Kubalisa uMarko
9 Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, kubantu abemi apha, kukho abangazukufa de baqale babubone uBukumkani bukaThixo sele bumiselwe.”+ 2 Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu wenyuka intaba ephakamileyo noPetros noYakobi noYohane. Bambona etshintsha;+ 3 izambatho zakhe zangaphezulu zabengezela, zamhlophe lee kunokuba zinokwenziwa ngumntu. 4 Kwathi kusenjalo, babona uEliya noMoses bencokola noYesu. 5 Emva koko uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi,* kuyasivuyisa ukuba lapha. Ngoko masimise iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.” 6 UPetros wayengazi ukuba makathini, kuba babesoyika kakhulu. 7 Kwavela ilifu phezu kwabo, kwaza kwavakala ilizwi+ kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo.+ Mmameleni.”+ 8 Bathe bakubhekabheka babona ukuba akusekho mntu ngaphandle koYesu.
9 Bathi ke xa besihla entabeni, uYesu wabayalela kabukhali ukuba bangaxeleli mntu ngale nto bayibonileyo,+ de uNyana womntu avuswe ekufeni.+ 10 Bammamela,* kodwa babuzana bodwa ukuba kuthetha ukuthini ukuvuka kwakhe. 11 Bambuza bathi: “Kutheni ababhali besithi kumele kuqale kufike uEliya?”+ 12 Wathi kubo: “UEliya uyafika nyhani aze alungise yonke into;+ kodwa ke, kutheni kubhalwe kwathiwa uNyana womntu umele eve iintlungu ezininzi+ aze adelelwe?+ 13 Kodwa ndithi kuni, uEliya+ sele ezile, baza benza unothanda kuye, kanye njengokuba kubhaliwe ngaye.”+
14 Bathi bakufika kwabanye abafundi, bababona bengqongwe ngabantu abaninzi, kukho nababhali bephikisana nabo.+ 15 Bathe nje abantu bakumbona, bamangaliswa baza babaleka bayokumbulisa. 16 Wababuza esithi: “Niphikisana ngantoni naba bantu?” 17 Omnye kwabo bantu wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe kuba unedemon emenza angathethi.+ 18 Ithi xa imphethe, imjule phantsi, alephuze amagwebu, atshixize amazinyo, aphelelwe nangamandla. Ndicele abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa khange bakwazi.” 19 UYesu wathi kubo: “Owu sizukulwanandini singenalukholo,+ kufuneka ndihlale nani de kube nini? Koda kube nini ndininyamezele? Mziseni apha.”+ 20 Ngoko bayizisa kuye le nkwenkwe, kodwa loo demon ithe yakumbona uYesu, yayixhuzulisa, yawa phantsi iqika-qikeka, ilephuza namagwebu. 21 Emva koko uYesu wabuza utata wale nkwenkwe wathi: “Kudala kangakanani le nto isenzeka?” Wathi: “Yaqala esemncinci, 22 yaye amaxesha amaninzi imphosa emlilweni nasemanzini ifuna ukumbulala. Ukuba unako, sisizele uze usincede.” 23 UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi, ‘Ukuba unako’? Kaloku, zonke izinto zinako ukwenzeka kulowo unokholo.”+ 24 Ngoko nangoko utata womntwana wakhwaza esithi: “Ndinalo ukholo! Ndincede ndibe nokholo olungaphezu kolu ndinalo!”+
25 UYesu waqaphela ukuba abantu babebaleka besiza kubo, waza wayingxolisa loo demon, esithi: “Demonindini esisimumu nesisithulu, ndithi kuwe phuma kuye, uze ungaphindi ubuye!”+ 26 Le demon yamxhuzulisa kaninzi lo mntwana, yakhala kakhulu, yaphuma, waza umntwana waba ngathi ufile, kangangokuba abantu abaninzi babesithi: “Ufile!” 27 Kodwa uYesu wambamba ngesandla, wamphakamisa, waza wema ngeenyawo. 28 Ngoko emva kokuba engene endlini, abafundi bakhe bambuza ecaleni besithi: “Kutheni singakwazanga nje thina ukuyikhupha?”+ 29 Wathi kubo: “Olu hlobo lwedemon lukhutshwa ngomthandazo kuphela.”
30 Bemka apho, badlula eGalili, kodwa wayengafuni kubekho nabani na uyaziyo loo nto. 31 Wayefundisa abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana womntu uza kujikelwa aze anikelwe ebantwini, ibe baza kumbulala,+ kodwa uza kuvuka emva kweentsuku ezintathu.”+ 32 Kodwa ke, babengayiqondi le nto ayithethayo, ibe babesoyika ukumbuza.
33 Bafika eKapernahum, waza uYesu akuba sendlini, wabuza abafundi bakhe esithi: “Beniphikisana ngantoni endleleni?”+ 34 Bathi cwaka, kuba endleleni bebephikisana ngokuba ngubani omkhulu. 35 Ngoko wahlala phantsi, wabiza abapostile bakhe abayi-12 waza wathi kubo: “Ukuba nabani na ufuna ukuba ngowokuqala, umele abe ngowokugqibela kubo bonke aze asebenzele abanye.”+ 36 Emva koko wathatha umntwana omncinci, wammisa phakathi kwabo, wamgona waza wathi kubo: 37 “Nabani na owamkela omnye wabantwana abancinci+ njengalo egameni lam, wamkela nam; ibe nabani na owamkela mna, akamkeli mna ndedwa, kodwa wamkela naLowo undithumileyo.”+
38 UYohane wathi kuye: “Mfundisi, sibone umntu ekhupha iidemon egameni lakho, sazama ukumnqanda, kuba akanguye omnye wethu.”+ 39 Kodwa uYesu wathi: “Myekeni, kuba akukho mntu unokwenza imimangaliso egameni lam aze ajike athethe kakubi ngam. 40 Kuba nabani na ongasichasiyo ungakuthi.+ 41 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na oninika amanzi okusela ngenxa yokuba ningabakaKristu,+ nakanjani na uza kuwufumana umvuzo wakhe.+ 42 Kodwa nabani na owenza omnye waba bancinci aphelelwe lukholo, ngekubhetele ukuba ebebotshelelwe ilitye elikhulu lokuguba* entanyeni waza waphoswa elwandle.+
43 “Ukuba isandla sakho sikwenza wone, sinqumle. Kungcono ufumane ubomi ulimele kunokuba uthi unezandla zozibini uye eGehena,* emlilweni ongenakucimeka.+ 44 *—— 45 Yaye ukuba unyawo lwakho lukwenza wone, lunqumle. Kungcono ufumane ubomi usisiqhwala kunokuba uthi uneenyawo zombini uphoswe eGehena.*+ 46 *—— 47 Yaye ukuba ilihlo lakho likwenza wone, lilahle kude.+ Kungcono ungene eBukumkanini bukaThixo unelihlo elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe eGehena,*+ 48 apho iimpethu zingafiyo nomlilo ungacinywayo.+
49 “Bonke abo bantu bamele bagalelwe umlilo+ ngokungathi bagalelwa ityiwa. 50 Ityiwa ilungile, kodwa ukuba iphelelwa yincasa, niza kuyibuyisela ngantoni incasa yayo?+ Yibani nencasa yetyiwa,+ kuhlale kukho uxolo phakathi kwenu.”+