Isaya
60 “Phakama mfazi,+ khanyisa, kuba kufikile ukukhanya kwakho.
Ubuqaqawuli bukaYehova bukhanya kuwe.+
2 Kuba jonga! kuza kuba mnyama emhlabeni wonke,
Kube mnyama kuzo zonke iintlanga.
Kodwa uYehova uza kukhanya phezu kwakho,
Nobuqaqawuli bakhe bubonakale kuwe.
4 Phakamisa amehlo akho uze ujonge macala onke!
Badityaniswe ndawonye; beza kuwe.
5 Ngelo xesha uza kubona uze uqaqambe,+
Nentliziyo yakho iza kubetha ngamandla, iphuphume,
Kuba ubutyebi bolwandle buza kuthunyelwa kuwe;
Ubutyebi beentlanga buza kuza kuwe.+
Kuza kuza abantu, bonke bevela eShebha;
Bethwele igolide nentlaka yokuqhumisa.
Baza kubhengeza iindumiso zikaYehova.+
7 Iza kuqokelelelwa kuwe yonke imihlambi yakwaKedare.+
Uza kwenza into oyithandayo ngeenkunzi zeegusha zakwaNebhayoti.+
9 Kuba iziqithi ziza kuthembela kum;+
Iinqanawa zaseTarshishe ziza kukhokela,*
Zisizisa oonyana bevela kude,+
Zikwathwele isilivere negolide yabo,
Ziyisa kuYehova uThixo wakho nakuLowo Ungcwele kaSirayeli,
10 Iindonga zakho ziza kwakhiwa ngabantu basemzini,
Nookumkani babo bakusebenzele,+
Nakuba ndakubetha xa ndandicaphukile,
11 Iigeyithi zakho ziza kuhlala zivuliwe;+
Azizukuvalwa emini zingazukuvalwa nasebusuku,
Ukuze kuziswe kuwe ubutyebi beentlanga,
Zikhokelwa ngookumkani bazo.+
12 Kuba naluphi na uhlanga, nabuphi na ubukumkani obungafuniyo ukukusebenzela buza kutshabalala,
Neentlanga ziza kutshabalala ngokupheleleyo.+
13 Uzuko lweLebhanon luza kuza kuwe,+
Umthi wejunipha, umthi womqwehle nowomsipres, yonke ize kuwe,+
Ukuze kuhonjiswe indawo yam engcwele;
Ndiza kuyizukisa indawo yeenyawo zam.+
14 Oonyana babantu ababekukhobokisa baza kuza baqubude kuwe;
Nabo bebekujongela phantsi baqubude ezinyaweni zakho,
Yaye kuza kufuneka bakubize ngokuba usisixeko sikaYehova,
IZiyon yaLowo Ungcwele kaSirayeli.+
15 Endaweni yokuba ngolahliweyo nothiyiweyo, kungekho mntu unqumla kuwe,+
Ndiza kukwenza umthombo webhongo neqhayiya likanaphakade,
Isizathu sokuvuya kuzo zonke izizukulwana.+
16 Iintlanga nookumkani baza kukunika yonke into oyidingayo,+
Kanye njengokuba umama enika usana lwakhe ubisi lwamabele akhe;+
Ngokuqinisekileyo uza kukwazi ukuba mna Yehova, ndinguMsindisi wakho,
Lowo Unamandla kaYakobi nguMhlawuleli wakho.+
17 Endaweni yekopolo ndiza kuzisa igolide;
Endaweni yentsimbi ndizise isilivere,
Endaweni yomthi ikopolo;
Endaweni yamatye intsimbi.
Ndiza kumisela uxolo lube ngumlawuli wakho
Nobulungisa bube ngumphathi wakho.+
18 Soze kuphinde kuviwe ngobundlobongela elizweni lakho,
Kungasoze kuphinde kuviwe ngokonakaliswa nokutshatyalaliswa.+
Kwaye iindonga zakho uza kuzibiza ngokuthi luSindiso+ neegeyithi zakho uthi yiNdumiso.
19 Ilanga alizukukukhanyisela emini
Nokuqaqamba kwenyanga akuzukuba sakukhanyisela,
Kuba uYehova uza kuba lukhanyiso lwakho ngonaphakade,+
NoThixo wakho abe bubuhle bakho.+
20 Ilanga lakho alizukuphinda litshone,
Nenyanga yakho ingazukuphinda ifiphale,
Kuba uYehova uza kuba kukukhanya kwakho ngonaphakade,+
Nemihla yakho yokuzila iza kube iphelile.+
21 Bonke abantu bakho baza kuba ngamalungisa;
Ilizwe liza kuba lelabo ngonaphakade.
22 Omncinci uza kuba liwaka,
Nophantsi abe luhlanga olunamandla.
Mna Yehova, mna kanye, ndiza kuyenza ikhawuleze loo nto ngexesha layo.”