Eyokuqala KuTimoti
2 Okokuqala nje, ndicela nimcenge uThixo, nimbulele nize nithandazele zonke iintlobo zabantu, 2 ookumkani nabo bonke abo bakwizikhundla eziphezulu,+ ukuze kubekho inzolo noxolo phakathi kwenu, nizinikele kuThixo ngokupheleleyo.+ 3 Yinto entle leyo, nethandwayo nguThixo onguMsindisi wethu,+ 4 othanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe+ zize ziyazi ngendlela echanileyo inyaniso. 5 Kuba mnye uThixo,+ mnye nomlamli+ phakathi koThixo nabantu,+ uKristu Yesu,+ 6 owazinikelayo ukuze ahlawulele wonke umntu,+ nto leyo ekuza kuthethwa ngayo ngexesha elifanelekileyo. 7 Yiloo nto ndiye ndakhethwa+ ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile.+ Ndifundisa iintlanga+ ngokholo nangenyaniso. Andixoki, ndithetha inyani xa ndisitsho.
8 Ngoko ke ndinqwenela ukuba kuzo zonke iindawo enidibanela kuzo amadoda aqhubeke ethandaza, ephakamisa izandla ethembekile kuThixo,+ kungabikho msindo+ nakuxambulisana.+ 9 Kwakhona, ubuhle babafazi abumele buxhomekeke kwindlela yokuphothwa kweenwele, kwigolide, iiperile okanye impahla ebiza imali eninzi, kodwa mabanxibe impahla elungiswe kakuhle ebonisa ukuba banesidima yaye baphilile engqondweni,+ 10 banxibe ngendlela efanele abafazi abathi bazinikele kuThixo,+ oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.
11 Umfazi makathule* aze athobele ngokupheleleyo xa efundiswa.+ 12 Andimvumeli umfazi ukuba afundise, okanye aphathe indoda, kodwa makathule athi cwaka.+ 13 Kuba kwaqala kwadalwa uAdam, kwalandela uEva.+ 14 Kwakhona, ayingoAdam owaqhathwayo, kodwa ngumfazi owaqhathwa ngokupheleleyo+ waza wona. 15 Kodwa ukuba nabantwana kuza kumnceda,+ ukuba nje uqhubeka enothando, enokholo, engcwele, yaye enengqondo ephilileyo.+