IMaskili. Eka-Asafu.+
78 Mamelani umthetho wam bantu bam;
Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.
2 Ndiza kufundisa ngemizekelo.
Ndiza kuthetha ngamaqhalo amandulo.+
3 Izinto esazivayo nesizaziyo,
Esazibaliselwa ngootata bethu,+
4 Asizukuzifihla koonyana bethu;
Siza kuzibalisa kwisizukulwana esilandelayo+
Izinto ezinkulu ezenziwe nguYehova, namandla akhe,+
Izinto ezimangalisayo azenzileyo.+
5 Wamisela uYakobi isikhumbuzo
Wabeka umthetho kwaSirayeli;
Wayalela ookhokho bethu
Ukuba bazixelele abantwana babo ezi zinto,+
6 Ukuze isizukulwana esilandelayo,
Abantwana abaseza kuzalwa bazazi.+
Bona baxelele ababo abantwana.+
7 Abantwana babo babeza kutsho bathembele kuThixo.
Babengazukuyilibala imisebenzi kaThixo,+
Kodwa babeza kuthobela imiyalelo yakhe.+
8 Ngoko babengazukufana nookhokho babo,
Isizukulwana esineenkani nesingathobeliyo,+
Isizukulwana esinentliziyo egungqayo+
Nesingathembekanga kuThixo.
9 AmaEfrayim arhoxa ngemini yedabi
Nangona ayexhobe ngesaphetha.
10 Awazange asigcine isivumelwano sikaThixo,+
Ala ukuhamba ngomthetho wakhe.+
11 Alibala nezinto awazenzayo,+
Izinto ezimangalisayo awawabonisa zona.+
12 Wenza imimangaliso phambi kwamehlo ookhokho bawo,+
Elizweni laseYiputa, kummandla wakwaTsowan.+
13 Wahlukanisa ulwandle ukuze awele,
Wenza amanzi ema njengedama.+
14 Wawakhokela ngelifu emini,
Wawakhokela ngokukhanya komlilo ubusuku bonke.+
15 Waqhekeza amawa entlango,
Wawaseza onela kumanzi anzulu.+
16 Wampompozisa imisinga eliweni,
Wakhupha amanzi ehla njengemilambo.+
17 Kodwa aqhubeka emona
Ngokumvukela entlango Oyena Uphakamileyo;+
18 Amvavanya uThixo ezintliziyweni zawo+
Ngokukufuna ngenkani ukutya.
19 Amnyemba uThixo,
Esithi: “Angakwazi na uThixo ukudeka itafile entlango?”+
20 Jonga! Wabetha iliwa
Ukuze kuphume amanzi, nokuba kuphuphume imisinga.+
Kodwa kwawona abuza: “Angakwazi na ukusinika nesonka,
Okanye ukubanika inyama abantu bakhe?”+
21 Xa uYehova wawevayo, waba nomsindo,+
Wamtshisa ngomlilo+ uYakobi,
Wacatshukiswa kakhulu ngamaSirayeli+
22 Kuba awazange abe nokholo kuThixo;+
Awazange amthembe ukuba uyakwazi ukuwasindisa.
23 Ngoko wayalela amafu phezulu,
Wavula iingcango zezulu.
24 Waqhubeka ewanisela imana ukuze atye;
Wawanika iinkozo ezivela ezulwini.+
25 Abantu batya isonka samakroti;+
Wabanika esaneleyo ukuze bahluthe.+
26 Wavusa umoya wasempuma emazulwini,
Wabhudlisa umoya wasemzantsi ngamandla akhe.+
27 Wabanisela inyama ngokungathi luthuli,
Iintaka ngokungathi yisanti yaselwandle.
28 Waziwisa phakathi enkampini,
Kwiintente zakhe, macala onke.
29 Bazingxala ngazo bephanga;
Wabanika into ababeyirhalela.+
30 Kodwa bathi bengekoneli,
Kusesemlonyeni oko kutya,
31 UThixo waba nomsindo.+
Wabulala awona omeleleyo kumadoda abo;+
Wabulala abafana bakwaSirayeli.
32 Nakuba kunjalo, baya besona nakakhulu+
Baza abayikholelwa imisebenzi yakhe emangalisayo.+
33 Ngoko wayiphelisa imihla yabo, yathi shwaka oku komphunga,+
Iminyaka yabo yaphela ngentlekele.
34 Qho uThixo ebabulala, babehlala bebuyela kuye;+
Babebuya baze bamkhangele,
35 Bekhumbula ukuba uThixo wayeliLiwa labo,+
Nokuba uThixo ongOyena Uphakamileyo wayenguMkhululi wabo.+
36 Kodwa babezama ukumqhatha ngemilomo yabo
Bemxokisa ngolwimi lwabo.
