Eyesibini KwabaseKorinte
12 Kufuneka ndiqhayise. Ewe kona akuncedi nganto, kodwa ke ndiza kuthetha ngemibono engaqhelekanga+ nezityhilelo zeNkosi.+ 2 Kukho umntu endimaziyo omanyene noKristu owathathwa kwiminyaka eyi-14 eyadlulayo, wasiwa kwizulu lesithathu. Andazi nokuba waya ngokoqobo okanye ngenye indlela; nguThixo owaziyo. 3 Ndiyamazi loo mntu. Andazi ukuba waya ngokoqobo okanye waya ngaphandle komzimba. NguThixo owaziyo. 4 Wathathwa wasiwa eparadesi waza weva amazwi angenakuthethwa nekungekho mthethweni ukuwathetha. 5 Ndiza kuqhayisa ngaloo mntu, kodwa andizukuqhayisa ngesiqu sam, ngaphandle kobuthathaka bam. 6 Kuba nokuba ndifuna ukuqhayisa, andizukuba ngumntu ongasebenzisi ngqondo, kuba ndiza kube ndithetha inyani. Kodwa ndiyarhoxa, ukuze kungabikho mntu undincoma ngaphezu kwento ayibonayo kum okanye andiva ndiyithetha, 7 kuba nje ndiye ndatyhilelwa izinto ezingaqhelekanga.
Ukuze ndingakhukhumali likratshi, ndanikwa iliva enyameni,+ ingelosi kaSathana, ukuba ihlale indibetha. 8 Ndayicenga kathathu iNkosi ukuba ilikhuphe eli liva. 9 Kodwa yathi kum: “Ububele bam* esele ndikwenzele bona bukwanele, kuba amandla am abonakala ngokupheleleyo xa wena ungenamandla.”+ Ngoko ke, ndiza kuqhayisa ndivuya ngokungabi namandla kwam, ukuze amandla kaKristu ahlale njengentente phezu kwam. 10 Ngoko ndiyavuya xa ndingenamandla, xa ndithukwa, xa ndingenazinto, xa nditshutshiswa naxa ndisebunzimeni ngenxa kaKristu. Kuba xa ndingenamandla, kuxa kanye ndinamandla.+
11 Ndisuke ndaba ngumntu ongasebenzisi ngqondo. Ndenziwe nini, kuba benimele ukuba niyandincoma. Kaloku nokuba andiyonto, andikho ngaphantsi kwabo bapostile benu bazenza bhetele.+ 12 Eneneni, ndanibonisa ukuba ndingumpostile ngokunyamezela ubunzima+ nangokwenza imimangaliso nezinto ezinkulu.+ 13 Andizange ndifune nto kuni. Yiloo nto qha enenza nahluke kwamanye amabandla. Ukuba ndenza into embi ngokwenza loo nto,+ ndixoleleni.
14 Jongani! Kokwesithathu ngoku ndifuna ukuza kuni, ibe andizukunisokolisa nganto. Kaloku ndifuna nina, andifuni izinto zenu.+ Ayingobantwana+ abamele baqwebele abazali babo, kodwa ngabazali abamele baqwebele abantwana babo. 15 Mna ke ndinganincamela nantoni na ndize ndizinikele ngokupheleleyo ngenxa yenu.+ Andimele nam ndithandwe kakhulu na, ekubeni ndinithanda kangaka? 16 Sekunjalo, andizange ndinisokolise.+ Kodwa nina nithi ndandinamaqhinga ibe ndaniqhatha. 17 Andizange ndisebenzise nomntu omnye kwaba ndabathumela kuni ukuze ndinixhaphaze, andithi? 18 Ndamcenga uTito ukuba eze kuni ndaza ndacela omnye umzalwana ukuba amkhaphe. UTito akazange anixhaphaze, andithi?+ Sasicinga ngendlela efanayo, andithi? Sasisenza izinto ezifanayo, andithi?
19 Lonke eli xesha benicinga ukuba sizithethelela kuni na? Sithetha phambi koThixo thina njengabalandeli bakaKristu. Kodwa bazalwana bethu abathandekayo, yonke into esiyenzayo siyenza ukuze nakheke. 20 Kodwa ndiyoyika ukuba kungenzeka ndifike ningeyiyo le nto ndifuna nibe yiyo, nam ndingeyiyo le nto nifuna ndibe yiyo, kodwa kunoko ndifike nixabana, nimonelana, nigqajukelwa yimisindo, ningavani, nigxekana, nihlebana, ninekratshi, kukho nesiphithiphithi. 21 Mhlawumbi xa ndiphinda ndifika, uThixo wam uza kundihlazisa phambi kwenu, kuze kufuneke ndizile ngenxa yabaninzi abaye benza isono baza abaguquka ekungcoleni, ekuziphatheni kakubi ngesondo* nasekuziphatheni ngokungenazintloni.*