Eyesibini KaSamuweli
19 Kwathiwa kuYowabhi: “Ukumkani uyalila, yaye uzilele uAbhisalom.”+ 2 Ngoko uloyiso* ngaloo mini lwajika lwaba kukuzila ebantwini bonke, kuba beva ukuba ukumkani ubuhlungu kakhulu ngonyana wakhe. 3 Ngaloo mini, abantu banyoshoza ukungena esixekweni,+ oku kwabantu abaneentloni kuba bebaleke edabini. 4 Ukumkani wazogquma ubuso engayeki ukukhala, waza ngelizwi elikhulu wathi: “Nyana wam Abhisalom! Abhisalom nyana wam, nyana wam!”+
5 UYowabhi wangena kukumkani endlini wathi: “Namhlanje uzihlaze zonke izicaka zakho ezisindise ubomi bakho* ngale mini, nobomi boonyana,*+ iintombi,+ nabo bonke abafazi bakho.*+ 6 Uthanda abakucaphukelayo yaye uyabacaphukela abakuthandayo, kuba uyenze yacaca namhlanje into yokuba iintloko nezicaka zakho azibalulekanga kuwe. Ndiqinisekile ukuba, nokuba ibinguAbhisalom yedwa osaphilayo namhlanje, thina sonke sifile, ngekumnandi kuwe. 7 Phakama, uphume uyokukhuthaza izicaka* zakho, kuba ndifunga ngoYehova ndithi, ukuba awuphumi, akukho nokuba ibe nye indoda eza kusala nawe ngobu busuku. Iza kuba mbi kakhulu ke leyo ngaphezu kwayo nayiphi na intlekele ekhe yakwehlela, ukususela ebutsheni bakho kude kube ngoku.” 8 Ngoko ukumkani waphakama waza wahlala egeyithini yesixeko. Kwathiwa kubo bonke abantu: “Ngoku ukumkani uhleli egeyithini.” Emva koko, bonke beza kukumkani.
Kodwa onke amaSirayeli ayebalekele emakhayeni awo.+ 9 Bonke abantu bazo zonke izizwe zakwaSirayeli baphikisana, besithi: “Ukumkani wasisindisa kwiintshaba zethu,+ wasihlangula nakumaFilisti, kodwa ngoku ubalekile elizweni ngenxa ka-Abhisalom.+ 10 Yena uAbhisalom, lo sambekayo ukuba asilawule,+ ufele edabini.+ Ngoku ke kutheni kungekho nto niyenzayo ukuze nibuyise ukumkani?”
11 UKumkani uDavide wathumela lo myalezo kuTsadoki+ noAbhiyatare+ ababingeleli: “Thethani nabadala bakwaYuda,+ nithi: ‘Kutheni ke ngoku niza kuba ngabokugqibela ukubuyisela ukumkani endlini yakhe, nangona ilizwi likaSirayeli wonke sele lifikile kukumkani endlini yakhe? 12 Ningabantakwethu, nilithambo lam nenyama yam.* Kutheni ke ngoku niza kuba ngabokugqibela ukubuyisa ukumkani?’ 13 Nize nithi nakuAmasa,+ ‘Awulothambo lam nenyama yam na? Ngoko kwanga uThixo angandohlwaya aze ongeze, ukuba ukususela ngoku awuzukuba yintloko yam yomkhosi endaweni kaYowabhi.’”+
14 Wazichukumisa* iintliziyo zawo onke amadoda akwaYuda, amanyana aza athumela ilizwi kukumkani athi: “Buya, wena nazo zonke izicaka zakho.”
15 Ukumkani waqala indlela yakhe egodukayo waza wafika eYordan, yaye bonke abantu bakwaYuda baya eGiligali+ ukuze bahlangabeze ukumkani baze bawele naye iYordan. 16 Ngoko uShimeyi+ unyana kaGera umBhenjamin waseBhahurim, wakhawuleza wehla namadoda akwaYuda ehlabangabeza uKumkani uDavide, 17 yaye wayekunye namadoda akwaBhenjamin ayi-1 000. NoTsibha+ isicaka sendlu kaSawule, oonyana bakhe abayi-15 nezicaka zakhe eziyi-20, basuka kuqala kunokumkani, bakhawuleza behla baya eYordan. 18 Wawela* ezibukweni ukuze aweze indlu kakumkani nokuze amenzele nantoni na ayifunayo ukumkani. Kodwa uShimeyi unyana kaGera waqubuda phambi kukakumkani xa kanye wayeza kuwela iYordan. 19 Wathi kukumkani: “Mandingahlali ndinetyala enkosini yam, yaye ungasikhumbuli nesono esenziwa sisicaka sakho+ ngemini inkosi yam ukumkani eyaphuma ngayo eYerusalem. Kwanga ukumkani angangayifaki entliziyweni yakhe le nto, 20 kuba isicaka sakho sazi kakuhle ukuba sonile, ngoko namhlanje ndiye ndangowokuqala kubo bonke abendlu kaYosefu ukuhla ukuza kuhlangabeza inkosi yam ukumkani.”
