+ laphuma nenzala kaNafetali, inzala kaNafetali ngokweentsapho zayo. 33 Umda wayo wawusuka eHelefe, kumthi omkhulu waseTsananim,+ udlulele eAdami-nekebhi naseYabhineli, uyokutsho eLakum, uze uphele eYordan. 34 Lo mda wawubuyela ngasentshona eAzenoti-tabhore, udlulele eHukoka uze uyokufika kwaZebhulon ngasemzantsi, kwa-Ashere ngasentshona nakwaYuda eYordan, ngasempuma. 35 Yaye izixeko ezikhuselekileyo yayiyiTsidim, iTsere, iHamati,+ iRakati, iKinereti, 36 iAdama, iRama, iHatsore,+ 37 iKedeshe,+ iEdreyi, iEn-hatsore, 38 iYiron, iMigdali-eli, iHorem, iBhete-anati neBhete-shemeshe,+ izixeko eziyi-19 neelali zazo. 39 Elo ke yayililifa lesizwe sakwaNafetali ngokweentsapho zaso,+ izixeko neelali zaso.
40 Iqashiso lesixhenxe+ laphuma nesizwe sakwaDan+ ngokweentsapho zaso. 41 Umda welifa laso wawuyiTsora,+ iEshtawoli, i-Ire-shemeshe, 42 iShahalabhin,+ iAyalon,+ i-Itela, 43 iElon, iTimna,+ iEkron,+ 44 iElitekehe, iGibheton,+ iBhahalati, 45 iYehude, iBhene-bheraki, iGati-rimon,+ 46 iMe-yarkon neRakon, umda ungaphambi kweYopa.+ 47 Kodwa umhlaba wesizwe sakwaDan wawumncinci kakhulu.+ Ngoko abantu besizwe sakwaDan bahamba bayokulwa neLeshem,+ bayithimba baza bayixabela ngekrele. Emva koko bahlala kuyo, bayitshintsha igama yaba yiDan, beyithiya ngokhokho wabo uDan.+ 48 Elo ke yayililifa lesizwe sakwaDan ngokweentsapho zaso. Yayizizixeko neelali zazo.
49 Ngaloo ndlela kwagqitywa ukwabiwa kwemihlaba yelizwe. Emva koko amaSirayeli ohlulela uYoshuwa unyana kaNun umhlaba. 50 Amnika isixeko awayesicelile, iTimnati-sera+ ekummandla weentaba wakwaEfrayim, kanye njengokuba uYehova wayewayalele. UYoshuwa wasakha ke eso sixeko waza wahlala kuso.
51 Lawo ke yayingamafa awabiwa nguEleyazare umbingeleli, uYoshuwa unyana kaNun neentloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli+ ngamaqashiso eShilo+ phambi koYehova, kumnyango wentente yokuhlangana.+ Ngoko bagqiba ukwahlula ilizwe.