Kumalathisi; mayidlalwe ngeGititi. Eka-Asafu.+
81 Khwazani ngovuyo kuThixo ongamandla ethu.+
Khwazani ngoloyiso oluvela kuThixo kaYakobi.
2 Hlabelani ingoma nize nithathe igubu,
Nidlale ingoma emnandi ngohadi nomrhubhe.
3 Vuthelani uphondo ekuthwaseni kwenyanga,+
Naxa inyanga iphelele, ngemini yetheko lethu.+
4 Kaloku lowo ngummiselo kaSirayeli,
Ngumthetho owamiselwa nguThixo kaYakobi.+
5 Wawenza wasisikhumbuzo kuYosefu+
Mhla wahlasela ilizwe laseYiputa.+
Ndeva ilizwi endingalaziyo lisithi:
6 “Ndawothula umthwalo emagxeni abo;+
Ndaziphumza izandla zabo ekuphatheni iibhaskithi.
7 Nandikhalela nisentlungwini, ndanisindisa;+
Ndaniphendula ndikwilifu elineendudumo.+
Ndanivavanya emanzini aseMeribha.+ (Selah)
8 Mamelani, bantu bam, ndiza kunilumkisa.
Owu Sirayeli, akwaba ubunokundimamela.+
9 Phakathi kwakho, akuzukubakho thixo wasemzini,
Ibe awuzukuqubuda komnye uthixo.+
10 Mna, Yehova, ndinguThixo wakho,
Owakukhupha kwilizwe laseYiputa.+
Khamisa, ndize ndikutyise uhluthe.+
11 Kodwa abantu bam abazange balimamele ilizwi lam;
USirayeli akazange andithobele.+
12 Ngoko ndabayekela kwezo nkani zabo;
Benza ukuthanda kwabo.+
13 Akwaba abantu bam bebenokundimamela,+
Akwaba uSirayeli ebenokuhamba ezindleleni zam!+
14 Bendiza kuzithi qwaka-qwaka iintshaba zakhe;
Bendiza kubabhuqa abo bamhlaselayo.+
15 Baza koyika phambi kukaYehova abo bamcaphukelayo,
Ibe intlekele yabo iza kuhlala ngonaphakade.
16 Kodwa nina uza kunondla ngengqolowa yodidi,+
Nibutye nanele ubusi obuseliweni.”+