Yeremiya
32 Lafika kuYeremiya ilizwi likaYehova ngonyaka we-10 wokulawula kukaKumkani uZedekiya wakwaYuda, oko kukuthi, ngonyaka we-18 wokulawula kukaNebhukadenetsare.*+ 2 Ngelo xesha imikhosi yamajoni kakumkani waseBhabhiloni yayirhangqe iYerusalem, nomprofeti uYeremiya evalelwe kwiYadi Yoonogada+ ekwindlu kakumkani wakwaYuda. 3 Kuba uKumkani uZedekiya wakwaYuda wayemvalele+ esithi, “Kutheni uprofeta ngale ndlela? Wena uthi, ‘Uthi uYehova: “Ndiza kusinikela kukumkani waseBhabhiloni esi sixeko, ibe uza kusithimba;+ 4 noKumkani uZedekiya wakwaYuda akazukusinda kumaKhaledi, kuba nakanjani uza kunikelwa kukumkani waseBhabhiloni, ibe uza kuthetha naye bejongene emehlweni.”’+ 5 ‘Uza kumthatha uZedekiya amse eBhabhiloni, abe lapho de ndibone ukuba ndenze ntoni ngaye,’ utsho uYehova. ‘Nangona nina niqhubeka nisilwa namaKhaledi, anizukuphumelela.’”+
6 UYeremiya wathi: “Ilizwi likaYehova lifikile kum lisithi, 7 ‘UHanameli unyana kaShalum utatomdala* wakho uza kuza kuwe aze athi: “Zithengele intsimi yam eseAnatoti,+ kuba unelungelo lokuphinda uyithenge.”’”+
8 UHanameli unyana kaShalum wafika kum, ngokwelizwi likaYehova, kwiYadi Yoonogada, wathi: “Ndicela uthenge intsimi yam eseAnatoti, kwilizwe lakwaBhenjamin, kuba unelungelo lokuphinda uyithenge ibe yeyakho. Zithengele yona.” Wathi akutsho, ndaqonda ukuba kutsho uYehova.
9 Ngoko ndayithenga loo ntsimi yayiseAnatoti kuHanameli unyana kaShalum. Ndambekela imali esikalini,+ yaba ziishekele* ezisixhenxe namaqhosha alishumi esilivere. 10 Emva koko ndayibhala kuxwebhu lwesivumelwano,+ ndalubeka isitampu, ndabiza namangqina+ ndaza ndayibeka esikalini imali. 11 Ndaluthatha uxwebhu lwesivumelwano olwalufakwe isitampu ngokomyalelo nangokomthetho, nolwalungafakwanga sitampu, 12 ndaza olo xwebhu lwesivumelwano lufakwe isitampu ndalunika uBharuki+ unyana kaNeriya+ unyana kaMahaseya, phambi kukaHanameli unyana kaShalum, amangqina awayebhalile kulo nawo onke amaYuda awayehleli kwiYadi Yoonogada.+
13 Emva koko ndathi kuBharuki phambi kwabo: 14 “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Thatha la maxwebhu, olu lwesivumelwano olufakwe isitampu nolu lungafakwanga sitampu, uwafake engqayini yodongwe ukuze ahlale ixesha elide.’ 15 Kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Kuseza kuphinda kuthengwe izindlu nemihlaba namasimi eediliya kweli lizwe.’”+
16 Ndathandaza kuYehova emva kokuba ndinike uBharuki unyana kaNeriya uxwebhu lwesivumelwano, ndathi: 17 “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! wena wenza amazulu nomhlaba ngamandla akho amakhulu+ nangengalo yakho eyoluliweyo. Akukho nto ikoyisayo, 18 lowo uthanda amawaka ngokungagungqiyo, kodwa ubuyekeza isono sootata koonyana,*+ uThixo wokwenene, omkhulu nonamandla, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. 19 Umkhulu ekucebiseni* nezinto ozenzayo zinkulu,+ wena onamehlo ajonge zonke iindlela zabantu,+ ukuze unike ngamnye ngokweendlela zakhe nangokwezinto azenzayo.+ 20 Wenze imimangaliso kwilizwe laseYiputa, eyaziwayo kude kube namhlanje, wazenzela igama kumaSirayeli nasebantwini,+ njengokuba kunjalo namhlanje. 21 Wabakhupha nabantu bakho amaSirayeli kwilizwe laseYiputa, ngemimangaliso, ngesandla esomeleleyo, ngengalo eyoluliweyo nangezenzo ezoyikekayo.+
22 “Ekuhambeni kwexesha wabanika eli lizwe owafungela ookhokho babo ukuba uza kubanika lona,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+ 23 Bafika balithathela kubo, kodwa abazange balithobele ilizwi lakho nomthetho wakho. Abazange bazenze izinto owabayalela ukuba bazenze, kangangokuba wabazisela yonke le ntlekele.+ 24 Jonga! Kuye kweza amadoda esixekweni, akha amathambeka okuhlasela ukuze asithimbe+ kwaye ngenxa yekrele,+ indlala nesifo esingubhubhani,+ nakanjani isixeko siza kuwela esandleni samaKhaledi alwa naso; zonke izinto oye wazithetha zenzekile njengokuba ubona ngoku. 25 Kodwa wena Nkosi enguMongami Yehova uthe kum, ‘Zithengele intsimi uze ubize namangqina,’ nangona isixeko siza kunikelwa kumaKhaledi.”
