Eyesibini KwabaseTesalonika
2 Noko ke bazalwana, xa kuthethwa ngobukho beNkosi yethu uYesu Kristu+ nangokuqokelelwa kwethu ukuze sibe kunye naye,+ siyanicela 2 ukuba ningagungqi kwindlela enicinga ngayo okanye nothuke xa nisiva amazwi avakala ngathi asuka kuThixo,+ umyalezo okanye ileta ebonakala ngathi ivela kuthi, ethi imini kaYehova*+ ilapha.
3 Makungabikho mntu unilahlekisayo nangayiphi na indlela, kuba ayizukufika loo mini engekajikelwa uThixo*+ kuqala, atyhileke nomntu ongenamthetho,+ unyana wentshabalalo.+ 4 Ulutshaba yaye uziphakamisa ngaphezu kwayo nantoni na ekuthiwa nguthixo okanye enqulwayo, ade ahlale etempileni kaThixo, ebonisa abantu ukuba unguthixo yena. 5 Anikhumbuli na ukuba ndandidla ngokunixelela ezi zinto ngelaa xesha ndandisekunye nani?
6 Niyayazi ngoku ukuba yintoni embambileyo lo mntu ungenamthetho angaveli ngaphambi kwexesha elibekiweyo. 7 Ewe kona, sele eqalile ukuwenza umsebenzi wakhe ngokufihlakeleyo,+ kodwa uza kuyeka ukufihlakala xa umntu ombambileyo esukile endleleni. 8 Uza kutsho atyhilwe loo mntu ungenamthetho, eza kuthi iNkosi uYesu imtshabalalise ngamazwi anamandla aphuma emlonyeni wayo*+ xa ubukho bayo bubonakala.+ 9 Kodwa ukubakho kwaloo mntu ungenamthetho kubangelwe nguSathana esebenzisa amandla,+ imimangaliso yobuxoki+ 10 nazo zonke iindlela zokuqhatha+ abo baza kutshabalala, besohlwaywa kuba bengazange bayithande inyaniso eyayiza kubasindisa. 11 Yiloo nto uThixo ebayekile balahlekiswa ukuze babukholelwe obo buxoki,+ 12 nokuze bagwetywe bonke kuba bengazange bayikholelwe inyaniso, basuka bathanda izinto ezingalunganga.
13 Kodwa ke simele sihlale simbulela uThixo ngenxa yenu bazalwana abathandwayo nguYehova,* kuba uThixo wanikhetha kwasekuqaleni+ ukuze nisindiswe ngokunenza ngcwele+ ngomoya wakhe ngenxa yokukholelwa kwenu kwinyaniso. 14 Wanikhetha* esebenzisa iindaba ezilungileyo esizishumayelayo, ukuze nizukiswe njengeNkosi yethu uYesu Kristu.+ 15 Ngoko ke bazalwana, yimani ningagungqi,+ nizigcine izithethe esanifundisa zona+ ngomlomo nangeleta. 16 Ngaphezu koko, iNkosi yethu uYesu Kristu noThixo onguTata wethu, owasithandayo+ noqhubeka esithuthuzela aze asinike ithemba elihle+ ngenxa yobubele bakhe,* 17 kwanga bangazithuthuzela iintliziyo zenu baze banenze ningagungqi* ekwenzeni nasekuthetheni izinto ezilungileyo.