Zefaniya
3 Siza kuthi shu isixeko esingathobeliyo, esizingcolisileyo nesicinezelayo!+
2 Khange simamele lizwi;+ khange sivume ukuqeqeshwa.+
Khange sithembele ngoYehova;+ khange sisondele kuThixo waso.+
3 Iinkosana zaso phakathi kwaso ziingonyama ezigqumayo.+
Abagwebi baso baziingcuka ebusuku,
Abashiyi nethambo eli elinokukhukhuzwa kusasa.
4 Abaprofeti baso ngamadoda asileyo nanamaqhinga.+
5 UYehova lilungisa phakathi kwaso;+ akenzi nto ingalunganga.
Intsasa nentsasa uyazazisa izigwebo zakhe,+
Njengokukhanya kwemini, akaze asilele.
Kodwa ongelolungisa akalazi ihlazo.+
6 “Ndazitshabalalisa iintlanga; iinqaba zazo ezisezikoneni zaphanziswa.
Ndazitshabalalisa izitrato zazo, ukuze kungabikho mntu udlulayo.
Izixeko zazo zaba ngamabhodlo, azabi namntu, azabi namhlali.+
7 Ndathi, ‘Ngokuqinisekileyo niza kundoyika, nivume ukuqeqeshwa,’*+
Kodwa sazimisela nakakhulu ukuba namaqhinga.+
8 ‘Ngoko hlalani nindilindele,’*+ utsho uYehova,
‘De ibe yimini endiphakama ngayo ukuze ndithimbe,*
Kuba isigwebo sam kukudibanisa iintlanga, ndiqokelele izizwe,
Ukuze ndithululele kuzo ukucaphuka kwam, wonke umsindo wam,+
Kuba umhlaba wonke uza kuqwengwa ngumlilo wokuzimisela kwam.+
9 Kuba ngelo xesha ndiza kulutshintsha ulwimi lwezizwana ndilwenze lusulungeke,
Ukuze zonke zibize egameni likaYehova,
Zimkhonze zimanyene.’+
10 Ukususela kummandla wemilambo yaseTiyopiya,
Abo bandicengayo, intombi yabantu bam abathiwe saa, baza kundizisela isipho.+
11 Ngaloo mini awuzukuhlaziswa
Ngenxa yazo zonke izenzo zakho oye awandithobela ngazo,+
Kuba ngelo xesha ndiza kubasusa kuwe abo baqhayisayo benekratshi;
Ibe awuphindi ube nekratshi entabeni yam engcwele.+
13 Abo bashiyekileyo bakwaSirayeli,+ abazukwenza nto ingalunganga;+
Abazukuthetha buxoki, kungazukufunyanwa lulwimi luqhathayo emilonyeni yabo.
Baza kutya balale, ibe akukho mntu uza kuboyikisa.”+
14 Khwaza uvuya, ntombi yaseZiyon!
Khwaza kuvakale ukuba woyisile, Sirayeli!+
Yonwaba, uvuye ngentliziyo yakho yonke, ntombi yaseYerusalem!+
15 UYehova uyirhoxisile imigwebo yakhe kuwe.+
Ulujikisile utshaba lwakho.+
UKumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho.+
Soze uphinde uyoyike intlekele.+
16 Ngaloo mini kuza kuthiwa kwiYerusalem:
“Sukoyika Ziyon.+
Mazingawi izandla zakho.
17 UYehova uThixo wakho ukunye nawe.+
Ekubeni enamandla, uza kusindisa.
Uza kuvuya kakhulu ngenxa yakho.+
Uza kuthi cwaka* kuba ekuthanda.
Uza kukhwaza ngenxa yakho kuba evuya.
18 Ndiza kubaqokelela abo basentlungwini, kuba babengekho kumatheko akho.+
Babengekho kuba babesekuthinjweni, kuhlekiswa ngabo.+
19 Jonga! Ngelo xesha ndiza kubahlasela bonke abo bakucinezelayo,+
Ndimsindise oqhwalelayo,+
Ndiqokelele abo bathe saa.+
Ndiza kubenza badume* baze banconywe
Kuwo onke amazwe abahlaziswa kuwo.
20 Ngelo xesha ndiza kunizisa,
Kanye ngexesha endiniqokelela ngalo.