KwabaseRoma
7 Bazalwana, (ndithetha nabo bawaziyo umthetho) anazi na ukuba uMthetho uyamlawula umntu ngoxa esaphila? 2 Ngokomzekelo umfazi otshatileyo, ngokomthetho ubophelelekile kwindoda yakhe ngoxa isaphila; kodwa ukuba indoda yakhe iyafa, ukhululekile kumthetho wayo.+ 3 Ngoko ke, ngoxa indoda yakhe isaphila, uza kubizwa ngokuba ngumkrexezikazi ukuba uba ngowenye indoda.+ Kodwa ukuba indoda yakhe iyafa, ukhululekile kumthetho wayo. Ngoko akazukuba ngumkrexezikazi ukuba uba ngowenye indoda.+
4 Ngoko bazalwana bam, nani niye nenziwa abafileyo kuMthetho ngomzimba kaKristu, ukuze nibe ngabakhe,+ lo wavuswayo ekufeni,+ sitsho sikwazi ukuvelisela uThixo isiqhamo.+ 5 Kuba xa sasiphilela ukwenza iminqweno yenyama, uMthetho wenza kwacaca ukuba loo minqweno yenza imizimba* yethu yone, size eso sono sikhokelele ekufeni.+ 6 Kodwa ngoku siye sakhululwa kuMthetho,+ kuba siye safa kula nto ibisibambile, ukuze sibe ngamakhoboka ngendlela entsha siqhutywa ngumoya oyingcwele,+ kungekhona ngalaa ndlela indala yemithetho ebhaliweyo.+
7 Sithini ke? Ngaba uMthetho usisono? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Kaloku bendingazukwazi nto ngesono ukuba ubungekho uMthetho.+ Ngokomzekelo, bendingazukuyazi inkanuko ukuba uMthetho ubungathanga: “Uze ungabaweli izinto zomnye umntu.”+ 8 Kodwa isono siye sasebenzisa ikroba elivulwe ngumyalelo, sandibangela ndanalo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba xa wawungekho umthetho isono sasifile.+ 9 Enyanisweni, ndandikhe ndaphila ngaphandle komthetho. Kodwa kwathi kwakufika umyalelo, isono sabuyela ebomini, kodwa mna ndafa.+ 10 Yaye umyalelo owawumele ukhokelele ebomini,+ ndawufumanisa ukhokelela ekufeni. 11 Kuba isono esafumana ikroba ngomyalelo, sandihenda saza sandibulala ngawo. 12 Ngoko uMthetho ungcwele nomyalelo ungcwele, unobulungisa yaye ulungile.+
13 Ngoko ke ngaba ndabulawa yinto elungileyo? Hayi! Ndabulawa sisono, ukuze kubonakale ukuba siso esibangela ndife, sisebenzisa into elungileyo,+ ukuze ngenxa yomthetho isono sibe sibi ngaphezu kokuba sinjalo.+ 14 Kuba siyazi ukuba uMthetho uvela kuThixo, kodwa mna ndingumntu onesiphako, othengiswe ukuba abe likhoboka lesono.+ 15 Kuba andiyazi into endiyenzayo. Into endiyifunayo andiyenzi, kodwa ndenza le ndiyicaphukelayo. 16 Kodwa ke, ukuba into endiyenzayo yile ndingayifuniyo, ndiyavuma ukuba uMthetho ulungile. 17 Kodwa ayindim oyenzayo loo nto, yenziwa sisono esisemzimbeni wam.+ 18 Kuba ndiyazi ukuba akukho nto intle ihleliyo kum, oko kukuthi enyameni yam; ndiyakufuna ukwenza izinto ezilungileyo, kodwa andinawo amandla okuzenza.+ 19 Kuba andizenzi izinto ezilungileyo endifuna ukuzenza, kodwa ndenza izinto ezimbi endingafuniyo ukuzenza. 20 Ukuba ke ndenza izinto endingafuniyo ukuzenza, ngoko azenziwa ndim, zenziwa sisono esisemzimbeni wam.
21 Ndifumanise ukuba ndilawulwa ngulo mthetho: Xa ndinqwenela ukwenza izinto ezilungileyo, kusuke kuthi qatha izinto ezimbi.+ 22 Ndiyavuyiswa ngumthetho kaThixo ngenxa yomntu endinguye ngaphakathi,+ 23 kodwa ndibona omnye umthetho emzimbeni* wam usilwa nomthetho wengqondo yam.+ Loo mthetho sisono esisemzimbeni* wam yaye siyandilawula.+ 24 Ndilusizana nyhani! Ngubani na oza kundisindisa kulo mzimba usisisulu sokufa? 25 Ndiyambulela uThixo kuba uza kundisindisa ngoYesu Kristu iNkosi yethu! Ngoko izinto endizicingayo zilawulwa ngumthetho kaThixo, kodwa wona umzimba wam ulawulwa ngumthetho wesono.+