Numeri
21 Xa ukumkani waseAradi, ongumKanan,+ owayehlala eNegebhi wevayo ukuba amaSirayeli ayesiza ngendlela yaseAtarim, wawahlasela waza amanye awo wawathimba. 2 Ngoko uSirayeli wafunga kuYehova wathi: “Ukuba aba bantu ubanikela esandleni sam, nakanjani ndiza kuzitshabalalisa izixeko zabo.” 3 UYehova wasiphendula isicelo sakhe, waza wawanikela kuye amaKanan. Watshabalalisa wona nezixeko zawo. Ngoko uSirayeli wayithiya loo ndawo ngokuba yiHorma.*+
4 Xa abantu besuka eNtabeni YeHore+ behamba ngendlela eya kuLwandle Olubomvu, ukuze bajikele ngaphaya kwelizwe lakwaEdom,+ badinwa. 5 Babesamkhalazela uThixo noMoses+ besithi: “Bekutheni ukuze nisikhuphe eYiputa ukuze sizokufela entlango? Akukho kutya, akukho manzi,+ yaye siyasicaphukela nesi sonka senyanyekayo.”+ 6 Ngoko uYehova wathumela iinyoka ezinetyhefu ebantwini, zabaluma, kwaza kwafa amaSirayeli amaninzi.+
7 Abantu baya kuMoses, bathi: “Sonile ngokukhalazela uYehova nawe.+ Sithethelele kuYehova ukuze azisuse ezi nyoka kuthi.” Waza uMoses wabathethelela abantu.+ 8 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Yenza umfanekiso wenyoka enetyhefu uze uyixhome epalini. Umntu otyiwe yinyoka, kuza kufuneka ajonge le ixhonyiweyo ukuze aphile.” 9 Ngoko nangoko uMoses wenza inyoka ngekopolo+ waza wayixhoma epalini.+ Bekusithi xa umntu elunywe yinyoka, aze ajonge inyoka yekopolo, aphile.+
10 Emva koko amaSirayeli emka apho aya kuhlala eObhoti.+ 11 Emka eObhoti aya kuhlala eIye-abharim,+ kwintlango ephambi kwakwaMowabhi, ngasempuma. 12 Ukusuka apho aya kuhlala ngakwiNtlambo YaseZerede.+ 13 Asuka apho aya kuhlala kwingingqi yaseArnon+ ekwintlango eqala kumda wama-Amori, kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori. 14 Yiloo nto incwadi yeemfazwe zikaYehova ithetha “ngeVahebhi eseSufa neentlambo zaseArnon, 15 nethambeka leentlambo eliyokufikelela eAri, lize liyokuthi ngqu kumda wakwaMowabhi.”
16 Emva koko amaSirayeli emka apho, aya eBhere. Elo liqula apho uYehova wathi kuMoses: “Qokelela abantu ukuze ndibanike amanzi.”
17 Ngelo xesha amaSirayeli acula le ngoma:
“Mpompoza qula! Liculeleni!
18 Iqula elembiwa ziinkosana, lagrunjwa zizikhulu zabantu,
Ngentonga yomphathi nangeentonga zabo.”
Emva koko emka entlango aya eMatana, 19 asuka eMatana aya eNahaliyeli, asuka eNahaliyeli aya eBhamoti.+ 20 Asuka eBhamoti aya kwintlambo ekumhlaba wakwaMowabhi,+ phezu kwePisga,+ evelele iYeshimon.*+
21 USirayeli wathumela abathunywa kuSihon ukumkani wama-Amori, esithi:+ 22 “Sicela ukunqumla elizweni lakho. Asizukungena emasimini okanye emasimini eediliya, yaye akukho qula siza kusela amanzi alo. Siza kuhamba kwiNdlela KaKumkani de sidlule.”+ 23 Kodwa uSihon akawavumelanga amaSirayeli ukuba anqumle elizweni lakhe. Kunoko waqokelela bonke abantu bakhe, waya kuhlasela amaSirayeli entlango.+ Wafika eYahatsa waza walwa nawo. 24 Kodwa amaSirayeli amoyisa uSihon ngekrele,+ aza alithatha ilizwe lakhe,+ ukususela eArnon+ ukuya eYabhoki,+ kufutshane nama-Amoni, kuba iYazere+ ikumda wama-Amoni.+
25 Ngoko uSirayeli wazithatha zonke ezi zixeko, waza wahlala kwizixeko zama-Amori,+ eHeshbhon nakuzo zonke iidolophu eziphantsi kwayo.* 26 IHeshbhon yayisisixeko sikaSihon ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi waza wawuthatha umhlaba wakhe ukuya kutsho eArnon. 27 Avela ngolo hlobo amazwi anxwalayo athi:
“Yizani eHeshbhon.
Masakhiwe size siqiniswe isixeko sikaSihon.
28 Kuba kuphume umlilo eHeshbhon, kwaphuma idangatye kwidolophu yaseSihon.
Uyitshabalalisile iAri yakwaMowabhi, abanini beendawo eziphakamileyo zaseArnon.
29 Uza kuthi shu Mowabhi! Niza kutshabalala bantu bakaKemoshe!+
Oonyana bakhe ubenze iimbacu, neentombi zakhe wazenza abathinjwa bakaSihon, ukumkani wama-Amori.
30 Masibatoleni;
IHeshbhon iza kutshatyalaliswa ukuya kutsho eDibhon;+
Masiyitshabalaliseni ukuya kutsho eNofa;
Umlilo uza kunwenwa ukuya kutsho eMedebha.”+
31 Ngoko amaSirayeli aqalisa ukuhlala kwilizwe lama-Amori. 32 UMoses wathumela amadoda ukuba ayokuhlola iYazere.+ AmaSirayeli azithimba iidolophu eziphantsi kwayo* aza awagxotha ama-Amori awayehlala apho. 33 Emva koko ajika ahamba ngeNdlela Eya EBhashan. UOgi+ ukumkani waseBhashan waphuma nabantu bakhe bonke, waya kuwahlasela e-Edreyi.+ 34 UYehova wathi kuMoses: “Sukumoyika,+ kuba ndiza kumnikela kuwe nabo bonke abantu bakhe nomhlaba wakhe.+ Nakuye uza kwenza laa nto uyenze kuSihon ukumkani wama-Amori, obehlala eHeshbhon.”+ 35 Ngoko amaSirayeli amxabela yena noonyana bakhe, nabo bonke abantu bakhe, akwabikho mntu usindayo+ aza alithatha ilizwe lakhe.+