26 Lafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 27 “Ndim lo, ndinguYehova, uThixo wabantu bonke. Ngaba ikhona into endoyisayo? 28 Ngoko uthi uYehova, ‘Esi sixeko ndisinikela kumaKhaledi nakuKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni, ibe uza kusithimba.+ 29 AmaKhaledi alwa nesi sixeko aza kuza asitshise, atshise+ nezindlu abantu abaye babingelela kuBhahali phezu kophahla lwazo, baza bagalela umnikelo oselwayo kwabanye oothixo ukuze bandicaphukise.’+
30 “‘Kuba abantu bakwaSirayeli nabakwaYuda benze into embi emehlweni am, ukususela ebutsheni babo ukuya phambili;+ abantu bakwaSirayeli baqhubeka bendicaphukisa ngomsebenzi wezandla zabo,’ utsho uYehova. 31 ‘Kuba esi sixeko, ukususela kwimini esakhiwa ngayo de kube namhlanje, besindenza ndicaphuke yaye ndibe nomsindo,+ kude kufuneke sishenxiswe phambi kobuso bam,+ 32 ngenxa yabo bonke ububi obenziwe ngabantu bakwaSirayeli nabakwaYuda ukuze bandicaphukise, bona, ookumkani babo,+ iinkosana zabo,+ ababingeleli babo nabaprofeti babo,+ amadoda akwaYuda nabemi baseYerusalem. 33 Baye baqhubeka bendifulathela.+ Nangona ndiye ndazama ukubafundisa ngokuphindaphindiweyo,* akukho nomnye owamamelayo ukuze afumane ingqeqesho.+ 34 Babebeka izithixo zabo ezenyanyekayo endlini ebizwe ngegama lam, beyingcolisa.+ 35 Befuna ukonisa uYuda, baye bakha neendawo eziphakamileyo zikaBhahali eziseNtlanjeni Yonyana KaHinom,*+ ukuze babingelele* ngoonyana babo neentombi zabo emlilweni kuMoleki,+ nto leyo eyenyanyekayo nendingabayalelanga ukuba bayenze,+ nengazange ithi qatha entliziyweni* yam.’
36 “Ngoko ke uthi uYehova uThixo kaSirayeli ngesi sixeko nithi siza kunikelwa esandleni sikakumkani waseBhabhiloni ngekrele, indlala nesifo esingubhubhani, 37 ‘Ndiza kubathatha kuwo onke amazwe endibasasazele kuwo ngokucaphuka nangomsindo nangobushushu obukhulu ndibaqokelele;+ yaye ndiza kubabuyisela kule ndawo ndize ndibayeke bahlale bekhuselekile.+ 38 Baza kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.+ 39 Ndiza kubanika intliziyo enye+ nendlela enye ukuze bahlale bendoyika, ukuze kulunge kubo nakoonyana babo abaza kulandela.+ 40 Ndiza kwenza isivumelwano nabo esiza kuhlala sihleli,+ sokuba ndingaze ndiyeke ukubenzela izinto ezilungileyo;+ ibe ndiza kubenza bandoyike ngokusuka entliziyweni, ukuze bangandishiyi.+ 41 Ndiza konwaba ngenxa yabo ukuze ndibenzele izinto ezilungileyo,+ ndibahlalise kweli lizwe ngonaphakade,+ ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.’”*
42 “Kuba uthi uYehova, ‘Kanye njengokuba ndisizisele yonke le ntlekele inkulu esi sizwana, ndiza kusizisela zonke izinto ezilungileyo endisithembise zona.+ 43 Kuza kuphinda kuthengwe amasimi kweli lizwe,+ nangona nisithi: “Lilizwe elitshabaleleyo elingenamntu nasilwanyana sasendle, yaye linikelwe esandleni samaKhaledi.”’
44 “‘Amasimi aza kuthengwa ngemali, amaxwebhu esivumelwano aza kubhalwa aze afakwe isitampu, kubizwe namangqina kwilizwe lakwaBhenjamin,+ kwiindawo ezijikeleze iYerusalem, kwizixeko zakwaYuda,+ kwizixeko zommandla weentaba,+ kwizixeko ezithe tyaba nakwizixeko ezisemazantsi, kuba ndiza kubuyisela abathinjwa babo,’+ utsho uYehova.”