IZenzo Zabapostile
2 Ngomhla weTheko LePentekoste+ babehleli bonke endlini. 2 Kwasuka kwabakho ingxolo evela ezulwini, efana neyomoya obhudla ngamandla, yavakala kuyo yonke loo ndlu babehleli kuyo.+ 3 Babona iilwimi ezingathi ngumlilo lwaza ulwimi ngalunye lwahlala kumntu ngamnye, 4 bonke bafumana umoya oyingcwele,+ baqala ukuthetha iilwimi ezahlukahlukeneyo, kanye njengokuba umoya wawubanceda bazithethe.+
5 Ngelo xesha amaYuda akhonza uThixo avela kuzo zonke iintlanga zasemhlabeni ayehleli eYerusalem.+ 6 Xa kwavakala le ngxolo, bonke abo bantu baqokelelana bedidekile, kuba ngamnye wabeva bethetha ulwimi lwakhe. 7 Bamangaliswa nyhani besithi: “Hayibo, ayingomaGalili+ onke na la? 8 Kodwa yenzeka njani into yokuba sonke sive iilwimi zethu?* 9 SingamaParti, amaMedi,+ amaElam,+ abantu baseMesopotamiya, kwelakwaYuda, eKapadokiya, ePonto nakwiphondo laseAsiya,+ 10 eFrigiya, ePamfiliya, eYiputa nakwiingingqi zaseLibhiya, kufutshane naseKirene, abantu abavela eRoma, amaYuda nabantu abaguqukele kubuYuda,+ 11 amaKrete; nama-Arabhiya, kodwa sonke siva izinto ezinkulu zikaThixo zithethwa ngeelwimi zethu.” 12 Babothuke bonke yaye bedidekile, bebuzana besithi: “Ithetha ukuthini na le nto?” 13 Noko ke abanye bahlekisa ngabo bathi: “Babanjwe yiwayini enencasa.”*
14 Kodwa uPetros waphakama nabapostile abayi-11+ waza wathetha nabo bantu ekhwaza, wathi: “Madoda akwaYuda nani nonke bantu baseYerusalem, yazini le nto yaye yimameleni kakuhle le nto ndiza kuyithetha. 15 Abanxilanga aba bantu njengokuba nicinga, kuba kusekusasa.* 16 Kunoko umprofeti uYoweli wathi: 17 ‘UThixo uthi: “Ngemihla yokugqibela, ndiza kuthulula umoya* wam phezu kwalo lonke uhlobo lwabantu,* yaye baza kuprofeta oonyana benu neentombi zenu, amaxhego enu aza kuphupha amaphupha, bona abafana benu babone imibono,+ 18 nkqu naphezu kwezicaka nezicakakazi zam, ndiza kuthulula umoya wam ngaloo mihla, yaye ziza kuprofeta.+ 19 Ndiza kwenza izinto ezinkulu ezulwini nemimangaliso emhlabeni, igazi nomlilo nomsi omkhulu. 20 Ilanga liza kujika libe mnyama nenyanga ibe ligazi ngaphambi kokuba ifike imini enkulu kaYehova.* 21 Yaye wonke umntu othembela egameni likaYehova* uza kusindiswa.”’+
22 “Madoda akwaSirayeli, ndimameleni: UYesu umNazarete yindoda uThixo awanibonisa yona ngemisebenzi emikhulu nemimangaliso eyayiyenza phambi kwenu ithunywe nguye,+ njengokuba nani nisazi. 23 Ngenxa yokuba uThixo ethanda* yaye esazi kwangaphambili, wayinikela le ndoda+ naza nina nayibethelela esibondeni ngesandla sabantu abangenamthetho, nayibulala.+ 24 Kodwa uThixo wayivusa+ ukuze ingabotshwa kukufa, kuba kwakungenakwenzeka ukuba ibanjwe nkqi kuko.+ 25 Kuba uDavide uthi ngayo, ‘UYehova* uhlala ephambi kwam,* kuba ungasekunene kwam ukuze ndingaze ndigungqiswe. 26 Le nto yayivuyisa intliziyo yam ndaza ndathetha ndivuya kakhulu. Ndiza kuhlala ndinethemba; 27 ngenxa yokuba awuzukundishiya engcwabeni,* ungazukumvumela abone ukonakala lowo ukukhonza ngokungagungqiyo.+ 28 Undibonisile indlela eya ebomini, ndiza kuvuya kakhulu xa ndinawe.’+
29 “Madoda, bazalwana, ndiyakwazi ukunixelela ngomzimba ongenaxhala ngokhokho uDavide, ukuba wafa waza wangcwatywa,+ yaye ingcwaba lakhe lisephakathi kwethu unanamhlanje. 30 Ngenxa yokuba wayengumprofeti yaye esazi ukuba uThixo ufungile, emthembisa ukuba omnye wenzala yakhe uza kuhlala etroneni yakhe,+ 31 wabona kwangaphambili waza wathetha ngovuko lukaKristu, esithi akazukushiywa engcwabeni* nenyama yakhe ayizukubola.+ 32 UThixo umvusile ke lo Yesu, ibe sonke sizibonele ngokwethu.+ 33 Ngoko ke, kuba ephakanyisiwe wabekwa ngasekunene kukaThixo,+ waza wafumana nomoya oyingcwele awayewuthenjiswe nguYise,+ nguye othulule oku nikubonayo nenikuvayo. 34 Kuba uDavide akazange aye emazulwini, kodwa yena ngokwakhe uthi, ‘UYehova wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam 35 de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho.”’+ 36 Ngoko ke, yonke indlu kaSirayeli mayazi ukuba uThixo umenze iNkosi+ noKristu, lo Yesu nambethelela esibondeni.”+
37 Xa beva ezi zinto, zaba buhlungu gqitha iintliziyo zabo, baza bathi kuPetros nakwabanye abapostile: “Madoda, bazalwana, yintoni emasiyenze?” 38 UPetros wathi kubo: “Guqukani,+ aze ngamnye kuni abhaptizwe+ egameni likaYesu Kristu ukuze zixolelwe izono zenu,+ yaye niza kufumana umoya oyingcwele osisipho esifumaneka simahla. 39 Kuba uThixo wathi uza kunika+ nina nabantwana benu umoya oyingcwele, anike nabo bonke abantu abahlala kude, nabo bonke abantu uYehova* uThixo wethu asenokubakhetha.”+ 40 Wathetha nezinye izinto ezininzi, eshumayela kubo yaye ebacenga, esithi: “Sindiswani kwesi sizukulwana sijijekileyo.”+ 41 Abo bazithandayo izinto awayezithetha babhaptizwa,+ yaye ngaloo mini kongezwa abantu abamalunga ne-3 000.+ 42 Kwaye baqhubeka bemamela izinto ezazifundiswa ngabapostile, behleli kunye,* besitya+ kwaye bethandaza.+
43 Bonke abantu baqalisa ukoyika, kwaye abapostile babesenza imimangaliso emininzi.+ 44 Bonke abantu ababa ngamakholwa babehleli kunye, besabelana ngento yonke, 45 bethengisa izinto zabo nempahla yabo,+ baze banike mntu ngamnye loo mali ayidingayo.+ 46 Babesiya etempileni yonke imihla benenjongo enye, besitya kunye emakhayeni ahlukahlukeneyo, bevuya kakhulu ngentliziyo yonke, 47 bedumisa uThixo kwaye bethandwa ngabo bonke abantu. NoYehova waqhubeka esongeza yonke imihla kwabo babesindiswa.+