37 Iintliziyo zabo zazigungqa,+
Bengathembekanga kwisivumelwano sakhe.+
38 Kodwa wayenenceba;+
Wayezixolela izono zabo aze angabatshabalalisi.+
Endaweni yokuba acaphuke,+
Wayewubamba umsindo wakhe.
39 Kuba wayekhumbula ukuba bayinyama,+
Umoya ovuthuza ugqithe, ungabuyi.
40 Babemane bemvukela,+
Bemkhathaza entlango!+
41 Babesoloko bemvavanya uThixo,+
Bemkhathaza Lowo Ungcwele kaSirayeli.
42 Abazange bawakhumbule amandla akhe,
Imini awabasindisa ngayo kutshaba lwabo,+
43 Indlela awababonisa ngayo imiqondiso eYiputa+
Nemimangaliso yakhe kummandla wakwaTsowan,
44 Nendlela awayijika ngayo yaba ligazi imisinga yomNayile+
Ukuze amaYiputa angakwazi ukusela kwimifula yawo.
45 Wathumela ibubu lezibawu ukuze ziwatye+
Namasele ukuze onakalise kwelo lizwe.+
46 Wanikela amasimi awo kwiinkumbi ezitshabalalisayo,
Nomvuzo wokusebenza kwawo nzima kwibubu leenkumbi.+
47 Imithi yawo yeediliya wayitshabalalisa ngesichotho+
Nemithi yawo yesikamore ngamatye esichotho.
48 Wantlitha izilwanyana zawo ngesichotho+
Nemfuyo yawo wayibetha ngombane.
49 Wawukhuphela kuwo umsindo wakhe,
Umsindo nokucaphuka,
Imikhosi yeengelosi yawatshabalalisa.
50 Wawulungiselela indlela umsindo wakhe,
Akawasindisa ekufeni,
Waza wawabulala ngesifo esingubhubhani.
51 Ekugqibeleni wabulala onke amazibulo amaYiputa,+
Ebulala isiqalo samandla awo okuzala kwiintente zakwaHam.
52 Emva koko wabakhupha njengeegusha abantu bakhe,+
Wabalusa njengomhlambi entlango.
53 Wabakhokela bekhuselekile,
Bengoyiki nto;+
Iintshaba zabo zaginywa lulwandle.+
54 Wabazisa kummandla wakhe ongcwele,+
Ummandla weentaba awawufumana ngesandla sakhe sasekunene.+
55 Wazigxotha iintlanga phambi kwabo;+
Wabasikela ilifa ngentambo yokumeta,+
Izizwe zakwaSirayeli wazibeka emakhayeni azo.+
56 Kodwa amaSirayeli aqhubeka emvavanya futhi engamthobeli uThixo ongOyena Uphakamileyo,+
Engazihoyi izikhumbuzo zakhe.+
57 Amjikela aza aba namaqhinga njengookhokho bawo.+
Ayengathembekanga oku kwesaphetha esityeketyeke.+
58 Aqhubeka emcaphukisa ngeendawo zawo eziphakamileyo,+
Aza amenza wanomsindo ngemifanekiso yawo eqingqiweyo.+
59 UThixo wayibona le nto waza waba nomsindo,+
Wamlahla ngokupheleleyo uSirayeli.
60 Ekugqibeleni wayilahla intente engcwele yaseShilo,+
Intente awayehlala kuyo phakathi kwabantu.+
61 Wanikela oko kumele amandla akhe ekuthinjweni;
Oko kumele ubukhulu bakhe wakunikela kutshaba.+
62 Waqhubeka ebanikela ekreleni abantu bakhe,+
Wavutha umsindo wakhe kwilifa lakhe.
63 Abafana bakhe baqwengwa ngumlilo,
Neentombi zakhe azaculelwa ngoma zomtshato.
64 Ababingeleli bakhe bawa ngekrele,+
Abalilelwa nangabahlolokazi babo.+
65 Waza wavuka uYehova, ngokungathi uvuka ebuthongweni,+
Njengegorha+ liqabuka kwiwayini.
66 Wazidudula ezigxotha iintshaba zakhe;+
Wazihlazisa ngonaphakade.
67 Wayilahla intente kaYosefu;
Akasikhetha isizwe sakwaEfrayim.
68 Kodwa wakhetha isizwe sakwaYuda,+
INtaba YeZiyon, leyo ayithandayo.+
69 Wayenza yahlala ngonaphakade njengamazulu indawo yakhe engcwele,+
Njengomhlaba awumise ngonaphakade.+
70 Wakhetha umkhonzi wakhe uDavide+
Emthatha kubuhlanti beegusha,+
71 Wamthatha ekongeni amatakane,
Emzisa ekwaluseni uYakobi ongabantu bakhe,+
USirayeli olilifa lakhe.+
72 Wazimisela ngokusuka entliziyweni ukubalusa,+
Ebaqhuba ngesandla esinobuchule.+