Eyokuqala KaYohane
4 Bazalwana bam endibathandayo, sanukuwakholelwa onke amazwi ekuthiwa aphefumlelwe,+ kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone ukuba aphuma kuThixo nyhani na,+ kuba kuye kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi ehlabathini.+
2 Nantsi indlela eniza kwazi ngayo ukuba amazwi aphefumlelwe nguThixo: Onke amazwi aphefumlelweyo avumayo ukuba uYesu Kristu weza enomzimba wenyama, aphuma kuThixo.+ 3 Kodwa onke amazwi aphefumlelweyo angamvumiyo uYesu akaphumi kuThixo.+ Kunoko, ngamazwi aphefumlelweyo omchasi-Kristu enanivile ukuba uza kuwathetha,+ yaye ngoku sele ewathetha ehlabathini.+
4 Nina bantwana abancinci niphuma kuThixo, yaye niboyisile abaprofeti bobuxoki,+ kuba lowo umanyene nani+ mkhulu kunalowo umanyene nehlabathi.+ 5 Bona baphuma ehlabathini;+ yiloo nto bethetha izinto zehlabathi, nehlabathi libamamela.+ 6 Thina siphuma kuThixo. Lowo umaziyo uThixo uyasimamela;+ lowo ungaphumi kuThixo akasimameli.+ Siwabona njalo ke amazwi aphefumlelweyo enyaniso namazwi aphefumlelweyo obuxoki.+
7 Bazalwana bam endibathandayo, masiqhubeke sithandana,+ kuba uthando luvela kuThixo, yaye wonke umntu obathandayo abanye uzelwe nguThixo, yaye uyamazi uThixo.+ 8 Umntu ongabathandiyo abanye akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.+ 9 UThixo wasibonisa ukuba uyasithanda ngokuthumela unyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini,+ ukuze sifumane ubomi ngaye.+ 10 Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, kodwa nguye owasithandayo waza wathumela uNyana wakhe ukuba abe ngumbingelelo+ wokuxolelwa kwezono zethu.+
11 Bazalwana bam endibathandayo, ukuba le yindlela uThixo asithanda ngayo, nathi simele sithandane.+ 12 Akukho mntu wakha wambona uThixo nanini na.+ Ukuba siqhubeka sithandana, uThixo uza kuqhubeka enathi yaye uza kusithanda ngokupheleleyo.+ 13 Siyazi ukuba simanyene naye, naye umanyene nathi, kuba usinike umoya wakhe. 14 Ngaphezu koko, sizibonele ngokwethu ibe siyangqina ukuba uTata uye wamthumela uNyana wakhe ukuze abe nguMsindisi wehlabathi.+ 15 Nabani na ovumayo ukuba uYesu unguNyana kaThixo,+ umanyene noThixo, noThixo umanyene naye.+ 16 Siyazi ibe siyakholwa ukuba uThixo uyasithanda.+
UThixo uluthando,+ yaye umntu oqhubeka emthanda uThixo, umanyene naye, ibe noThixo umanyene naloo mntu.+ 17 Ngale ndlela siza kuba simthanda ngokupheleleyo, ukuze sibe nenkululeko yokuthetha+ ngemini yomgwebo, kuba kanye njengokuba enjalo uKristu, nathi sinjalo kweli hlabathi. 18 Umntu onothando akoyiki nto,+ kodwa uthando olugqibeleleyo lukuphosela phandle ukoyika, kuba ukoyika kuyangcungcuthekisa. Kaloku, umntu owoyikayo akanalo uthando olugqibeleleyo.+ 19 Thina ke sinothando, kuba wasithanda kuqala.+
20 Ukuba umntu uthi, “Ndiyamthanda uThixo,” kodwa abe emcaphukela umzalwana wakhe, ulixoki.+ Kaloku umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe+ ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.+ 21 Sinikwe umyalelo wokuba, nabani na omthandayo uThixo, ufanele athande nomzalwana wakhe.+