Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
14 Zimiseleni ukuba nothando, kodwa ningayeki* ukufuna iziphiwo ezisuka kuThixo, ngokukodwa esokuprofeta.+ 2 Kuba lowo uthetha olunye ulwimi akathethi nabantu kodwa uthetha noThixo, kuba akukho mntu umvayo,+ nangona ethetha iimfihlelo ezingcwele+ encedwa ngumoya kaThixo. 3 Kodwa ke umntu oprofetayo uyabakha abanye, abakhuthaze aze abathuthuzele ngamazwi akhe. 4 Umntu othetha olunye ulwimi wakha isiqu sakhe, kodwa umntu oprofetayo wakha ibandla. 5 Ndingathanda ukuba nonke nithethe iilwimi ezahlukahlukeneyo,+ kodwa eyona nto ndiyikhethayo kukuba niprofete.+ Kaloku kubhetele ukuprofeta kunokuthetha ngezinye iilwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngezinye iilwimi uyayitolika into ayithethayo, ukuze ibandla lakheke. 6 Kodwa ukuba ndingeza kuni ngoku ndithetha ngezinye iilwimi, akukho nto ndiza kuninceda ngayo bazalwana, ngaphandle kokuba ndinixelela nezinto endizityhilelweyo,+ okanye ndininika ulwazi,+ okanye ndinixelela isiprofeto okanye ndiyanifundisa.
7 Le nto ifana nokudlala izixhobo zomculo, nokuba yifleyiti okanye uhadi. Ukuba isandi asimane sitshintsha, uza kuvakala njani umculo odlalwa ngaloo fleyiti okanye ngolo hadi? 8 Ukuba ixilongo livakala ngendlela engaqondwayo, ngubani oza kulungela idabi? 9 Ngokufanayo, ukuba uthetha into engaqondakaliyo, uza kuviwa ngubani? Uza kufana nokuba uthetha emoyeni. 10 Zininzi iilwimi emhlabeni, kodwa alukho olungaqondakaliyo. 11 Ukuba andiluqondi ulwimi oluthethwayo, ndiza kuba ngathi ndingumntu welinye ilizwe kuloo mntu uthethayo, naye abe ngathi ngumntu welinye ilizwe kum. 12 Nani ke, ekubeni nizifuna ngamandla iziphiwo zomoya oyingcwele, zamani ukuba neziphiwo ezininzi eziza kwakha ibandla.+
13 Ngoko ke, lowo uthetha olunye ulwimi makathandazele ukuba akwazi ukulutolika.+ 14 Kuba ukuba ndithandaza ngolunye ulwimi, sisiphiwo sam endisinikwe ngumoya kaThixo esithandazayo, kodwa mna andiziva ukuba ndithini. 15 Kuthiweni ke? Ndiza kuthandaza ngesiphiwo endisinikwe ngumoya kaThixo, kodwa ndiza kuthandaza nangolwimi oluqhelekileyo. Ndiza kumculela uThixo ngesiphiwo endisinikwe ngumoya wakhe, kodwa ndiza kucula nangolwimi oluqhelekileyo. 16 Kungenjalo, ukuba udumisa uThixo usebenzisa isiphiwo osinikwe ngumoya wakhe, umntu oqhelekileyo uza kutsho njani ukuba “Amen” emva kokuba uye wambulela uThixo, ekubeni engakuva ukuba uthini? 17 Ewe kona, intle le ndlela ubulela ngayo, kodwa awumakhi loo mntu. 18 Ndiyambulela uThixo kuba ndithetha iilwimi ezininzi ngaphezu kwenu. 19 Kodwa ke, xa ndisebandleni ndikhetha ukuthetha amazwi amahlanu aqondakalayo, ukuze ndifundise* abanye, kunokuba ndithethe amazwi alishumi lamawaka ngolunye ulwimi.+
20 Bazalwana, sanukucinga njengabantwana abancinci,+ kodwa yibani ziintsana ebubini,+ nibe ngabakhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda.+ 21 Nantsi into ebhalwe eMthethweni: “Uthi uYehova,* ‘Ndiza kuthetha naba bantu ngeelwimi zabantu basemzini, nangentetho engaqhelekanga,* kodwa nangoko abazukundimamela.’”+ 22 Ngenxa yoko ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo ngummangaliso onceda abantu abangakholwayo,+ kungekhona abakholwayo, kodwa ukuprofeta kunceda abantu abakholwayo, kungekhona abangakholwayo. 23 Ngoko ukuba ibandla liyadibana lize lithethe ngeelwimi ezahlukahlukeneyo, kuthi kusenjalo kufike abantu abaqhelekileyo okanye abangakholwayo, abazukuthi nishiywa ziingqondo na? 24 Kodwa ukuba nonke niyaprofeta kuze kungene umntu ongakholwayo okanye oqhelekileyo, amazwi enu aza kumbangela azohlwaye, yaye aza kumenza azihlole. 25 Uza kutsho azibone ezona ngcinga zifihlakeleyo zisentliziyweni yakhe, aze aqubude akhonze uThixo esithi: “Nyhani, uThixo uphakathi kwenu.”+
26 Yintoni efanele yenziwe ke bazalwana? Xa nidibene, omnye uyacula edumisa uThixo, omnye uyafundisa, omnye uchaza izinto azityhilelweyo, omnye uthetha olunye ulwimi yaye omnye uyatolika.+ Zonke izinto mazenzelwe ukwakhana. 27 Ukuba kukho abantu abathetha ezinye iilwimi, mabangagqithi kwababini okanye kwabathathu, bangathethi ngexesha elinye, yaye kumele kubekho umntu oza kutolika.*+ 28 Kodwa ukuba akakho umntu oza kutolika,* mabangathethi ebandleni, kodwa mabathethe noThixo entliziyweni. 29 Makuthethe abaprofeti ababini okanye abathathu,+ abanye abantu bona bazame ukuqonda loo nto ithethwayo. 30 Kodwa ukuba kukho umntu otyhilelwayo ngoxa esahleli apho, lowo ebethetha ufanele athule. 31 Ngaloo ndlela, abo baprofetayo baza kutshintshisana, ukuze bonke abantu beve baze bakhuthazeke.+ 32 Abaprofeti bafanele bazisebenzise kakuhle iziphiwo zokuprofeta abazinikwe nguThixo. 33 Kuba uThixo akangoThixo wesiphithiphithi, kodwa ngowoxolo.+
Kuwo onke amabandla abo bangcwele, 34 abafazi mabangathethi emabandleni, kuba ayivumelekanga loo nto.+ Kodwa mabathobele,+ njengokuba noMthetho usitsho. 35 Ukuba kukho into abafuna ukuyiqonda, mababuze abayeni babo ekhaya, kuba lihlazo ukuba umfazi athethe ebandleni.
36 Lalivela kuni na ilizwi likaThixo, okanye lafikela nina nodwa?
37 Nabani na ocinga ukuba ungumprofeti okanye unesiphiwo asinikwe ngumoya kaThixo, makavume ukuba izinto endinibhalela zona zingumyalelo weNkosi. 38 Kodwa nabani na ongazihoyiyo ezi zinto naye akazukuhoywa.* 39 Ngoko bazalwana bam, zimiseleni ukuprofeta,+ kodwa ningabanqandi abantu abathetha ngezinye iilwimi.+ 40 Kodwa zonke izinto mazenzeke ngesidima nangocwangco.+