Isaya
11 Isetyana+ liza kuhluma esikhondweni sikaYese,+
Yaye ihlumelo+ elintshula kwiingcambu zakhe liza kuba nesiqhamo.
2 Kwaye umoya kaYehova uza kuhlala phezu kwakhe,+
Umoya wobulumko+ nowokuqonda,
Umoya wokucebisa nowamandla,+
Umoya wokwazi nowokoyika uYehova.
3 Uza kuvuyiswa kukoyika uYehova.+
Akazukugweba ngenxa nje yento ayibonayo,
Engazukohlwaya ngenxa nje yento ayive ngeendlebe.+
6 Ingcuka iza kukhe ihlale netakane legusha,+
Ihlosi libuthe netakane lebhokhwe,
Kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama,* nesilwanyana esondlekileyo, zonke zihlale kunye;*+
Zikhokelwe yinkwenkwana.
7 Imazi yenkomo nebhere ziza kutya kunye,
Amathole azo alale kunye.
Ingonyama iza kudla iindiza njengenkunzi yenkomo.+
8 Usana luza kudlala emngxunyeni wephimpi,
Nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu.
Zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele,+
Kuba umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova
Njengokuba nolwandle lugcwele ngamanzi.+
10 Ngaloo mini, ingcambu kaYese+ iza kuphakama njengento* yokubonisa izizwana.+
11 Ngaloo mini, uYehova uza kuphinda anikele isandla sakhe okwesibini, ukuze aqokelele abantu bakhe abashiyekileyo eAsiriya,+ eYiputa,+ ePatrosi,+ eKushe,+ e-Elam,+ eShinare,* eHamati nakwiziqithi zolwandle.+ 12 Uza kuziphakamisela into* eziza kubona ngayo iintlanga, aqokelele abasasazekileyo bakwaSirayeli+ aze aqokelele nabachithachithekileyo bakwaYuda mbombo zone zomhlaba.+
UEfrayim akazummonela uYuda,
NoYuda akazukuba lutshaba lukaEfrayim.+
Ngomoya wakhe otshisayo, uza kubetha imisinga yawo esixhenxe,
Yaye uza kubenza abantu banqumle kuwo benxibe iimbadada.