Genesis
12 UYehova wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana zakho nendlu katata wakho, uye kwilizwe endiza kukubonisa lona.+ 2 Ndiza kukwenza ube luhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilenze likhulu igama lakho, ube yintsikelelo.+ 3 Ndiza kubasikelela abo bakusikelelayo, ndimqalekise okuqalekisayo,+ ibe zonke iintsapho zasemhlabeni ziza kusikelelwa* ngenxa yakho.”+
4 Ngoko uAbram wahamba kanye njengoko wayetshilo uYehova kuye, noLote wahamba naye. UAbram wemka kwaHaran eneminyaka eyi-75.+ 5 Wathatha uSarayi+ umfazi wakhe, uLote unyana womntakwabo,+ zonke izinto awayeziqokelele+ nabantu* awayebafumene kwaHaran, baza bahamba besiya elizweni lakwaKanan.+ Xa befika elizweni lakwaKanan, 6 uAbram walihamba lonke elo lizwe wada wayokufika kumhlaba wakwaShekem,+ kufuphi nemithi emikhulu yakwaMore.+ Ngelo xesha kwakukho amaKanan kwelo lizwe. 7 UYehova wabonakala kuAbram waza wathi: “Inzala* yakho+ ndiza kuyinika eli lizwe.”+ UAbram wakhela uYehova owayebonakele kuye isibingelelo kuloo ndawo. 8 Emva kwexesha wafuduka apho, waya kummandla weentaba ongakwimpuma yeBheteli,+ wamisa intente apho. IBheteli yayingasentshona, iAyi+ yona ingasempuma. Wamakhela isibingelelo apho uYehova+ waza wabiza egameni likaYehova.+ 9 Emva koko uAbram wasuka waya ngaseNegebhi.+ Wayemane efuduka, esuka kule ndawo aye kwenye.
10 Kwabakho indlala elizweni waza uAbram waya eYiputa ukuze ahlale apho okwethutyana,*+ kuba yayiqatsele indlala elizweni.+ 11 Uthe xa kanye eza kungena eYiputa, wathi kuSarayi umfazi wakhe: “Mamela! Umhle kakhulu.+ 12 Xa ekubona amaYiputa, ngokuqinisekileyo aza kuthi, ‘Ngumfazi wakhe lo.’ Aza kundibulala, aze wena akugcine uphila. 13 Ndiyakucela, yithi ungudadewethu, ukuze izinto zindihambele kakuhle ngenxa yakho, nokuze ndingabulawa.”+
14 Uthe nje uAbram akungena eYiputa, amaYiputa ambona umfazi ukuba yimbelukazi. 15 Amagosa akwaFaro nawo ambona aza amncoma kuFaro, waza umfazi wasiwa endlini kaFaro. 16 UFaro wamphatha kakuhle uAbram ngenxa kaSarayi, waza wafumana iigusha, iinkomo, iinkunzi neemazi zeedonki, izicaka nezicakakazi neenkamela.+ 17 Ngoko uYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezibuhlungu kakhulu ngenxa kaSarayi, umfazi ka-Abram.+ 18 UFaro wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumfazi wakho lo? 19 Bekutheni ukuze uthi, ‘Ngudadewethu,’+ njengokuba ndiphantse ndamthatha ndamenza umfazi wam? Nanku umfazi wakho. Mthathe uhambe!” 20 Ngoko uFaro wayalela amadoda akhe ngoAbram, aza amkhulula nomfazi wakhe nazo zonke izinto zakhe.+