21 UAbhishayi+ unyana kaTseruya+ wakhawuleza waphendula wathi: “Akafanelanga abulawe na uShimeyi ngale nto, ekubeni wathuka umntu okhethwe nguYehova?”+ 22 Kodwa uDavide wathi: “Ningena phi kule nto nina bonyana bakaTseruya,+ ukuba nide nilwe nam namhlanje? Ngaba kukho nabani na ofanele abulawe ngale mini kwaSirayeli? Andazi na ukuba ndingukumkani phezu koSirayeli namhlanje?” 23 Emva koko ukumkani wathi kuShimeyi: “Awuzukufa.” Waza ukumkani wamfungela.+
24 UMefibhoshete+ umzukulwana kaSawule, wehla naye ehlangabeza ukumkani. Wayengazihoyanga iinyawo zakhe, engawachebanga amabhovu akhe yaye engazihlambanga neempahla zakhe, ukususela kwimini awemka ngayo ukumkani de yayimini awabuya ngayo eseluxolweni. 25 Ukufika kwakhe eYerusalem* ehlangabeze ukumkani, wathi ukumkani kuye: “Bekutheni uze ungahambi nam Mefibhoshete?” 26 Yena wathi: “Nkosi yam kumkani, isicaka sam+ sandiqhatha. Kuba ndathi,* ‘Idonki yam mayifakwe isali, ndikhwele kuyo ndize ndihambe nokumkani,’ kuba ndisisiqhwala.+ 27 Kodwa sona sathetha kakubi ngam enkosini yam ukumkani.+ Nangona kunjalo, inkosi yam ukumkani injengengelosi kaThixo wokwenene, ngoko ke yenza loo nto uyibona ilungile. 28 Yonke indlu katata, inkosi yam ukumkani ngeyiyimisele ukufa, kodwa usithathile isicaka sakho saba ngomnye wabo batya etafileni yakho.+ Ngoko ndilithatha phi ilungelo lokuba ndingade ndikhalele enye into kukumkani?”
29 Ukumkani wathi kuye: “Kutheni uthetha ngolu hlobo? Ndigqiba kwelokuba wena noTsibha nahlulelane ngentsimi.”+ 30 Wathi ke uMefibhoshete kukumkani: “Makayithathe yonke, ekubeni ngoku inkosi yam ukumkani ifikile endlini yayo iseluxolweni.”
31 Emva koko, uBharzilayi+ umGiliyadi wehla evela eRogelim esiya eYordan ukuze ahambe nokumkani xa esiya eYordan. 32 UBharzilayi wayemdala kakhulu, eneminyaka eyi-80, yaye wayembonelela ngokutya ukumkani ngoxa wayehlala eMahanayim,+ kuba wayeyindoda esisityebi. 33 Ukumkani wathi kuBharzilayi: “Wela nam, yaye ndiza kukubonelela ngokutya eYerusalem.”+ 34 Kodwa uBharzilayi wathi kukumkani: “Mingaphi imihla yobomi bam esaseleyo, ukuba ndingenyuka nokumkani ndiye eYerusalem? 35 Namhlanje ndineminyaka eyi-80.+ Ndiyakwazi na ukwahlula phakathi kokulungileyo nokubi? Ndiyakwazi na, mna sicaka sakho, ukungcamla oko ndikutyayo nendikuselayo? Ndisakwazi na ukumamela ilizwi leemvumi neemvumikazi?+ Ngoko kutheni isicaka sakho simele sibe ngomnye umthwalo kwinkosi yam ukumkani? 36 Yanele kwale yokuba isicaka sakho siye sakhapha ukumkani xa esiya eYordan. Kutheni ke ukumkani efanele andibuyekeze ngolu hlobo? 37 Ndicela usiyeke isicaka sakho sibuyele, yaye ndivumele ndiye kufela kwisixeko sakowethu kufuphi nendawo ekwangcwatyelwa kuyo utata nomama.+ Kodwa ke nasi isicaka sakho uKimham.+ Makawele nenkosi yam ukumkani, uze umenzele loo nto uyibona ilungile.”
38 Ngoko ukumkani wathi: “UKimham uza kuwela nam, yaye ndiza kumenzela oko wena ukubona kulungile. Ndiza kukwenzela nantoni na oyicelayo kum.” 39 Bayiwela bonke abantu iYordan, yaye xa wayewela ukumkani, wamphuza* uBharzilayi+ waza wamsikelela, emva koko uBharzilayi wagoduka. 40 Xa ukumkani wayewela esiya eGiligali,+ uKimham wawela kunye naye. Bonke abantu bakwaYuda, nesiqingatha sabantu bakwaSirayeli, bamweza ukumkani.+
41 Emva koko, onke amadoda akwaSirayeli eza kukumkani, athi kuye: “Bekutheni ukuze bakube abantakwethu abangamadoda akwaYuda, baze bamweza iYordan ukumkani, indlu yakhe nawo onke amadoda kaDavide?”+ 42 Onke amadoda akwaYuda awaphendula amadoda akwaSirayeli athi: “Ngenxa yokuba ukumkani uzalana nathi.+ Kutheni inicaphukisa nje le nto? Ngaba sikhe satya ngeendleko zikakumkani, okanye sanikwa isipho?”
43 Kodwa ke, amadoda akwaSirayeli athi kumadoda akwaYuda: “Thina sineenxalenye ezilishumi kukumkani, ngoko sinelungelo kuDavide ngaphezu kwenu. Kutheni ke niye nasiphatha ngendelelo? Besingamele sibe ngabokuqala na ukubuyisa ukumkani wethu?” Kodwa ilizwi lamadoda akwaYuda laba namandla kunelamadoda* akwaSirayeli.